Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 26

Uthando Lungasinceda Njani Siyeke Ukoyika?

Uthando Lungasinceda Njani Siyeke Ukoyika?

“UYehova usecaleni lam; andizukoyika.”​—INDU. 118:6.

INGOMA 105 “UThixo Luthando”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ziintoni ezidla ngokoyikwa ngabantu?

 CINGA ngezi zinto ziye zenzeka kwamanye amaNgqina. UNestor nomkakhe uMaría, babefuna ukuya kukhonza apho kudingeka kakhulu abavakalisi. * Kodwa ukuze bakwazi ukuyenza loo nto kwakuza kufuneka bafunde ukuphila ngezinto ezimbalwa. Babesoyika ukuba basenokungonwabi ncam xa bephila obu bomi. Xa uBiniam waba liNgqina kwilizwe ongafunwayo kulo umsebenzi wamaNgqina, waqonda ukuba naye uza kuphathwa kakubi. Yamoyikisa le nto. Kodwa into eyayimoyikisa kakhulu kukungazi ukuba abantu bakowabo baza kuthini xa befumanisa ukuba uliNgqina. UValérie wafunyaniswa enomhlaza oyingozi kakhulu. Kwaba nzima ukufumana ugqirha oza kuhlonipha iinkolelo zakhe, amtyande ngaphandle kwegazi. Ngoko wayesoyika ukuba usenokufa.

2. Kutheni simele sizifundise ukungoyiki yonk’ into le?

2 Ngaba nawe ukhe woyika izinto ezifana nezi? Ikhe yenzeka loo nto kwabanye bethu. Ukuba asizifundisi ukuyeka ukoyika yonk’ into le, sinokuzibona sesisenza izigqibo ezinokusibhekelisa kuYehova. Yiloo nto kanye efunwa nguSathana. Usoloko ezama ukusenza soyike ukuze singayithobeli imithetho kaYehova, efana nomyalelo wokushumayela iindaba ezilungileyo. (ISityhi. 12:17) USathana akalunganga, ukhohlakele futhi unamandla. Kodwa unokuzikhusela kuye. Njani?

3. Yintoni eza kusinceda singoyiki?

3 Xa siqinisekile ukuba uYehova uyasithanda futhi ungakwicala lethu, asizukoyikiswa nguSathana. (INdu. 118:6) Ngokomzekelo, umbhali weNdumiso 118 wayesehlelwa zizinto ezazimenza abe nestres kakhulu. Wayeneentshaba ezininzi, ezinye zazo ingabantu abanezikhundla (ivesi 9 no-10). Ngamany’ amaxesha, iintshaba zakhe zaziye zimcinezele kakhulu (ivesi 13). NoYehova wayekhe wamqeqesha kabuhlungu (ivesi 18). Sekunjalo, kwingoma awayiculayo lo mdumisi wathi: “Andizukoyika.” Yintoni eyamenza waziva ekhuseleke kangaka? Wayesazi ukuba uthandwa kakhulu nguTata wakhe osezulwini, uYehova, nangona wayemqeqesha. Lo mdumisi wayeqinisekile ukuba, nokuba angajongana nengxaki enjani, uThixo wakhe onothando wayeza kusoloko emnceda.​—INdu. 118:29.

4. Xa simthemba ukuba uThixo uyasithanda, ziintoni esingazukuzoyika?

4 Simele siqiniseke ukuba uYehova uyasithanda. Ukuba siqinisekile ngaloo nto, asizukuzoyika ezi zinto zintathu zidla ngokoyikwa ngabantu: (1) ukungakwazi ukondla usapho lwakho, (2) umntu, (3) nokufa. Abazalwana noodade ekuthethwe ngabo kwisiqendu sokuqala bayeka ukoyika, kuba babeqinisekile ukuba uThixo uyabathanda.

