Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngoobani abaza kuvuselwa emhlabeni? Baza kufumana oluphi uvuko?

Makhe sive indlela iBhayibhile eyiphendula ngayo le mibuzo.

KwiZenzo 24:15 kuthiwa kuza kuvuswa abantu “abangamalungisa nabangengomalungisa.” Abantu abangamalungisa ngabo baye bamthobela uThixo ngaphambi kokuba basweleke, ngoko amagama abo abhaliwe kwincwadi yobomi. (Mal. 3:16) Kanti bona abangengomalungisa ngabo baye basweleka bengekalifumani kakuhle ithuba lokufunda ngoYehova, ngoko amagama abo awabhalwanga kwincwadi yobomi.

KuYohane 5:28, 29 kuthethwa ngala maqela mabini abantu achazwe kwiZenzo 24:15. UYesu uthi “abo benza izinto ezilungileyo baza kuvukela ebomini, baze abo benza izinto ezimbi, bavukele ukugwetywa.” Abantu abangamalungisa babesenza izinto ezilungileyo ngaphambi kokuba basweleke. Baza kuvukela ebomini kuba amagama abo asabhaliwe kwincwadi yobomi. Kodwa bona abangengomalungisa babesenza izinto ezimbi ngaphambi kokuba basweleke. Baza kuvukela ukugwetywa. Amagama abo awabhalwanga kwincwadi yobomi, ngoko ukuvuswa kwabo baza kugwetywa okanye baza kujongwa ukuba bayayithobela na imithetho kaThixo abayifundiswayo. Elo iza kuba lixesha lokuba bafunde ngoYehova ukuze amagama abo abhalwe kwincwadi yobomi.

Ngokutsho kweSityhilelo 20:12, 13 bonke abantu abavusiweyo kuza kufuneka benze izinto ‘ezibhalwe kumsongo.’ Ezo zinto yimithetho emitsha uThixo aza kusinika yona kwihlabathi elitsha. Abantu abangayithobeliyo baza kutshatyalaliswa.​—Isa. 65:20.

Isiprofeto esikuDaniyeli 12:2 sithi abanye abantu abaswelekileyo baza kuvuka “baze baphile ubomi obungunaphakade. Abanye baza kuvukela kubomi behlazo nakwilishwa likanaphakade.” Le vesi ithetha ngento yokugqibela eza kwenzeka kubo. Baza kufumana “ubomi obungunaphakade” okanye ‘ilishwa likanaphakade.’ Ngoko ekupheleni kweminyaka eyi-1 000 abanye baza kufumana ubomi obungunaphakade, abanye baza kutshatyalaliswa ngonaphakade.​—ISityhi. 20:15; 21:3, 4.

Imeko yala maqela mabini aza kuvuswa sinokuyifanisa nabantu abafuna ukuya kuhlala kwelinye ilizwe. Iqela labantu abangamalungisa lifana nabantu abafumene ivisa ebavumela ukuba basebenze okanye bahlale kweli lizwe. Le visa ibenza baziwe ukuba bakhona baze bakhululeke ukwenza izinto ezenziwa ngabantu balapho. Kanti lona iqela labantu abangengomalungisa lifana nabantu abafumene ivisa yabantu abahambele kwelo lizwe. Abo bantu kuye kufuneke babonise ukuba bayayithobela na imithetho yalapho ukuze bavunyelwe ukuba baqhubeke behlala. Ngokufanayo ke, abantu abangengomalungisa abavusiweyo kuza kufuneka bathobele imithetho abayinikwe nguYehova baze babonise ukuba bangamalungisa ukuze bahlale bephila eParadesi. Nokuba yeyiphi ivisa abayifumanayo abantu xa befika kwelinye ilizwe, ekugqibeleni abanye banokuba ngabahlali kwelo lizwe kanti abanye basenokugxothwa. Loo nto iza kuxhomekeka kwindlela abaye baziphatha ngayo. Ngoko into eza kwenzeka ekugqibeleni kubo bonke abantu abavusiweyo iza kuxhomekeka kwindlela abathembeke nabaziphethe ngayo kwihlabathi elitsha.

Ngoxa uYehova enguThixo wothando, ukwanguye noThixo onobulungisa (Dut. 32:4; INdu. 33:5) Uthando uza kulubonisa ngokuvusa abantu abangamalungisa nabangengomalungisa. Kwangaxeshanye ufuna bonke abantu bathobele imithetho yakhe yezinto athi zilungile nathi azilunganga. Ngabantu abamthandayo nabathobela loo mithetho qha aza kubavumela ukuba bahlale bephila kwihlabathi elitsha.