Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 14

Badala, Qhubekani Nilinganisa Umpostile UPawulos

Badala, Qhubekani Nilinganisa Umpostile UPawulos

“Ndilinganiseni.”​—1 KOR. 11:1.

INGOMA 99 Izigidi Zabazalwana

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Kutheni indlela awayesenza ngayo umpostile uPawulos inokubanceda abadala kule mihla?

 UMPOSTILE UPAWULOS wayebathanda abazalwana bakhe. Kuba wayebakhathalele, wayesebenza nzima ngenxa yabo. (IZe. 20:31) Yiloo nto babemthanda kakhulu uPawulos. Bakhe “balila kakhulu” abadala base-Efese xa bevayo ukuba babengazukuphinda bambone. (IZe. 20:37) Nabadala bethu abasebenza nzima babathanda kakhulu abazalwana noodade futhi bancama yonk’ into xa kufuneka bebancedile. (Fil. 2:16, 17) Kodwa ke, kukhe kube nzima kubo. Yintoni enokubanceda?

2 Abadala bethu abasebenza nzima bangajonga indlela awayesenza ngayo uPawulos. (1 Kor. 11:1) Wayengeyongelosi. Wayengumntu onesono, owayekhe anzinyelwe kukwenza izinto ezilungileyo. (Roma 7:18-20) Zazininzi neengxaki awayenazo. Kodwa zange ancame okanye ayeke ukuvuya. Xa abadala belinganisa uPawulos, bangakwazi ukungoyiswa zizinto ezibanzimelayo baze bahlale bekhonza uYehova bevuya. Kanjani? Masibone.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku, futhi liza kusinceda senze ntoni?

3 Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezine ekunokuba nzima xa abadala kufuneka bazenze: (1) ukufumana ixesha lokushumayela nelokwenza eminye imisebenzi, (2) ukufumana ixesha lokwalusa, (3) ukungatyhafiswa ziimpazamo abazenza ngenxa yokuba benesono, (4) nokusebenzisana nabantu abanesono. Siza kufunda ukuba yena uPawulos wancedwa yintoni, nokuba abadala bangamlinganisa njani.

UKUFUMANA IXESHA LOKUSHUMAYELA NELOKWENZA EMINYE IMISEBENZI

4. Kutheni kunokuba nzima ukuba abadala babe ngumzekelo omhle kumsebenzi wokushumayela?

4 Kutheni kunokuba nzima? Umsebenzi wabadala awuphelelanga ekushumayeleni, kukho neminye emininzi abamele bayenze. Ngokomzekelo, abaninzi batshintshana ngokuqhuba intlanganiso yaphakathi evekini neSifundo SeBhayibhile Sebandla. Banikela neentetho. Bafundisa izicaka zolungiselelo imisebenzi, futhi baxakekile bekhuthaza abazalwana noodade. (1 Pet. 5:2) Abany’ abadala benza umsebenzi wokwakha nokulungisa iiHolo ZoBukumkani nezinye izakhiwo zentlangano. Kodwa, njengabo bonke abanye abavakalisi, owona msebenzi ubalulekileyo kubadala kukushumayela iindaba ezilungileyo.​—Mat. 28:19, 20.

5. Yeyiphi indlela awayeshumayela ngayo uPawulos?

5 Indlela awayesenza ngayo uPawulos. Eyona nto yamncedayo uPawulos, yile asikhuthaza ukuba siyenze kumaFilipi 1:10: “Niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo.” Naye wayenza loo nto. Iminyaka emininzi, eyona nto yayibalulekile kuye ngumsebenzi wokushumayela awayethunywe ukuba awenze. Wayeshumayela “phambi kwabantu nakwindlu ngendlu.” (IZe. 20:20) Wayengashumayeli ngexesha okanye ngosuku azibekele lona evekini kuphela, kodwa wayeshumayela nanini na, naphi na xa kuvela ithuba. Ngokomzekelo, ngoxa wayesalinde abazalwana bakhe eAthene, washumayela kwezinye izikhulu. Ezinye zazo zaba nomdla. (IZe. 17:16, 17, 34) Naxa ‘wayebanjiwe’ wayeshumayela.​—Fil. 1:13, 14; IZe. 28:16-24.

