Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokwenza Ntoni Ukuze Ukwazi Ukunyamezela Amaxhala?

Unokwenza Ntoni Ukuze Ukwazi Ukunyamezela Amaxhala?

AMAXHALA anjengomthwalo onzima osinda iintliziyo zethu. (IMize. 12:25) Ngaba ikhona into eyakha yakwenza wanexhala kakhulu de waziva ngathi awukwazi ukulinyamezela? Ukuba uthi ewe, awukho wedwa? Kusenokwenzeka ukuba abaninzi kuthi baye baswelekelwa ngabantu ababathandayo, kwafuneka bahoye abantu abagulayo, kwakho iintlekele zemvelo kwiindawo zabo, okanye baye banezinye iingxaki ezibenze badinwa, banexhala okanye abonwaba. Yintoni ke enokusenza sikwazi ukunyamezela xa sinamaxhala? *

Xa sicinga ngoKumkani uDavide, sinokufunda into eninzi ngendlela yokunyamezela amaxhala. Wehlelwa zizinto ezininzi ezibuhlungu ebomini bakhe. Ngamany’ amaxesha wayede asinde ekufeni. (1 Sam. 17:34, 35; 18:10, 11) Yintoni eyamncedayo wanyamezela? Thina singamlinganisa njani?

YINTONI AWAYENZAYO UDAVIDE?

UDavide waba neengxaki ezininzi ngexesha elinye. Ngokomzekelo, cinga ngento eyenzeka xa wayebaleka uKumkani uSawule owayefuna ukumbulala. Xa uDavide namadoda awayehamba nawo babebuya emfazweni, bothuswa kukubona ukuba iintshaba zibe izinto zabo, zatshisa imizi yabo, zathimba neentsapho zabo. Wenza ntoni? ‘Wasothula isikhalo, wada waphelelwa ngamandla okulila.’ Intlungu awayenayo yongezwa kukuba kwala madoda “ayeceba ukumbetha ngamatye.” (1 Sam. 30:1-6) Ngoku uneengxaki ezinkulu ezintathu, futhi zonke zenzeka ngexesha elinye: Intsapho yakhe isengozini, woyika nokuba la madoda aza kumbulala na, noKumkani uSawule usamleqa. Inoba uyayicinga nawe indlela anokuba wayenexhala ngayo!

Yintoni awayenzayo? Ngoko nangoko “wazomeleza ngoYehova uThixo wakhe.” Inoba wayenza njani loo nto? UDavide wayekuthanda ukucela uYehova amncede nokucinga ngendlela amncede ngayo kumaxesha agqithileyo. (1 Sam. 17:37; INdu. 18:2, 6) Wabona ukuba uyaludinga uncedo lukaYehova, waza wabuza kuYehova ukuba umele enze ntoni. Emva kokuba uYehova emxelele into amakayenze, zange alibazise. Ngenxa yaloo nto yena namadoda awayehambe nawo basikelelwa nguYehova baza bazifumana iintsapho zabo nezinto zabo ezazithathiwe. (1 Sam. 30:7-9, 18, 19) Uyazibona izinto ezintathu awazenzayo uDavide? Wathandaza ecela uYehova amncede, wacinga ngezinto azenzelwe nguYehova waza wenza into amxelela yona. Sinokumlinganisa njani uDavide? Ngezi ndlela zintathu.

YENZA NJENGODAVIDE

1. Thandaza. Qho xa sinexhala masithandaze sicele uYehova asincede asiphe ubulumko. Singalehlisa elo xhala ngokumxelela yonke into esikhathazayo. Sinokude sitsho umthandazo omfutshane ngaphakathi xa iimeko zifuna senze njalo. Ngalo lonke ixesha sicela uYehova asincede, sibonisa ukuba simthembe njengoDavide owathi: “UYehova liliwa lam, ikhusi lam nalowo undisindisayo. UThixo wam liliwa lam endibalekela kulo.” (INdu. 18:2) Ngaba umthandazo uyanceda nyhani? Omnye udade onguvulindlela, uKahlia, uthi: “Ndithi ndakuthandaza, ndizive ndizolile. Ukuthandaza kundinceda ndicinge njengoYehova ndize ndimthembe kakhulu.” Nyhani umthandazo sisipho esikhulu esivela kuYehova esisinceda sikwazi ukunyamezela amaxhala.

2. Cinga ngezinto uYehova akuncede kuzo. Xa ukhumbula izinto ezikhe zenzeka ebomini bakho, zikhona iingxaki oye wakwazi ukuzinyamezela ngenxa yokuba uncedwe nguYehova? Xa sicinga indlela uYehova aye wasinceda ngayo nawabanceda ngayo abantu ababemkhonza kudala, siyomelela sitsho simthembe kakhulu. (INdu. 18:17-19) UJoshua ongumdala uthi: “Mininzi imithandazo yam aye wayiphendula uYehova. Le nto iye yandinceda ndakhumbula amaxesha apho uYehova aye wandinika kanye le nto bendiyicela.” Xa sicinga ngezinto uYehova aye wasenzela zona, sifumana amandla okulwa namaxhala esinawo.

3. Yenza. Ngaphambi kokuba senze nantoni na kwingxaki esinayo, masikhangele amacebiso kwiLizwi LikaThixo elingasoze lisilahlekise. (INdu. 19:7, 11) Abanye bafumanise ukuba xa beye baphanda ngevesi abayifundayo, batsho bayiqonde bhetele indlela enokubanceda ngayo ebomini babo. UJarrod ongumdala uthi: “Xa ndiphanda ngevesi, nditsho ndifunde into eninzi eyithethayo ndize ndiqonde eyona nto uYehova andixelela yona. Le nto indenza ndiyikholelwe nyhani into endiyifundayo nditsho ndiyenze.” Xa sijonga kwiZibhalo into uYehova afuna siyenze, size siyenze, siza kukwazi ukuwanyamezela amaxhala esinawo.

UYEHOVA UZA KUKUNCEDA UKWAZI UKUNYAMEZELA

UDavide wayesazi ukuba ukuze akwazi ukuwanyamezela amaxhala awayenawo, udinga uncedo lukaYehova. Indlela awayembulela ngayo uYehova ngokumnceda yamenza wathi: “Ngamandla kaThixo ndingalunyuka udonga. UThixo wokwenene undambathisa ngamandla.” (INdu. 18:29, 32) Sisenokucinga ukuba iingxaki esinazo zifana nodonga esingenakukwazi ukulunyuka. Kodwa uYehova unokusinceda kwezo ngxaki zifana nolo donga. Ngoko xa sicela uncedo kuYehova, sicinge ngezinto asenzele zona size senze into athi masiyenze, sinokuqiniseka ukuba uza kusinika amandla nobulumko esibudingayo bokunyamezela amaxhala esinawo.

^ isiqe. 2 Umntu onamaxhala anokuyibeka engozini impilo yakhe kusenokufuneka adibane nogqirha.