Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 8

Ngaba Indlela Olungisa Ngayo ‘Iyayivuyisa Intliziyo’?

Ngaba Indlela Olungisa Ngayo ‘Iyayivuyisa Intliziyo’?

“Njengokuba ioli nesiqhumiso esiqholiweyo zivuyisa intliziyo, bunjalo nobuhlobo obuqala emva kwesiluleko esisuka entliziyweni.”​—IMIZE. 27:9.

INGOMA 102 “Ncedani Abo Badinga Uncedo”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Yintoni eyafundwa ngomnye umzalwana ngendlela yokulungisa umntu?

KWIMINYAKA edlulileyo, abadala ababini baya kubona udade owayenexesha engasabonakali kwiintlanganiso. Omnye wabo wamfundela izibhalo ezininzi ezithetha ngokubakho kwiintlanganiso. Wayecinga ukuba bamkhuthazile, kodwa bathi xa behamba lo dade wathi, “Bazalwana, nina aniyazi ingxaki endikuyo.” Aba bazalwana bamlungisa bengakhange baqale baqonde ingxaki yakhe. Ngenxa yaloo nto, indlela abamlungisa ngayo zange imncede.

2 Xa ecinga ngale nto, umdala owayefundela lo dade izibhalo uthi: “Ngela xesha ndandisithi lo dade akanambeko. Kodwa xa ndiyicingisisa kakuhle le nto, ndiyabona ukuba eyona nto ndandicinga ngayo zizibhalo endimele ndimfundele zona kunemibuzo eyayiza kundenza ndikwazi ukumnceda efana nethi, ‘Ngaba ikhona ingxaki onayo? Ndingakunceda njani?’” Le nto yamfundisa into ebalulekileyo lo mdala. Ngoku xa esalusa, uyabavela aze abancede abantu.

3. Ngoobani ekusenokufuneka balungise umntu ebandleni?

 3 Abadala ngabalusi, ngoko xa kukho umntu ofuna ukulungiswa kufuneka bamlungise. Kodwa ngamany’ amaxesha nabanye ebandleni kuye kufuneke bamlungise umntu. Ngokomzekelo, umzalwana okanye udade unokucebisa umhlobo wakhe esebenzisa iBhayibhile. (INdu. 141:5; IMize. 25:12) Okanye udade okhulileyo ‘unokucebisa abafazana’ ngezinto ezifana nezo kuthethwe ngazo kuTito 2:3-5. Bona abazali bayabaqeqesha baze babalungise abantwana babo. Ngoxa eli nqaku liza kuthetha ngabadala ngokukhethekileyo, nathi linokusinceda sibone ukuba singenza njani ukuze umntu simlungise ngendlela eza kumnceda, imkhuthaze ize ‘ivuyise intliziyo’ yakhe.​—IMize. 27:9.

4. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

4 Kweli nqaku siza kuphendula le mibuzo mine: (1) Simele sibe yintoni isizathu sokulungisa umntu? (2) Ngaba nyhani kufuneka alungiswe? (3) Ngubani omele amlungise? (4) Yintoni onokuyenza ukuze umncede xa umlungisa?

SIMELE SIBE YINTONI ISIZATHU SOKULUNGISA UMNTU?

5. Kutheni kunokuba lula ngomntu ukulungisa into abeyenza xa umdala emlungisa ngendlela ebonisa ukuba uyamthanda? (1 Korinte 13:4, 7)

5 Abadala bayabathanda abazalwana noodade. Ngamany’ amaxesha olo thando balubonisa ngokulungisa umntu abambonayo ukuba uza kuphuma endleleni. (Gal. 6:1) Ngaphambi kokuba umdala aye kuthetha naloo mntu, kuhle ukuba acinge ngezinye zezinto uPawulos awazithethayo ngothando. Wathi: “Uthando lunomonde yaye lunobubele. . . . Luthwala yonke into, lukholelwa yonke into, luthemba yonke into, lunyamezela yonke into.” (Funda ama-1 Korinte 13:4, 7.) Xa ecingisisa ngezi vesi, uza kutsho aqiniseke ukuba loo mntu umlungisa ngendlela ebonisa ukuba uyamthanda. Ukuba umntu olungiswayo uyabona ukuba umdala umkhathalele, unokuyilungisa lula loo nto athi makayilungise.​—Roma 12:10.

