Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 17

Oomama Bangafunda Ntoni KuYunike

Oomama Bangafunda Ntoni KuYunike

“Ungayilahli imfundiso kamama wakho. [Isisithsaba] esinomtsalane kwintloko yakho nentsimbi yodidi emqaleni wakho.”​—IMIZE. 1:8, 9.

INGOMA 137 Abafazi Abathembekileyo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

Umama kaTimoti uYunike nomakhulu wakhe uLoyisi babukele unyana wabo obhaptizwayo, bayavuya futhi banebhongo lokuba esiba ngumKristu (Jonga isiqendu 1)

1-2. (a) Wayengubani uYunike? Kutheni kwakunzima ukufundisa unyana wakhe ngoYehova noYesu? (b) Khawusixelele ngomfanekiso ongaphandle.

 NANGONA iBhayibhile ingathethi ngento eyenzekayo xa uTimoti wayebhaptizwa, sinokuyicinga indlela amele ukuba wavuya ngayo umama wakhe uYunike ngaloo mini. (IMize. 23:25) Yiba nombono wendlela aziva ngayo njengoko ebukele unyana wakhe uTimoti emi emanzini. Uncumile, ugonwe ngumakhulu kaTimoti, uLoyisi. Akakholelwa, ingathi uyaphupha njengoko ebona uTimoti etshoniswa emanzini. Xa uTimoti ephuma phantsi kwaloo manzi encumile, ziyazehlela iinyembezi kuYunike, akakwazi kuzibamba luvuyo. Nangona bekunzima, ukwazile ukunceda uTimoti wathanda uYehova noNyana wakhe, uYesu Kristu. Zeziphi iingxaki aye wazoyisa xa ebemfundisa?

2 UTimoti wakhuliswa ngutata ongelokholwa nomama olikholwa. Utata wakhe wayengumGrike, umama nomakhulu wakhe bengamaYuda. (IZe. 16:1) Inoba wayesemtsha xa uYunike noLoyisi baba ngamaKristu. Kodwa yena utata wakhe zange abe likholwa. Wayeza kukhetha ukwenza ntoni yena uTimoti? Inoba wayemdala ngokwaneleyo ukuba angakwazi ukuzikhethela into afuna ukuyenza. Ngaba wayeza kukhetha icala likatata wakhe owayengelokholwa? Ngaba wayeza kubambelela kwiinkolelo zamaYuda awazifundiswa esemncinci? Okanye wayeza kukhetha ukuba ngumKristu njengomama nomakhulu wakhe?

3. Ngokutsho kweMizekeliso 1:8, 9, uYehova uwujonga njani umsebenzi owenziwa ngoomama wokunceda abantwana babo babe ngabahlobo bakhe?

3 Nanamhlanje, oomama abangamaKristu bayazithanda iintsapho zabo. Eyona nto bayifunayo kukunceda abantwana babo babe ngabahlobo bakaYehova. UThixo wethu uyixabisa kakhulu imizamo abayenzayo. (Funda iMizekeliso 1:8, 9.) Uye wanceda oomama abaninzi bakwazi ukufundisa abantwana babo ukumthanda baze bamkhonze.

4. Zeziphi iingxaki abanazo oomama namhlanje?

4 Iqhelekile into yokuba ngamanye amaxesha umama azibuze, ‘Ngaba abantwana bam baza kuba njengoTimoti, bakhethe ukukhonza uYehova?’ Kaloku abazali bayazazi iingxaki abadibana nazo abantwana babo kweli hlabathi likaSathana. (1 Pet. 5:8) Enye ingxaki abanayo oomama abaninzi kukukhulisa abantwana babo bebodwa okanye nomyeni ongamkhonziyo uYehova. Ngokomzekelo, udade onguChristine * uthi: “Umyeni wam wayeyindoda elungileyo, eyithandayo intsapho yayo, kodwa wayengafuni nokuyibona into yokuba ndikhulise abantwana bethu babe ngamaNgqina KaYehova. Kwaqengqeleka iminyaka ndimana ndikhala, ndizibuza ukuba abantwana bam baya kuze bamkhonze na uYehova.”

