Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 11

Qhubeka Unxiba “Ubuntu Obutsha” Nasemva Kokuba Ubhaptiziwe

Qhubeka Unxiba “Ubuntu Obutsha” Nasemva Kokuba Ubhaptiziwe

‘Nxibani ubuntu obutsha.’​—KOL. 3:10.

INGOMA 49 Masivuyise Intliziyo KaYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni eyakha ubuntu bethu?

 NOKUBA sisand’ ubhaptizwa okanye kudala sabhaptizwa, sonke sifuna ukuba nobuntu obuthandwayo nguYehova. Ukuze sibe ngabantu abanjalo, kufuneka sizigade izinto esizicingayo. Ngoba? Kuba ubuntu bethu bakhiwa kakhulu zizinto esizicingayo. Ukuba sihlala sicinga ngezinto ezifunwa ngumzimba onesono, siza kuthetha size senze izinto ezingalunganga. (Efe. 4:17-19) Kanti ukuba sihlala sicinga ngezinto ezilungileyo, kusenokuba lula ukuthetha nokwenza izinto ezivuyisa uTata wethu uYehova.​—Gal. 5:16.

2. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

2 Njengoko litshilo inqaku elidlulileyo, asinakukwazi ukungacingi nokuba kukancinci ngezinto ezimbi, kodwa singakwazi ukungazenzi ezo zinto sizicingayo. Ngaphambi kokuba sibhaptizwe, simele siyeke ukuthetha nokwenza izinto ngendlela ayicaphukelayo uYehova. Yinto yokuqala neyona ibalulekileyo le ekufuneka siyenze xa sikhulula ubuntu obudala. Kodwa ukuze simvuyise nyhani uYehova, simele sithobele lo myalelo uthi: “Nxibani ubuntu obutsha.” (Kol. 3:10) Kweli nqaku siza kuphendula le mibuzo: Yintoni “ubuntu obutsha”? Singabunxiba njani ubuntu obutsha futhi singenza njani ukuze sihlale sibunxibile?

YINTONI “UBUNTU OBUTSHA”?

3. Ngokutsho kwamaGalati 5:22, 23 buyintoni “ubuntu obutsha”? Umntu unokubunxiba njani?

3 “Ubuntu obutsha” kukucinga nokwenza izinto njengoYehova. Umntu unxiba ubuntu obutsha ngokubonakalisa iimpawu zesiqhamo somoya kaThixo, awuvumele utshintshe izinto azicingayo, indlela aziva ngayo nezinto azenzayo. (Funda amaGalati 5:22, 23.) Ngokomzekelo, uyamthanda uYehova nabantu bakhe. (Mat. 22:36-39) Umntu onjalo uhlala evuya nangona eneengxaki. (Yak. 1:2-4) Usoloko esenza kubekho uxolo. (Mat. 5:9) Unomonde nobubele. (Kol. 3:13) Uthanda izinto ezilungileyo aze azenze. (Luka 6:35) Izinto azenzayo zibonisa ukuba ukholo analo kuTata wakhe osezulwini lomelele. (Yak. 2:18) Uhlala ezolile, akavumeli izinto ezenziwa ngabanye zimcaphukise. Uyakwazi nokuzibamba xa kukho into ethi makenze into engalunganga.​—1 Kor. 9:25, 27; Tito 3:2.

4. Ukuze sinxibe ubuntu obutsha, kutheni kufuneka sibe nazo zonke iimpawu ekuthethwa ngazo kumaGalati 5:22, 23 nakwezinye iivesi zeBhayibhile?

4 Ukuze sinxibe ubuntu obutsha, kufuneka sizame ukuba nazo zonke iimpawu ekuthethwa ngazo kumaGalati 5:22, 23 nezikwezinye iivesi zeBhayibhile. * Ezi mpawu azifani nesinxibo esahlukahlukeneyo kodwa zifana nempahla enye eyinto yonke kuba uphawu olunye luyakwazi ukuba nazo nezinye iimpawu. Ngokomzekelo, xa simthanda nyhani ummelwane, siza kuba nomonde nobubele kuye. Nokuze sibe ngabantu abalunge nyhani, kufuneka silulame sikwazi nokuzibamba.

SINGABUNXIBA NJANI UBUNTU OBUTSHA?

