Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 9

Linganisa UYesu, Bakhathalele Uze Ubancede Abantu

Linganisa UYesu, Bakhathalele Uze Ubancede Abantu

“Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”—IZE. 20:35.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Zeziphi izinto ezintle ezenziwa ngabantu bakaYehova?

IBHAYIBHILE yaprofeta isithi abantu bakaThixo “baza kuzinikela ngokuvumayo” ukuze bamkhonze, bekhokelwa nguNyana wakhe. (INdu. 110:3) Iyenzeka loo nto namhlanje. Qho ngonyaka, abakhonzi bakaYehova abakhutheleyo bachitha iiyure ezininzi kumsebenzi wokushumayela. Abafumani nesenti ngalo msebenzi, bawenza kuba bethanda. Bazipha nexesha lokunceda abazalwana babo kwizinto abazidingayo, babakhuthaze baze baqinise nokholo lwabo. Abadala nezicaka zolungiselelo nabo bachitha ixesha elininzi belungiselela iintetho abaza kuzinikela kwiintlanganiso, besalusa nabazalwana noodade. Yintoni eyenza abantu bakaThixo benze zonke ezi zinto? Kukuthanda uYehova nokuthanda abantu.—Mat. 22:37-39.

2. AmaRoma 15:1-3 athi uYesu wabonisa njani ukuba ubakhathalele abantu?

2 UYesu wabonisa ukuba ubakhathalele abantu ngokwenza izinto ezaziza kunceda bona kunezinto ezaziza kunceda yena. Senza yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze sifane naye. (Funda amaRoma 15:1-3.) Abantu abamlinganisayo baza kuncedakala. UYesu wathi: “Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.”​—IZe. 20:35.

3. Ziintoni esiza kuthetha ngazo kweli nqaku?

3 Kweli nqaku, siza kufunda ngezinto uYesu awazenzayo ukuze ancede abantu, sibone nendlela esinokumlinganisa ngayo. Siza kuncedwa sibone nokuba singenza ntoni ukuze sikuthande kakhulu ukunceda abantu.

LINGANISA UYESU

Wenza ntoni uYesu xa kwafika abantu abaninzi kuye nangona wayediniwe? (Jonga isiqendu 4)

4. Yintoni awayenzayo uYesu ebonisa ukuba wayekhathalele izinto ezazidingwa ngabantu kunezazidingwa nguye?

4UYesu wayebanceda abantu naxa ediniwe. Cinga ngento awayenzayo xa kweza abantu abaninzi kuye, engasentabeni ekusenokwenzeka ukuba yayikufutshane neKapernahum. Wayechithe ubusuku bonke ethandaza. Inoba wayedinwe kakhulu, kodwa wathi akubona abo bantu, wabasizela ababengamahlwempu nababegula. Wabaphilisa, kodwa zange aphelele apho. Wanikela enye yezona ntetho zikhuthazayo kwezakhe zanikelwa, iNtshumayelo yaseNtabeni.​—Luka 6:12-20.

Sinokumlinganisa njani uYesu, owayethanda ukunceda abantu? (Jonga isiqendu 5)

5. Ootatekhaya balubonisa njani uthando naxa bediniwe njengoYesu?

5Indlela ootatekhaya abamlinganisa ngayo uYesu. Cinga ngalo mzekelo: Utatekhaya obexakeke kakhulu emsebenzini ufika ekhaya ediniwe. Lusuku loNqulo Lwentsapho. Ucinga ukungalwenzi, kodwa ucela uYehova amphe amandla okuluqhuba. UYehova uyawuphendula umthandazo wakhe, uNqulo Lwentsapho luyenziwa njengesiqhelo. Ngobo busuku, abantwana bafunda into ebalulekileyo yokuba ukukhonza uYehova yeyona nto ibalulekileyo kubazali babo.

6. Kunini apho uYesu wancama ixesha lokuba yedwa ukuze ancede abantu?

6UYesu wayencama ixesha lokuba yedwa ukuze ancede abantu. Khawucinge indlela amele ukuba waziva ngayo uYesu xa exelelwa ukuba umhlobo wakhe, uYohane umBhaptizi, unqunyulwe intloko. Inoba waba buhlungu kakhulu. IBhayibhile ithi: “Uthe akuyiva [into yokusweleka kukaYohane] uYesu, wemka apho ngesikhephe wayokuhlala yedwa.” (Mat. 14:10-13) Sinokusiqonda isizathu sokuba afune ukuba yedwa. Abanye abantu baye bafune ukuba bodwa xa bekhathazekile. Kodwa yayingazukwenzeka loo nto kuYesu. Wathi efika kuloo ndawo wayesiya kuyo, wabe elindwe ngabantu abaninzi. Wenza ntoni? Wacinga ngezinto ababezidinga aba bantu, “wabasizela.” Wabona ukuba bakufuna nyhani ukuncedwa nokuthuthuzelwa nguThixo, akalibazisa ukubanceda. “Wabafundisa izinto ezininzi.”​—Marko 6:31-34; Luka 9:10, 11.

