Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 30

Isiprofeto Sakudala Esibalulekileyo Kuwe

Isiprofeto Sakudala Esibalulekileyo Kuwe

“Ndiza kubeka ubutshaba phakathi kwakho nomfazi.”​—GEN. 3:15.

INGOMA 15 Zukisa IZibulo LikaYehova!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Kungadlulanga xesha lide uAdam noEva bonile, wenza ntoni uYehova? (Genesis 3:15)

 KUNGADLULANGA xesha lide uAdam noEva bonile, uYehova waprofeta ngento ebaluleke kakhulu eyanika inzala yabo ithemba. Eso siprofeto sikwiGenesis 3:15.—Yifunde.

2. Kutheni sibalulekile nje esi siprofeto?

2 Esi siprofeto sikwincwadi yokuqala yeBhayibhile sibalulekile kuba ngandlel’ ithile zonke ezinye iincwadi zeBhayibhile ziyadibana naso. Njengokuba inyanda yeenkuni idityaniswa ngentambo enye, namazwi akwiGenesis 3:15 adibanisa yonke into ethethwa kwiincwadi zeBhayibhile ngomyalezo omnye wokuba kwakuza kuthunyelwa umsindisi oza kutshabalalisa uMtyholi nabantu ababi abamlandelayo. b Loo nto iza kuba mnandi nyhani kwabo bamthandayo uYehova.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Nantsi imibuzo engesiprofeto esikwiGenesis 3:15 esiza kuyiphendula kweli nqaku: Ngoobani ekuthethwa ngabo? Senzeka njani? Nokuba sisinceda ngantoni thina?

NGOOBANI EKUTHETHWA NGABO KWESI SIPROFETO?

4. Ngubani ‘inyoka’? Siyazi njani loo nto?

4 KwiGenesis 3:14, 15 kuthethwa ‘ngenyoka,’ ‘ngenzala yenyoka,’ ‘ngomfazi’ ‘nenzala yomfazi.’ IBhayibhile isinceda siyazi into emelwa zezi zinto naba bantu. c Makhe siqale ngenyoka. Inyoka le siyaziyo irhubuluzayo yayingenakuyiqonda into eyayithethwa nguYehova egadini yase-Eden. Ngokuqinisekileyo uYehova wayewisa isigwebo kwisidalwa esikleva kakhulu. Ngubani eso sidalwa? ISityhilelo 12:9 siyasichaza. Sithi ‘inyoka yakudala’ nguSathana uMtyholi. Ngubani ke inzala yale nyoka?

INYOKA

NguSathana uMtyholi, obizwa kwiSityhilelo 12:9 ngokuba ‘yinyoka yakudala’ (Jonga isiqendu 4)

5. Ngoobani inzala yenyoka?

5 Ngamanye amaxesha iBhayibhile isebenzisa igama elithi inzala xa ithetha ngabantu abathanda ukulinganisa kakhulu umntu de ibe ngathi ngabantwana bakhe. Ngoko inzala yenyoka ziingelosi ezingazange zithembeke nabantu abafana noSathana, abavukela uYehova uThixo nabangabafuniyo abantu Bakhe. Ezi ziingelosi ezemkayo ezulwini ngemihla kaNowa, nabantu abenza izinto ezimbi njengotata wabo uMtyholi.—Gen. 6:1, 2; Yoh. 8:44; 1 Yoh. 5:19; Yuda 6.

INZALA YENYOKA

Ziingelosi ezingazange zithembeke nabantu abavukela uYehova uThixo nabangabafuniyo abantu Bakhe (Jonga isiqendu 5)

6. Kutheni sisithi ‘umfazi’ ekuthethwa ngaye kwisiprofeto ayingoEva?

6 Ngoku makhe sichaze ‘umfazi.’ Ayinakuba nguEva. Kutheni sisitsho? Nasi esinye isizathu. Isiprofeto sithi inzala yomfazi yayiza ‘kutyumza’ intloko yenyoka. Njengokuba sesivile, inyoka sisidalwa somoya esinguSathana, ngoko ekubeni bonke abantu abayinzala kaEva benesono, akakho umntu owayenokukwazi ukumtyumza. Wayeza kutshatyalaliswa njani ke?