6. Ziintoni uPawulos awazifundisa abanye?

6 UPawulos wayelisebenzisa kakuhle kakhulu ixesha lakhe. Wayeye acele nabanye bahambe naye xa esiya kwiindawo awayeshumayela kuzo. Ngokomzekelo, kuhambo lwakhe lokuqala wathatha uYohane Marko, kolwesibini, uTimoti. (IZe. 12:25; 16:1-4) Ngokuqinisekileyo uPawulos wayesenza yonke into akwaziyo ukuyenza efundisa la madoda indlela yokwenza izinto ziqhutywe kakuhle ebandleni, indlela yokwalusa nokuba ngabafundisi abaphum’ izandla.​—1 Kor. 4:17.

Linganisa uPawulos ngokuhlala ukulungele ukushumayela (Jonga isiqendu 7) *

7. Abadala bangayenza njani into ekhuthazwa nguPawulos kumaEfese 6:14, 15?

7 Sifunda ntoni? Abadala bangamlinganisa uPawulos ngokuthi bangashumayeli kwindlu ngendlu kuphela, kodwa bahlale bekulungele ukushumayela naphi na, nanini na ithuba livela. (Funda amaEfese 6:14, 15.) Ngokomzekelo, bangashumayela xa beyothenga ezivenkileni okanye emsebenzini. Kanti naxa besenza imisebenzi yezakhiwo zentlangano, bangashumayela ebantwini abahlala kufutshane okanye abathengisayo. NjengoPawulos, abadala xa besentsimini bangasebenzisa elo xesha bafundise abanye abavakalisi nezicaka zolungiselelo.

8. Kusenokufuneka enze ntoni umdala ngamany’ amaxesha?

8 Abadala bafanele bakulumkele ukuxakeka kakhulu yimisebenzi yebandla okanye yesiphaluka bade bangabi nalo ixesha lokushumayela. Ukuze babe nexesha lokuzenza zonk’ izinto, kusenokufuneka bawale omny’ umsebenzi abawunikwayo. Xa beqala ngokucinga ngawo baze bawuthandazele, basenokubona ukuba uza kuthatha ixesha lezinye izinto ezibaluleke kakhulu xa bevuma ukuwenza. Ezo zinto ingakukuqhuba unqulo lwentsapho qho ngeveki, ukuba nexesha elininzi lokushumayela, okanye ukufundisa abantwana ukushumayela. Kwabanye kusenokuba nzima ukwala umsebenzi wentlangano, kodwa bamele baqiniseke ukuba uYehova uyayiqonda into yokuba bafuna ukuba nexesha elaneleyo lokuzenza kakuhle zonk’ izinto.

UKUFUMANA IXESHA LOKWALUSA

9. Yintoni ekunokuba nzima ukuba abadala bayenze kuba bexakekile?

9 Kutheni kunokuba nzima? Zininzi iingxaki abanazo abantu bakaYehova. Kule mihla yokugqibela, sonke siyakudinga ukukhuthazwa, ukuncedwa nokuthuthuzelwa. Ngamany’ amaxesha kubakho nabanye ekufuneka bancedwe baphephe ukwenza izinto ezingalunganga. (1 Tes. 5:14) Siyavuma ukuba abadala abanakuziphelisa zonke iingxaki abanazo abantu bakaYehova. Kodwa uYehova ufuna benze yonk’ into abanokukwazi ukuyenza ukuze bakhuthaze baze bakhusele izimvu zakhe. Aba badala baxakeke kangaka bangalifumana njani ixesha lokuzenza zonk’ ezi zinto?