6. Yintoni abanokuyifunda abadala kuPawulos?

6 Abadala banokufunda kumpostile uPawulos. Ngokomzekelo, xa kwakufuneka alungise abazalwana baseTesalonika, zange alibazise. Kodwa kwiileta awababhalela zona, waqala wabancoma ngokuthembeka, ngokunyamezela nangomsebenzi ababewenza beqhutywa luthando. Wacinga nangobomi babo waza wabaxelela ukuba uyayazi indlela abaphila nzima ngayo benyamezele nentshutshiso. (1 Tes. 1:3; 2 Tes. 1:4) Wade wabaxelela nokuba amanye amaKristu afundile kubo. (1 Tes. 1:8, 9) Inoba bavuya nyhani xa besiva indlela abancoma ngayo. Ngokuqinisekileyo uPawulos wayewathanda nyhani la maKristu. Ngenxa yaloo nto zombini iileta awababhalela zona aba bazalwana noodade baseTesalonika ebalungisa, zabanceda.​—1 Tes. 4:1, 3-5, 11; 2 Tes. 3:11, 12.

7. Yintoni enokwenza umntu angancedakali xa umlungisa?

7 Yintoni enokwenzeka xa ungakhange umlungise kakuhle umntu? Omnye umdala uthi, “Abanye abantu abancedakali xa belungiswa, ingxaki ibe ingekho kwicebiso lomntu obalungisayo, kodwa isekubeni akathethanga ngendlela ebonisa ukuba uyabathanda.” Yintoni esiyifundayo? Ukuze kube lula ukuba umntu akumamele xa umlungisa, sukuthetha naye ucaphuka, thetha naye uqhutywa luthando.

NGABA NYHANI KUFUNEKA UMLUNGISE?

8. Yeyiphi imibuzo amele azibuze yona umdala ngaphambi kokuba aye kulungisa umntu?

8 Abadala bamele bangakhawulezi bafune ukuya kulungisa umntu. Ngaphambi kokuba umdala aye kulungisa umntu, umele azibuze: ‘Ngaba nyhani kuyafuneka ndithethe naye? Ndiqinisekile ukuba le nto ayenzayo ayilunganga? Ngaba iBhayibhile ithi ayilunganga? Okanye ndifuna ayenze ngendlela yam?’ Abadala bamele bakulumkele ‘ukungxama ngamazwi.’ (IMize. 29:20) Ukuba umdala akaqinisekanga ukuba umele amlungise na umntu, unokuya komnye umdala ukuze aqiniseke ukuba loo nto yenziwa nguloo mntu iyaphikisana na neZibhalo nokuba kufuneka alungiswe na.​—2 Tim. 3:16, 17.

9. Yintoni esinokuyifunda kuPawulos xa siza kulungisa umntu ngendlela anxiba nazilungisa ngayo? (1 Timoti 2:9, 10)

9 Khawucinge ngalo mzekelo. Masithi umdala ucinga ukuba ayifanelekanga indlela omnye umKristu anxiba nazilungisa ngayo. Umele azibuze, ‘Sikhona iSibhalo esithi le ndlela anxiba nazilungisa ngayo ayifanelekanga?’ Kuba lo mdala engafuni ukuba izinto zenziwe ngendlela yakhe, unokubuza komnye umdala okanye kumvakalisi ozibona ngendlela kaThixo izinto. Ekunye naloo mdala okanye naloo mvakalisi, banokujonga ukuba uPawulos uthini ngendlela yokunxiba nokuzilungisa. (Funda u-1 Timoti 2:9, 10.) Wathetha ngemigaqo esebenza kubantu bonke, ebonisa ukuba umKristu umele anxibe impahla elungiswe kakuhle, enesidima nebonisa ukuba uphilile engqondweni. Zange abeke mithetho ethi umntu umele anxibe ntoni okanye anganxibi ntoni. Wayesazi ukuba amaKristu anokunxiba nantoni na ayifunayo ukuba ayiphikisani nento ethethwa yiBhayibhile. Ngoko abadala kufuneka baqiniseke ukuba indlela umntu anxiba nazilungisa ngayo inesidima na okanye ibonisa ukuba uphilile engqondweni ngaphambi kokuba baye kumlungisa.

