Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ithini iBhayibhile ngokwenza izifungo?

Isifungo sisithembiso esenziwa phambi kwabantu sokuba loo nto umntu ayifungelayo uza kuyenza. Xa sisenziwa, kudla ngokuthiwa ‘uThixo ulingqina.’ Sisenokwenziwa ngomlomo okanye sibhalwe.

Abanye basenokucinga ukuba asimele sisenze isifungo kuba uYesu wathi: “Ningafungi kwaukufunga . . . Wena xa uthe ‘Ewe,’ mayibe nguewe lowo; xa uthe ‘Hayi,’ ibe nguhayi, kuba nantoni na engaphezu kwale ivela kuSathana.” (Mat. 5:33-37) UYesu wayesazi ukuba uMthetho owabhalwa nguMoses wawufuna kwenziwe izifungo, esazi nokuba abakhonzi abathembekileyo bakaThixo bazenza. (Gen. 14:22, 23; Eks. 22:10, 11) Wayesazi nokuba noYehova wazenza izifungo. (Heb. 6:13-17) Ngoko uYesu wayengathethi kuthi masingazenzi. Kodwa wayelumkisa abantu ngokwenza isifungo sento engabalulekanga. Masihlale sizenza izinto esizithembisileyo kuba uYehova ufuna loo nto.

Yintoni ofanele uyenze xa kusithiwa funga? Okokuqala, qiniseka ukuba uza kuyenza le nto ufungela ukuyenza. Ukuba awuqinisekanga, kubhetele ungafungi kwaukufunga. ILizwi LikaThixo lithi: “Kungcono ungenzi sithembiso kunokuba uthembise ungenzi.” (INtshu. 5:5) Cinga ngento ethethwa yimigaqo yeZibhalo ngeso sifungo uze wenze loo nto sikuvumela ukuba uyenze isazela sakho esiqeqeshwe ngeBhayibhile. Ithini eminye yale migaqo?

Ezinye izifungo azingqubani nento efunwa nguThixo. Ngokomzekelo, amaNgqina KaYehova enza izithembiso xa etshata. Ezo zithembiso sisifungo. Umyeni nomtshakazi bathembisana phambi koThixo nabantu ukuba baza kuthandana, banyamekelane baze bahloniphane “lo gama [besaphila].” (Abanye basenokungatsho la mazwi ngqo xa betshata, kodwa bayafunga phambi koThixo.) Kuye kwaziswe ukuba bayindoda nomfazi ibe bamele bangohlukani ubomi babo bonke. (Gen. 2:24; 1 Kor. 7:39) Esi sifungo sifanelekile ibe sihambisana nento efunwa nguThixo.

Ezinye izifungo ziyangqubana nento efunwa nguThixo. UmKristu wokwenene akanakwenza isifungo sokulwela ilizwe lakhe ngezixhobo okanye sokuyeka ukukhonza uThixo. Eso sifungo siyangqubana nomthetho kaThixo. AmaKristu ‘awangawo awehlabathi,’ ngoko awazifaki kwiingxwabangxwaba neemfazwe zalo.​—Yoh. 15:19; Isa. 2:4; Yak. 1:27.

Ezinye izifungo zixhomekeka kwisazela somKristu. Ngamanye amaxesha, ngaphambi kokuba senze isifungo, kusenokufuneka sicinge ngento eyathethwa nguYesu, esithi: “Buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”​—Luka 20:25.

Masithi umKristu ubhalisela ukuba ngummi welizwe okanye ukufumana incwadana yokundwendwela (ipassport), aze afumanise ukuba kufuneka enze isifungo sokunyaniseka kwelo lizwe. Ukuba eso sifungo sithetha ukuba uthembisa ukuba uza kwenza into engqubana nomthetho kaThixo, isazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile asizukumvumela ukuba asenze. Mhlawumbi urhulumente angamvumela awatshintshe amazwi eso sifungo, avumelane nesazela sakhe.

Isifungo sokunyaniseka kwilizwe esinamazwi atshintshiweyo sinokuvumelana nomgaqo okumaRoma 13:1. Athi: “Wonke umntu makathobele abasemagunyeni.” Ngoko umKristu usenokuthi akuyonto ingafanelekanga ukuthembisa ukuba uza kwenza into uThixo athi masiyenze.

Ukuba umKristu kuthiwa makasebenzise into okanye kubekho indlela ama ngayo xa efunga, kufuneka athobele isazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile. AmaRoma namaSkitiya akudala ayefunga ngamakrele awo, awayemela uthixo wemfazwe, njengesiqinisekiso sokuba athetha inyani. Wona amaGrike ayephakamisela isandla ezulwini xa esenza isifungo. Ngokwenza loo nto, ayebonisa ukuba ayaqonda ukuba ukho uThixo oyibonayo into ayenzayo, noyivayo into ayithethayo futhi uza kuwaphendulisa.

Akakho umkhonzi kaYehova onokwenza isifungo esebenzisa into emela ilizwe nenento yokwenza nonqulo lobuxoki. Kodwa uza kuthini xa kwinkundla yomthetho kusithiwa beka isandla phezu kweBhayibhile, ufunge ukuba uza kuthetha inyani? Usenokuyenza loo nto, kuba neBhayibhile iyathetha ngabakhonzi bakaYehova ababebeka isandla phantsi kwethanga xa befunga. (Gen. 24:2, 3, 9; 47:29-31) Xa usenza eso sifungo, kubalulekile ukukhumbula ukuba ufunga phambi koThixo ukuba uza kuthetha inyani. Umele ukulungele ukuthetha inyani kuyo nantoni na oyibuzwayo.

Ngenxa yokuba sikuxabisa ukuba ngabahlobo bakaYehova, xa siza kwenza nasiphi na isifungo, simele sithandaze size sicingisise kakuhle ngaso ukuze siqiniseke ukuba asiphikisani nezazela zethu okanye nemigaqo yeBhayibhile. Ukuba uyafunga, qiniseka ukuba uyayenza loo nto uyifungelayo.​—1 Pet. 2:12.