Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 38

Abantu Mababone Ukuba Banokukuthemba

Abantu Mababone Ukuba Banokukuthemba

“Umntu othembekileyo uyaligcina ihlebo.​—IMIZE. 11:13.

INGOMA 101 Masisebenze Kunye Ngomanyano

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Unjani umntu onokuthenjwa?

 UMNTU onokuthenjwa uye azame ukuzenza izinto azithembisileyo aze athethe inyani. (INdu. 15:4) Abantu bayazi ukuba bangathembela kuye. Nantso ke indlela esifuna bazive ngayo abazalwana noodade ngathi. Yintoni esinokuyenza ukuze basithembe?

2. Yintoni esinokuyenza ukuze abantu basithembe?

2 Asinakubanyanzela abanye ukuba basithembe, kodwa baza kusithemba ngenxa yezinto esizenzayo. Ukuthenjwa kufaniswa nemali, usebenza nzima ukuze uyifumane, kube lula nokuba ilahleke. Zininzi izinto ezisenza simthembe uYehova. Soze sibe nesizathu sokungamthembi kuba “yonke into ayenzayo ithembekile.” (INdu. 33:4) Ufuna sifane naye. (Efe. 5:1) Makhe sithethe ngabakhonzi bakaYehova abaye bamlinganisa uTata wabo wasezulwini ngokuba ngabantu abanokuthenjwa. Siza kubona neempawu eziyi-5 eziza kusinceda nathi sibe njalo.

FUNDA KUBAKHONZI BAKAYEHOVA ABABETHEMBEKILE

3-4. Ziintoni uDaniyeli awazenzayo nezazibonisa ukuba wayenokuthenjwa? Yeyiphi imibuzo esimele sizibuze yona?

3 Umprofeti uDaniyeli ngomnye wabona bantu babethembekile esinokufunda kubo. Nangona wayethinjelwe eBhabhiloni, wenza izinto ezazibonisa ukuba abantu bangamthemba. Bamthemba nakakhulu xa wancedwa nguYehova ukuba atolike amaphupha kaKumkani waseBhabhiloni, uNebhukadenetsare. Ngeny’ imini, kwafuneka axelele lo kumkani ukuba into ayenzileyo imcaphukisile uYehova, ibe lo myalezo ayingomyalezo awayenokuthanda ukuwuva ukumkani. Kwafuneka abe nesibindi uDaniyeli, kuba uNebhukadenetsare wayengonqeni ukuthi makabulawe umntu omcaphukisayo! (Dan. 2:12; 4:20-22, 25) Emva kweminyaka emininzi, uDaniyeli waphinda wenza into eyayibonisa ukuba unokuthenjwa, xa wacacisa into eyayithethwa ngamazwi awayebhalwe eludongeni eBhabhiloni, kwindlu kaKumkani. (Dan. 5:5, 25-29) Nasemva koko, noDariyo umMedi namagosa akhe babona ukuba “wayenomoya ongaqhelekanga.” Bavuma ukuba “wayethembekile, engumntu okhathalayo nongarhwaphiliziyo.” (Dan. 6:3, 4) Nabalawuli ababekhonza izithixo bazibonela ukuba lo mkhonzi kaYehova unokuthenjwa!

4 Nantsi imibuzo esifanele sizibuze yona xa sicinga ngoDaniyeli: ‘Abantu abangengomaNgqina bandazi ndingumntu onjani? Bandazi ndingumntu onokuthenjwa nozenzayo izinto afanele azenze?’ Kutheni ibalulekile le mibuzo? Kaloku xa singabantu abanokuthenjwa uYehova uyadunyiswa.

UNehemiya wakhetha amadoda anokuthenjwa ukuba enze imisebenzi ebalulekileyo (Jonga isiqendu 5)

5. Kutheni sisithi uHananiya wayenokuthenjwa?

5 Ngo-455 B.C.E., emva kokuba uMlawuli uNehemiya ephinde wakha iindonga zaseYerusalem, wafuna amadoda awayenokuthenjwa nawayeza kusihoya kakuhle isixeko. Omnye wamadoda awawakhethayo yayinguHananiya, uMphathi weNqaba. Xa imchaza, iBhayibhile ithi: “Wayeyeyona ndoda ithembekileyo neyoyika uThixo wokwenene ngaphezu kwabaninzi.” (Neh. 7:2) Ngenxa yokuba wayethanda uYehova, esoyika nokumkhathaza, uHananiya wayezimisela xa esenza nowuphi na umsebenzi ekwakusithiwa makawenze. Ezo mpawu, zinokusinceda nathi sibe ngabakhonzi bakaYehova abanokuthenjwa.