Ngokuya sifunda indlela yokucinga njengoYesu, siza kuya sisiba nobuntu obufana nobakhe (Jonga isiqendu 5, 8, 10, 12, 14)

5. Kuthetha ukuthini ‘ukucinga njengoKristu’? Kutheni sifanele sifunde ngaye? (1 Korinte 2:16)

5 Funda ama-1 Korinte 2:16. Ubuntu obutsha singabunxiba ngokuba ‘sicinge njengoKristu.’ Loo nto ithetha ukuba kufuneka sifunde indlela uYesu awayecinga ngayo size simlinganise. UYesu uzibonakalisa kakuhle zonke iimpawu zesiqhamo somoya kaThixo. Njengesipili esiyiveza kakuhle into ephambi kwaso, uzibonakalisa ngobunjalo bazo iimpawu zikaYehova. (Heb. 1:3) Xa sisiya sicinga njengoYesu, siza kuya sisenza izinto njengaye size sikwazi ukuba nobuntu obufana nobakhe.​—Fil. 2:5.

6. Ziintoni esimele sizikhumbule xa sizama ukunxiba ubuntu obutsha?

6 Ngaba singakwazi nyhani ukulinganisa uYesu? Sisenokuthi: ‘UYesu akanasono nje. Soze ndifane ncam naye!’ Nazi izinto omawuzikhumbule ukuba ucinga ngolo hlobo. Eyokuqala, wadalwa wafana noYehova noYesu. Loo nto ithetha ukuba singakwazi ukubalinganisa size sibe njengabo, nangona singenakude sifane nabo ncam okwangoku. (Gen. 1:26) Eyesibini, awakho amandla awodlula umoya oyingcwele kaThixo. Xa sincedwa nguwo, singenza izinto ebesingekhe sikwazi ukuzenza ngamandla ethu. Eyesithathu, okwangoku uYehova akalindelanga ukuba sizibonakalise kakuhle zonke iimpawu zesiqhamo somoya wakhe. Phofu uTata wethu osithandayo ubeke iminyaka eyi-1000 yokuba abo banethemba lokuphila emhlabeni bangabi nesono. (ISityhi. 20:1-3) Eyona nto ayifunayo uYehova kuthi ngoku kukuba sizame ngamandla ethu onke nokuba simthembe ukuba uza kusinceda.

7. Siza kuthetha ngantoni ngoku?

7 Sinokumlinganisa njani kanye kanye uYesu? Siza kuthetha ngeempawu ezine zesiqhamo somoya kaThixo. Kuphawu ngalunye siza kubona ukuba singafunda ntoni kwindlela uYesu awalubonisa ngayo. Siza kubona nemibuzo enokusinceda sizihlole ukuba sesenze kakuhle kangakanani ekunxibeni ubuntu obutsha.

8. UYesu wabonisa njani ukuba unothando?

8 UYesu umthanda kakhulu uYehova, ngoko wazincama ngenxa Yakhe nangenxa yethu. (Yoh. 14:31; 15:13) Indlela awayephila ngayo xa wayelapha emhlabeni yabonisa ukuba ubathanda kakhulu abantu. Ukubathanda nokubavela abanye abantu yayiyinto yakhe, naxa abanye babengamfuni. Eyona ndlela ebalulekileyo awabonisa ngayo ukuba uyabathanda abantu, yayikukubafundisa ngoBukumkani BukaThixo. (Luka 4:43, 44) Waphinda wabonisa ukuba uyamthanda uThixo nabantu ngokuvuma ukubulawa kabuhlungu ngaboni. Ngokwenza loo nto, sonke wasivulela ithuba lokuba sifumane ubomi obungunaphakade.

9. Singalubonisa njani uthando njengoYesu?

9 Sazinikela kuYehova saza sabhaptizwa kuba simthanda uTata wethu osezulwini. NjengoYesu, indlela esibaphatha ngayo abanye abantu mayibonise ukuba siyamthanda uYehova. Umpostile uYohane wathi: “Umntu ongamthandiyo umzalwana wakhe ambonayo, akanakuthanda uThixo angamboniyo.” (1 Yoh. 4:20) Masizibuze: ‘Ndibathanda kangakanani abantu? Ngaba ndiyabavela abanye abantu naxa bekrwada kum? Ngaba abantu ndibathanda kangangokuba ndide ndincame ixesha nezinto endinazo ukuze ndibancede bafunde ngoYehova? Ngaba ndiyayenza le nto nokuba abaninzi abanambulelo okanye abandifuni? Ngaba zikhona izinto endinokuzenza ukuze ndibe nexesha elininzi lokwenza abafundi?’​—Efe. 5:15, 16.

