Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 18

Zibekele Izinto Ofuna Ukuzenzela UYehova, Uze Uzenze

Zibekele Izinto Ofuna Ukuzenzela UYehova, Uze Uzenze

“Zicingisise ezi zinto; namathela kuzo, ukuze bonke abantu babone ukuba uhambela phambili.”​—1 TIM. 4:15.

INGOMA 84 Zincame

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Zeziphi izinto esinokuzimisela ukumenzela zona uYehova?

 EKUBENI singamaKristu okwenene simthanda kakhulu uYehova. Sifuna ukumkhonza ngamandla ethu onke. Kodwa ukuze sikwazi ukuyenza loo nto, kufuneka sibe nezinto esizimisela ukumenzela zona, njengokuba neempawu amele abe nazo amaKristu, ukufunda ukwenza izinto eziluncedo entlanganweni nokukhangela iindlela zokunceda abazalwana noodade.

2. Kutheni simele sibe nezinto esifuna ukuzenzela uYehova size sisebenze ngamandla ethu onke ukuze sizenze?

2 Kutheni simele sifune ukumkhonza bhetele uYehova kunokuba sisenza? Esona sizathu sibalulekileyo kukuba sifuna ukuvuyisa uTata wethu osezulwini osithandayo. UYehova uyavuya xa sizisebenzisa kangangoko sinako iziphiwo esinazo ukuze simkhonze. Enye into eyenza sifune ukumsebenzela kakhulu kukuba sifuna ukunceda abazalwana noodade. (1 Tes. 4:9, 10) Nokuba sesinexesha elingakanani sikhonza uYehova, sonke singakwazi ukumsebenzela ngaphezu kokuba sisenza. Makhe sibone indlela esinokuyenza ngayo loo nto.

3. Ku-1 Timoti 4:12-16 umpostile uPawulos wamkhuthaza ukuba enze ntoni uTimoti?

3 Xa umpostile uPawulos wayeqala ukubhalela uTimoti ileta, uTimoti wayesengumfana. Lo mfana wayesele enethuba engumdala. Kodwa uPawulos wamkhuthaza ukuba aqhubeke ezama ukumsebenzela ngaphezu kokuba esenza uYehova. (Funda u-1 Timoti 4:12-16.) Xa ucinga ngale nto uPawulos wayeyixelela uTimoti, uyabona ukuba zimbini iindlela awayefuna ukuba uTimoti asebenzele ukumkhonza bhetele ngazo uYehova: Kukusebenzela ukuba neempawu amele abe nazo amaKristu ezinjengothando, ukholo nokuziphatha kakuhle nangokuzimisela ukuzenza kakuhle izinto ezifana nokufunda phambi kwabantu, ukukhuthaza nokufundisa. Sicinga ngoTimoti, makhe sibone ukuba ukuzimisela ukwenza izinto esinokukwazi ukuzenza kungasinceda njani sibe ngabakhonzi bakaYehova ababhetele. Siza kuthetha nangezinye iindlela esinokumsebenzela ngazo uYehova.

YIBA NEEMPAWU AMELE ABE NAZO AMAKRISTU

4. Ngokutsho kwabaseFilipi 2:19-22, yintoni eyenza uTimoti wasetyenziswa kakhulu nguYehova?

4 Kwakutheni ukuze uTimoti asetyenziswe nguYehova? Kwakungenxa yeempawu zamaKristu ezazibonakala kakuhle kuye. (Funda amaFilipi 2:19-22.) Kwindlela awayemchaza ngayo uPawulos, siyabona ukuba wayethobekile, enyanisekile, ekhuthele futhi ethembekile. Wayebathanda futhi ebahoye kakhulu abazalwana noodade. Yiloo nto uPawulos wayemthanda kangaka, kangangokuba wayengacingi kaninzi xa kufuneka emnike imisebenzi enzima. (1 Kor. 4:17) Nathi uYehova uza kusithanda size sibe luncedo kakhulu ebandleni xa sineempawu azithandayo.​—INdu. 25:9; 138:6.

