Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 13

Uza Konwaba Kakhulu Xa Ukhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo

Uza Konwaba Kakhulu Xa Ukhonza UYehova Ngendlela Ayifunayo

“Ufanele Yehova Thixo wethu onamandla, ukwamkela uzuko nembeko.”​—ISITYHI. 4:11.

INGOMA 31 Hamba NoThixo!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. UThixo uvuya xa simkhonza njani?

 UYE ucinge ntoni xa usiva igama elithi “ukukhonza”? Mhlawumbi ucinga ngomzalwana oguqa athandaze ngaphambi kokuba alale. Okanye ucinga ngentsapho eyonwabileyo isenza unqulo lwentsapho.

2 Zombini ezi zinto zenziwa ngaba bantu ziindlela zokukhonza. Ngaba ziza kumvuyisa uYehova? Uza kuvuya ukuba bazenza ngendlela afuna bazenze ngayo futhi bazenziswa kukumthanda nokumhlonipha. Simthanda nyhani uYehova. Siyazi ukuba ufanelwe kukukhonzwa, ngoko sifuna ukumkhonza ngeyona ndlela ibhetele esinokukwazi ngayo.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Kweli nqaku siza kufunda ngeendlela zokukhonza uYehova ezazimvuyisa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Siza kufunda nangeendlela eziyi-8 afuna simkhonze ngazo kule mihla. Njengoko sizifunda, masicinge ngento esinokuyenza ukuze simkhonze bhetele kunokuba sisenza. Siza kubona nokuba kutheni sisonwaba xa sikhonza uYehova ngendlela ayifunayo.

INDLELA UYEHOVA AWAYEFUNA UKUKHONZWA NGAYO KUDALA

4. Ngaphambi kwexesha lamaKristu, abantu ababekhonza uYehova babonisa njani ukuba bayamhlonipha futhi bayamthanda?

4 Ngaphambi kwexesha lamaKristu, amadoda awayethembekile kuYehova, afana noAbheli, uNowa, uAbraham noYobhi abonisa ukuba ayamhlonipha futhi ayamthanda uYehova. Njani? Ngokumthobela, ngokuba nokholo nangokwenza iminikelo. IBhayibhile ayisixeleli zonke iindlela ababefanele bamkhonze ngazo. Kodwa kucacile ukuba benza yonke into ababenokukwazi ukuyenza ukuze bazukise uYehova, futhi wavuyiswa yindlela ababemkhonza ngayo. Ekuhambeni kwexesha, uYehova wanika inzala ka-Abraham uMthetho owawubhalwe nguMoses. Kulo Mthetho, uYehova wabanika imiyalelo emininzi yendlela awayefuna ukukhonzwa ngayo.

5. Emva kokufa nokuvuka kukaYesu, uYehova wafuna ukukhonzwa njani?

5 Emva kokufa nokuvuka kukaYesu, uYehova wayengasalindelanga ukuba abantu bathobele uMthetho owabhalwa nguMoses. (Roma 10:4) AmaKristu kwakufuneka athobele umthetho omtsha, “umthetho kaKristu.” (Gal. 6:2) Kulo mthetho, kwakungazukufuneka ankqaye imithetho emininzi eyayiwaxelela izinto ekwakufuneka azenze nekwakufuneka angazenzi. Kwakufuneka alinganise uYesu aze enze izinto awayezifundisa. NamaKristu anamhlanje azama zonke iindlela zokulinganisa uKristu nokwenza izinto awayezifundisa ukuze avuyise uYehova nokuze ‘ahlaziyeke.’​—Mat. 11:29.

6. Yintoni esinokuyenza ukuze zisincede izinto ekuza kuthethwa ngazo kweli nqaku?

6 Kwindlela nganye yokukhonza uYehova esiza kuthetha ngayo zibuze, ‘Ndiqhuba kakuhle kangakanani mna kuyo?’ Uzibuze nokuba, ‘Yintoni endinokuyenza ukuze ndiyenze bhetele?’ Imele ikuvuyise indlela oqhuba ngayo ngoku, kodwa cela uYehova akubonise indlela onokwenza bhetele ngayo.

ZEZIPHI EZINYE IINDLELA ESIMKHONZA NGAZO UYEHOVA?

