Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 40

‘Ukwenza Abantu Abaninzi Babe Ngamalungisa’

‘Ukwenza Abantu Abaninzi Babe Ngamalungisa’

“Abo benza abantu abaninzi babe ngamalungisa, baza kukhazimla njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.”​—DAN. 12:3.

INGOMA 151 Baza Kubizwa

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Ziintoni ezivuyisayo eziza kwenzeka kuLawulo Lweminyaka Eliwaka?

 KUZA kuba mnandi kakhulu apha emhlabeni xa kuqalisa ukuvuswa kwabantu kuLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu. Bonke abaswelekelwe ngabantu ababathandayo bangxamele ukude bababone. Uziva ngaloo ndlela noYehova. (Yobhi 14:15) Cinga ngendlela ekuza kuvuywa ngayo emhlabeni wonke xa abantu esibathandayo bevuswa. Kwinqaku elidlulileyo sifundile ukuba abantu abangamalungisa nabanamagama abhalwe kwincwadi yobomi baza ‘kuvuselwa ebomini.’ (IZe. 24:15; Yoh. 5:29) Mhlawumbi nabantu esibathandayo baza kuba phakathi kwabo baza kuvuswa kuqala. b Eny’ into esiyifundileyo kukuba abo ‘bangengomalungisa,’ abantu abangazange bafunde ngoYehova okanye bamkhonze ngaphambi kokuba basweleke, baza ‘kuvuselwa ukugwetywa.’

2-3. (a) UIsaya 11:9, 10 ubonisa ukuba iza kuba ngowuphi owona msebenzi mkhulu wokufundisa kweyakha yakho? (b) Yintoni esiza kuyifunda kweli nqaku?

2 Bonke abantu abavusiweyo kuza kufuneka bafundiswe. (Isa. 26:9; 61:11) Ngoko kuza kufuneka kwenziwe owona msebenzi mkhulu kweyakha yakho. (Funda uIsaya 11:9, 10.) Uza kwenzelwa ntoni loo msebenzi? Kaloku kuza kufuneka kufundiswe abantu abangengomalungisa abavusiweyo ngoYesu Kristu, idini lakhe, uBukumkani BukaThixo, ukubaluleka kwegama likaYehova nangesizathu sokuba kumele kulawule yena qha. Nabantu abangamalungisa kuza kufuneka bacaciselwe izinto uYehova azifundise abantu bakhe ngesizathu sokuba adale umhlaba. Abanye babo basweleka iBhayibhile ingekagqitywa ukubhalwa, ngoko zininzi izinto eziza kufundwa ngabantu abangamalungisa nabangengomalungisa.

3 Kweli nqaku kuza kuphendulwa le mibuzo: Uza kwenziwa njani umsebenzi omkhulu wokufundisa? Ukuthobela kwabantu abaza kufundiswa kudibana njani nokubhalwa okanye nokungabhalwa kwamagama abo kwincwadi yobomi? Iimpendulo zale mibuzo zibalulekile kuthi. Njengokuba siza kubona, ezinye iziprofeto ezikuDaniyeli nakwiSityhilelo ziza kusinceda siyiqonde kakuhle eyona nto iza kwenzeka xa abantu bevusiwe. Masiqale sithethe ngezinto ezivuyisayo ekwaprofetwa ngazo kuDaniyeli 12:1, 2.

‘ABO BAFAYO BAZA KUVUSWA’

4-5. KuDaniyeli 12:1 kuthiwa kuza kwenzeka ntoni ngexesha lesiphelo?

4 Funda uDaniyeli 12:1. Incwadi kaDaniyeli izichaza ngokulandelelana kwazo izinto ezivuyisayo eziza kwenzeka ngexesha lesiphelo. Ngokomzekelo, kwisahluko 12:1 ithi uMikayeli onguYesu Kristu ‘umela abantu’ bakaThixo. Le nto yaqala ukwenzeka ngo-1914 xa uYesu waba nguKumkani eBukumkanini BukaThixo.

5 Kodwa uDaniyeli waxelelwa nokuba uYesu ‘uza kuma ngexesha elinzima, ixesha ekungazange kubekho linjengalo ukusuka ekusekweni kohlanga de kwaba lelo xesha.’ Eli ‘xesha linzima’ lixesha “lentlungu engathethekiyo” ekuthethwa ngayo kuMateyu 24:21. UYesu uza kuma okanye uza kulwela abantu bakaThixo xa kuphela eli xesha linzima, ngeArmagedon. Incwadi yeSityhilelo ithi aba bantu sisihlwele esikhulu ‘esiphuma kwintlungu engathethekiyo.’​—ISityhi. 7:9, 14.

