Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 16

Vuyiswa Kukukhonza UYehova Ngawo Onke Amandla Onawo

Vuyiswa Kukukhonza UYehova Ngawo Onke Amandla Onawo

“Mntu ngamnye makajonge izinto ezenziwe nguye.”​—GAL. 6:4.

INGOMA 37 Khonza UYehova Ngomphefumlo Wonke

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni esenza sivuye nyhani?

 UYEHOVA ufuna sivuye. Le nto siyazi kuba uvuyo lolunye uphawu lwesiqhamo somoya wakhe oyingcwele. (Gal. 5:22) Ekubeni kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa, sivuya nyhani xa sizinikela kumsebenzi kaThixo, sinceda nabazalwana bethu ngeendlela ezahlukahlukeneyo.​—IZe. 20:35.

2-3. (a) AmaGalati 6:4 athi ziintoni ezimbini ezinokusinceda sihlale sivuya xa sisebenzela uYehova? (b) Siza kufunda ntoni kweli nqaku?

2 KumaGalati 6:4 umpostile uPawulos uthetha ngezinto ezimbini eziza kusenza sihlale sivuya. (Wafunde.) Eyokuqala kukuba simele sizimisele ukukhonza uYehova ngawo onke amandla esinawo. Ukuba simkhonza ngawo onke amandla ethu, simele sivuye. (Mat. 22:36-38) Eyesibini, simele sikulumkele ukuzithelekisa nabanye abantu. Nokuba yintoni esikwazi ukuyenza kuba sivunyelwa yimpilo, sifundiswe ukuyenza kakuhle okanye kuba isisiphiwo esinaso, simele sibulele uYehova. Kaloku yonke into esinayo siyinikwe nguye. Kanti ukuba abanye bayenza bhetele kunathi eminye imisebenzi abayenzela uYehova, simele sivuyiswe kukuba besebenzisa iziphiwo abanazo ukuze bamdumise, bengazisebenzisi kuba befuna ukubonakala bebhetele kunabanye okanye kukho into abayifunayo. Masifunde kwizinto abazenzayo kunokuba sizithelekise nabo.

3 Kweli nqaku siza kubona ukuba yintoni esinokuyenza xa singakwazi ukumkhonza ngendlela esifuna ngayo uYehova. Siza kubona nokuba singenza ntoni ukuze sizisebenzise kakuhle kakhulu iziphiwo esinazo, sibone nezinto esinokuzifunda kwabanye.

XA SINGAKWAZI UKWENZA NGENDLELA ESIFUNA NGAYO

UYehova uyavuya xa simkhonza ngawo onke amandla esinawo ubomi bethu bonke (Jonga isiqendu 4-6) *

4. Yintoni enokusityhafisa? Yenza umzekelo.

4 Kunzima kwabanye abakhonzi bakaYehova ukuyamkela into yokuba abasakwazi ukumenzela zonke izinto abafuna ukumenzela zona uYehova kuba bebadala okanye ngenxa yempilo. UCarol wayenaloo ngxaki. Wayekade ekhonza kwindawo enabavakalisi abambalwa. Ngelo xesha wayenezifundo eziyi-35, ibe wanceda ezininzi kuzo zazinikela kuYehova zaza zabhaptizwa. Wayeqhuba kakuhle kakhulu entsimini, kodwa wagula kwaza kwanyanzeleka ukuba ahlale esendlini. Uthi: “Ndiyazi ukuba impilo ayindivumeli ukuba ndenze izinto ngendlela abazenza ngayo abanye, kodwa ndiye ndizive ngathi uYehova andimkhonzi kakuhle njengabo. Le nto iyandityhafisa kuba andikwazi ukwenza yonke into endifuna ukuyenza.” UCarol ufuna ukumenzela yonke into anokukwazi ukumenzela yona uYehova. Incomeka nyhani loo nto! Sinokuqiniseka ukuba uThixo wethu obacingelayo abantu uvuyiswa kukuba uCarol emkhonza ngawo onke amandla anawo.