7. Iba njani imithandazo yethu esuka entliziyweni kuYehova?

7 Sikhonza uYehova ngokuthandaza. IZibhalo zifanisa umthandazo nesiqhumiso esiqholwe kakuhle esasinikelwa kwintente engcwele, ekuhambeni kwexesha sanikelwa etempileni. (INdu. 141:2) Eso siqhumiso sasikhupha ivumba elimnandi kuThixo. Nemithandazo yethu esuka entliziyweni ‘uyayithanda’ nokuba asicikozi. (IMize. 15:8; Dut. 33:10) Ngoko sinesizathu esivakalayo sokucinga ukuba uYehova uyavuya xa esiva simxelela indlela esimthanda nesimbulela ngayo. Ufuna simxelele izinto esinexhala lazo, ithemba esinalo nezinto esizinqwenelayo. Ngaphambi kokuba uthethe naye, kutheni ungaqali ucinge ngezinto ofuna ukumchazela zona? Xa usenza loo nto, uza kunikela esona ‘siqhumiso’ sinuka kamnandi kuTata wethu osezulwini.

8. Ngawaphi amathuba esiwafumanayo okudumisa uThixo?

8 Sikhonza uYehova ngokumdumisa. (INdu. 34:1) Siyamdumisa xa sixelela abantu ngeempawu zakhe ezimangalisayo nezinto azenzileyo. Xa sinombulelo, ukumdumisa kuyazizela. Xa sicingisisa ngezinto ezilungileyo uYehova asenzele zona, soze sixakwe zizizathu zokumdumisa. Xa sishumayela sifumana ithuba elihle ‘lokunikela kuThixo umbingelelo wokumdumisa, oko kukuthi amazwi aphuma emilonyeni yethu.’ (Heb. 13:15) Njengokuba sicingisisa ngaphambi kokuba sithethe noYehova, kuhle ukuba siyicinge kakuhle nento esiza kuyithetha nabantu entsimini. Sifuna ukunikela owona ‘mbingelelo wokumdumisa’ ubhetele kakhulu. Yiloo nto xa sishumayela sithetha ngendlela ebonisa ukuba siyayithanda le nto siyithethayo.

9. NjengamaSirayeli, kusinceda njani ukuya kwiintlanganiso? Zikuncede njani wena?

9 Sikhonza uYehova ngokuya kwiintlanganiso. KumaSirayeli kwathiwa: “Kathathu ngonyaka onke amadoda amele aye kwindawo uYehova uThixo wenu aza kuyikhetha.” (Dut. 16:16) Ayemele ashiye amakhaya namasimi awo engagadwanga. UYehova wawathembisa wathi: “Akukho mntu uza kulinqwenela ilizwe lakho xa usenyuka uyokubona ubuso bukaYehova uThixo wakho.” (Eks. 34:24) Kuba ayemthemba nyhani uYehova, amaSirayeli ayesiya kumatheko awayebakho qho ngonyaka. Zininzi izinto ezaziwanceda kuloo matheko; ayesitsho awuqonde bhetele uMthetho kaThixo, acingisise ngokulunga kwakhe aze avuyele ukuba kunye nabantu abathanda uYehova. (Dut. 16:15) Nathi sincedakala ngendlela efanayo xa sincama izinto zethu siye kwiintlanganiso. Khawucinge indlela uYehova avuya ngayo xa sisiya kuzo silungiselele kakuhle ukuze sinikele iimpendulo ezimfutshane nezicingisiswe kakuhle.

10. Kutheni ukucula kuyindlela yokukhonza uYehova ebalulekileyo?

10 Sikhonza uYehova ngokucula nabanye abazalwana noodade. (INdu. 28:7) Ukucula yayiyenye indlela eyayibalulekile yokukhonza kumaSirayeli. UKumkani uDavide wakhetha abaLevi abayi-288 ukuba babe ziimvumi zasetempileni. (1 Kron. 25:1, 6-8) Namhlanje sinokubonisa indlela esimthanda ngayo uThixo ngokucula iingoma zokumdumisa. Akunyanzelekanga ukuba sicule kamnandi ukuze siyenze loo nto. Khawuyicinge kanje le nto: Xa sithetha “sihlala sizenza iimpazamo,” kodwa asiyeki ukuthetha ebandleni nasentsimini. (Yak. 3:2) Ngoko ukucinga ukuba singamayilo akumele kusenze singamculeli iindumiso uYehova.

