Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 15

Ngaba Abanye Bayayithanda Indlela Othetha Ngayo?

Ngaba Abanye Bayayithanda Indlela Othetha Ngayo?

“Yiba ngumzekelo kwabo bathembekileyo, ngokuthetha.”​—1 TIM. 4:12.

INGOMA 90 Khuthazanani

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ngubani osenze sakwazi ukuthetha?

 UKUKWAZI ukuthetha sisipho esisinikwe nguThixo osithandayo. Umntu wokuqala, uAdam, wakwazi ukuthetha noTata wakhe osezulwini esand’ ukudalwa. Akhona namagama awazakhela wona ukuze atyebise ulwimi lwakhe. Loo nto yamnceda wakwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi awayewunikwe nguYehova wokuthiya izilwanyana ngamagama. (Gen. 2:19) Inoba wavuya nyhani xa wayeqala ukuthetha nomntu, umfazi wakhe owayemhle, uEva!​—Gen. 2:22, 23.

2. Sasetyenziswa njani isipho sokuthetha kudala? Sisetyenziswa njani namhlanje?

2 Zange kube kudala, esi sipho sokuthetha sasetyenziswa ngendlela uThixo angayifuniyo. USathana uMtyholi waxoka kuEva. Obo buxoki benza abantu banesono. (Gen. 3:1-4) UAdam zange asisebenzise kakuhle isipho sokuthetha, ngokutyhola uEva noYehova ngento eyayenziwe nguye. (Gen. 3:12) UKayin waxoka kuYehova emva kokuba ebulele umninawa wakhe uAbheli. (Gen. 4:9) Ekuhambeni kwexesha isizukulwana sikaKayin, uLameki, waqamba umbongo owawubonisa indlela ababeziindlobongela ngayo abantu awayephila nabo. (Gen. 4:23, 24) Banjani abantu banamhlanje? Sibona iinkokheli zepolitiki ezithuka phambi kwabantu. Kunzima ukufumana imuvi ekungathukwayo kuyo. Ezikolweni abantwana beva izithuko, kanti nabantu abadala bayaziva emsebenzini. Okubuhlungu kukuba intetho engcolileyo exhaphakileyo, ibonisa ndlela elonakele ngayo eli hlabathi.

3. Yintoni esimele siyilumkele? Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Ukuba asilumkanga, sisenokukuqhela ukuva abantu abathukayo nabathetha amanyala de nathi sithethe njengabo. Thina maKristu sifuna ukuvuyisa uYehova, ngoko asipheleli njee ekuphepheni intetho engcolileyo. Sifuna ukusisebenzisa kakuhle esi sipho sokuthetha, sidumise uThixo. Eli nqaku, liza kusixelela indlela esinokuyenza ngayo loo nto (1) entsimini, (2) kwiintlanganiso, naxa (3) sincokola nabanye. Kodwa masiqale sibone ukuba kutheni indlela esithetha ngayo ibalulekile kuYehova.

INDLELA ESITHETHA NGAYO IBALULEKILE KUYEHOVA

Izinto ozithethayo zibonisa ukuba injani intliziyo yakho? (Jonga isiqendu 4-5) *

4. Ngokutsho kukaMalaki 3:16, kutheni ibalulekile kuYehova indlela esithetha ngayo?

4 Funda uMalaki 3:16. Inoba kutheni uYehova eza kuwabhala ‘kwincwadi yokukhumbuza’ amagama abantu abathetha ngendlela ebonisa ukuba bayamoyika futhi bacingisisa ngegama lakhe? Izinto esizithethayo ziveza izinto ezisezintliziyweni zethu. UYesu wathi: “Umlomo uthetha izinto ezigcwele entliziyweni.” (Mat. 12:34) Izinto esithetha ngazo zibonisa ukuba simthanda kangakanani uYehova. Ngabantu abamthandayo uYehova abaza kuphila kamnandi ngonaphakade kwihlabathi elitsha.

5. (a) Idibana njani indlela esimkhonza ngayo uYehova nezinto esizithethayo? (b) Umfanekiso ubonisa ukuba yintoni esimele siyilumkele kwindlela esithetha ngayo?

5 Indlela esithetha ngayo inokwenza uYehova ayamkele okanye angayamkeli indlela esimkhonza ngayo. (Yak. 1:26) Uninzi lwabantu abangamthandiyo uThixo luthetha ngomsindo, ngendlela ebonisa ukuba lubhetele kunabanye futhi lukrwada. (2 Tim. 3:1-5) Asifuni tu ukufana nabo bantu ke thina. Eyona nto siyifunayo kukuba uYehova ayithande indlela esithetha ngayo. Ngaba ingamvuyisa into yokuba uthethe kamnandi xa usentsimini okanye kwiintlanganiso, kodwa ube krwada okanye uthethe njee nabantu bakowenu?​—1 Pet. 3:7.