5. (a) Yintoni esimele siyikhumbule xa sityhafiswa kukuba singakwazi ukwenza izinto ngendlela esifuna ngayo? (b) Kule mifanekiso, yintoni ebonisa ukuba lo mzalwana khange ayeke ukukhonza uYehova ngamandla akhe onke?

5 Ukuba ukhe utyhafiswe kukuba kukho into ongakwazi ukuyenza ngendlela ofuna ngayo khawuzibuze, ‘Yintoni ayilindeleyo kum uYehova?’ Ulindele ukuba umkhonze ngamandla akho onke, lawo unawo ngoku. Khawucinge ngale nto: Udade ona-80 utyhafiswa kukuba akasakwazi ukwenza izinto awayezenza xa wayena-40. Ucinga ukuba akamvuyisi uYehova ngoxa emsebenzela ngamandla akhe onke. Akamvuyisi ke nyhani? Khawuyicinge kanje le nto. Ukuba lo dade wayesebenza ngamandla akhe onke xa wayena-40 futhi usenza loo nto nangoku ena-80, loo nto ithetha ukuba zange ayeke ukusebenza ngamandla akhe onke. Ukuba sicinga ukuba indlela esimsebenzela ngayo uYehova ayinakumvuyisa, masikhumbule ukuba nguYehova ogqibayo ukuba simele simsebenzele kangakanani ukuze avuye. Ukuba simsebenzela ngamandla ethu onke, uza kuvuya ade abe ngathi uthi: ‘Nisebenzile!’​—Thelekisa uMateyu 25:20-23.

6. Yintoni esiyifundayo kuMaria?

6 Siza kuvuya xa sizinikela ekwenzeni into esinokukwazi ukuyenza kunokuba sihlale sicinga ngento esingenakukwazi ukuyenza. Khawucinge ngalo dade unguMaria, onesifo esimenza angakwazi ukusebenza ngendlela afuna ngayo entsimini. Ekuqaleni le nto yayimtyhafisa, imenza acinge ukuba akukho yakhe. Kodwa wacinga ukunceda udade osebandleni lakhe ongasakwazi kuzenzela nto, ohlala esebhedini. Uthi: “Ndazama iindlela zokuba ndishumayele naye ngefowuni nangokubhala iileta. Qho xa ndivela kusebenza naye ndandifik’ ekhaya ndivuyiswa kukuba ndiye ndamnceda udadewethu.” Nathi sinokuvuya xa sihlala sicinga ngezinto esikwaziyo ukuzenza, kunesingakwaziyo. Kodwa simele sithini xa sibona ukuba singamsebenzela ngaphezu kokuba sisenza uYehova okanye kukho imisebenzi esikwazi ukuyenza kakuhle kwintlangano yakhe?

‘SEBENZISA’ ISIPHIWO ONASO

7. Wathini umpostile uPetros kwamanye amaKristu?

7 Kwincwadi yakhe yokuqala, umpostile uPetros wacebisa abazalwana noodade ukuba iziphiwo abanazo bazisebenzisele ukunceda amanye amaKristu. Wathi: “Njengokuba mntu ngamnye enikwe isiphiwo, makasisebenzise ukuze ancede abanye, njengommeli wobubele bukaThixo.” (1 Pet. 4:10) Masingazibambi xa kufuneka sisebenzise iziphiwo esinazo kuba sisoyika ukuba abanye baza kuba nomona okanye batyhafe. Kaloku ukuba siyazibamba, loo nto ithetha ukuba asimsebenzeli ngamandla ethu onke uYehova.

