Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 2

Funda Kumninawa KaYesu

Funda Kumninawa KaYesu

UYakobi, ikhoboka likaThixo neleNkosi uYesu Kristu.’​—YAK. 1:1.

INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Khawusixelele ngentsapho kaYakobi.

UYAKOBI umninawa kaYesu wakhulela kwintsapho eyayinokholo oluqinileyo. * Abazali bakhe, uYosefu noMariya babemthanda kakhulu uYehova, besenza yonke into ababekwazi ukuyenza ukuze bamkhonze. Wayesikelelwe lo mfana, kuba nomkhuluwa wakhe wayeza kuba nguMesiya othenjisiweyo. Akukho mntu wayenokungakuvuyeli ukukhula ngale ndlela wakhula ngayo uYakobi!

Xa babekhula, uYakobi waya emazi umkhuluwa wakhe uYesu (Jonga isiqendu 2)

2. Ziintoni ezazinokwenza uYakobi amhloniphe umkhuluwa wakhe?

2 Zininzi izinto ezazinokwenza uYakobi amhloniphe umkhuluwa wakhe. (Mat. 13:55) Ngokomzekelo, eseneminyaka eyi-12, uYesu wayezazi kakuhle iZibhalo kangangokuba wamangalisa abefundisi ababeseYerusalem. (Luka 2:46, 47) Mhlawumbi uYakobi wayekhe asebenze naye kwishishini lakowabo lokwenza izinto zamaplanga. Ukuba kwakunjalo, inoba wayemazi kakuhle ubhuti wakhe. UNathan H. Knorr wayedla ngokuthi, “Uye umazi kakhulu umntu xa usebenza naye.” * Inoba uYakobi wayembona uYesu xa ‘wayesiya esiba nobulumko, ekhula, yaye ethandwa nguThixo nangabantu.’ (Luka 2:52) Ngenxa yezi zinto, sinokucinga ukuba uYakobi wayemele abe ngumfundi kaYesu wokuqala. Kodwa zange yenzeke loo nto.

3. Xa uYesu wayeshumayela apha emhlabeni, ngaba uYakobi waba ngumfundi wakhe?

3 Xa uYesu wayeshumayela apha emhlabeni, uYakobi akazange abe ngumfundi wakhe. (Yoh. 7:3-5) Kungenzeka ukuba wayengomnye wabantu bakuloYesu ababesithi “ushiywe ziingqondo.” (Marko 3:21) Asiva nto ithi wayekunye nomama wakhe uMariya xa uYesu wayebulawa kwisibonda sokungcungcutheka.​—Yoh. 19:25-27.

4. Ziintoni esiza kuzifunda kweli nqaku?

4 Ekuhambeni kwexesha, uYakobi wakholwa kuYesu, waza wangumdala kwibandla lamaKristu. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezimbini esinokuzifunda kuye: (1) Kutheni kufuneka sihlale sithobekile? (2) Yintoni esinokuyenza ukuze sifundise kakuhle?

HLALA UTHOBEKILE NJENGOYAKOBI

Xa uYesu wabonakala kuYakobi, uYakobi wazithoba, wavuma ukuba uYesu nguMesiya, emva koko waba ngumfundi kaKristu (Jonga isiqendu 5-7)

5. Wenza ntoni uYakobi emva kokubona uYesu evusiwe?

5 UYakobi waba nguye nini umfundi kaYesu? Emva kokuvuswa kwakhe, uYesu “wabonakala kuYakobi nakubo bonke abapostile.” (1 Kor. 15:7) Emva kokubona uYesu evusiwe, waba ngumfundi wakhe. Wayekhona xa abapostile babelindele ukufumana umoya oyingcwele kwigumbi eliphezulu eYerusalem. (IZe. 1:13, 14) Ekuhambeni kwexesha, waba ngomnye wabazalwana abakwiqumrhu elilawulayo. (IZe. 15:6, 13-22; Gal. 2:9) Ngaphambi konyaka ka-62, waphefumlelwa ukuba abhalele amaKristu athanjisiweyo ileta. Loo leta, iyasinceda nathi namhlanje, nokuba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni. (Yak. 1:1) Umbhali-mbali owayephila ngexesha labapostile, uJosephus, uthi uYakobi wabulawa ngabantu ababefumene umyalelo kuAnaniyas owayenguMbingeleli Omkhulu kwaYuda. UYakobi wahlala ethembekile kuYehova de baphela ubomi bakhe emhlabeni.