10. Yintoni ekufuneka siyikhumbule ngezinto abakhetha ukuzenza abanye abantu?

10 Nantsi into emayingaphumi ezingqondweni zethu, abavakalisi ababini banokukhetha ukwenza izinto ezingafaniyo kodwa zombini zibe zingaphikisani neBhayibhile. Masingazami ukunyanzela abazalwana noodade ukuba benze izinto ezithandwa sithi.​—Roma 14:10.

NGUBANI OMELE ALUNGISE?

11-12. Ukuba kukho umntu ekufuneka alungiswe, yeyiphi imibuzo ekufuneka azibuze yona umdala? Kutheni kufuneka azibuze le mibuzo?

11 Ukuba kuyabonakala ukuba umntu umele alungiswe, umdala umele azibuze, Ngubani omele amlungise? Ngaphambi kokuba alungise udade otshatileyo okanye umntwana, umdala umele athethe notatekhaya. Mhlawumbi utatekhaya uza kufuna ukumlungisa ngokwakhe okanye abe khona xa loo mdala ethetha naye. * Njengokuba sekutshiwo  kwisiqendu 3, ngamany’ amaxesha kuba bhetele ibe ngudade okhulileyo olungisa udade osemtsha.

12 Ikhona nenye into umdala ekufuneka acinge ngayo. Usenokuzibuza, ‘Ngaba uza kuncedakala xa elungiswa ndim okanye ukhona omnye umntu anokumva bhetele kunam?’ Ngokomzekelo, umntu ocinga ukuba akabalulekanga nganto unokumva bhetele umdala owayekhe wanengxaki efana neyakhe. Mhlawumbi loo mdala uza kuyiqonda kakuhle imeko yalo mntu aze akwazi ukumnceda. Kodwa ngumsebenzi wabo bonke abadala ukunceda abazalwana noodade benze izinto ezifunwa ziZibhalo. Ngoko ukuba kukho umntu ekufuneka alungiswe, umele alungiswe nokuba akukho mdala owayekhe wanengxaki efana neyakhe.

YINTONI ONOKUYENZA UKUZE UMNCEDE XA UMLUNGISA?

Kutheni abadala kufuneka ‘bakhawuleze ukuva’? (Jonga isiqendu 13-14)

13-14. Kutheni kubalulekile ukuba umdala amamele?

13Kulungele ukumamela. Xa umdala eza kuya kulungisa umntu, umele azibuze: ‘Ikhona into endiyaziyo ngemeko akuyo? Yintoni eyenzekayo ebomini bakhe? Kungenzeka ukuba uneengxaki endingazaziyo mna? Yeyiphi eyona nto ayidingayo ngoku?’

14 Umntu olungisa omnye kufuneka acinge ngeyona nto ithethwa kuYakobi 1:19. UYakobi wathi: “Wonke umntu umele akhawuleze ukuva, acothe ukuthetha, acothe nokucaphuka.” Umdala unokucinga ukuba wazi yonke into ngalo mntu, kodwa ngaba kunjalo nyhani? IMizekeliso 18:13 ithi: “Ukuba nabani na uphendula into engekayiva kakuhle, bubudenge obo nehlazo.” Kubhetele uyive kuye ingxaki anayo. Le nto ithetha ukuba kufuneka ummamele ngaphambi kokuba uthethe. Usayikhumbula into eyafundwa ngumdala ekuthethwe ngaye ekuqaleni kweli nqaku? Waqonda ukuba wayengamelanga aqale athethe ngento awayeyilungiselele, kwakufuneka aqale ambuze imibuzo efana nale: “Ngaba ikhona ingxaki onayo?” “Ndingakunceda njani?” Ukuba abadala bazipha ixesha lokuzazi kakuhle iingxaki abanazo abazalwana noodade, basenokubanceda baze babakhuthaze.

15. Abadala banokuyenza njani eyona nto ithethwa yiMizekeliso 27:23?

15Wazi umhlambi. Njengokuba sesivile ekuqaleni, ukulungisa umntu ayikokumfundela nje iivesi ezimbalwa nokumcebisa. Abazalwana noodade kufuneka babone ukuba sibakhathalele, siyabazi futhi sifuna ukubanceda. (Funda iMizekeliso 27:23.) Abadala kufuneka bazame ngeendlela zonke ukuba ngabahlobo babazalwana noodade.