Bancome uze ubakhuthaze abanye (Jonga isiqendu 10, 12) *

10. Ama-1 Tesalonika 2:7 athi uPawulos wayebaphatha njani abantu bakaYehova?

10 Indlela awayesenza ngayo uPawulos. UPawulos wayesoloko enomdla wokuncoma nokukhuthaza abazalwana bakhe. Kuba kuhle xa abadala befana naye, bebathanda futhi besiba nobubele kubazalwana noodade. (Funda ama-1 Tesalonika 2:7.) UPawulos wabenza baqiniseka abazalwana noodade ukuba uyabathanda futhi noYehova uyabathanda. (2 Kor. 2:4; Efe. 2:4, 5) Abazalwana noodade ebandleni babengabahlobo bakhe, echitha ixesha kunye nabo. Wabonisa ukuba uyabathemba ngokubaxelela izinto awayezoyika nawayengazenzi kakuhle. (2 Kor. 7:5; 1 Tim. 1:15) Kodwa ke, uPawulos wayengasoloko ehoye iingxaki zakhe. Eyona nto wayeyifuna yayikukunceda abazalwana bakhe.

11. Yintoni eyayisenza ukuba uPawulos abalungise abazalwana noodade?

11 Kwakukhe kufuneke uPawulos abalungise abazalwana noodade. Kodwa loo nto wayengayenzi kuba ecaphukile. Wayebalungisa kuba ebakhathelele futhi efuna ukubakhusela kwiingozi ezininzi. Wayezama ukwenza kube lula ukuyiqonda into abalungisa kuyo, engafuni kube nzima ukuba bayamkele. Ngokomzekelo, kwileta awayebalungisa kuyo abaseKorinte, zange agwegweleze, wathetha ngqo. Emva kokuba eyibhalile, wathumela uTito. Wayenomdla wokwazi ukuba bayive njani ileta yakhe. Wavuya kakhulu akuva ukuba bayivile into ebeyithetha baza balungisa.​—2 Kor. 7:6, 7.

12. Abadala bangabakhuthaza njani abazalwana noodade?

12 Sifunda ntoni? Abadala bangamlinganisa uPawulos ngokuthi bachith’ ixesha nabazalwana noodade. Eny’ indlela abangayenza ngayo le nto kukuba bafike kwangoko kwiintlanganiso ukuze bancokole nabo bebakhuthaza. Akudli ngakuthatha ixesha elininzi ukukhuthaza umzalwana okanye udade odinga ukhuthazo. (Roma 1:12; Efe. 5:16) Enye into ayenzayo umdala olinganisa uPawulos, kukuqinisa ukholo lwabazalwana noodade esebenzisa iLizwi LikaThixo nokubenza baqiniseke ukuba uThixo uyabathanda. Kwakhona, ubenza baqiniseke ukuba naye uyabathanda. Uhlala encokola nabo ekhangela nezinto anokuzincoma kubo. Usebenzisa iLizwi LikaThixo xa kufuneka ebalungisile. Akagwegwelezi kodwa uba nobubele, kuba efuna bayive into abalungisa kuyo baze balungise.​—Gal. 6:1.

UKUNGATYHAFISWA ZIIMPAZAMO ZOKUBA NESONO

13. Unokuziva njani umdala xa enze iimpazamo?

13 Kutheni kunokuba nzima? Abadala banesono. Njengabantu bonke nabo bayazenza iimpazamo. (Roma 3:23) Ngamany’ amaxesha kusenokuba nzima ukuyivuma into yokuba baza kuzenza iimpazamo, okanye bazithathe lula kakhulu iimpazamo zabo. Abanye basenokukhathazeka kakhulu xa benze iimpazamo bade batyhafe. Kanti, abanye basenokukhawuleza bazithethelele xa benze iimpazamo, ize loo nto ibenze bangafuni ukuzilungisa.