6. Yintoni awayenzayo uYakobi engazange yenziwe ngabefundisi bamaYuda?

6UYakobi wayethobekile. Kutheni sisitsho nje? Cinga ngento awayenzayo emva kokufumana ubungqina bokuba uYesu nguNyana kaThixo, nento abayenzayo abefundisi bamaYuda. UYakobi wathi akuqiniseka ukuba uYesu nguNyana kaThixo, wathobeka, wanokholo kuye. Bona ababingeleli abaziintloko baseYerusalem, zange bayenze loo nto. Ngokomzekelo, babengakwazi ukuyiphika into yokuba uYesu wavusa uLazaro. Kunokuba bade bayamkele into yokuba uYesu wayethunywe nguYehova, bafuna ukubulala uYesu kwanaloo Lazaro. (Yoh. 11:53; 12:9-11) Emva kokuba uYesu evusiwe, benza iqhinga lokuyifihla loo nto ebantwini. (Mat. 28:11-15) Elo kratshi babenalo, labenza abamamkela uMesiya.

7. Kutheni simele singabi nekratshi?

7Sifunda ntoni? Masingabi nekratshi, sivume ukufundiswa nguYehova. Njengokuba isifo sinokwenza kube nzima ukuba intliziyo yomntu ibethe kakuhle, ikratshi linokwenza kube nzima ukuba sithobele uYehova. AbaFarisi bavumela ikratshi labenza ababubona ubungqina obucacileyo ababebuboniswa ngumoya kaThixo. (Yoh. 12:37-40) Ukwenza loo nto kwakuyingozi kakhulu kuba abazukubufumana ubomi obungunaphakade. (Mat. 23:13, 33) Ngoko kubalulekile ukuba sihlale sivumela iLizwi LikaThixo nomoya wakhe usenze sibe neempawu azifunayo, sicinge size senze izigqibo ezimvuyisayo! (Yak. 3:17) UYakobi wayethobekile, ngoko wayenomdla wokufundiswa nguYehova. Siza kubona ukuba loo nto yamenza wakwazi ukufundisa kakuhle.

FUNDISA KAKUHLE NJENGOYAKOBI

8. Yintoni enokusinceda sikwazi ukufundisa kakuhle?

8 UYakobi wayengafundanga kangako. Abefundisi bexesha lakhe babemfanisa nompostile uPetros noYohane, ababesithi ngabantu “abangafundanga nabaqhelekileyo.” (IZe. 4:13) Kodwa uYakobi wafunda indlela yokufundisa kakuhle, loo nto siyibona xa sifunda incwadi yeBhayibhile ebizwa ngegama lakhe. Mhlawumbi nathi sifana noYakobi, asifundanga kangako. Sekunjalo, umoya kaYehova nezinto ezifundiswa yintlangano yakhe, zinokusinceda sikwazi ukufundisa kakuhle. Makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kwindlela uYakobi awayefundisa ngayo.

9. Wayefundisa njani uYakobi?

9UYakobi wayengasebenzisi amagama anzima, wayezicacisa ngendlela elula izinto azifundisayo. Loo nto yayisenza abantu awayebafundisa bayazi into abamele bayenze nendlela ekufuneka bayenze ngayo. Cinga ngendlela elula awawafundisa ngayo amaKristu ukuba angabazondi abantu abawaphatha kakubi. Wathi: “Bonwabile abo baye banyamezela. Neva ngendlela uYobhi awanyamezela ngayo, nayibona nendlela uYehova awamsikelela ngayo, nendlela uYehova anovelwano nenceba ngayo.” (Yak. 5:11) Uyabona ukuba wayefundisa esebenzisa iZibhalo? Wasebenzisa iLizwi LikaThixo ukuze ancede abantu awayebafundisa babone ukuba uYehova uhlala ebasikelela abantu abafana noYobhi, abangagungqiyo ekumkhonzeni. Loo nto wayenza ngokusebenzisa amagama alula nangokuthetha ngendlela ababeza kuyiqonda. Batsho baqonda ukuba akabafundisi izinto nje azicingayo, ubafundisa izinto ezisuka kuYehova.

10. Yeyiphi indlela esinokumlinganisa ngayo uYakobi xa sifundisa?

10Sifunda ntoni? Fundisa izinto ezikwiLizwi LikaThixo ngendlela elula. Xa sifundisa, masingazami ukubonisa abantu ukuba sazi kangakanani, masibenze babone ulwazi olungenakulinganiswa nanto analo uYehova, nendlela abakhathalele ngayo. (Roma 11:33) Loo nto sinokuyenza ukuba sihlala sifundisa izinto eziseBhayibhileni. Ngokomzekelo, kunokuba sithi kubantu esibafundisayo, “yabona, ukuba ibindim bendiza kwenza kanje,” masibancede bacinge ngezinto ezenziwa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, bayazi nendlela uYehova aziva nacinga ngayo. Loo nto iza kubenza bangenzi izinto abazifundayo kuba befuna ukuvuyisa thina, bazenze kuba befuna ukuvuyisa uYehova.