6. Kuza kwenzeka ntoni emva kokuba isihlwele esikhulu sisindile kwixesha lentlungu engathethekiyo? Cacisa. (Jonga inqaku elikule Mboniselo elithi “Imibuzo Evela Kubafundi,” elithetha ngokuvuselwa kwabantu emhlabeni.)

6 Funda uDaniyeli 12:2, umbhalo osemazantsi. Kuza kwenzeka ntoni emva kokuba isihlwele esikhulu sisindile kweli xesha linzima? Sasikade sicinga ukuba kuDaniyeli 12:2 kuthethwa ngokuvuselwa ezulwini okanye ukwanda komsebenzi wokushumayela emva kokuba waphantse wapheliswa ngabantu ababengasifuni ngo-1918. c Kodwa ngoku siyaqonda ukuba la mazwi athetha ngokuvuswa kwabantu okuza kwenzeka kwihlabathi elitsha. Kutheni sisitsho? Igama elithi “eluthulini” kuYobhi 17:16 lithetha into enye negama elithi “engcwabeni.” Le nto ithetha ukuba kuDaniyeli 12:2 kuthethwa ngovuko oluza kwenzeka emva kwemihla yokugqibela nasemva kweArmagedon.

7. (a) Kuthetha ukuthini ukuvuselwa kwabantu ‘kubomi obungunaphakade’? (b) Kutheni sisithi ‘luvuko olubhetele’ olu?

7 Uthetha ukuthini uDaniyeli 12:2 xa esithi abanye baza kuvuswa baze ‘baphile ubomi ngonaphakade’? Le nto ithetha ukuba kwiminyaka eyi-1 000 abantu abavusiweyo abaye bafundiswa ngoYehova noYesu okanye baqhubeka befunda ngabo baza babathobela, baza kufumana ubomi obungunaphakade. (Yoh. 17:3) Olu ‘luvuko olubhetele’ kunolwabantu ababekhe bavuswa ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. (Heb. 11:35) Ngoba? Kaloku abo bantu baphinda basweleka.

8. Abanye abantu baza kuvuselwa njani “kubomi behlazo nakwilishwa likanaphakade”?

8 Kodwa ayingabo bonke abantu abavusiweyo abaza kuvuma ukufundiswa nguYehova. Kwisiprofeto sikaDaniyeli kuthiwa abanye abantu “baza kuvukela kubomi behlazo nakwilishwa likanaphakade.” Kuba bengazukumthobela uYehova, amagama abo awazukubhalwa kwincwadi yobomi futhi soze babufumane nobomi obungunaphakade. Baza kuba ‘nelishwa likanaphakade’ okanye baza kutshatyalaliswa. Ngoko uDaniyeli 12:2 uthetha ngento eza kwenzeka kubo bonke abantu abaza kuvuswa ngenxa yezinto abaza kuzenza emva kokuba bevusiwe. d (ISityhi. 20:12) Abanye baza kufumana ubomi obungunaphakade, abanye batshabalale.

‘UKWENZA ABANTU ABANINZI BABE NGAMALUNGISA’

9-10. Yintoni enye eza kwenzeka emva kwexesha lentlungu engathethekiyo? Ngoobani abaza “kukhanya njengokuqaqamba kwesibhakabhaka sezulu”?

9 Funda uDaniyeli 12:3. Yintoni enye eza kwenzeka emva ‘kwexesha elinzima’? Xa isongeza kwinto ethethwa kuDaniyeli 12:2, ivesi 3 isichazela ngento eza kwenzeka emva kwexesha lentlungu engathethekiyo.

10 Ngoobani ‘abaza kukhanya njengokuqaqamba kwesibhakabhaka sezulu’? Into eyathethwa nguYesu kuMateyu 13:43 isinceda siphenduleke. Kaloku wathi: “Ngelo xesha, amalungisa aza kuqaqamba njengelanga kuBukumkani bukaTata wawo.” Apha uYesu wayethetha “ngoonyana boBukumkani,” abazalwana bakhe abangamaKristu athanjisiweyo nabaza kulawula naye ezulwini. (Mat. 13:38) Ngoko uDaniyeli 12:3 umele ukuba uthetha ngamaKristu angabathanjiswa nomsebenzi aza kuwenza kuLawulo Lweminyaka Eliwaka.