UKOYIKA UKUNGAKWAZI UKONDLA USAPHO LWAKHO

Umzalwana uyaloba ekunye nonyana wakhe ukuze usapho lufumane izinto oluzidingayo. (Jonga isiqendu 5)

5. Zeziphi izinto ezinokumenza oyike kakhulu utat’ ekhaya? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

5 Ootata abangamaKristu bayayiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukunika iintsapho zabo izinto ezizidingayo. (1 Tim. 5:8) Ukuba nawe ungomnye wabo, kungenzeka ukuba ubusoyika ukuba ungaphelelwa ngumsebenzi kweli xesha lekhorona. Mhlawumbi ubunexhala lokuba xa uphela, awuzukwazi ukubeka isonka etafileni nokubhatala indawo enihlala kuyo. Enye into ekusenokwenzeka ukuba ubunexhala layo kukuba xa uphela lo ukuwo, uza kuwufumana njani omnye. Mhlawumbi nawe, njengoNestor noMaría ekuthethwe ngabo kwisiqendu sokuqala, uye wacinga ukuba awunokwazi ukuphila ngemali encinci. Abantu abaninzi abebesoyika ezi zinto, uSathana ukwazile ukubayekisa ukukhonza uYehova.

6. USathana uzama ukusenza sikholelwe ntoni?

6 USathana uzama ukusenza sikholelwe ukuba uYehova akasikhathalelanga futhi simele sizibonele ukuba sizondla njani iintsapho zethu. Ngenxa yaloo, nto sisenokucinga ukuba simele senze nantoni na ukuze singaphelelwa ngumsebenzi, nokuba loo nto inokusenza sibhekele kuYehova.

7. UYesu usiqinisekisa ngantoni?

7 UYesu, ongoyena mntu umazi kakuhle uTata, uyasiqinisekisa ukuba uThixo ‘uzazi singekaziceli izinto esizidingayo.’ (Mat. 6:8) Uyazi ukuba uYehova usoloko efuna ukusinika izinto esizidingayo. Ekubeni singamaKristu, silusapho lukaThixo. Ngoko ekubeni naye enguTat’ ekhaya, sinokuqiniseka ukuba uza kuyenza into awathi mayibhalwe ku-1 Timoti 5:8.

UYehova uza kuqiniseka ukuba sinazo izinto esizidingayo. Usenokusebenzisa abazalwana bethu ukuba basincede (Jonga isiqendu 8) *

8. (a) Yintoni eza kusinceda singabi nexhala lokuba asizukwazi ukondla iintsapho zethu? (Mateyu 6:31-33) (b) Singamlinganisa njani lo mzalwana nenkosikazi yakhe abasemfanekisweni abayokupha udade ukutya?

8 Xa siqinisekile ukuba uYehova uyasithanda, uyazithanda neentsapho zethu, akuzukuba nzima ukukholelwa ukuba uza kusinika izinto esizidingayo. (Funda uMateyu 6:31-33.) Uyenza loo nto kuba esithanda futhi engoyena Mntu uphayo! Xa wayedala umhlaba, zange aphelele nje ekusinikeni izinto esizidingayo ukuze siphile. Kuba esithanda, wagcwalisa umhlaba ngezinto eziza kusenza sonwabe kakhulu. (Gen. 2:9) Nokuba kukhe kwenzeke sibe naloo nto siyidingayo qha, masingalibali ukuba nayo siyinikwe nguYehova. (Mat. 6:11) Simele sikhumbule ukuba nantoni na esincama ukuba nayo ngoku ayinakuthelekiswa nento uThixo aza kusinika yona ngoku nakwixesha elizayo. Yiloo nto eyafundwa nguNestor noMaría.​—Isa. 65:21, 22.

9. Sifunda ntoni kuNestor noMaría?

9 UNestor noMaría babephila kamnandi eColombia, benomzi omhle, besamkela nemali eninzi emisebenzini yabo. Bathi: “Sacinga ukuba kuza kufune sincame izinto esinazo ukuze sikwazi ukumsebenzela ngaphezu kokuba sisenza uYehova. Kodwa sasisoyika ukuba asizukonwaba xa siphila ngemali encinci.” Bancedwa yintoni ukuze luphele olo loyiko? Bacinga ngeendlela ezininzi uYehova ababonise ngazo ukuba uyabathanda. Beqinisekile ukuba uza kubanika izinto abazidingayo, bayiyeka loo misebenzi yabo ibhatalayo. Bawuthengisa umzi wabo baza bafudukela kwindawo edinga kakhulu abavakalisi. Ngaba bayazisola? UNestor uthi: “Siyibonile indlela ayinyani ngayo amazwi akuMateyu 6:33. Akukho nto siyidingayo futhi sonwabe kakhulu kunakuqala.”