6. UTikiko wabonisa njani ukuba wayengumhlobo umpostile uPawulos awayenokumthemba?

6 Cinga ngoTikiko, umzalwana owayethenjwa ngumpostile uPawulos. Xa uPawulos wayelibanjwa elihlala endlini, wathembela ngale ndoda, esithi ‘isebenza ngokuthembeka.’ (Efe. 6:21, 22) Wayithemba ukuba yayingazukubanika iileta nje qha abazalwana noodade base-Efese naseKolose, kodwa yayiza kubakhuthaza ize ibathuthuzele. UTikiko usikhumbuza amadoda anokuthenjwa nasinceda sihlale sinokholo.—Kol. 4:7-9.

7. Ukuthembeka kwabadala nezicaka zolungiselelo kwibandla okulo kukufundisa ntoni?

7 Sibabulela kakhulu abazalwana esinokubathemba abangabadala nezicaka zolungiselelo. Nabo njengoDaniyeli, uHananiya noTikiko, abayithathi lula imisebenzi abayinikiweyo. Ngokomzekelo, xa sisiya kwintlanganiso yaphakathi evekini siqinisekile ukuba bonke abazalwana noodade abaneentetho baxelelwe kwangaphambili. Abadala bavuya kakhulu xa aba bazalwana noodade bezilungiselela baze bazenze kakuhle iintetho zabo! Sibamema ngomzimba ongenaxhala nabantu esibafundisa iBhayibhile kwintlanganiso yangempela-veki, kuba siqinisekile ukuba uza kubakho umzalwana oza kwenza intetho yesidlangalala. Siqinisekile nokuba siza kuzifumana iincwadi esizisebenzisa xa sishumayela! Basikhathalele nyhani aba bazalwana bathembekileyo futhi siyambulela uYehova ngabo. Kodwa ziintoni esinokuzenza ukuze sibe ngabantu abanokuthenjwa?

THEMBEKA, UNGAZITHETHI IZINTO EZIYIMFIHLO

8. Yintoni esifanele siyilumkele nangona sinomdla kubazalwana noodade? (IMize. 11:13)

8 Siyabathanda abazalwana noodade futhi sinomdla wokwazi ukuba izinto zibahambela kakuhle na. Kodwa masikulumkele ukuzifaka kwizinto zabo ezingafuni thina okanye ukuthetha izinto zabo eziyimfihlo. Amanye amaKristu awayephila ngexesha labapostile ‘ayehleba aze azifake ezintweni zabantu, ethetha izinto awayengafanelanga azithethe.’ (1 Tim. 5:13) Asifuni tu ke thina ukufana nawo. Masithi umntu usibalisela into aze acele ukuba loo nto iphelele kuthi. Ngokomzekelo, udade usenokusibalisela ngento agula yiyo okanye enye ingxaki anayo, aze acele singayithi vu. Masiyenze le nto ayicelayo. b (Funda iMizekeliso 11:13.) Ngoku masithethe ngezinto esimele sizigcine ziyimfihlo.

9. Yintoni emele yenziwe ngumntu wonke entsatsheni ukuze athenjwe?

9 Thembeka kwintsapho yakho. Wonke umntu entsatsheni umele angazithethi izinto zentsapho ezimele zingaziwa ngabanye abantu. Ngokomzekelo, kusenokubakho into umyeni ayibona ihlekisa nedla ngokwenziwa ngumfazi wakhe. Ngaba uza kumhlaza umfazi wakhe ngokubalisela abanye abantu? Hayi! Kaloku uyamthanda umfazi wakhe futhi akafuni ukwenza nantoni na eza kumkhathaza. (Efe. 5:33) Nabantu abafikisayo bayakudinga ukuhlonitshwa. Abazali bamele bayikhumbule loo nto. Bamele bangabahlazi abantwana babo ngokubalisela abanye abantu ngezinto abangazenzi kakuhle. (Kol. 3:21) Nomntwana umele akulumkele ukuhamba ethetha izinto ezinokuhlaza abantu bakokwabo. (Dut. 5:16) Xa wonke umntu engahambi ethetha izinto zentsapho eziyimfihlo, intsapho itsho ivane nakakhulu.