14. Ngokutsho kwamaFilipi 4:13, ukuthobeka kwamnceda uPawulos wazilungisa njani izinto ezazingekho ntle kuye?

14 Indlela awayesenza ngayo uPawulos. UPawulos wathobeka, waqonda ukuba akanakuzilungisa ngamandla akhe iimpazamo zakhe. Wayedinga amandla avela kuThixo. Ngaphambili, wayewatshutshisa nyhani amaKristu. Kodwa ekuhambeni kwexesha, waqonda ukuba ayilunganga loo nto waza wavuma ukutshintsha indlela awayecinga ngayo nobuntu bakhe. (1 Tim. 1:12-16) UPawulos wancedwa nguYehova, ekugqibeleni waba ngumalusi obathandayo abantu, obavelayo, nothobekileyo. Wayezazi izinto ezingekho ntle kuye futhi zimvisa ubuhlungu, kodwa akazange ahlale ecinga ngazo, waba nethemba lokuba uYehova uza kumxolela. (Roma 7:21-25) Zange alindele ukuba kungabikho nto embi kuye. Kodwa, njengomKristu wasebenza nzima ephucula ubuntu bakhe, futhi wathobeka wathembela kuYehova ukuba amncede akwazi ukuwenza umsebenzi wakhe.​—1 Kor. 9:27; funda amaFilipi 4:13.

Zama ngamandla akho onke ukulungisa izinto ezimbi kubuntu bakho (Jonga isiqendu 14-15) *

15. Yeyiphi indlela entle abadala abafanele bacinge ngayo ngezinto abangazenzi kakuhle?

15 Sifunda ntoni? Abadala abamiselwanga kuba bezenza kakuhle zonk’ izinto. Sekunjalo, uYehova ufuna bazivume iimpazamo zabo baze njengamaKristu babuphucule ubuntu babo. (Efe. 4:23, 24) Umdala xa efunda iLizwi LikaThixo ufanele akhangele ukuba angalungisa phi, aze alungise apho kufuneka elungise khona. UYehova uza kumnceda onwabe aze abe ngumdala olungileyo.​—Yak. 1:25.

UKUSEBENZISANA NABANTU ABANESONO

16. Yintoni enokwenzeka xa umdala ehoye kakhulu izinto ezingekho ntle kwabanye?

16 Kutheni kunokuba nzima? Xa abadala bechitha ixesha elininzi nabantu basebandleni banokude bazi nezinto ezingekho ntle kubo. Ukuba abalumkanga, loo nto isenokubenza bacaphuke, bangabi nabubele, okanye babagwebe. UPawulos wawalumkisa amaKristu ukuba uSathana ufuna enze loo nto kanye.​—2 Kor. 2:10, 11.

17. Yintoni awayeyijonga uPawulos kubazalwana noodade?

17 Indlela awayesenza ngayo uPawulos. Wayengabacingeli kakubi abazalwana noodade. Wayesazi kakuhle ukuba bayazenza iimpazamo, kuba ngamany’ amaxesha izinto ababezenza zazimvisa kabuhlungu. Naxa kunjalo, uPawulos wayesazi ukuba ukhona umahluko phakathi kokuphazama nokuba ngumntu ombi. Wayebathanda abazalwana bakhe futhi ehoye izinto ezintle kubo. Ukuba abazalwana noodade babenzinyelwa kukwenza into elungileyo, wayengacatshukiswa yiloo nto. Into awayevele acinge ngayo kukuba, bayafuna ukwenza into elungileyo, qha badinga nje ukuncedwa.

18. Yintoni oyifundayo kwindlela uPawulos awamnceda ngayo uWodiya noSintike? (AmaFilipi 4:1-3)

18 Ngokomzekelo, khawucinge indlela uPawulos awabanceda ngayo oodade ababini bebandla laseFilipi. (Funda amaFilipi 4:1-3.) Kubonakala ukuba uWodiya noSintike bavumela ukungavani kwabo kwabahlukanisa. UPawulos akazange acaphuke okanye abagwebe, kodwa wajonga iimpawu ezintle kubo. Aba dade kwakukudala bekhonza uYehova bethembekile. UPawulos wayesazi ukuba bayathandwa nguYehova. Le ndlela entle awayecinga ngayo ngaba dade yamenza wabakhuthaza ukuba balungise ukungavani kwabo. Ukujonga kwakhe iimpawu ezintle kwamenza akayeka ukuvuya futhi wahlala engumhlobo nabazalwana noodade kwela bandla.