UKOYIKA UMNTU

10. Kutheni ingasothusi into yokuba abantu besoyikana?

10 Akungoku abantu besenza izinto ezibuhlungu kwabanye. (INtshu. 8:9) Ngokomzekelo, abantu abaphetheyo bayabaxhaphaza abanye, abantu abophula umthetho baziindlobongela, ezikolweni kugcwele abantwana abathuka abanye abantwana nababoyikisayo, kanti abanye abantu bakhohlakalela abantu abazalana nabo. Ayisothusi ke into yokuba abantu besoyika abanye! USathana ulusebenzisa njani olo loyiko kuthi?

11-12. USathana ubasebenzisa njani abantu ukuze asoyikise?

11 USathana uzama ukusenza siboyike kakhulu abantu ukuze singabashumayezi, singazenzi nezinye izinto esizixelelwa nguYehova. Wenze noorhulumente bawuyekisa umsebenzi wethu baza basiphatha kakubi. (Luka 21:12; ISityhi. 2:10) Kweli hlabathi likaSathana, abantu abaninzi basasaza ubuxoki ngamaNgqina KaYehova. Abantu abakholelwa obo buxoki banokuhlekisa ngathi, bade basibethe nokusibetha. (Mat. 10:36) Ngaba ziyasothusa ezi zinto? Azisothusi tu. Kaloku wayezisebenzisa nangexesha labapostile.​— IZe. 5:27, 28, 40.

Nokuba abantu esizalana nabo abasifuni kuba sikhonza uYehova, masiqiniseke ukuba uyasithanda (Jonga isiqendu 12-14) *

12 USathana akasebenzisi ukoyika ukuphathwa kakubi ngoorhulumente qha. Abanye abakoyiki kangako ukubethwa, eyona nto bayoyika kakhulu zizinto eziza kwenziwa ngabantu bakowabo bakuva ukuba bangamaNgqina. Babathanda kakhulu abantu bakowabo, bayafuna nokuba bamazi baze bamthande uYehova. Bayakhathazeka xa bebeva bethetha kakubi ngoThixo wokwenene nangabakhonzi bakhe. Ngamanye amaxesha, ezinye izizalwana zethu ezingafuni nokuva ngenyaniso ziye zibe ngamaNgqina. Kodwa masithi azisafuni kwanto isidibanisa nazo ngenxa yezinto esizikholelwayo. Siza kuthini?

13. Ukuqiniseka ukuba uThixo uyasithanda kuza kusinceda njani xa singafunwa ngabantu esizalana nabo? (INdumiso 27:10)

13 Ayasithuthuzela amazwi amnandi akwiNdumiso 27:10. (Yifunde.) Xa ihlala isezingqondweni indlela asithanda ngayo uYehova, asoyiki, nokuba abantu abasifuni. Siqinisekile nokuba uza kusisikelela ngokunyamezela kwethu. Akakho umntu onokukwazi njengoYehova ukusinika yonke into esiyidingayo ukuze siphile, ukusenza sizole size sonwabe nokusinceda sibe nokholo oluqinileyo! Yiloo nto awayifumanisayo uBiniam, ekuthethwe ngaye kwisiqendu sokuqala.