Khetha uphawu lwamaKristu ocinga ukuba kufuneka usebenzele ukuba nalo kakhulu (Jonga isiqendu 5-6)

5. (a) Yintoni onokuyenza ukuze ulwazi uphawu lwamaKristu ekufuneka usebenzele kulo? (b) Kulo mfanekiso, yintoni ayenzayo lo dade usemtsha ebonisa ukuba usebenzela uphawu lokubacingela ngaphezu kokuba esenza abanye abantu?

5 Yiba nophawu ozimisela ukusebenzela kulo. Cela uYehova akuncede ubone ukuba zeziphi iimpawu ekufuneka usebenzele kuzo. Khetha ofuna ukuqala ngalo. Ngokomzekelo, ngaba kufuneka usebenzele ukuba ukwazi ukubacingela nokubanceda ngaphezu kokuba usenza abazalwana noodade? Ngaba kufuneka usebenzele ukuhlalisana ngoxolo nabanye abantu okanye ukubaxolela ngaphezu kokuba usenza? Unokucela nomhlobo omthembileyo akucebise ukuba ungenza ntoni ukuze usebenzele kolo phawu ufuna ukusebenzela kulo.​—IMize. 27:6.

6. Yintoni onokuyenza ukuze ude ube nalo uphawu osebenzela ukuba nalo?

6 Sebenzela ukuba ude ube nalo kakhulu. Unokuyenza njani loo nto? Eny’ indlela onokuyenza ngayo kukufundisisa ngophawu ofuna ukusebenzela kulo. Masithi ufuna ukuxolela ngaphezu kokuba usenza. Mhlawumbi unokuqala ngokufunda nokucingisisa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni ababexolela ngokusuk’ entliziyweni nababengaxoleli. Cinga ngoYesu. Wayexolela ngokusuk’ entliziyweni. (Luka 7:47, 48) Wayengacingi kakhulu ngeempazamo zabantu, wayejonga izinto abanokukwazi ukuzenza kakuhle. Kodwa bona abaFarisi “babebajongela phantsi abanye abantu.” (Luka 18:9) Emva kokuba ucingisise kakuhle ngabo bonke aba bantu zibuze: ‘Xa ndijonge abanye abantu ndibona ntoni? Zeziphi iimpawu zabo endikhetha ukuzihoya?’ Ukuba kukho umntu ekungekho lula ukuba umxolele, zama ukubhala zonke iimpawu ezintle anazo. Emva koko zibuze: ‘UYesu umjonga njani lo mntu? Ebeza kumxolela?’ Ukwenza le nto kungasinceda sitshintshe indlela esicinga ngayo. Ekuqaleni kusenokufuneka sizame ngamandla ukuze sikwazi ukumxolela umntu osicaphukisileyo. Ukuba siqhubeka sizama, ekuhambeni kwexesha siza kukwazi ukuxolela ngokusuk’ entliziyweni.

FUNDA UKWENZA IZINTO EZILUNCEDO ENTLANGANWENI

Cela ukufundiswa umsebenzi wokulungisa iHolo YoBukumkani (Jonga isiqendu 7) *

7. Ngokutsho kweMizekeliso 22:29, yeyiphi imisebenzi abasebenzisa kuyo uYehova abantu abangamachule?

7 Enye into onokuzimisela ukuyenza kukufunda umsebenzi oza kuba luncedo entlanganweni. Cinga ngendlela abaninzi ngayo abantu abafunekayo kumsebenzi wokwakha izakhiwo zaseBheteli, iiHolo ZeNdibano nezoBukumkani. Abaninzi kubo bafunda umsebenzi kubazalwana noodade abawazi kakuhle umsebenzi wokwakha. Njengokuba kubonisiwe emfanekisweni, abazalwana noodade bafunda imisebenzi eza kubenza bakwazi ukuncedisa xa kulungiswa iiHolo ZeNdibano nezoBukumkani. Ngale ndlela nezinye, uYehova uThixo, “uKumkani kanaphakade,” noKristu uYesu, ‘uKumkani wookumkani,’ benza izinto ezimangalisayo besebenzisa abantu abangamachule kumsebenzi abawenzayo. (1 Tim. 1:17; 6:15; funda iMizekeliso 22:29.) Sifuna ukuzinikela emisebenzini esiyenzayo, sisebenzise ubuchule esinabo ukuze sizukise uYehova, singazizukisi.​—Yoh. 8:54.