8. Ama-1 Korinte 4:6, 7, athi kutheni singamele siqhayise ngeziphiwo esinazo?

8 Masizisebenzise iziphiwo esinazo, kodwa silumke singaqhayisi ngazo. (Funda ama-1 Korinte 4:6, 7.) Ngokomzekelo, mhlawumbi kulula kuwe ukuqal’ isifundo seBhayibhile. Sukoyika, sisebenzise eso siphiwo! Kodwa ukhona umahluko phakathi kokusebenzisa isiphiwo nokuqhayisa ngaso. Masithi usentsimini, uvuyiswa kukuba uye waqal’ isifundo seBhayibhile. Ungxamele ukude udibane nabazalwana noodade osebenza nabo uzobabalisela. Xa udibana nabo, ufika omnye udade ebabalisela ukuba uhambise imagazini. Uhambise imagazini, wena uqalise isifundo. Uza kuthini ke ngoku? Uyazi ukuba le nto uza nayo iza kubavuyisa, kodwa ucinga ukubaxelela ngelinye ixesha kuba ungafuni ukutyhafisa lo dade uhambise imagazini. Uza kube uyamcingela lo dade xa usenza loo nto. Kodwa nokuba sekutheni, ungayeki ukucela ukufunda nabantu iBhayibhile. Sisiphiwo sakho eso, sisebenzise!

9. Simele sizisebenzisele ntoni iziphiwo esinazo?

9 Masingalibali ukuba zonke iziphiwo esinazo sizinikwe nguThixo. Masizisebenzisele ukunceda ibandla, singazisebenziseli ukubonakala sibhetele kunabanye. (Fil. 2:3) Xa sisebenzisa amandla neziphiwo esinazo ukuze senze izinto ezithandwa nguThixo, asizukuvuyiswa kukuba sibogqitha abanye okanye sibonakala sibhetele kunabo. Siza kuvuyiswa kukuba sidumisa uYehova ngeziphiwo esinazo.

10. Kutheni ikukungasebenzisi ingqondo ukuzithelekisa nabanye?

10 Ukuba umntu akalumkanga, angazibona sele ethelekisa izinto akwazi ukuzenza kakuhle nezinto omnye umntu angakwaziyo ukuzenza kakuhle. Ngokomzekelo, masithi umzalwana uzinikela kamnandi iintetho zesidlangalala, sisiphiwo sakhe eso. Loo nto isenokumenza acinge ukuba ubhetele kunomzalwana ongazinikeli njengaye iintetho. Kodwa kusenokwenzeka ukuba nalo mzalwana unezinto akwazi ukuzenza kakuhle kakhulu, njengokuba nobubele, ukufundisa abantwana nokukhuthala kumsebenzi wokushumayela. Sivuya kakhulu ngokuba nabazalwana noodade abaninzi kangaka abasebenzisa iziphiwo abanazo ukuze bakhonze uYehova, bancede nabanye abantu.

FUNDA KWABANYE

11. Kutheni simele sizame ukulinganisa uYesu?

11 Asimele sizithelekise nabantu, kodwa singafunda into eninzi kwabanye abakhonzi bakaYehova. Makhe senze umzekelo ngoYesu. Yena wayengenasono, kodwa sinokufunda into eninzi kwiimpawu zakhe ezintle nakwizinto ezintle awayezenza. (1 Pet. 2:21) Xa sizama ngamandla ethu onke ukumlinganisa, siza kumkhonza kakuhle uYehova, siwenze kakuhle nomsebenzi asinike wona.

12-13. Yintoni esiyifundayo kuKumkani uDavide?

12 KwiLizwi LikaThixo sifunda ngamadoda nabafazi abaninzi ababethembekile nesimele sibalinganise nangona babenesono. (Heb. 6:12) Khawucinge ngoKumkani uDavide awayesithi uYehova xa ethetha ngaye: “ndoda ethandwayo yintliziyo yam.” (IZe. 13:22) Kodwa uDavide wayenesono. Wenza iimpazamo ezinkulu. Sekunjalo, ngomnye wabantu esimele sibalinganise. Ngoba? Kaloku zange azame ukuzithethelela xa wayelungiswa. Umntu owayemlungisa wayengamcengi kodwa wamamela waza wazisola ngento awayeyenzile. Ngenxa yaloo nto uYehova wamxolela.​—INdu. 51:3, 4, 10-12.