7. Ngokutsho kweSityhilelo 12:1, 2, 5, no-10, ngubani umfazi ekuthethwa ngaye kwiGenesis 3:15?

7 Incwadi yokugqibela yeBhayibhile iyamchaza lo mfazi kuthethwa ngaye kwiGenesis 3:15. (Funda iSityhilelo 12:1, 2, 5, 10.) Ayingomfazi nje oqhelekileyo. Unenyanga ezinyaweni zakhe nesithsaba esineenkwenkwezi eziyi-12 entloko. Uzala oyena mntwana ungaqhelekanga; uBukumkani BukaThixo. Obu Bukumkani busezulwini, ngoko lo mfazi ufanele abe sezulwini naye. Umela inxalenye esezulwini yentlangano kaYehova, eziingelosi ezithembekileyo.—Gal. 4:26.

UMFAZI

Yinxalenye esezulwini yentlangano kaYehova, ezizidalwa zakhe zomoya ezithembekileyo Jonga isiqendu 7)

8. Ngubani oyena uphambili kwinzala yomfazi? Waba nguye nini? (Genesis 22:15-18)

8 ILizwi LikaThixo lisinceda siyazi nenzala ephambili yomfazi. Yayiza kuba yinzala ka-Abraham. (Funda iGenesis 22:15-18.) Ngokutsho kwesiprofeto, uYesu wayeyinzala yaloo ndoda yayithembekile. (Luka 3:23, 34) Kodwa le nzala kwakufuneka ibe namandla angaphezu kwawomntu kuba kwakuza kufuneka ityumze uSathana uMtyholi. Ngoko xa uYesu wayemalunga neminyaka eyi- 30, wathanjiswa ngomoya oyingcwele. Xa wayethanjiswa, waba ngoyena uphambili kwinzala yomfazi. (Gal. 3:16) Emva kokufa nokuvuswa kwakhe, uThixo “wamthwesa uzuko nembeko” waza wamnika “lonke igunya ezulwini nasemhlabeni,” ‘nelokutshabalalisa imisebenzi kaMtyholi.’—Heb. 2:7; Mat. 28:18; 1 Yoh. 3:8.

INZALA YOMFAZI

NguYesu Kristu nabathanjiswa abayi-144 000 aza kulawula nabo (Jonga isiqendu 8-9)

9-10. (a) Ngoobani abanye abayinzala yomfazi? Baba yiyo nini? (b) Yintoni esiza kuthetha ngayo ngoku?

9 Kodwa ngaphandle koYesu, kwakuza kubakho nabanye kule nzala. Umpostile uPawulos wabachaza xa wayethetha namaKristu athanjisiweyo angamaYuda nabantu abangengomaYuda esithi: “Ukuba ningabakaKristu, niyinzala ka-Abraham, eza kufumana ilifa ngenxa yesithembiso sikaThixo.” (Gal. 3:28, 29) Xa uYehova ethambisa umKristu ngomoya oyingcwele, loo mntu uba ngomnye wenzala yomfazi. Ngoko le nzala yomfazi nguYesu Kristu ne-144 000 aza kulawula nayo. (ISityhi. 14:1) Bonke bazama ukucinga nokwenza izinto njengoTata wabo, uYehova uThixo.

10 Ekubeni ngoku sesibazi abantu ekuthethwa ngabo kwiGenesis 3:15, makhe sithethe ngezinto uYehova asele ezenzile ezibonisa ukuba esi siprofeto siyenzeka, nokuba sisinceda njani thina namhlanje.

ZIINTONI ESEZENZEKILE?

11. Inzala yomfazi yenzakaliswa njani esithendeni?

11 Ngokutsho kwesiprofeto esikwiGenesis 3:15, inyoka yayiza kwenzakalisa inzala yomfazi ‘esithendeni.’ Loo nto yenzeka xa uSathana wasebenzisa amaYuda namaRoma ukuba abulale uNyana kaThixo. (Luka 23:13, 20-24) Njengokuba kukhe kube nzima ukuhamba kumntu owenzakele esithendeni, noYesu wakhe akakwazi ukwenza nto esengcwabeni iintsuku ezintathu.—Mat. 16:21.