5. Yintoni esiza kuyiva kweli nqaku?

5 Ukuba ungumama ongumKristu, nawe njengoYunike, unokubanceda abantwana bakho bamthande baze bamkhonze uYehova. Kweli nqaku siza kuva ukuba unokwenza ntoni ukuze ufundise abantwana bakho ngezinto ozithethayo nozenzayo njengoYunike. Siza kufunda nangendlela uYehova aza kukunceda ngayo.

FUNDISA ABANTWANA BAKHO NGEZINTO OZITHETHAYO

6. U-2 Timoti 3:14, 15 uthi uTimoti wancedwa yintoni ukuze abe ngumKristu?

6 Xa uTimoti wayesengumfanyana, umama wakhe wayezama ngazo zonke iindlela ukumfundisa “izinto ezingcwele ezibhaliweyo” ngendlela ezazisaziwa ngayo ngamaYuda. Kodwa uYunike wayengazi kangako ngezinto ezingcwele ezibhaliweyo kuba wayengazi nto ngoYesu Kristu. Sekunjalo, izinto ezazifundwa nguTimoti kwiZibhalo zaziza kumnceda abe ngumKristu. Kodwa ngaba waba nguye? Ekubeni wayengumfana, wayenokuzikhethela ukuba uyafuna na ukuba ngumKristu okanye akafuni. Ngokuqinisekileyo uTimoti “wancedwa” nazizinto awayezifundiswa ngumama wakhe ukuze ‘ayikholelwe’ inyaniso engoYesu. (Funda u-2 Timoti 3:14, 15.) Inoba wavuya kakhulu uYunike kuba wakwazi ukufundisa unyana wakhe ngoYehova ngoxa kwakungekho lula. UYunike wayenza nyhani into eyayithethwa ligama lakhe, elalithetha “ukoyisa.”

7. UYunike wayenokumnceda njani unyana wakhe ukuze luye luqina ukholo lwakhe nasemva kokuba ebhaptiziwe?

7 Isigqibo awasenzayo uTimoti sokubhaptizwa yayisesona sibalulekileyo ebomini bakhe. Kodwa ixhala awayenalo uYunike ngonyana wakhe zange liphele nasemva kokuba ebhaptiziwe. Wayeza kubuphila njani ubomi bakhe unyana wakhe? Ngaba wayeza kuba neetshomi ezingalunganga? Ngaba wayeza kuya kufunda eAthene aze akholelwe izinto awayeza kuzifundiswa zizifundiswa ezingabahedeni zalapho? Ngaba wayeza kumosha ixesha, amandla nobutsha bakhe, esebenza nzima ukuze abe sisityebi? UYunike wayengenakumkhethela ubomi amakabuphile kodwa wayenokumnceda abukhethe kakuhle. Njani? Ngokusebenza nzima emfundisa ukumthanda kakhulu uYehova nokumbulela ngoNyana Wakhe. Ezi ngxaki azifunyanwa ngoomama abanabayeni abangamkhonziyo uYehova qha. Nakubazali abangamaKristu bobabini kunganzima ukunceda abantwana babo bakhonze uYehova ngokuthembeka. Bangafunda ntoni kuYunike?

8. Umama unokumnceda njani umyeni wakhe ongumKristu afundise abantwana babo ngoYehova?

8 Bafundise iBhayibhile abantwana bakho. Ukuba umyeni wakho liNgqina, uYehova ufuna umncedise, nifundise abantwana benu ngaye. Le nto unokuyenza ngokusebenzisana naye ukuze lubekho qho uNqulo Lwentsapho. Thetha kakuhle ngalo, ucinge nangezinto onokuzenza ukuze lube mnandi. Mhlawumbi ungancedisa umyeni wakho, nilungiselele into eningaqhelanga kuyenza kuNqulo Lwentsapho. Enye into, ukuba ninabo abantwana abadala abanokuncedwa kukufunda incwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!, unokusebenzisana nomyeni wakho ukuze nibancede.