8. Unokuyazi njani into ofanele usebenzele kuyo?

8 Yiba nento ofunda ukuyenza kakuhle. Yintoni onokufunda ukuba lichule kuyo? Buza abadala bebandla lakho, mhlawumbi nomveleli wesiphaluka ukuba yintoni abacinga ukuba kufuneka usebenzele ukuyenza kakuhle. Ngokomzekelo, ukuba bakucebisa ukuba ulungise indlela othetha nofundisa ngayo, bacele bakuncede ubone uphawu lwentetho onokusebenzela kulo. Emva koko zama ukulungisa loo nto bakucebise ukuba yilungise. Unokuyenza njani loo nto?

9. Yintoni enokukunceda xa usebenzela ukuyenza kakuhle into ozimisele ukuba lichule kuyo?

9 Sebenzela ukude uyenze kakuhle. Masithi ufuna ukufundisa kakuhle. Unokufundisisa incwadana ethi Zimisele Ukufunda Nokufundisa. Xa unentetho kwiintlanganiso zaphakathi evekini, unokucela umzalwana ozinikela kakuhle iintetho amamele indlela oza kuyinikela ngayo aze akucebise apho kufuneka ulungise khona. Zilungiselele kakuhle iintetho ozinikiweyo ukuze abantu babone ukuba ukhuthele baze bakuthembe.​—IMize. 21:5; 2 Kor. 8:22.

10. Khawenze umzekelo obonisa indlela esinokukwazi ngayo ukude siyenze kakuhle into esifuna ukuba lichule kuyo.

10 Uza kuthini xa into ofuna ukuba lichule kuyo iyinto enzima kuwe? Ungatyhafi! Omnye umzalwana ekuthiwa nguGarry wayengakwazi ukufunda kakuhle. Ukhumbula indlela awaziva ehlazeke ngayo xa wayefunda kwiintlanganiso emanyelwe libandla lonke. Kodwa loo nto zange imtyhafise, waqhubeka ezama ukukwazi ukufunda kakuhle. Uthi ngenxa yoncedo awalufumana kubazalwana nakwiincwadi zentlangano, ngoku uyakwazi ukunikela iintetho kwiiHolo ZoBukumkani, kwiindibano zesiphaluka nakwezengingqi!

11. Yintoni enokusinceda sikwazi ukumsebenzela uYehova nangezinye iindlela njengoTimoti?

11 Ngaba uTimoti waba sesona sithethi sithi ndimamele okanye ngoyena mntu ufundisa kakuhle? IBhayibhile ayisixeleli. Kodwa siqinisekile ukuba uTimoti walimamela icebiso likaPawulos, watsho waya eyenza kakuhle imisebenzi awayeyinikiwe. (2 Tim. 3:10) Nathi, xa sisebenzela ukuzenza kakuhle izinto esingamachule kuzo, siza kutsho sikwazi ukusebenzela uYehova nangezinye iindlela.

KHANGELA IINDLELA ONOKUBANCEDA NGAZO ABANTU

12. Bakuncede njani wena abazalwana noodade?

12 Sonke ziyasinceda izinto esizenzelwa ngabanye abantu. Xa sisesibhedlele, kusivuyisa kakhulu ukuza kubonwa ngabadala abakwiiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele okanye abakuMaqela Atyelela Abagulayo. Xa sinengxaki, siye sivuye xa kukho umdala osimamelayo aze asithuthuzele. Enye into esivuyisayo, kuxa sidinga ukuncediswa ekuqhubeni isifundo seBhayibhile kuze kubekho uvulindlela ovumayo ukubakho xa sisiqhuba, aze asicebise. Aba bazalwana noodade bayakuvuyela ukusinceda. Nathi singavuya njengabo ukuba siyafumaneka xa abazalwana noodade bedinga ukuncedwa. UYesu wathi: “Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.” (IZe. 20:35) Ukuba ufuna ukukhonza uYehova ngezi ndlela okanye ngezinye, yintoni engakunceda ukwazi ukuyenza loo nto?