Yintoni abanokuyenza abadala ukuze kube lula ukulungisa abantu? (Jonga isiqendu 16)

16. Yintoni abanokuyenza abadala ukuze babancede abavakalisi xa bebalungisa?

16 Abadala abafuni ukuba abavakalisi bacinge ukuba bathetha nabo xa bemoshile qha. Ngoko bancokola qho nabazalwana noodade, bebonisa nendlela ababakhathalele ngayo xa beneengxaki. Omnye umdala uthi: “Ukuba uyayenza le nto, uza kuba ngumhlobo wabavakalisi. Xa kufuneka ubalungise, kuza kuba lula.” Naloo mntu umlungisayo akazukuba nengxaki.

Kutheni umdala kufuneka abe nomonde nobubele xa elungisa umntu? (Jonga isiqendu 17)

17. Kuxa kutheni apho umdala kufuneka abe nomonde nobubele?

17Yiba nomonde nobubele. Ukuba ekuqaleni umntu akavumi ukulungiswa ngeBhayibhile, umdala kufuneka abe nomonde nobubele. Umele alumkele ukucaphuka xa umvakalisi engavumi ukwenza into amcebisa yona. IBhayibhile ithi ngoYesu: “Akukho ngcongolo yaphukileyo aza kuyityumza, yaye akukho msonto weflekisi ocima-cimayo aza kuwucima.” (Mat. 12:20) Ngoko xa umdala ethandaza eyedwa, unokumcela uYehova ukuba ancede loo mvakalisi asiqonde isizathu sokuba alungiswe, aze ayenze loo nto amxelela yona. Kusenokwenzeka ukuba lo mvakalisi usafuna ixesha lokucinga ngento ayixelelweyo. Ukuba umdala unomonde nobubele, umvakalisi akazube ecingana nendlela amlungisa ngayo, uza kucinga ngale nto amxelela yona. Into ekufuneka abadala bangayilibali kukusebenzisa iLizwi LikaThixo xa belungisa umntu.

18. (a) Xa silungisa umntu, yintoni ekufuneka singayilibali? (b) Xa ujonga umfanekiso nezinto ekuthethwa ngazo kwibhokisi, ungathi aba bazali bathetha ngantoni?

18Funda kwiimpazamo ozenzayo. Asizukwazi ukuzenza kakuhle zonke izinto esizicetyiswe kweli nqaku kuba sinesono. (Yak. 3:2) Siza kuzenza iimpazamo, kodwa xa sizenzile masizame ukufunda kuzo. Ukuba abazalwana noodade bayabona ukuba siyabathanda, kusenokuba lula ukuba basixolele xa sithethe okanye senze into abangayithandiyo.​—Jonga ibhokisi ethi “ Icebiso Eliya Kubazali.”

UFUNDE NTONI?

19. Sinokwenza ntoni ukuze sivuyise iintliziyo zabazalwana noodade?

19 Sibonile ukuba akukho lula ukulungisa umntu ngendlela eza kumnceda. Thina nabantu esibalungisayo sinesono. Ungazilibali izinto esithethe ngazo kweli nqaku. Qiniseka ukuba umntu umlungisa kuba umthanda. Zibuze ukuba lo mntu kufuneka alungiswe nyhani na nokuba nguwe na anokumva xa umlungisa. Ngaphambi kokuba umlungise, mbuze imibuzo uze ummamele kakuhle xa eyiphendula ukuze uyazi ingxaki anayo. Zama ukuzifaka ezihlangwini zakhe. Yiba nobubele, ube ngumhlobo wabazalwana noodade. Mayingaphumi engqondweni yakho eyona nto sifuna ukuyenza: Xa silungisa umntu asifuni ukumnceda nje qha, sifuna ‘nokuvuyisa intliziyo’ yakhe.​—IMize. 27:9.

INGOMA 103 Abalusi​—Izipho Ezingabantu

^ isiqe. 5 Akusoloko kulula ukulungisa umntu. Xa kufuneka simlungisile, singenza njani ukuze sithethe into eza kumnceda neza kumkhuthaza? Eli nqaku liza kunceda abadala ngokukhethekileyo ukuba bakwazi ukulungisa umntu ngendlela eza kuvuyisa intliziyo yakhe.

^ isiqe. 11 Jonga inqaku elithi “Abadala Balikhokela Njani Ibandla?kwiMboniselo kaFebruwari 2021.