10. Kuthetha ukuthini ukuba ngumhlobo wokwenene? (IMize. 17:17)

10 Thembeka kubahlobo bakho. Ngamanye amaxesha, siyamdinga umhlobo esinokumxelela indlela esiziva ngayo. Kodwa akusoloko kulula. Kungenzeka akuyonto yethu ukuxelela abanye abantu ngezinto ezisikhathazayo, futhi sinokuphoxeka kakhulu ukuba umhlobo esimthembayo unokubalisela abanye abantu ngezo zinto. Kodwa siye sivuye kakhulu xa umhlobo esimxelele into eyigcina kuye! ‘Ngumhlobo wokwenene’ lowo.—Funda iMizekeliso 17:17.

Abadala abazithethi izinto eziyimfihlo kwiintsapho zabo (Jonga isiqendu 11) c

11. (a) Abadala nabafazi babo babonisa njani ukuba banokuthenjwa? (b) Sifunda ntoni kwinto eyenziwa ngomnye umdala xa wayekunye nentsapho yakhe emva kokwenza umsebenzi webandla omele ube yimfihlo? (Jonga umfanekiso.)

11 Thembeka kubazalwana noodade. Abadala abagcina izinto ziyimfihlo ‘banjengekhusi emoyeni, indawo yokuzifihla’ yabazalwana noodade. (Isa. 32:2) Akukho nto soyika ukubabalisela yona, kuba siqinisekile ukuba abazukubalisela abanye abantu ngayo. Asibanyanzeli ukuba basixelele izinto esingafanelanga sizazi. Siyababulela nabafazi babo ngokungabagrumbi. Xa sithetha inyani, umfazi womdala uyancedakala xa engazixelelwa izinto eziyimfihlo zabazalwana noodade. Umfazi womnye umdala wathi: “Ndiyambulela umyeni wam, kuba akandixeleli kwanto ngabazalwana noodade ababonayo xa eyokwenza amatyelelo okwalusa, akandixeleli nokuba ngoobani. Ndiyavuya, kuba andizukhathazeka ngenxa yeengxaki ekungekho nto ndinokuyenza ngazo. Nasebandleni ndincokola nomntu wonke ndikhululekile. Ndiqinisekile nokuba, xa ndixelela umyeni wam izinto ezindikhathazayo neengxaki endinazo, akazukuxelela omnye umntu ngazo.” Sonke siyafuna abantu abasithembe. Zeziphi iimpawu ezinokusinceda? Makhe sithethe ngeziyi-5.

YIBA NEEMPAWU EZIZA KUKUNCEDA UTHENJWE

12. Khawuchaze isizathu sokuba sithi uthando lusinceda sithenjwe ngabazalwana noodade. Yenza umzekelo.

12 Xa sinothando baza kusithemba abanye. UYesu wathi eyona mithetho mikhulu ngothi masithande uYehova nothi masithande ummelwane. (Mat. 22:37-39) Kuba simthanda uYehova, sifuna ukuthembeka njengaye. Ngokomzekelo, siyabathanda abazalwana noodade, ngoko asibabaliseli abanye abantu ngezinto zabo eziyimfihlo. Asifuni kuzithetha izinto zabo ezinokubabeka engozini, zibahlaze okanye zibakhathaze.—Yoh. 15:12.

13. Ukuthobeka kusinceda njani sithenjwe ngabantu?

13 Ukuthobeka kusinceda sithenjwe ngabanye. UmKristu othobekileyo akazigqatsi ngokufuna kusoloko inguye ochaza izinto. (Fil. 2:3) Akazami ukwenza abanye bacinge ukuba wazi izinto ezibalulekileyo, ezingafanelanga zithethwe. Ukuthobeka kuza kusinceda singahambi sixelela abantu ngezinto esizicingayo ezingekhoyo eBhayibhileni nakwiimpapasho zethu.

14. Ukucinga kusinceda njani sithenjwe ngabanye?

14 Ukucinga kuza kunceda umKristu alazi “ixesha lokuthi cwaka nexesha lokuthetha.” (INtshu. 3:7) Kwezinye iilwimi ukuthetha kufaniswa nesilivere kodwa ukuthula kufaniswa negolide. Loo nto ithetha ukuba ngamanye amaxesha kusenokuba bhetele sithule kunokuba sithethe. Yiloo nto esiyicetyiswa kwiMizekeliso 11:12 ethi: “Umntu ocingayo uthi cwaka.” Nanku umzekelo wale nto sithetha ngayo. Omnye umdala onamava udla ngokucelwa ukuba ancede amanye amabandla kwiingxaki zawo ekungekho lula ukuzilungisa. Omnye umzalwana, naye ongumdala, wathi ngaye: “Usoloko ekulumkele ukuthetha izinto eziyimfihlo zamanye amabandla.” Kuba lo mdala elumkile, nabanye abadala abasebandleni lakhe bayamhlonipha. Baqinisekile ukuba soze achaze izinto zabo eziyimfihlo kwabanye.