6. Yintoni eyenzekayo ngenxa yokuba uKimberly esisebenzise kakuhle isipho sokukwazi ukuthetha?

6 Xa sisisebenzisa kakuhle isipho sokukwazi ukuthetha, abany’ abantu batsho babone ukuba singabakhonzi bakaYehova. Sibanceda bawubone umahluko “phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonziyo.” (Mal. 3:18) Kwenzeka kanye loo nto kudade onguKimberly. * Kwakukho umsebenzi wesikolo ekwakufuneka awenze nomnye umntwana afunda naye. Emva kokuba bewenzile loo msebenzi, lo mntwana wabona ukuba uKimberly akafani nabanye abantwana. Wayengathethi kakubi ngabantu, wayethetha kakuhle futhi engathuki. Yammangalisa le nto lo mntwana kangangokuba wavuma ukufundiswa iBhayibhile. Uvuya nyhani uYehova xa sithetha ngendlela etsalela abantu enyanisweni!

7. Ufuna ukusisebenzisa njani isipho sokuthetha osinikwe nguThixo?

7 Sonke siyafuna ukuthetha ngendlela eza kuzukisa uYehova neza kusenza sivane nabazalwana noodade. Ngoku makhe sithethe ngeendlela eziza kusenza siqhubeke ‘siyimizekelo ngokuthetha.’

THETHA KAKUHLE ENTSIMINI

Xa uthetha kakuhle nabantu entsimini uyamvuyisa uYehova (Jonga isiqendu 8-9)

8. Yintoni esimele siyifunde kuYesu ngendlela yokuthetha nabantu entsimini?

8 Yiba nembeko nobubele xa uthetha nabantu abakucaphukisayo. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, abantu babemtyhola besithi linxila, unyolukile, usetyenziswa nguMtyholi, akawuthobeli umthetho weSabatha futhi udelela uThixo. (Mat. 11:19; 26:65; Luka 11:15; Yoh. 9:16) Kodwa uYesu zange abaphendule enomsindo. Nathi nokuba kuthethwa krwada nathi, masifane noYesu. (1 Pet. 2:21-23) Ayikho lula ke loo nto. (Yak. 3:2) Yintoni enokusinceda?

9. Yintoni enokusinceda singathethi kakubi nabantu esishumayela kubo?

9 Xa umntu engathethi kakuhle nawe entsimini, sukucaphuka. Omnye umzalwana onguSam uthi, “Ndiye ndizame ukucinga ngendlela lo mntu akudinga ngayo ukufunda ngoThixo, ndikhumbule nokuba angatshintsha.” Ngamanye amaxesha umntu uye acatshukiswe kukuba simfikele ngexesha elibi. Xa sithetha nomntu onomsindo, sinokwenza into eyenziwa ngudade onguLucia. Sinokwenza umthandazo omfutshane, sicele uYehova asincede sihlale sizolile, sibe nembeko nobubele xa sithetha naloo mntu.

10. U-1 Timoti 4:13 uthi yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

10 Yiba ngumfundisi ophum’ izandla. UTimoti wayengumKristu ofundisa kakuhle, kodwa naye kwakufuneka azimisele ukufundisa bhetele kunokuba wayesenza. (Funda u-1 Timoti 4:13.) Yintoni esinokuyenza ukuze sifundise kakuhle entsimini? Masilungiselele kakuhle. Eyona nto ivuyisayo kukuba sinezixhobo ezahlukeneyo ezinokusinceda sikwazi ukufundisa kakuhle. Kuza kukunceda ukufunda incwadi ethi Zimisele Ukufunda Nokufundisa nendawo ethi “Yikhuthalele Intsimi” kwiNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela. Ngaba uyafunda kuzo? Xa silungiselela kakuhle, uvalo alubethi kakhulu futhi siyaqiniseka ngento esiyithethayo.

11. Yintoni ayenzileyo amanye amaKristu ukuze afundise kakuhle?

11 Eny’ into enokusinceda sibe ngabafundisi abaphum’ izandla kukufunda kwabanye abavakalisi abasebandleni. USam, ekukhe kwathethwa ngaye, uyazibuza ukuba yintoni le yenza amanye amaKristu afundise kakuhle kangaka. Umamela indlela afundisa ngayo aze azame ukuwalinganisa. Udade onguTalia uye amamele kakuhle indlela abazalwana abanobuchule abazinikela ngayo iintetho zesidlangalala. Ngokwenza loo nto, uye wafunda indlela yokuphendula imibuzo esoloko ibuzwa ngabantu entsimini.