13. Xa kukho into esizimisele ukuyenza, yintoni esifanele singayilibali?

13 Mayicace eyona nto uzimisele ukuyenza. Ngokomzekelo, usenokuthi ‘ndifuna ukuncedisa ngaphezu kokuba ndisenza ebandleni.’ Kodwa kunokuba nzima ukwazi ukuba ungayenza njani loo nto, ungaziboni naxa uyenzile. Ngoko mayicace eyona nto ozimisele ukuyenza. Unokude uyibhale, ubhale nendlela ocinga ukuyenza ngayo.

14. Kutheni kufuneka sikulungele ukutshintsha xa kukho into esizimisele ukuyenza?

14 Xa kukho into ozimisele ukuyenza, kulungele ukutshintsha. Ngoba? Kuba iimeko azixhomekekanga kuthi. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wancedisa xa kwakuqalwa ibandla elitsha kwidolophu yaseTesalonika. Ngokuqinisekileyo wayefuna ukuhlala apho ukuze ancede abo bazalwana noodade babesand’ ukuba ngamaKristu. Kodwa kuba kwakukho abantu ababengamfuni, kwanyanzeleka ukuba emke kuloo dolophu. (IZe. 17:1-5, 10) Ukuba wayehleli, wayeza kubeka ubomi babazalwana bakhe engozini. Kodwa zange ayeke ukuzam’ ukubanceda. Wakwazi ukubanceda ngendlela awayenokubanceda ngayo ngoxa wayengasekho kunye nabo. Ekuhambeni kwexesha wathuma uTimoti ukuba aye kuqinisa ukholo lwabo bazalwana noodade baseTesalonika. (1 Tes. 3:1-3) Inoba kwawavuyisa nyhani loo maKristu ukufika kukaTimoti ezokuwanceda.

15. Khawuzekelise indlela iimeko ezinokuzitshintsha ngayo izinto ebesizimisele ukuzenza.

15 Sinokufunda kwinto eyenzeka kuPawulos eTesalonika. Kusenokwenzeka ukuba kukho umsebenzi esifuna ukuwenza entlanganweni kodwa iimeko azisivumeli. (INtshu. 9:11) Ukuba kunjalo nakuwe, khetha enye into onokukwazi ukuyenza. Wenza loo nto uTed nenkosikazi yakhe uHiedi. Kwafuneka bayeke ukusebenza eBheteli kuba omnye wabo wayehlutshwa yimpilo. Kodwa kuba babemthanda uYehova bakhangela ezinye iindlela zokumkhonza. Baqala baba ngoovulindlela abathe ngxi. Emva koko baba ngoovulindlela abakhethekileyo, waza uTed wafundiswa ukuba ngumveleli wesiphaluka obambelayo. Kwathi kwakutshintsha iminyaka yabazalwana abanokuba ngabaveleli besiphaluka, uTed noHiedi babona ukuba ngekhe babesakwazi ukukhonza esiphalukeni kuba badala. Baphoxeka bona, kodwa babona ukuba banokumkhonza nangezinye iindlela uYehova. UTed uthi, “Siye sabona ukuba ayikho nye indlela esinokumkhonza ngayo uYehova.”

16. Yintoni esinokuyifunda kumaGalati 6:4?

16 Azinakwenzeka ngendlela esifuna ngayo ezinye izinto ebomini. Ngoko masingacingi ukuba yimisebenzi esiyenzayo entlanganweni esenza sibaluleke kuYehova, futhi masingazithelekisi nabantu abenza imisebenzi esingayenziyo thina. UHiedi uthi, “Awonwabi xa uthelekisa indlela ophila ngayo neyabanye.” (Funda amaGalati 6:4.) Kubalulekile ukuba sikhangele iindlela esinokubanceda ngazo abanye abantu nesinokumkhonza ngazo uYehova. *