9. Umama onomyeni ongeloNgqina unokulufumana phi uncedo?

9 Abanye oomama kuye kunyanzeleke ibe ngabo abafundisa abantwana babo iBhayibhile, kuba bengenabayeni okanye benabayeni abangengomaNgqina. Ukuba ungomnye wabo mama ungakhathazeki kakhulu. UYehova uza kukunceda. Sebenzisa izixhobo zokufundisa esizifumana kwintlangano yakhe ukuze ufundise abantwana bakho. Ungabuza nakwabanye abazali ukuba bazisebenzisa njani ezi zixhobo xa besenza uNqulo Lwentsapho. * (IMize. 11:14) UYehova angakunceda ukwazi nokuncokola nabantwana bakho. Mcele akuncede ukwazi ukufumana izinto ezisezingqondweni nasezintliziyweni zabo. (IMize. 20:5) Unokuqala incoko ngombuzo olula ofana nothi: Yeyiphi eyona ngxaki unayo esikolweni?

10. Zeziphi ezinye iindlela onokubanceda ngazo abantwana bakho bafunde ngoYehova?

10 Khangela iindlela ezahlukahlukeneyo onokubafundisa ngazo abantwana bakho ngoYehova. Baxelele ngoYehova nangazo zonke izinto ezintle anenzele zona. (Dut. 6:6, 7; Isa. 63:7) Loo nto ibaluleke kakhulu xa ungakwazi ukuyifunda qho nabo iBhayibhile. UChristine, ekukhe kwathethwa ngaye, uthi: “Ndandingafumani xesha lingako lokuncokola nabantwana bam ngoYehova, ngoko ndandisebenzisa naliphi na ixesha esilifumanayo. Sasiye solule iinyawo nabantwana okanye sihambe ngesikhephe, ukuze sincokole ngezinto ezimangalisayo ezidalwe nguYehova nangezinye izinto ezaziza kubanceda babe ngabahlobo bakhe. Bakukhula, ndabakhuthaza ukuba bazifundele ngokwabo iBhayibhile.” Enye into, thetha kakuhle ngentlangano kaYehova nangabazalwana noodade. Sukuthetha kakubi ngabadala. Kaloku yindlela othetha ngayo ngabo eza kwenza abantwana bakho babalekele kubo xa benengxaki.

11. Ngokutsho kukaYakobi 3:18, kutheni kubalulekile ukwenza kubekho uxolo ekhaya?

11 Yenza kubekho uxolo emzini wakho. Hlala ubonisa umyeni nabantwana bakho ukuba uyabathanda. Thetha kakuhle nangentlonipho ngomyeni wakho, ufundise nabantwana bakho ukuba benze loo nto. Xa usenza loo nto, wenza kube lula ukufundisa abantwana bakho ngoYehova. (Funda uYakobi 3:18.) Khawuve into ethethwa nguJozsef, onguvulindlela okhethekileyo eRomania. Esakhula, utatakhe wayesenza izinto ezazisenza kube nzima ukuba yena, umamakhe nabantwana bakowabo bakhonze uYehova. Uthi: “Umama wayezama ngamandla ukuba kubekho uxolo ekhaya. Wayesithi utata xa esiphatha kakubi, umama abe nobubele kakhulu kuye. Wayesithi xa ebona ukuba kunzima ukuba simhloniphe utata futhi senze izinto athi masizenze, asifundele amaEfese 6:1-3. Emva koko wayesixelela ngeempawu ezintle zikatata aze asincede siqonde ukuba kutheni sifanele simthande. Loo nto yayisenza kubekho uxolo ekhaya.”

FUNDISA ABANTWANA BAKHO NGEZINTO OZENZAYO

12. Ngokutsho kuka-2 Timoti 1:5, indlela awayezenza ngayo izinto uYunike yamnceda njani uTimoti?

12 Funda u-2 Timoti 1:5. Zininzi izinto ezintle ezafundwa nguTimoti kuYunike. Mhlawumbi wamfundisa ukuba ukholo lokwenene lubonakala ngemisebenzi. (Yak. 2:26) Indlela awayezenza ngayo izinto, yenza uTimoti waqiniseka ukuba umamakhe umthanda nyhani uYehova. Wabona ukuba ukukhonza uYehova kuyamvuyisa umamakhe. Indlela awayezenza ngayo izinto uYunike yamnceda njani uTimoti? Njengokuba esitsho umpostile uPawulos, ukholo lukaTimoti lwaluqine njengolukamamakhe. UTimoti zange alale avuke sele enokholo oluqinileyo. Wabona indlela umamakhe awayezenza ngayo izinto watsho wafuna ukumlinganisa. Nanamhlanje, oomama abaninzi baye banceda iintsapho zabo zakhonza uYehova “bengakhange bathethe.” (1 Pet. 3:1, 2) Nawe ungayenza loo nto. Njani?