THETHA KAKUHLE KWIINTLANGANISO

Ukuba asizibambi xa sicula kwiintlanganiso siyamdumisa uYehova (Jonga isiqendu 12-13)

12. Yintoni ekungekho lula ukuyenza kwabanye abantu?

12 Sinokwenza kube mnandi kwiintlanganiso ngokuthi sicule sivakale xa kuculwa, sinikele neempendulo ezilungiselelwe kakuhle. (INdu. 22:22) Kwabanye abantu akukho lula ukucula okanye ukuthetha phambi kwabantu abaninzi. Ngaba nawe unjalo? Ukuba unjalo, kuza kukunceda kakhulu ukwazi ukuba baye bancedwa yintoni abanye bayeka ukoyika.

13. Yintoni enokukunceda ungazibambi xa ucula kwiintlanganiso?

13 Sukuzibamba xa ucula. Xa sicula iingoma zoBukumkani, eyona nto simele sicinge ngayo kukuba sifuna ukudumisa uYehova. Omnye udade onguSara ucinga ukuba akaculi kamnandi. Kodwa ufuna ukudumisa uYehova ngengoma. Xa elungiselela iintlanganiso, uye alungiselele neengoma eziza kuculwa. Uyaziprekthiza, azame ukubona ukuba amazwi azo adibana njani nezinto ekuza kuthethwa ngazo. Uthi: “Le nto indinceda ndicinge ngamazwi, ndingayihoyi kakhulu indlela endicula ngayo.”

14. Ukuba uneentloni, yintoni enokukunceda uphendule kwiintlanganiso?

14 Mazingaphumi iintlanganiso ungaphendulanga. Inyaniso kukuba, kusenokuba nzima kwabanye ukuyenza loo nto. UTalia ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ndiye ndoyike kakhulu xa kufuneka ndithethe phambi kwabantu, kodwa abanye abayiqapheli loo nto kuba ndingumntu othetha ezolile. Ngoko akubikho lula xa kufuneka ndiphendule kwiintlanganiso.” Kodwa le nto ayimenzi angaphenduli kwiintlanganiso. Xa elungiselela, uye akhumbule ukuba impendulo yokuqala ifanele ibe mfutshane, iphendule ngqo umbuzo. Uthi: “Loo nto ithetha ukuba akho ngxaki nokuba ndiphendula le nto ibuzwayo, ndingathethi kakhulu, kuba kakade ufuna loo nto umzalwana oqhuba iintlanganiso.”

15. Yintoni esimele singayilibali xa siphendula kwiintlanganiso?

15 Kanti namaKristu angenantloni anokuzibamba xa kufuneka ephendule kwiintlanganiso. Yintoni enokuwenza azibambe? Udade onguJuliet uthi, “Ngamanye amaxesha ndiye ndizibambe kuba ndicinga ukuba impendulo yam ingathi yeyomntwana futhi ayizukubanceda kakhulu abavakalisi.” Masikhumbule ukuba uYehova ufuna siphendule kangangoko sinako. * Uyithanda nyhani indlela esizimisela ngayo xa simdumisa ebandleni, singazibambi kuba sisoyika.

THETHA KAKUHLE XA UNCOKOLA NABANTU

16. Ngamazwi anjani esimele silumkele ukuwathetha?

16 Kulumkele ukuthetha “amazwi ahlabayo.” (Efe. 4:31) Njengokuba sesifundile, akumelanga kuphume sithuko emlonyeni womKristu. Kodwa zikhona iindlela zokuthetha amazwi ahlabayo ezingabonakali lula esifanele sizilumkele. Ngokomzekelo, masikulumkele ukuthetha kakubi ngabanye abantu kuba benamasiko angafaniyo nawethu, bengabolunye uhlanga okanye besuka kwamanye amazwe. Asifuni nokuthetha izinto ezibakhathazayo abanye. Omnye umzalwana uthi: “Ngamanye amaxesha ndandikhe ndithethe izinto endicinga ukuba ziyahlekisa futhi azinamsebenzi, kodwa zingene kabuhlungu kwabanye abantu. Kuqengqeleke iminyaka umfazi wam endinceda ngokuthi, xa sisodwa andixelele xa ndiye ndathetha kakubi naye okanye nabanye abantu.”