Abantu abayi-144 000 baza kusebenza noYesu Kristu bekhokela kumsebenzi wokufundisa oza kwenziwa kwiminyaka eyi-1 000 (Jonga isiqendu 11)

11-12. Ngowuphi umsebenzi oza kwenziwa ngabantu abayi-144 000 kwiminyaka eyi-1 000?

11 Abathanjiswa baza kubenza njani “abantu abaninzi babe ngamalungisa”? Baza kusebenzisana noYesu Kristu bekhokela kumsebenzi wokufundisa oza kwenziwa emhlabeni kwiminyaka eyi-1 000. Aba bantu bayi-144 000 abazukuba ngookumkani nje qha, baza kuba ngabo nababingeleli. (ISityhi. 1:6; 5:10; 20:6) Ngenxa yaloo nto, baza kuncedisa ‘ekuphiliseni iintlanga,’ bebanceda kancinci kancinci abantu ukuba bade bangabi nasono. (ISityhi. 22:1, 2; Hez. 47:12) Baza kukuvuyela kakhulu ukwenza lo msebenzi.

12 Ngoobani abaza kwenziwa babe ngamalungisa? Ngabantu abaza kube bevusiwe, abantu abaza kusinda kwiArmagedon nabo bonke abantwana abasenokuzalwa kwihlabathi elitsha. Ekupheleni kweminyaka eyi-1 000, bonke abantu abasemhlabeni baza kube bengenasono. Ngoko aza kubhalwa nini ngeinki amagama abo kwincwadi yobomi?

UKUVAVANYWA OKOKUGQIBELA

13-14. Kuza kufuneka benze ntoni abantu abangenasono abaza kube besemhlabeni ukuze bafumane ubomi obungunaphakade?

13 Masikhumbule ukuba ukungabi nasono akuthethi kuthi umntu uza kufumana ubomi obungunaphakade ngokuzenzekelayo. Cinga ngoAdam noEva. Babengenasono, kodwa kwakufuneka baqale bathobele uYehova uThixo ngaphambi kokuba bafumane ubomi obungunaphakade. Okubuhlungu kukuba zange bayenze loo nto.​—Roma 5:12.

14 Baza kube benjani abantu abaphila emhlabeni xa kuphela iminyaka eyi-1 000? Bonke baza kube bengenasono. Ngaba bonke baza kuhambisana ngonaphakade nendlela uYehova alawula ngayo? Okanye ngaba abanye baza kufana noAdam noEva abangazange bathembeke bengenasono benjalo? Le mibuzo kuza kufuneka iphendulwe. Kodwa njani?

15-16. (a) Abantu abangenasono baza kulifumana nini ithuba lokubonisa ukuba bathembekile kuYehova? (b) Yintoni eza kwenzeka xa abantu bevavanywa okokugqibela?

15 USathana uza kuvalelwa iminyaka eyi-1 000. Ngelo xesha akazukwazi ukulahlekisa mntu. Kodwa xa kuphela iminyaka eyi-1 000 uza kukhululwa aze azame ukulahlekisa abantu abangenasono. Kulapho baza kubonakala khona ukuba bayalihlonipha igama likaThixo futhi bayafuna ukulawulwa nguye. (ISityhi. 20:7-10) Zizinto abaza kuzenza xa uSathana ebavavanya eziza kwenza amagama abo abhalwe ngeinki kwincwadi yobomi okanye acinywe.

16 IBhayibhile isixelela ukuba abanye abantu abazukuthembeka njengoAdam noEva, baze bangafuni ukulawulwa nguYehova. Kuza kwenzeka ntoni kubo? ISityhilelo 20:15 sithi: “Nabani na owayengabhalwanga encwadini yobomi, waphoswa echibini lomlilo.” Aba bantu bangazukuthobela baza kutshatyalaliswa ngonaphakade. Kodwa baninzi abantu abangenasono abaza kuhlala bethembekile naxa bevavanywa okokugqibela, ngoko amagama abo awasoze acinywe kwincwadi yobomi.