17. Yintoni onokuyenza ukuze ukwazi ukumsebenzela kakhulu uYehova?

17 Ukuze ukwazi ukumsebenzela kakhulu uYehova, kufuneka ulumkele ukuba namatyala angeyomfuneko nokuba nezinto ezininzi ongazidingiyo. Qala ngokwenza izinto ezincinci eziza kukunceda ukwazi ukwenza eyona nto uzimisele ukuyenza. Ngokomzekelo, ukuba uzimisele ukuba nguvulindlela othe ngxi, ungakwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani oqhubekayo okwangoku ungekabi nguye? Ukuba ufuna ukuba sisicaka solungiselelo, ungakwazi ukuchitha ixesha elininzi entsimini, uye kubona abantu abagulayo nabantu abadala bebandla lakho? Izinto ozenzayo ngoku zisenokukunceda ukwazi ukumsebenzela nangezinye iindlela uYehova kwixesha elizayo. Zimisele ukuwenza ngamandla akho onke wonke umsebenzi owunikwayo.​—Roma 12:11.

Zimisele ukwenza into onokukwazi ukuyenza (Jonga isiqendu 18) *

18. Njengokuba kubonisiwe emfanekisweni, yintoni esiyifunda kuBeverley?

18 Nokuba sibadala kangakanani, singanezinto esizimisela ukumenzela zona uYehova size sizenze. Cinga ngomnye udade ona-75, uBeverley. Kwakunzima ukuhamba kuye kuba wayegula. Wayefuna ngamandla akhe onke ukuncedisa ngexesha lephulo lokumemela abantu kwiSikhumbuzo. Ngoko waba nezinto azimisela ukuzenza ngexesha lephulo. Wavuya kakhulu akukwazi ukuzenza ezo zinto. Ukuzimisela kwakhe kwenza nabanye abazalwana noodade bakhuthala entsimini. UYehova uwuxabisa kakhulu umsebenzi owenziwa ngabazalwana noodade abakhulileyo.​—INdu. 71:17, 18.

19. Zeziphi izinto esinokuzimisela ukuzenza?

19 Zimisele ukwenza izinto onokukwazi ukuzenza. Yiba neempawu eziza kwenza uthandwe nguYehova. Funda ukwenza imisebenzi eza kukwenza usetyenziswe nguThixo nayintlangano yakhe. Khangela iindlela onokubanceda ngazo abazalwana noodade. * Nawe uza kufana noTimoti, usikelelwe nguYehova, batsho “bonke abantu babone ukuba uhambela phambili.”​—1 Tim. 4:15.

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

^ isiqe. 5 UTimoti wayewenza kakuhle gqitha umsebenzi wokushumayela. Kodwa umpostile uPawulos wamkhuthaza ukuba azame ukumsebenzela ngaphezu kokuba esenza uYehova. Ukuba wayenokuyenza loo nto yayithethwa nguPawulos, wayeza kusetyenziswa kakhulu nguYehova, aze abancede kakhulu abazalwana noodade. Ngaba nawe uyafana noTimoti, ufuna ukumsebenzela ngaphezu kokuba usenza uYehova uze ube luncedo kakhulu kubazalwana noodade? Ngokuqinisekileyo unjalo. Ziintoni omele uzimisele ukuzenza eziza kukunceda uyenze le nto? Yintoni ekufuneka uyenze ukuze ukwazi ukuzibekela izinto ofuna ukuzenza, uze uzenze?

^ isiqe. 16 Jonga umxholo othi “Ukukhonza Kwiindawo Ezifuna Uncedo” kwincwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, isahluko 10, isiqe. 6-9.

^ isiqe. 19 Jonga isifundo 60 esinomxholo othi, “Ungayeki Ukuqinisa Ubuhlobo Bakho NoYehova,” kwincwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade.

^ isiqe. 62 INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana ufundisa oodade ababini umsebenzi wokulungisa iHolo, emva koko benza into abayifundisiweyo.

^ isiqe. 64 INGCACISO YOMFANEKISO: Udade ongasakwaziyo ukuphuma endlini ushumayela ngefowuni, umema abantu ukuba baye eSikhumbuzweni.