14. Sifunda ntoni kuBiniam?

14 UBiniam waba liNgqina esazi ukuba loo nto ingamenza aphathwe kakubi. Kwamnceda nyhani ukwazi ukuba uYehova uyamthanda, watsho wayeka ukoyika abantu. Uthi, “Ndaphathwa kakubi ngaphezu kokuba ndandicinga. Kodwa eyona nto ndandiyoyika ngaphezu kokuphathwa kakubi ngurhulumente yayikukungafunwa ngabantu basekhaya. Ndandisoyika ukuba isigqibo endisenzileyo sokuba liNgqina siza kumphoxa utata, nabantu basekhaya bacinge ukuba akukho yam.” Kodwa wayeqinisekile ukuba uYehova akabalahli abantu abamthandayo. Uthi: “Ndacinga ngendlela uYehova abancede ngayo abantu banyamezela ukuphila nzima ngenxa yezoqoqosho, umkhethe nokuhlaselwa ligquba labantu. Ndandisazi ukuba, ukuba ndibambelela kuYehova, uza kundisikelela. Xa ndandimane ndibanjwa, ndingcungcuthekiswa nokungcungcuthekiswa, ndayibona indlela uYehova asinceda ngayo xa sithembekile kuye.” UYehova waba nguTata nyhani kuBiniam, nabantu Bakhe balusapho lwakhe lokwenene.

UKOYIKA UKUFA

15. Kutheni ingeyonto yothusayo ukoyika ukufa?

15 IBhayibhile iyavuma ukuba ukufa lutshaba. (1 Kor. 15:25, 26) Sinokukoyika ukufa, ingakumbi xa thina okanye abantu esibathandayo begula kakhulu. Kutheni sikoyika? Kaloku uYehova wasenza safuna ukuphila ngonaphakade. (INtshu. 3:11) Kwelinye icala, ukukoyika ukufa kunokusinceda sikhusele ubomi bethu. Ngokomzekelo, kunokusenza sitye ukutya okusempilweni futhi sijime, siye kwagqirha, sifune amayeza xa kufuneka njalo, sikulumkele nokububeka engozini ngokungeyomfuneko ubomi bethu.

16. USathana uzama njani ukusebenzisa ukoyika kwethu ukufa xa efuna singamthobeli uThixo?

16 USathana uyazi ukuba siyabuthanda ubomi. Uthi singancama yonke into esinayo, sishiye noYehova, kuba nje sifuna ukuqhubeka siphila. (Yobhi 2:4, 5) Uxoka gqitha ke apho! Kuba ‘ekwazi ukubangela ukufa,’ uzama ukusenza simshiye uYehova, esebenzisa ukoyika kwethu ukufa. (Heb. 2:14, 15) Ngamanye amaxesha, usebenzisa abantu bakhe ukuba basoyikise ngokusibulala ukuba asiyeki ukuba ngamaNgqina. Kanti usenokusebenzisa amaxesha axa sigulela ukufa, azame ukusenza singamthobeli uThixo. Oogqirha okanye abantu esizalana nabo abangengomaNgqina basenokusinyanzela ukuba senze into engafunwayo nguThixo, sivume ukutofela igazi. Okanye omnye umntu usenokusikhuthaza ukuba sifune ukunyangwa ngendlela engafunwayo ziZibhalo.

17. Ngokutsho kwamaRoma 8:37-39, kutheni singamele sikoyike ukufa?

17 Asifuni kusweleka, kodwa siyazi ukuba noba singasweleka, uYehova soze ayeke ukusithanda. (Funda amaRoma 8:37-39.) Akabalibali abahlobo bakhe xa besweleka, iba ngathi basaphila kuye. (Luka 20:37, 38) Ukhangele phambili ekubavuseni. (Yobhi 14:15) UYehova usithenge ngexabiso elikhulu ukuze ‘sifumane ubomi obungunaphakade.’ (Yoh. 3:16) Siyayazi indlela asithanda nasikhathalele ngayo. Ngoko kunokuba simshiye kuba sigula okanye sisoyika ukufa, masimthembe ukuba uza kusithuthuzela, asinike ubulumko namandla. Yiloo nto kanye eyenziwa nguValérie nomyeni wakhe.​—INdu. 41:3.