11. Zeziphi iingxaki awayenazo amaKristu awayephila ngexesha likaYakobi? Wawacebisa wathini? (Yakobi 5:13-15)

11UYakobi wayengagwegwelezi. Kwileta yakhe, kuyabonakala ukuba wayezazi iingxaki ababenazo abazalwana noodade, waza wabacebisa ngeendlela abanokuzilungisa ngazo engagwegwelezi. Ngokomzekelo, amanye amaKristu ayeyenza emva kwexesha into ayicetyisiweyo. (Yak. 1:22) Amanye ayebathanda kakhulu abantu abazizityebi. (Yak. 2:1-3) Amanye ayethetha engacinganga. (Yak. 3:8-10) Zazinkulu ezi ngxaki ayenazo la maKristu, kodwa uYakobi zange awancame, wayenethemba lokuba anokutshintsha. Wathetha kakuhle nawo kodwa engagwegwelezi. Wakhuthaza nalawo ayedinga uncedo ukuba aye kulucela kubadala.​—Funda uYakobi 5:13-15.

12. Yintoni enokusinceda singazincami izifundo zethu?

12Sifunda ntoni? Sukugwegweleza, kodwa hlala unethemba lokuba abantu bangatshintsha. Kusenokuba nzima kwabanye esibafundisa iBhayibhile ukuzenza izinto ethi mabazenze. (Yak. 4:1-4) Kusenokubathath’ ixesha ukuyeka izinto ezimbi abazenzayo baze babe neempawu zamaKristu. Masifane noYakobi, sibaxelele ukuba kufuneka balungise phi. Masingabancami, sibe nethemba lokuba uYehova uza kubatsalela kuye abantu abathobekileyo, abanike namandla okutshintsha indlela abaphila ngayo.​—Yak. 4:10.

13. UYakobi 3:2 ubonisa ukuba yintoni awayeyazi uYakobi?

13UYakobi wayengacingi ukuba ubhetele kunabanye abantu. Wayengacingi ukuba ubhetele kunabanye abazalwana noodade kuba engumninawa kaYesu, nangenxa yemisebenzi awayeyenza ebandleni. Xa ethetha nabo wayesithi: “Bazalwana bam endibathandayo.” (Yak. 1:16, 19; 2:5) Wayengabenzi abanye bacinge ukuba akazenzi iimpazamo. Kodwa wayethetha nangaye xa wayesithi: “Sonke sihlala sizenza iimpazamo.”​—Funda uYakobi 3:2.

14. Kutheni simele singazifihli ukuba siyazenza iimpazamo?

14Sifunda ntoni? Ungalibali ukuba sonke siyazenza iimpazamo. Masingacingi ukuba thina sibhetele kunabantu esibafundisayo. Ngoba? Ukuba senza umntu esimfundisayo acinge ukuba thina asizenzi iimpazamo, usenokutyhafa, acinge ukuba soze akwazi ukuzenza kakuhle izinto ezifunwa nguThixo. Kodwa xa simxelela ukuba nakuthi kukhe kungabi lula ukuzenza ezinye izinto ezithethwa yiBhayibhile, size simbalisele ngendlela uYehova asincede ngayo sakwazi ukuziyeka izinto angazifuniyo ebesizenza, siza kumnceda abone ukuba naye angangumkhonzi kaYehova.

Imizekelo eyayisetyenziswa nguYakobi yayilula, icacile futhi ibanceda abantu (Jonga isiqendu 15-16) *

15. Yayinjani imizekelo kaYakobi? (Yakobi 3:2-6, 10-12)

15UYakobi wayesenza imizekelo eyayibanceda abantu. Ngokuqinisekileyo wancedwa ngumoya oyingcwele. Kodwa kungenzeka ukuba wafunda nakubhuti wakhe, uYesu, owayefundisa ngemizekelo. Imizekelo ekwileta yakhe ilula, futhi iyenza icace eyona nto ayifundisayo.​—Funda uYakobi 3:2-6, 10-12.