11. INdumiso 48:13 ithi kutheni simele sizibekele ixesha lokufunda iBhayibhile neentsapho zethu?

11 Sikhonza uYehova ngokufunda iLizwi lakhe nokufundisa abantwana bethu ngaye. AmaSirayeli ayengasebenzi ngeSabatha ukuze ahoye ubuhlobo bawo noYehova qha ngolo suku. (Eks. 31:16, 17) Athembekileyo kuwo ayefundisa abantwana bawo ngoYehova nokulunga kwakhe. Nathi kufuneka sizibekele ixesha lokufundisisa iLizwi LikaThixo. Le yindlela esimkhonza ngayo uYehova, futhi isenza sisondele kuye. (INdu. 73:28) Xa sifunda neentsapho zethu, sinokunceda abantwana bethu ukuze nabo basondele kuTata wethu osezulwini osithandayo.​—Funda iNdumiso 48:13.

12. Sifunda ntoni kwindlela uYehova awayewubona ngayo umsebenzi owawusenziwa ngabo babesenza iimpahla zentente engcwele?

12 Sikhonza uYehova ngokwakha nokulungisa iindawo esimkhonza kuzo. IBhayibhile ithi ukwenza intente engcwele neempahla zayo ‘yayingumsebenzi ongcwele.’ (Eks. 36:1, 4) Nanamhlanje, ukwakha iiHolo ZoBukumkani nezinye izakhiwo zentlangano kuYehova ngumsebenzi ongcwele. Abanye abazalwana noodade basebenzisa ixesha labo elininzi besenza le misebenzi. Singathini ke ukungawuxabisi umnikelo wabo obaluleke kangaka kumsebenzi woBukumkani? Phofu ke abayekanga nokushumayela. Abanye kubo basenokude bafune ukuba ngoovulindlela. Indlela abadala abangabonisa ngayo ukuba bayawuxhasa umsebenzi wokwakha, kukuba bangalibazisi ukubamisela ukuba babe ngoovulindlela aba bazalwana noodade basebenza nzima xa befake isicelo naxa befaneleka. Nokuba siwazi kangakanani umsebenzi wokwakha okanye asiwazi, sonke sinokuzigcina ziklini futhi zilungiswe kakuhle izakhiwo zentlangano.

13. Kubonisa ntoni ukunikela kwethu kumsebenzi woBukumkani?

13 Sikhonza uYehova ngokunikela kumsebenzi woBukumkani. AmaSirayeli ayengafanelanga aye kuYehova engaphethanga nto. (Dut. 16:16) Ayemele aye nesipho akwaziyo ukunikela ngaso. Ngokwenza loo nto ayebonisa indlela ambulela ngayo uYehova ngezinto awenzele zona. Thina singabonisa njani ukuba siyamthanda uYehova futhi siyazixabisa izinto asenzela zona? Eny’ indlela kukunikela ngaloo mali sinayo ebandleni nakumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke. Umpostile uPawulos uyibeka ngolu hlobo le nto: “Ukuba umntu uyafuna ukunikela, umnikelo wakhe wamkelekile kuThixo. UThixo akalindelanga ukuba umntu anikele ngento angenayo, ufuna anikele ngaloo nto anayo.” (2 Kor. 8:4, 12) UYehova uvuyela umnikelo ophuma entliziyweni nokuba mncinci kangakanani.​—Marko 12:42-44; 2 Kor. 9:7.

14. Ngokutsho kweMizekeliso 19:17, kuba njani kuYehova xa sinceda abazalwana abadingayo?

14 Sikhonza uYehova ngokunceda amanye amaKristu adingayo. UYehova wathembisa ukuba uza kuwahlawula amaSirayeli xa esipha abantu abasokolayo. (Dut. 15:7, 10) Qho xa sinceda abazalwana noodade abadingayo, kuYehova iba ngathi sipha Yena. (Funda iMizekeliso 19:17.) Ngokomzekelo, xa amaKristu aseFilipi athumela izipho kuPawulos owayesetrongweni, wathi ‘zingumbingelelo owamkelekileyo, othandwayo nguThixo.’ (Fil. 4:18) Khawucinge ngabantu abasebandleni lakho, uzibuze, ‘Ngaba ukhona endinokumnceda?’ UYehova uyavuya xa sisebenzisa ixesha, amandla, ubuchule nezinto esinazo ukuze sincede abantu abadingayo. Kuye leyo yindlela esimkhonza ngayo.​—Yak. 1:27.