7-8. Khawuchaze enye yeendlela abadala abamlinganisa ngazo uYesu xa kukho umntu odinga uncedo ebandleni.

7Indlela abadala abamlinganisa ngayo uYesu. Sibabulela kakhulu abadala ngokuzincama ukuze basincede! Izinto ezininzi abazenzayo azibonwa ngabanye abazalwana noodade. Ngokomzekelo, xa kukho imeko engxamisekileyo yezonyango, abazalwana abakwiKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele baye bakhawuleze bayokunceda loo mzalwana udinga uncedo. Loo nto ithanda ukwenzeka ezinzulwini zobusuku! Kodwa kuba bemsizela loo mzalwana okanye loo dade usengxakini, aba badala neentsapho zabo bayalibala ngeziqu zabo, bafune ukumnceda.

8 Abadala baye bancedise xa kusakhiwa iiHolo ZoBukumkani nezinye izakhiwo zentlangano, bancedise nakwimisebenzi eyenziwa xa kwehle intlekele. Kanti nasemabandleni, bachitha ixesha elininzi besifundisa futhi besikhuthaza. Sithi enkosi nyhani kwaba bazalwana neentsapho zabo. Sinqwenela ukuba uYehova abasikelele! Kodwa bamele balumkele ukuchitha ixesha elininzi kule misebenzi de bangabi nalo ixesha lokuba kunye neentsapho zabo.

IZINTO ESINOKUZENZA UKUZE SIKUTHANDE UKUNCEDA ABANTU

9. AmaFilipi 2:4, 5 athi yintoni amele ayenze onke amaKristu?

9 Funda amaFilipi 2:4, 5. Asingobadala sonke, kodwa sonke sinokumlinganisa uYesu ngokukhathalela abanye kuneziqu zethu. IBhayibhile ithi “wazenza ikhoboka.” (Fil. 2:7) Cinga ngento esiyifunda kule vesi. Ikhoboka elithandwayo, lisoloko lifuna iindlela zokuvuyisa inkosi yalo. Singamakhoboka kaYehova nawabazalwana bethu, ngoko sifuna ukubasebenzela ngaphezu kokuba sisenza. Ukuze sikwazi ukuyenza le nto makhe sicinge ngezi zinto.

10. Yeyiphi imibuzo esinokuzibuza yona?

10Zijonge ukuba ungumntu onjani. Zibuze imibuzo efana nale: ‘Ndikufuna nyhani ukuncama ixesha namandla am ukuze ndincede abantu? Ngokomzekelo, ndithini xa ndicelwa ukuba ndiye kubona umzalwana okhulileyo apho ahlala khona, okanye ndise udade okhulileyo kwiintlanganiso? Ndikhawuleza ndivume xa kucelwa abantu abaza kuncedisa xa kuklinwa ngexesha lendibano okanye xa kuza kulungiswa iHolo YoBukumkani?’ Xa sasizinikela kuYehova, samthembisa ukuba siza kusebenzisa zonke izinto esinazo ukuze simkhonze. Ufuna sincame ixesha, amandla nezinto esinazo ukuze sincede abantu. Uyavuya xa sisenza loo nto. Xa kukho into esingekayenzi kakuhle, yintoni esinokuyenza?

11. Ukuthandaza kunokusinceda njani sikufune nyhani ukunceda abantu?

11Thandaza, uxelele uYehova le nto isentliziyweni. Masithi uyabona ukuba kukho into omele usebenzele kuyo, kodwa kuyala. Thetha noYehova, umxelele inyani. Mxelele kanye le ndlela uziva ngayo, umcele nokuba akwenze ‘ube nomnqweno namandla okwenza izinto azithandayo.’​—Fil. 2:13.

12. Yintoni abanokuyenza abazalwana abasebatsha ababhaptiziweyo ukuze babe luncedo emabandleni?

12 Ukuba ungumzalwana obhaptiziweyo osemtsha, cela uYehova akuncede ufune ukubanceda ngaphezu kokuba usenza abazalwana noodade ebandleni. Kwamanye amazwe, kukho abadala abaninzi kunezicaka zolungiselelo, ezininzi kwezo zicaka zolungiselelo azingobantu basebatsha. Baya besiba baninzi abavakalisi kwintlangano kaYehova, ngoko sidinga abazalwana abaninzi abasebatsha abaza kuncedisa abadala abakhathalele abantu bakaThixo emabandleni. Ukuba uyafuna ukunceda naphi na apho kufuneka uncedo khona, uza kuvuya. Kutheni sisitsho? Kaloku uza kuvuyisa uYehova, abazalwana babone ukuba uyafuna ukubanceda, uvuyiswe nakukubanceda.