12. Iza kutyunyuzwa njani futhi nini intloko yenyoka?

12 Ukuze yenzeke into ethethwa sisiprofeto esikwiGenesis 3:15, kwakuza kufuneka uYesu angahlali esengcwabeni. Kutheni sisitsho? Kuba isiprofeto sithi inzala yayiza kutyumza intloko yenyoka. Le nto yayithetha ukuthi kwakuza kufuneka isithende sikaYesu siphile. Saphila ke nyhani. Ngosuku lwesithathu efile, uYesu wavuswa esisidalwa somoya esingenakufa. Ngexesha elibekwe nguThixo, uYesu uza kumtyumza uSathana. (Heb. 2:14) UKristu nabo aza kulawula nabo, baza kuzitshabalalisa zonke iintshaba zikaThixo, eziyinzala yenyoka.—ISityhi. 17:14; 20:4, 10. d

SISINCEDA NJANI THINA ESI SIPROFETO?

13. Kusinceda njani ukwenzeka kwesi siprofeto?

13 Ukuba ungumkhonzi ozinikeleyo kaThixo, ukwenzeka kwesi siprofeto kuyakunceda. UYesu weza emhlabeni engumntu. Wabubonisa ngokupheleleyo ubuntu bukaTata wakhe. (Yoh. 14:9) Ngenxa yakhe siye samazi saza samthanda uYehova uThixo. Siye sancedwa zizinto azifundisayo nendlela alikhokela ngayo ibandla lamaKristu namhlanje. Usifundisile ukuba singenza ntoni ukuze siphile ngendlela ethandwa nguYehova. Nokutyunyuzwa kukaYesu isithende, okuthetha ukufa kwakhe kuyasinceda. Njani? Emva kokuba evusiwe, wanika uYehova ixabiso legazi lakhe elaba lidini elipheleleyo ‘elihlamba zonke izono zethu.’—1 Yoh. 1:7.

14. Ngaba abantu babemele balindele ukuba isiprofeto sase-Eden sasiza kwenzeka ngoko nangoko? Cacisa.

14 Into eyathethwa nguYehova e-Eden yayibonisa ukuba kwakuseza kudlula ixesha ngaphambi kokuba esi siprofeto senzeke ngokupheleleyo. Kwakuza kukhe kudlule ixesha ngaphambi kokuba umfazi avelise inzala eyayithenjisiwe, uMtyholi aqokelele abalandeli bakhe, nokuba la maqela mabini abe ziintshaba okanye acaphukelane. Kuyasinceda ukusazi kakuhle esi siprofeto kuba sisilumkisa ngokuba eli hlabathi lilawulwa nguSathana, liza kubacaphukela abakhonzi bakaYehova. Ekuhambeni kwexesha uYesu wabalumkisa ngento efanayo abafundi bakhe. (Marko 13:13; Yoh. 17:14) Ngokuqinisekileyo siyibonile loo nxalenye yesiprofeto isenzeka, ingakumbi kule minyaka iyi-100 idlulileyo. Yenzeke njani?

15. Kutheni ihlabathi libacaphukela kakhulu ngoku abantu bakaThixo, kodwa kutheni singamele simoyike uSathana?

15 Kungabanga kudala uYesu ebekwe wanguKumkani onguMesiya ngo-1914, uSathana wagxothwa ezulwini. Ngoku ulapha emhlabeni, ulinde ukuba atshatyalaliswe. (ISityhi. 12:9, 12) Kodwa akalindanga njee esonge izandla. Uyavutha ngumsindo. Loo msindo uwukhuphela kubantu bakaThixo. (ISityhi. 12:13, 17) Loo nto yenze ihlabathi labacaphukela kakhulu ngoku abantu bakaThixo. Kodwa asinasizathu sokumoyika uSathana nabantu bakhe. Kaloku, nathi siqinisekile ngento awayeqiniseke ngayo umpostile uPawulos owathi: “Ukuba uThixo ukwicala lethu, ngubani onokulwa nathi?” (Roma 8:31) Simele simthembe ngokupheleleyo uYehova kuba, njengokuba sesibonile, izinto ezininzi ezithethwa sisiprofeto esikwiGenesis 3:15 sezenzekile.