13. Kutheni ukuba ngumhlobo kaYehova kumele kube yeyona nto ibalulekileyo koomama?

13 Ukuba ngumhlobo kaYehova makube yeyona nto ibalulekileyo kuwe. (Dut. 6:5, 6) Njengoomama abaninzi zininzi izinto ozincamayo. Uncama ixesha, imali, ubuthongo nezinye izinto ukuze uhoye izinto ezidingwa ngabantwana bakho. Kodwa ungaze uxakeke kakhulu kukuhoya ezo zinto de ungabi nalo ixesha lokuqinisa ukholo lwakho. Hlala unexesha olibeke ecaleni lokuthandaza uwedwa, lokufunda iBhayibhile nelokuya kwiintlanganiso. Xa usenza loo nto, ukholo lwakho luza kuqina futhi intsapho yakho nabanye abantu baza kutsho bafunde kuwe.

14-15. Ufunde ntoni kuLeanne, uMaria noJoão?

14 Khawuve izinto ezithethwa ngaba bantwana baye bafunda ukuthanda uYehova nokumthemba, ngenxa yokubona izinto ebezisenziwa ngoomama babo. Intombi kaChristine, uLeanne ithi: “Sasingakwazi ukufunda iBhayibhile xa utata ekhona. Kodwa umama wayengaphoswa ziintlanganiso. Sasingayazi kangako iBhayibhile, kodwa izinto awayezenza zasinceda sanokholo oluqinileyo. Sayazi singekayi nakwiintlanganiso into yokuba ngamaNgqina KaYehova qha afundisa inyani.”

15 UMaria, intombi yotata owayekhe ayiphathe kakubi intsapho xa iye kwiintlanganiso, uthi: “Umama ngomnye woodade abanesibindi endibaziyo. Ndisengumntwana ndandikhe ndingavumi ukwenza ezinye izinto kuba ndisoyika ukuba baza kuthini abantu. Kodwa ukubona isibindi awayenaso nendlela awayebaluleke ngayo uYehova kuye, kwandinceda ndayeka ukoyika abantu.” UJoão, unyana wotata owayengafuni bathethe ngoYehova ekhaya, uthi: “Mhlawumbi into eyandinceda kakhulu kukubona ukuba umama wayenokuyeka nantoni na ukuze avuyise utata, kodwa wayengasoze ayeke ukuthanda uYehova.”

16. Izinto ezenziwa ngoomama ngenxa yokholo zinokubakhuthaza njani abanye abantu?

16 Nina boomama, khumbulani kaloku ukuba izinto enizenzayo zinokubakhuthaza abanye abantu. Sithetha ukuthini xa sisitsho? Khawucinge ngento eyenziwa lukholo lukaYunike kumpostile uPawulos. Wathi ukholo olunyanisekileyo awayenalo uTimoti ‘wayenalo . . . noYunike.’ (2 Tim. 1:5) Waqala nini ukubona ukuba uYunike unokholo? Kungenzeka ukuba waqala xa wadibana noLoyisi noYunike, eListra, kuhambo lwakhe lokuqala engumthunywa wevangeli. Kusenokwenzeka ukuba ikwanguye nowabanceda bangamaKristu. (IZe. 14:4-18) Khawucinge ngale nto: Xa wayebhalela uTimoti, kwiminyaka eyi-15 emva koko, wayesazikhumbula izinto ezazisenziwa nguYunike ngenxa yokholo, esithi nabanye abantu bangafunda kuye! Ngokuqinisekileyo ukholo lwakhe lwamkhuthaza kakhulu umpostile uPawulos. Kusenokwenzeka ukuba lwawakhuthaza namanye amaKristu exesha lakhe. Ukuba ukhulisa abantwana ungenamyeni okanye nomyeni ongeloNgqina, qiniseka ukuba izinto ozenzayo ngenxa yokholo ziyabakhuthaza abanye abantu.