15. Khawenze umzekelo obonisa ukuba ukuthetha inyani kusenza sithenjwe.

15 Ukuthetha inyani yenye yezinto ezenza umntu athenjwe. Siyamthemba umntu onenyani kuba siyazi ukuba soze asiqhathe. (Efe. 4:25; Heb. 13:18) Ngokomzekelo, masithi ufuna ukuyiphucula indlela ofundisa ngayo. Ukuze uyenze loo nto ucela omnye umntu amamele intetho yakho aze akucebise ukuba umele uphucule phi. Ngumntu onjani onokumthemba ukuba akucebise? Ngaba ngumntu oza kukuxelela le nto ufuna ukuyiva okanye ngumntu oza kuba nobubele kuwe akuxelele inyani? Izicacele impendulo. IBhayibhile ithi: “Kubhetele ukululeka umntu ngokuvakalayo kunokumthanda uze ungambonisi. Amanxeba awenziwe ngumhlobo athembekile.” (IMize. 27:5, 6) Ekuqaleni, kusenokungabi lula ukuyamkela into asixelela yona, kodwa kukusixelela kwakhe inyani okuza kusinceda.

16. IMizekeliso 10:19 ibonisa njani ukuba kubalulekile ukukwazi ukuzibamba?

16 Ukukwazi ukuzibamba kubaluleke kakhulu ukuba sifuna abanye basithembe. Kusenza sithule xa kukho into enokusenza sithethe izinto eziyimfihlo. (Funda iMizekeliso 10:19.) Kusenokuba nzima ukuzibamba xa sisebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola. Ukuba asilumkanga singazibona sesithetha izinto eziyimfihlo kubantu abaninzi. Xa sipowuste into asinakuyilawula indlela abantu abaninzi abaza kuyisebenzisa ngayo nomonakalo onokwenziwa yiloo nto. Ukukwazi ukuzibamba kuza kusenza sithule naxa abantu abangasifuniyo bezama ukusenza sithethe izinto eziza kufaka abazalwana noodade engxakini. Le nto inokwenzeka xa amapolisa esipheka esophula ngemibuzo, apho umsebenzi wethu uvaliweyo okanye ubekelwe imithetho. Kwiimeko ezifana nezi sinokusebenzisa umgaqo othi ‘masivale imilomo yethu.’ (INdu. 39:1) Simele sithembeke kwiintsapho zethu, kubahlobo, kubazalwana noodade nakwabanye abantu. Ukuze siyenze loo nto kufuneka sikwazi ukuzibamba.

17. Yintoni esinokuyenza ukuze ibandla lithembane?

17 Siyambulela uYehova ngokuba esitsalele kwintsapho yakhe enabantu abasithandayo nesibathembayo! Sonke simele senze izinto eziza kusenza sithenjwe ngabazalwana noodade. Njengoko sisebenzela ekuboniseni uthando, ukuthobeka, ukucinga kakuhle, ukuthetha inyani, nokukwazi ukuzibamba, sincedisa ekubeni ibandla lithembane. Simele singayeki ukwenza izinto eziza kusenza sithenjwe. Masilinganise uThixo wethu, uYehova, ngokuhlala sibonisa ukuba singabantu abanokuthenjwa.

INGOMA 123 Masithobele Ukhokelo LukaThixo

a Ukuba sifuna abantu basithembe, kufuneka sibenze babone ukuba nyhani sinokuthenjwa. Kweli nqaku, siza kubona ukuba kutheni kubalulekile ukuthembana, nokuba zeziphi iimpawu ezinokusinceda sibe ngabantu abanokuthenjwa.

b Xa kukho umntu oye wenza isono esinzulu, simele simkhuthaze ukuba acele uncedo kubadala. Ukuba akade ayenze loo nto, kuza kufuneka sithembeke kuYehova nakwibandla size sibaxelele ngokwethu.

c INGCACISO YOMFANEKISO: Umdala akayixeleli intsapho yakhe izinto zebandla ebezenza ezimele zibe yimfihlo.