16-18. Ukuqonda isiprofeto esikwiGenesis 3:15 kuye kwamnceda njani uCurtis, u-Ursula noJessica?

16 Into ethenjiswe nguYehova kwiGenesis 3:15 inokusinceda sinyamezele naziphi na iingxaki ezisehlelayo. Omnye umvangeli wasemazweni okhonza eGuam, uCurtis, uthi: “Ndikhe ndaneengxaki nezinto ezityhafisayo eziye zenza kwanzima ukuhlala ndithembekile kuYehova. Kodwa ukucingisisa ngesiprofeto esikwiGenesis 3:15 kuye kwandinceda andayeka ukumthemba uTata wam osezulwini.” KuCurtis ingathi alisafiki ixesha laxa uYehova eza kuziphelisa zonke iingxaki esinazo.

17 Omnye udade oseBavaria, u-Ursula uthi ukusiqonda kakuhle isiprofeto esikwiGenesis 3:15 kumncede waqiniseka ukuba nyhani iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo. Wabona indlela zonke ezinye iziprofeto ezidibana ngayo nesi siprofeto, loo nto yamshiya engakwazi nokuwuvala umlomo. Nantsi enye into ayithethayo: “Ndamthanda kakhulu uYehova ndakufunda ukuba wakhawuleza wenza into esinika ithemba.”

18 UJessica waseMicronesia uthi: “Ndisayikhumbula nangoku indlela endaziva ngayo xa ndandiqala ukuva inyaniso! Yayisenzeka into eprofetwe kwiGenesis 3:15. Siye sandinceda ndakhumbula ukuba ubomi esibuphilayo namhlanje ayibobomi bokwenene. Siye saqinisa ukholo lwam lokuba ukukhonza uYehova kwenza umntu aphile ubomi obubhetele ngoku, nobubhetele kakhulu kwixesha elizayo.”

19. Kutheni siqinisekile ukuba into ethethwa sesi siprofeto engekenzeki, nayo iza kwenzeka?

19 Njengoko sibonile, into eyaprofetwa kwiGenesis 3:15 iyenzeka. Iye yacaciswa kakuhle inzala yomfazi nenzala yenyoka. Saphila isithende sikaYesu, ongoyena uphambili kwinzala yomfazi, ngoku unguKumkani onamandla nongenakufa. Sekuza kugqitywa ukukhethwa nabanye abayinzala yomfazi. Ngenxa yokuba sezenzekile izinto ezininzi ezithethwa sesi siprofeto, siqinisekile ukuba nokutyunyuzwa kwentloko yenyoka okungekenzeki, kuza kwenzeka. Baza kutsho bakhululeke nyhani abantu abathembekileyo xa sele etshatyalalisiwe uSathana. De kube ngoko, unganikezeli. UThixo wethu uthembekile. Uza kuzizisela iintsikelelo ezininzi “zonke iintlanga zomhlaba,” esebenzisa inzala yomfazi.—Gen. 22:18.

INGOMA 23 UYehova Uqalisa Ukulawula

a Ukuba asisazi kakuhle isiprofeto esikwiGenesis 3:15, asinakuyiqonda into ethethwa ngumyalezo oseBhayibhileni. Xa sisifundisisa kakuhle, luza kuqina ukholo lwethu kuYehova nasekubeni uza kuzenza izinto asithembise zona.

b Jonga iNguqulelo Yehlabathi Elitsha kumxholo okwiSihlomelo B1 othi, “Eyona Nto Ithetha Ngayo IBhayibhile.

c Jonga ibhokisi ethi “Abantu Ekuthethwa Ngabo KwiGenesis 3:14, 15.”