13 Singafunda kuDavide ngokuzibuza le mibuzo: ‘Ndiye ndithini xa ndilungiswa? Ngaba ndiyakhawuleza ukuyivuma impazamo yam, okanye ndiye ndizame ukuzithethelela? Ngaba ndikhawuleza ndityhole abanye? Ngaba ndizama kakhulu ukungayiphindi into ebendiyenzile?’ Unokuzibuza imibuzo efana nale naxa ufunda ngamanye amadoda nabafazi ababethembekile ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ngaba babeneengxaki ezifana nezakho? Zeziphi iimpawu ezintle ababenazo? Qho ufunda ngomkhonzi kaYehova owayethembekile zibuze: ‘Ndinokwenza ntoni ukuze ndifane naye?’

14. Yintoni esinokuyifunda kwabanye abantu esikhonza nabo?

14 Sinokufunda nakwabanye abantu esikhonza nabo, nokuba bancinci okanye badala. Ngokomzekelo, ngaba ukhona umntu omaziyo ebandleni lakho onyamezele iingxaki kuba efuna ukuthembeka kuYehova? Mhlawumbi oontanga bakhe bafuna enze izinto ezingalunganga, akafunwa ngabantu bakowabo kuba eliNgqina okanye ukhathazwa yimpilo. Ngaba zikhona iimpawu ozibonayo kulo mkhonzi kaThixo onokuthanda ukuba nazo nawe? Xa ubona indlela enza ngayo, unokufunda indlela onokuzinyamezela ngayo nezakho iingxaki. Kusivuyisa kakhulu ukuba naba bazalwana noodade banokholo esinokululinganisa.​—Heb. 13:7; Yak. 1:2, 3.

YIVUYELE INDLELA OMKHONZA NGAYO UYEHOVA

15. Yintoni eyathethwa ngumpostile uPawulos enokusinceda sihlale siyivuyela indlela esimkhonza ngayo uYehova?

15 Ukuze ibandla limanyane, kubekho uxolo, bonke abavakalisi kufuneka bamkhonze ngamandla abo onke uYehova. Cinga ngamaKristu exesha labapostile. Ayeneziphiwo ezingafaniyo, esenza nemisebenzi engafaniyo. (1 Kor. 12:4, 7-11) Kodwa loo nto yayingawenzi axabane okanye akhuphisane. Kaloku uPawulos wayewakhuthazile esithi mawenze izinto ‘ezakha umzimba kaKristu.’ Wabhalela amaKristu ase-Efese wathi: “Xa ilungu ngalinye liwenza kakuhle umsebenzi walo, utsho ukhule umzimba njengoko uzakha ngokwawo ngenxa yothando.” (Efe. 4:1-3, 11, 12, 16) Abo bayenzayo into eyayithethwa nguPawulos balenza lamanyana ibandla, kwabakho uxolo. Yiloo nto esiyibonayo nakumabandla ethu namhlanje.

16. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza? (AmaHebhere 6:10)

16 Zimisele ukungazithelekisi nabanye abantu. Funda kuYesu uze uzame ukulinganisa iimpawu zakhe. Mazikuncede izinto ozifunda ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, nakwabanye abazalwana noodade abanokholo. Njengoko uqhubeka umkhonza ngawo onke amandla onawo uYehova, qiniseka ukuba akangoThixo ‘ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wakho.’ (Funda amaHebhere 6:10.) Qhubeka uvuyiswa kukukhonza uYehova usazi ukuba naye iyamvuyisa indlela ozama ngayo ukumkhonza ngawo onke amandla onawo.

INGOMA 65 Qhubela Phambili!

^ isiqe. 5 Sonke sinokufunda kwindlela abanye abamkhonza ngayo uYehova. Kodwa kukho izinto ekufuneka sizilumkele. Eli nqaku liza kusinceda sihlale sivuya, singabi nekratshi okanye sityhafe xa sicinga ngezinto abanye abakwazi ukumenzela zona uYehova.

^ isiqe. 49 INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana wayekhonza eBheteli esengumfana. Watshata, wanguvulindlela nomfazi wakhe. Bakuba nabantwana, wabafundisa ukushumayela entsimini. Ngoku mdala kodwa usaqhubeka ekhonza uYehova ngamandla akhe onke, ushumayela ngokubhala iileta.