‘NGEXESHA LESIPHELO’

17. Ingelosi eyayithetha noDaniyeli yathi kuza kwenzeka ntoni ngexesha lesiphelo? (Dan. 12:4, 8-10)

17 Kusivuyisa nyhani ukucinga ngezi zinto ziza kwenzeka. Kodwa ingelosi yaphinda yaxelela uDaniyeli ezinye izinto ezibalulekileyo ezaziza kwenzeka kweli xesha sikulo, ‘ixesha lesiphelo.’ (Funda uDaniyeli 12:4, 8-10; 2 Tim. 3:1-5) Yathi: “Ulwazi lokwenyaniso luza kuba luninzi.” Nyhani, iziprofeto ezikwincwadi yakhe zaziza kuqondwa kakuhle ngabantu bakaThixo. Le ngelosi yaphinda yathi kweli xesha lethu ‘abenzi-bubi babeza kwenza izinto ezimbi, bangaqondi konke konke.’

18. Sekuza kwenzeka ntoni kubantu abenza izinto ezimbi?

18 Kusenokubonakala ngathi abantu abenza izinto ezimbi bayayekwa benze unothanda. (Mal. 3:14, 15) Kodwa kungekudala uYesu uza kubagweba abo banjengeebhokwe abohlule kwabo banjengezimvu. (Mat. 25:31-33) Aba bantu benza izinto ezimbi soze basinde ngexesha lentlungu engathethekiyo futhi abazukuvuselwa nokuphila kwihlabathi elitsha. Amagama abo awazukubhalwa ‘kwincwadi yokukhumbuza’ ekuthethwa ngayo kuMalaki 3:16.

19. Yintoni esimele siyenze ngoku? Kutheni? (Malaki 3:16-18)

19 Ngoku lixesha lokubonisa uYehova ukuba asizenzi izinto ezimbi. (Funda uMalaki 3:16-18.) Kaloku uqokelela abantu ababiza ngokuba ‘ngabantu bakhe abakhethekileyo’ okanye abathandayo. Nathi sifuna ukuba ngabanye babo bantu.

Kuza kusivuyisa nyhani ukubona uDaniyeli nabantu esibathandayo ‘bephakama’ ukuze bafumane ilifa labo kwihlabathi elitsha (Jonga isiqendu 20)

20. Yintoni eyokugqibela eyathenjiswa uDaniyeli? Kutheni ufuna ukuyibona isenzeka loo nto?

20 Siphila kumaxesha avuyisa nyhani. Kodwa zininzi izinto ezintle eziseza kwenzeka. Kungekudala zonke izinto ezimbi ziza kupheliswa. Emva koko kuza kwenzeka into uYehova awayithembisa uDaniyeli esithi: “Uza kuphakama uze ufumane ilifa lakho ekupheleni kwemihla.” (Dan. 12:13) Inoba ukufuna nyhani ukubona uDaniyeli nabantu obathandayo xa bephinda ‘bephakama.’ Ukuze yenzeke loo nto, yenza yonke into onokukwazi ukuyenza ukuze uhlale uthembekile nokuze igama lakho lihlale libhaliwe kwincwadi kaYehova yobomi.

INGOMA 80 “Ziboneleni Nizivele Ukuba UYehova Ulungile”

a Eli nqaku liza kuthetha ngendlela entsha esiwuqonda ngayo umsebenzi omkhulu wokufundisa oza kwenziwa nekuthethwa ngawo kuDaniyeli 12:2, 3. Siza kubona ukuba uza kwenziwa nini futhi uza kwenziwa ngoobani. Siza kuthetha nangendlela oza kubanceda ngayo abantu abasemhlabeni balungele ukuvavanywa kokugqibela xa kuphela uLawulo Lweminyaka Eliwaka lukaKristu.

b Mhlawumbi xa kuvuswa abantu kuza kuqalwa ngabo basweleke bethembekile ngemihla yokugqibela kuze kubuywe umva. Ukuba kuza kwenzeka loo nto, abantu besizukulwana ngasinye baza kukwazi ukwamkela abantu ababaziyo. Nokuba luye lwenzeka njani uvuko, xa zithetha ngabantu abaza kuvuselwa ezulwini, iZibhalo zithi baza kuvuswa “ngokulandelelana kwabo,” ngoko sinokulindela ukuba kwenzeke into efanayo nalapha emhlabeni.—1 Kor. 14:33; 15:23.

c Le nto ilungisa indlela ebesimqonda ngayo uDaniyeli 12:2 ebhalwe kwincwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! kwisahluko 17 nakwiMboniselo yesiNgesi kaJulayi 1, 1987, iphe. 21-25.

d Amazwi athi “abantu abangamalungisa nabangengomalungisa” akwiZenzo 24:15 nathi ‘abenza izinto ezilungileyo nabenza izinto ezimbi’ akuYohane 5:29, athetha ngezinto abantu ababezenza ngaphambi kokuba basweleke.