18. Yintoni esiyifundayo kuValérie?

18 Xa uValérie wayena-35, kwathiwa unomhlaza oyingozi nongaqhelekanga. Khawucinge indlela uthando olwamnceda ngayo wayeka ukoyika ukufa. Uthi: “Emva kokuxelelwa ukuba ndinomhlaza, ubomi bethu batshintsha ngokuqhwanyaza kwelihlo. Ukuze ndiphile, kwakufuneka utyando olukhulu. Ndaya koogqirha abaninzi, kodwa bonke zange bavume ukundityanda ngaphandle kwegazi. Ndandisoyika, kodwa ngenxa yomthetho kaThixo, ndandingasoze ndivume ukutofela igazi! UYehova undibonise indlela andithanda ngayo kubo bonke ubomi bam. Ngoku ndandifumene ithuba lokumbonisa indlela endimthanda ngayo. Qho ndifumana iindaba ezimbi, ndandizimisela ngakumbi ukuvuyisa uYehova, ndimenze adane uSathana. Ekugqibeleni ndatyandwa ngaphandle kwegazi. Iingxaki zam zempilo azikapheli, kodwa uYehova usoloko esinika into esiyidingayo. Ngokomzekelo, inqaku leMboniselo esasilifunda kwiintlanganiso ngaphambi kokuba ndixelelwe ukuba ndinomhlaza, lalisithi: ‘Ukuhlangabezana Ngenkalipho Neenzingo Zanamhlanje.’ * Eli nqaku lasithuthuzela kakhulu. Sasilifunda siliphinda-phinda. Siye sancedwa sazola saza senza izigqibo ezifanelekileyo ngamanqaku afana neli nokuqhubeka sisenza izinto ezifunwa nguYehova, njengokushumayela nokuya kwiintlanganiso.”

UNGAYEKA UKOYIKA

19. Yintoni eseyiza kwenzeka?

19 UYehova uncede amaKristu asemhlabeni wonke akwazi ukulwa neengxaki ezinzima aza akwazi ukumchasa uMtyholi. (1 Pet. 5:8, 9) Nawe ungayenza loo nto. Kungabanga xesha lide, uYehova uza kuyalela uYesu nabantu alawula nabo ukuba ‘bayitshabalalise imisebenzi kaMtyholi.’ (1 Yoh. 3:8) Emva koko, abantu abakhonza uThixo emhlabeni wonke ‘akukho nto iza kuboyikisa, abazukuba nasizathu sakunkwantya.’ (Isa. 54:14; Mika 4:4) Kodwa de kufike elo xesha, kufuneka sisebenze nzima ukuze siyeke ukoyika.

20. Yintoni eza kusinceda siyeke ukoyika?

20 Masiye siqiniseka kakhulu ukuba uYehova uyasithanda futhi uyabakhusela abakhonzi bakhe. Into eza kusinceda siyenze loo nto kukucingisisa nokuthetha ngendlela uYehova aye wabakhusela ngayo abakhonzi bakhe bexesha elidlulileyo. Singayilibali nendlela asincede ngayo thina kwiingxaki ebesinazo. UYehova unokusinceda siyeke ukoyika!​—INdu. 34:4.

INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela

^ Ngamany’ amaxesha ukoyika kulungile kuba kunokusikhusela engozini. Kodwa kona ukoyika izinto esingamele sizoyike kunokusenzakalisa. Njani? USathana unokusebenzisa olo loyiko. Kucacile ukuba simele sisebenze nzima ukuze singazoyiki izinto esingamele sizoyike. Yintoni eza kusinceda? Eli nqaku liza kusinceda sibone ukuba, xa siqinisekile ukuba uYehova ungakuthi yaye uyasithanda, asizukoyika nto.

^ Amanye amagama atshintshiwe.

^ INGCACISO YEMIFANEKISO: Umzalwana nenkosikazi yakhe baphathele udade osebandleni labo osebenza nzima nentsapho yakhe ukutya.

^ INGCACISO YEMIFANEKISO: Abazali bomzalwana osemtsha abamfuni kuba ekhonza uYehova, kodwa uqinisekile ukuba uYehova soze amshiye.