UKUKHONZA UYEHOVA NGENDLELA AYIFUNAYO KUSENZA SONWABE

15. Kutheni kungekho nzima ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo ngoxa kufuna ixesha namandla?

15 Ukukhonza uYehova kufuna ixesha namandla, kodwa akukho nzima. (1 Yoh. 5:3) Kutheni sisitsho? Kuba uYehova simkhonza kuba simthanda. Khawucinge ngomfanyana ofuna ukupha utatakhe. Unokuchitha ixesha elininzi esenza umzobo afuna ukumnika wona. Akalikhaleli elo xesha. Uyamthanda utatakhe, uvuyiswa nayile nto ampha yona. Nathi sivuyiswa kukusebenzisa ixesha namandla ethu sikhonza uYehova kuba siyamthanda.

16. Ngokutsho kwamaHebhere 6:10 uba njani uYehova xa esibona sizama ngamandla ethu onke ukumvuyisa?

16 Abazali ababathandayo abantwana babo abalindeli ukuba babaphe izinto ezifanayo. Bayaqonda ukuba abantwana bahlukile, nezinto abakwaziyo ukuzenza azifani. Nathi uTata wethu osezulwini uyaqonda ukuba asinakwenza izinto ngendlela efanayo. Mhlawumbi wena zininzi izinto okwaziyo ukuzenza kunezenziwa ngabantu obaziyo nobathandayo. Okanye usenokungakwazi ukwenza izinto ezininzi njengabanye ngenxa yeminyaka, impilo nokuhoya intsapho. Mayingakutyhafisi loo nto. (Gal. 6:4) UYehova akasoze awulibale umsebenzi owenzayo. Eyona nto imvuyisayo kukuba uwenza ngamandla akho onke nangesizathu esihle. (Funda amaHebhere 6:10.) UYehova wazi nezinto ofuna ukumenzela zona. Ufuna uvuyele loo nto ukwaziyo ukumenzela yona.

17. (a) Yintoni esinokuyenza xa kukho indlela yokukhonza ekunzima ukuyenza? (b) Enye yezinto ezivezwe kwibhokisi ethi “ Yonwaba Kakhulu” ikuncede njani?

17 Simele senze ntoni xa sibona ngathi kukho indlela yokukhonza uYehova ekunzima ukuyenza, njengokufunda iBhayibhile okanye ukushumayela? Ukuba siyenza qho siza kuya siyithanda ize isincede. Ukukhonza kwethu sinokukufanisa nokujima okanye ukufunda ukusebenzisa isixhobo somculo. Ukuba asizenzi qho ezi zinto, asinakude sizazi kakuhle. Kodwa ukuba sizenza yonke imihla, yintoni eza kwenzeka? Sisengaqala ukuzenza imizuzu embalwa size siye silongeza ixesha kancinci kancinci. Xa sibona ukuba siza kakuhle, liza kuba ngathi alifiki ixesha lokuzenza. Xa selifikile, kuba mnandi nyhani. Sinokwenza into efanayo ke nakwiindlela zokukhonza uYehova.

18. Yeyiphi eyona nto ibalulekileyo esifanele siyenze? Yintoni eza kwenzeka xa siyenza?

18 Ukukhonza uYehova ngentliziyo yethu yonke yeyona nto ibalulekileyo esimele siyenze. Loo nto isenza sonwabe, sibe nalo nethemba lokukhonza uYehova ngonaphakade. (IMize. 10:22) Kwangoku sizolile kuba siyazi ukuba uYehova uyabanceda abakhonzi bakhe xa beneengxaki. (Isa. 41:9, 10) Nyhani sinezizathu ezihle zokonwaba kuba sikhonza uTata wethu osezulwini osithandayo ‘ofanele ukwamkela uzuko nembeko’ kuzo zonke izidalwa zakhe.​—ISityhi. 4:11.

INGOMA 24 Yiza Entabeni KaYehova

^ isiqe. 5 NguYehova odale zonke izinto, ngenxa yaloo nto sifanele simkhonze. Ziyamvuyisa izinto esizenzayo xa simkhonza ukuba siyayithobela imithetho yakhe. Kweli nqaku siza kuthetha ngeendlela eziyi-8 esimkhonza ngazo. Njengoko sizifunda, khangela indlela onokwenza bhetele ngayo uze ubone nendlela ezinokukunceda ngayo wonwabe.