AmaKristu akwaYuda awela uMlambo iYordan ebalekela ePela. Awafika kuqala kuloo dolophu anika amaKristu asand’ ufika ukutya (Jonga isiqendu 13)

13-14. Yintoni esinokuyenza ukuze sikwazi ukunceda abazalwana noodade? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

13Baqaphele abantu abadinga uncedo. Umpostile uPawulos wathi kumaKristu awayehlala kwaYuda: “Sanukulibala ukwenza into elungileyo nokubapha izinto eninazo abanye, kuba uThixo uyayithanda imibingelelo enjalo.” (Heb. 13:16) Yayilicebiso elihle eli! Kungabanga xesha lide efumene loo leta, loo maKristu kwafuneka ashiye amakhaya awo, amashishini nezihlobo zawo ezingakholwayo, ‘abalekele ezintabeni.’ (Mat. 24:16) Ngelo xesha kwakufuneka ancedane. Ukuba ayesele elisebenzisa icebiso likaPawulos lokupha, kwakungazukuba yingxaki ukuphila kumakhaya amatsha, enezinto ezimbalwa.

14 Abazalwana noodade basenokungasixeleli xa kukho into abayidingayo. Masithi umzalwana uswelekelwa yinkosikazi yakhe. Ngaba udinga ukuphekelwa, ukusiwa apho afuna ukuya khona okanye ukuncediswa ngemisebenzi yasendlini? Usenokungathethi, kuba esonqena ukusihlupha. Kodwa angavuya kakhulu xa sinokuya kumnceda nokuba akasicelanga. Akufuneki sicinge ukuba ukhona umntu oza kumnceda okanye uza kuthetha xa edinga uncedo. Zibuze, ‘Ukuba bendinale ngxaki anayo, bendinokufuna ukuncedwa ngantoni?’

15. Simele sibe ngabantu abanjani ukuba siyafuna ukunceda abantu?

15Sukonqeneka okanye woyikeke. Ngokuqinisekileyo uyabazi abazalwana noodade abakuthandayo ukunceda ebandleni lakho. Abasenzi sicinge ukuba siyabahlupha. Baba ngabokuqala ukufika ezingqondweni zethu xa sineengxaki. Nathi siyafuna ukufana nabo! UAlan ongumdala ona-45, akafuni konqeneka nokoyikeka. Xa ecinga ngoYesu, uthi: “UYesu wayexakekile, kodwa abantu abadala nabancinci babemthanda, bengoyiki nokumcela abancede. Babeyibona indlela abakhathalele ngayo. Ndifuna nyhani ukufana naye, abantu bangandonqeni, bazi ukuba ndingumhlobo obakhathaleleyo.”

16. INdumiso 119:59, 60 inokusinceda njani sikwazi ukumlinganisa uYesu?

16 Masingatyhafi xa singakwazi ukumlinganisa kakuhle uYesu. (Yak. 3:2) Umfundi akasoze afane ncam notitshala wakhe. Kodwa xa emana efunda kwiimpazamo azenzayo, aze azame kangangoko ukwenza njengotitshala wakhe, uza kuya ezenza kakuhle izinto azifundayo. Nathi, ukuba siyazenza izinto esizifunda eBhayibhileni, sizame ukuzilungisa izinto ekufuneka sizilungisile, siza kutsho sikwazi ukumlinganisa uYesu.​—Funda iNdumiso 119:59, 60.

NGABA UKUTHANDA UKUNCEDA KUNOMVUZO?

Abantu abasebatsha bayafunda kubadala abalinganisa uYesu ngokuthanda ukunceda abantu (Jonga isiqendu 17) *

17-18. Yintoni eza kwenzeka xa silinganisa uYesu?

17 Xa sikuthanda ukunceda abantu nabanye baza kufuna ukusilinganisa. UTim ongumdala uthi: “Kukho abazalwana abasebatsha abaye baba zizicaka zolungiselelo, abanye babo besebancinci. Esinye isizathu kukuba baye babona indlela abanye abazalwana abakuthanda ngayo ukunceda abantu, baza bafuna ukufana nabo. Aba bazalwana bayalinceda ibandla, bencedisa nabadala.”

18 Abantu beli hlabathi abanaxesha labanye abantu. Kodwa abantu bakaYehova abekho njalo tu. Siye sakhuthazwa kukufunda ngoYesu, owayethanda ukunceda abantu. Sizimisele ukufana naye. Yinyaniso kona ukuba asinakukwazi ukufana naye ncam, kodwa ‘sinokuzama ngandlela zonke ukumlandela.’ (1 Pet. 2:21) Xa sisenza yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze silinganise uYesu, siza kuvuya kuba sivuyisa uYehova.

INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu

^ isiqe. 5 UYesu wayesoloko esenza izinto ezaziza kunceda abantu kunezinto ezaziza kunceda yena. Kweli nqaku, siza kuthetha ngeendlela esinokumlinganisa ngazo. Siza kufunda nangendlela okuza kusinceda ngayo ukumlinganisa.

^ isiqe. 57 INGCACISO YOMFANEKISO: UDan, osengumfanyana, ubona abadala ababini abaze kubona utata wakhe esibhedlele. Into uDan ayibona isenziwa ngaba badala imenza naye afune ukunceda abantu. UBen, naye osengumfanyana, ubona indlela uDan amkhathalele ngayo umakhulu. Le nto yenza uBen naye afune ukuncedisa xa kuklinwa iHolo YoBukumkani.