17. Sinokuyenza njani into ethethwa kumaEfese 4:29?

17 Thetha ngendlela eza kubakhuthaza abantu. Bancome kunokuba ubagxeke okanye ukhalaze. (Funda amaEfese 4:29.) Zazininzi izinto awayenokumbulela ngazo uThixo amaSirayeli kodwa ayesoloko ekhalaza. Xa sisoloko sikhalaza sinokwenza nabanye abantu bakhalaze. Usawakhumbula amadoda ayi-10 awathunywa ukuba ayokuhlola ilizwe? Izinto ezimbi awabuya azithetha zenza “onke amaSirayeli akhalaza, egxeka uMoses.” (Num. 13:31–14:4) Kanti xa ubancoma abantu, ubenza bonwabe. Siqinisekile ukuba ukunconywa ziitshomi zayo, kwayinceda intombi kaYifeta ayawuyeka umsebenzi eyayiwenzela uYehova. (ABagwe. 11:40) USara, ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo, uthi: “Xa ubancoma abanye abantu, ubenza babone ukuba bayathandwa nguYehova nangabanye abantu ebandleni.” Ngoko khangela iindlela onokubancoma ngazo abazalwana noodade.

18. Ngokutsho kweNdumiso 15:1, 2 kutheni simele sithethe inyani? Yeyiphi enye into esingafuni kuyenza?

18 Thetha inyani. Asinakumvuyisa uYehova ukuba asinanyani. Ucaphukela yonke into enokwenza nobuxoki. (IMize. 6:16, 17) Noxa abantu abaninzi bengasaboni nto imbi ngokuxoka, thina asifuni kuxoka kuba uYehova uyakucaphukela. (Funda Ndumiso 15:1, 2.) Asifuni kuxoka, kodwa asifuni nokungabaxeleli yonke into abantu kuba sifuna bakholelwe into engekhoyo.

Uyasithanda uYehova ukuba siyayitshintsha incoko xa sibona ukuba kuyahletywa (Jonga isiqendu 19)

19. Yeyiphi enye into esimele siyilumkele?

19 Sukuthetha kakubi ngabanye abantu. (IMize. 25:23; 2 Tes. 3:11) UJuliet, ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo, usixelela ukuba uba njani yena xa kuthethwa kakubi ngomnye umntu. Uthi: “Kuyatyhafisa ukuva umntu othetha kakubi ngomnye umntu, kundenza ndingamthembi naloo mntu uthethayo. Ndazi njani ukuba akazukuhleba kwamna lo?” Xa ubona ukuba ngoku incoko iyatshintsha, kuyahletywa, ncokola ngenye into.​—Kol. 4:6.

20. Yintoni ozimisele ukuyenza kwindlela othetha ngayo?

20 Abantu abaninzi namhlanje abayazi indlela yokuthetha. Thina simele sisebenze nzima ukuze siqiniseke ukuba indlela esithetha ngayo iyamvuyisa uYehova. Masingalibali ukuba ukukwazi ukuthetha sisipho esisinikwe nguYehova, ngoko ibalulekile kuye indlela esisisebenzisa ngayo. Uza kusisikelela xa sizama ukuthetha kakuhle entsimini, kwiintlanganiso naxa sincokola nabanye abantu. Emva kokuba uThixo etshabalalise eli hlabathi labantu abangamoyikiyo, kuza kuba lula ukumdumisa ngendlela esithetha ngayo. (Yuda 15) Okwangoku, masizimisele ukumvuyisa ‘ngamazwi emilomo yethu.’​—INdu. 19:14.

INGOMA 121 Sifanele Sizibambe

^ isiqe. 5 UYehova usiphe into emangalisayo, ukukwazi ukuthetha. Okubuhlungu kukuba abantu abaninzi abathethi ngendlela uYehova afuna ngayo. Yintoni enokusinceda sihlale sithetha izinto ezikhuthazayo nezithandwayo nguYehova kweli hlabathi lonakeleyo? Sinokwenza njani ukuze indlela esithetha ngayo entsimini, kwiintlanganiso naxa sincokola nabantu imvuyise uYehova? Eli nqaku liza kuphendula le mibuzo.

^ isiqe. 6 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 15 Ukuze ufunde nezinye izinto ngokuphendula kwiintlanganiso, jonga inqaku elithi “Dumisa UYehova Ebandleni,” kwiMboniselo kaJanuwari 2019.

^ isiqe. 61 INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana uthetha kakubi nomntu onomsindo ashumayela kuye; ebandleni umzalwana akaculi; udade uyahleba.