Ukunceda umntwana amthande uYehova kuthatha ixesha. Ungancami! (Jonga isiqendu 17)

17. Umele wenze ntoni xa kubonakala ngathi azimncedi umntwana wakho izinto ozenzayo nomfundisa zona?

17 Umele wenze ntoni xa kubonakala ngathi azimncedi umntwana wakho izinto ozenzayo nomfundisa zona? Sukulibala ukuba ukufundisa umntwana kuthatha ixesha. Njengokuba umfanekiso ubonisa, xa utyala imbewu, ngamanye amaxesha usenokuzibuza: ‘Ngaba iza kukhula de kuphume iziqhamo?’ Ngoxa ungenakuqiniseka, awuyeki ukuyinkcenkceshela ukuze ikhule kakuhle. (Marko 4:26-29) Ngendlela efanayo ke, xa ungumama usenokuzibuza ukuba imizamo oyenzayo iza kubanceda na abantwana bakho bathande uYehova. Awunakubanyanzela abantwana ukuba benze izigqibo ezithandwa nguwe. Kodwa ukuba uzama ngawo onke amandla akho ukubafundisa, unokubanceda bamkhonze uYehova.​—IMize. 22:6.

MTHEMBE UYEHOVA

18. UYehova nokubanceda njani abantwana bakho babe ngabahlobo bakhe?

18 Ukuqala ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, uYehova uncede abantwana abaninzi bangabahlobo bakhe. (INdu. 22:9, 10) Angabanceda nabakho babe ngabahlobo bakhe ukuba bayafuna. (1 Kor. 3:6, 7) Nokuba bayaphuma endleleni, uYehova akazukuyeka ukubathanda. (INdu. 11:4) Xa kukho nentlantsana encinci ebonisa ukuba ‘bazimisele’ ukumkhonza, uza kusoloko ekhona ukuze abancede. (IZe. 13:48; 2 Kron. 16:9) Nawe unokukunceda uthethe into elungileyo kanye ngexesha ekufuneka bayive ngalo. (IMize. 15:23) Okanye unokwenza kubekho umzalwana okanye udade onobubele ebandleni oza kuba nomdla kubo. Nokuba sebebadala, uYehova unokubenza bakhumbule izinto owawubafundise zona. (Yoh. 14:26) Xa uqhubeka ufundisa abantwana bakho ngezinto ozithethayo nozenzayo, uYehova uza kukusikelela.

19. Yintoni enokukwenza uqiniseke ukuba uyamvuyisa uYehova?

19 Indlela akuthanda ngayo uYehova ayixhomekekanga kwindlela abantwana bakho abakhetha ukuphila ngayo. Eyona nto imenza akuthande kukuba nawe uyamthanda. Ukuba ungumama okhulisa abantwana eyedwa, uYehova uthembisa ukuba uza kuba nguTata wabo noMkhuseli wakho. (INdu. 68:5) Ayikho sezandleni zakho indlela abantwana bakho abakhetha ukubuphila ngayo ubomi babo. Kodwa xa umthemba uYehova, wenze yonke into onokuyenza ukuze ubancede, uYehova uza kuvuya.

INGOMA 134 Abantwana Sibaphathiswe NguThixo

^ isiqe. 5 Eli nqaku liza kuthetha ngezinto oomama abangamaKristu abanokuzifunda kumama kaTimoti, uYunike, bancede nabantwana babo bamazi baze bamthande uYehova.

^ isiqe. 4 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 9 Ngokomzekelo, funda isifundo 50 sencwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! nephepha 6-7 leMboniselo ka-Agasti 15, 2011, kwinqaku elithi “Amacebiso Ngendlela Yokuqhuba UNqulo Lwentsapho NeSifundo Sobuqu.”