10. UYesu wayesenza njani kubekho uxolo?

10 UYesu wayeyindoda enoxolo. Wayengaphindisi naxa wayephathwa kakubi ngabantu. Kodwa wayengaphelelanga apho. Wayesiba ngowokuqala ukwenza kubekho uxolo, ekhuthaza nabanye ukuba balungise izinto ezibenza bangavani. Ngokomzekelo, wabafundisa ukuba baxolelane ukuba bafuna uYehova avuyiswe yindlela abamkhonza ngayo. (Mat. 5:9, 23, 24) Nabapostile wayemana ebanceda ukuba bayeke ukuphikisana ngokuba ngubani oyena umkhulu phakathi kwabo.​—Luka 9:46-48; 22:24-27.

11. Ziintoni esinokuzenza ukuze kubekho uxolo?

11 Ukuze senze kubekho uxolo, akufuneki silumkele ukuqal’ ingxabano nje qha. Kufuneka sibe ngabokuqala ukwenza kubekho uxolo phakathi kwethu nabanye nokukhuthaza abazalwana noodade ukuba balungise into abangavani ngayo. (Fil. 4:2, 3; Yak. 3:17, 18) Masizibuze: ‘Yintoni endinokuyincama ukuze ndihlalisane ngoxolo nabantu? Ngaba ndihlala ndiqumbile xa umzalwana okanye udade eye wandikhathaza? Ngaba ndiyamlinda aze kuxolisa okanye ndiba ngowokuqala ukuxolisa naxa ndicinga ukuba nguye owenze kwakho ingxaki? Ukuba ndibona amaKristu angavaniyo ngaba ndiyawakhuthaza ukuba axolelane xa ndifanele ndenjenjalo?’

12. UYesu wabonisa njani ukuba unobubele?

12 UYesu wayenobubele. (Mat. 11:28-30) Loo nto wayibonisa ngokuzola nokuyekelela naxa kunzima. Ngokomzekelo, xa wacelwa ngumfazi waseFenike ukuba aphilise umntwana wakhe, ekuqaleni zange avume. Kodwa xa lo mfazi wabonisa ukuba unokholo kuye, waba nenceba, wamphilisa umntwana wakhe. (Mat. 15:22-28) Nangona wayenobubele, wayengonqeni ukumlungisa umntu. Ngamanye amaxesha wayebubonisa ngokuthetha phandle kubantu abathandayo. Ngokomzekelo, xa uPetros wayezama ukuba angayenzi into efunwa nguYehova, uYesu wamngxolisa phambi kwabanye abafundi. (Marko 8:32, 33) Wayengafuni ukumhlaza kodwa wayemfundisa, elumkisa nabanye abafundi ukuba bangazithembi kakhulu. Ngokuqinisekileyo uPetros waba neentloni, kodwa wancedakala.

13. Sinokubonisa njani ukuba sinobubele nyhani?

13 Xa unobubele nyhani kubantu obathandayo, ngamanye amaxesha kusenokufuneka uthethe phandle. Xa usenza loo nto, linganisa uYesu ngokubalungisa usebenzisa iLizwi LikaThixo. Zola. Zixelele ukuba bayafuna ukwenza into elungileyo. Bathembe nokuba ekubeni bethanda uYehova nawe bekuthanda, abazukukhubeka xa ubalungisa. Zibuze: ‘Ngaba ndinesibindi sokumlungisa umntu endimthandayo xa esenza into engafunwayo nguYehova? Xa ndimlungisa ndiba nobubele okanye ndimhl’ entloko? Kutheni ndimlungisa? Ngaba ndimlungisa kuba endicaphukisa okanye kuba ndifuna ukumnceda?’

14. UYesu wakubonisa njani ukulunga?

14 UYesu akapheleli nje ekuzazini izinto ezilungileyo, kodwa uyazenza. Uyamthanda uTata wakhe, ngoko usoloko esenza izinto ezilungileyo enesizathu esihle. Umntu olungileyo usoloko efuna iindlela zokunceda abantu, abenzele izinto ezintle. Masingapheleli nje ekuyazini into elungileyo, kodwa masiyenze sinesizathu esihle. Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ingenzeka into yokuba wenze into elungileyo ngesizathu esingatshongo khona?’ Ewe. Ngokomzekelo, uYesu wathetha ngabantu ababesipha abantu abasokolayo izinto kodwa beqiniseka ukuba bayabonwa ngabanye abantu. Loo nto yayibonakala ilungile, kodwa uYehova wayengayithandi.​—Mat. 6:1-4.