Zimisele ukungabagwebi abanye (Jonga isiqendu 19) *

19. (a) Yintoni abanokuyijonga abadala ukuze bahlale bebona iimpawu ezintle kubazalwana noodade? (b) Yintoni onokuyifunda kumfanekiso womdala oklina kwiHolo YoBukumkani?

19 Sifunda ntoni? Badala, khangelani iimpawu ezintle abanazo abazalwana noodade. Akekho umntu ongenasono, kodwa mntu ngamnye unazo iimpawu ezintle ezithandekayo. (Fil. 2:3) Ewe kona, anokuba khona loo maxesha ekusenokufuneka abadala bamlungise umzalwana okanye udade. Kodwa njengoPawulos, abadala abafanelanga bahoye kakhulu izinto ezicaphukisayo ezithethwa okanye ezenziwa nguloo mntu. Kunokuba benze loo nto, into engantle kukuba bajonge indlela amthanda ngayo uYehova, indlela amkhonze ngayo enyamezele, nokuba uyakwazi ukwenza okulungileyo. Abadala abakhangela iimpawu ezintle kubazalwana noodade benza kubekho uthando futhi kube mnandi ebandleni.

QHUBEKA ULINGANISA UPAWULOS

20. Yintoni abanokuyenza abadala ukuze baqhubeke befunda kwindlela awayesenza ngayo uPawulos?

20 Kunganinceda kakhulu badala ukuqhubeka nifunda ngendlela awayesenza ngayo uPawulos. Ngokomzekelo, kwi-Watch Tower Publications Index yesiNgesi, ungakhangela umxholo othi “Paul” uze ukhangele umxholwana othi “example for elders.” Njengoko ufunda iimpapasho ezilapho zibuze, ‘Indlela awayesenza ngayo uPawulos ingandinceda njani ndihlale ndivuya kumsebenzi endiwenzayo njengomdala?’

21. Yintoni abanokuqiniseka ngayo abadala?

21 Nants’ into emaniyikhumbule badala: UYehova akafuni nibe ngabantu abangazenziyo iimpazamo, into ayifunayo kukuba nithembeke. (1 Kor. 4:2) UYehova wavuyiswa kukuthembeka nakukusebenza nzima kukaPawulos. Nawe qiniseka ukuba uThixo uyawuxabisa umsebenzi omenzela wona. UYehova soze “awulibale umsebenzi wenu nendlela enibonise ngayo ukuba niyalithanda igama lakhe, ngokuthi nibalungiselele abo bangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.”​—Heb. 6:10.

INGOMA 87 Yiza! Uhlaziyeke

^ isiqe. 5 Sikubulela kakhulu ukuncedwa ngabadala abasebenza nzima kuba besithanda futhi besikhathalele! Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezine ezikhe zibe nzima kubo. Siza kujonga nokuba, indlela awayesenza ngayo umpostile uPawulos ingabanceda njani abadala kwezo zinto zikhe zibe nzima kubo. Eli nqaku liza kusinceda sibavele size sizimisele ukubathanda nokubaxhasa.

^ isiqe. 61 INGCACISO YOMFANEKISO: Njengoko umzalwana etshayisa emsebenzini, ushumayela kumntu asebenza naye.

^ isiqe. 63 INGCACISO YOMFANEKISO: Umdala ukhuthaza ngobubele umzalwana othanda ukuba yedwa.

^ isiqe. 65 INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana unceda omnye umzalwana onento emcaphukisileyo.

^ isiqe. 67 INGCACISO YOMFANEKISO: Umdala akamgxeki umzalwana onento emphazamisileyo kumsebenzi ebezithandele ukuwenza.