16. Kutheni simele siyikhethe kakuhle imizekelo emasiyisebenzise?

16Sifunda ntoni? Yenza imizekelo eza kubanceda abantu. Xa siyikhetha kakuhle imizekelo, siza kunceda abantu babe nombono wale nto sibafundisa yona. Le mizekelo sibafundisa ngayo, iyabanceda bakhumbule izinto ezibalulekileyo abazifunda eBhayibhileni. UYesu ngoyena wayeyisebenzisa kakuhle kakhulu imizekelo. UYakobi wafunda kuye. Makhe sithethe ngomnye wemizekelo kaYakobi, sibone ukuba kutheni sisithi uyasinceda.

17. Kutheni sisithi umzekelo okuYakobi 1:22-25 uyasinceda?

17 Funda uYakobi 1:22-25. Zininzi izinto ezisenza sithi umzekelo kaYakobi wesipili uyasinceda. Nantsi eyona nto wayeyifundisa: Ukuze iLizwi LikaThixo lisincede, simele singapheleli nje ekulifundeni, kodwa masiyenze into esiyifundayo. UYakobi wenza umzekelo ngento ababeza kuyiqonda lula abantu, ngomntu ozijonga esipilini. Yintoni awayeyifundisa? Ibiya kuba bubudenge into yokuba umntu azijonge esipilini, abone into amele ayilungise kodwa angayilungisi. Kunjalo ke nangeLizwi LikaThixo, kuya kuba bubudenge ukulifunda, sibone into esimele siyitshintshe ebomini bethu, kodwa singayitshintshi.

18. Zeziphi izinto ezintathu esimele sicinge ngazo xa sisenza umzekelo?

18 Xa usenza umzekelo, unokulinganisa uYakobi ngokwenza ezi zinto zintathu: (1) Khetha owona mzekelo uza kuyenza icace kakuhle le nto uyifundisayo. (2) Yenza umzekelo aza kuwuqonda lula umntu omfundisayo. (3) Yenze icace into efundiswa ngumzekelo owenzayo. Ukuba awuyazi imizekelo onokuyisebenzisa, jonga iWatch Tower Publications Index, kumxholo othi, “Illustrations (Imizekelo).” Apho, uza kufumana imizekelo emininzi onokuyisebenzisa. Nantsi into omawungayilibali, imizekelo ifana nombhobho wesandisi-lizwi, iyenza ivakale into oyifundisayo. Ngoko yenza umzekelo kuphela kweyona nto ufuna umntu omfundisayo ayazi. Eyona nto isenza siphucule indlela esifundisa ngayo ayikokufuna ukunconywa, sifuna ukunceda abantu abaninzi bangene kwintsapho kaYehova eyonwabileyo.

19. Siyibonisa njani indlela esibathanda ngayo abazalwana noodade?

19 Thina asikhulanga nomkhuluwa ongenasono njengoYakobi, kodwa sivuyiswa kukuba sikhonza uYehova kunye nentsapho enkulu yabazalwana noodade. Sibonisa ukuba siyabathanda ngokuzipha ixesha lokuba kunye nabo, ngokufunda kubo nangokusebenza nabo xa sishumayela naxa sifundisa. Xa silinganisa uYakobi kwindlela esizijonga ngayo, kwindlela esiziphethe nesifundisa ngayo, siza kuzukisa uYehova, sincede nabantu abathobekileyo babe ngabahlobo bakaTata wethu wasezulwini osithandayo.

INGOMA 114 ‘Masibe Nomonde’

^ isiqe. 5 UYakobi noYesu bakhula kunye. Wayemazi bhetele kunabantu abaninzi uNyana kaThixo owayengenasono. Kweli nqaku siza kubona ukuba sinokufunda ntoni kwizinto ezazifundiswa nezazisenziwa ngumninawa kaYesu owayekhokela kwibandla lamaKristu ngexesha labapostile.

^ isiqe. 1 Kweli nqaku uYakobi kuthiwa ngumninawa kaYesu. Bobabini babezalwa nguMariya, kodwa uYosefu umyeni kaMariya, wayengengotata kaYesu. Ngokuqinisekileyo nguYakobi owabhala incwadi yeBhayibhile ebizwa ngegama lakhe.

^ isiqe. 2 UNathan H. Knorr wayekwiQumrhu Elilawulayo. Ubomi bakhe emhlabeni baphela ukusweleka kwakhe ngo-1977.

^ isiqe. 61 INGCACISO YOMFANEKISO: UYakobi uzekelisa indlela okuyingozi ngayo ukulusebenzisa kakubi ulwimi ngomlilo omncinci, into ababeyazi bonke abantu.