15. Yintoni enokusenza sibe ngabantu abalunge nyhani?

15 Sinokuba ngabantu abalunge nyhani xa sisenza izinto ezilungileyo ngezizathu ezihle qha. Zibuze: ‘Ngaba xa ndisazi ukuba into ilungile ndiyayenza? Kutheni ndisenza izinto ezilungileyo?’

YINTONI ESINOKUYENZA UKUZE SIHLALE SINXIBE UBUNTU OBUTSHA?

16. Yintoni esimele siyenze qho ngosuku? Kutheni simele senze loo nto?

16 Masingacingi ukuba sigqibile ukunxiba ubuntu obutsha xa sibhaptizwa. Masisebenzele ukuba le mpahla yethu intsha ihlale intle. Enye indlela esinokuyenza ngayo loo nto, kukuba qho ngosuku sikhangele iindlela esinokubonisa ngazo isiqhamo somoya kaThixo. Ngoba? Kaloku qho sizama ukubonakalisa ezi mpawu, umoya kaYehova uza kusinceda. UYehova nguThixo osebenzayo, nomoya wakhe ungamandla asebenzayo. (Gen. 1:2) Ngoko eyona nto ibalulekileyo yimisebenzi esiyenzayo. Ngokomzekelo, umfundi uYakobi wathi: “Ukholo olungenamisebenzi lufile.” (Yak. 2:26) Kunokuthethwa njalo ke nangezinye iimpawu zesiqhamo somoya kaThixo. Qho sisiba nazo, sibonisa ukuba umoya kaThixo uyasinceda.

17. Yintoni omele uyenze xa uye awasibonisa isiqhamo somoya?

17 Ngamanye amaxesha namaKristu ekudala abhaptizwa akhe angasibonisi isiqhamo somoya. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuhlala sizama. Nanku umzekelo: Xa kunokukrazuka ilokhwe okanye ibhlukhwe oyithandayo, ungavele nje uyilahle? Soze. Mhlawumbi ungayithunga ukuba iyathungeka. Emva koko uza kulumkela ukuba ingaphindi ikrazuke. Ngokufanayo, ungatyhafi ukuba ngamanye amaxesha ukhe ungabi nabubele, umonde okanye ungamthandi omnye umntu. Ukuthi uxolo ngokusuka kumazantsi entliziyo kungakunceda uphinde uvane naloo mntu, uze ukulumkele ukuphinda uyenze loo nto.

18. Singaqiniseka ngantoni?

18 Sithi enkosi ngokuba uYesu esibonise into emasiyenze. Ngokuya silinganisa indlela awayecinga ngayo, kuza kuba lula ukwenza njengaye. Xa sisiya silinganisa uYesu, siza kuya sibunxiba kakuhle ubuntu obutsha. Ziyi-4 qha iimpawu zesiqhamo somoya kaThixo esithethe ngazo kweli nqaku. Kutheni ungakhe uziphe ixesha lokufunda ngezinye iimpawu zaso uze ucinge ukuba uzibonakalisa kakuhle kangakanani? Uza kufumana amanqaku amaninzi athetha ngazo kwiSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova kumxholo othi “Ubomi BomKristu,” uze uye kwindawo ethi “Isiqhamo Somoya.” Qiniseka ukuba xa uzama ukunxiba ubuntu obutsha ungabukhululi, uYehova uza kukunceda.

INGOMA 127 Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo

^ isiqe. 5 Nokuba besikade singabantu abanjani, singakwazi ukunxiba “ubuntu obutsha.” Ukuze siyenze loo nto, kufuneka siqhubeke siyitshintsha indlela esicinga ngayo size sizame ukufana noYesu. Eli nqaku liza kusixelela indlela uYesu awayecinga ngayo nawayezenza ngayo izinto. Liza kusibonisa nendlela esinokuhlala simlinganisa ngayo nasemva kokuba sibhaptiziwe.

^ isiqe. 4 Iimpawu ezintle eziveliswa ngumoya kaThixo aziphelelanga kwezo kuthethwa ngazo kumaGalati 5:22, 23. Ukuze ufunde ngale nto, jonga inqaku elithi “Imibuzo Evela KubafundikwiMboniselo kaJuni 2020.