Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UThixo Uthembisa Ukuba Soze Ziphinde Zibekhona Izigulo Eziphazamisa Iimvakalelo

UThixo Uthembisa Ukuba Soze Ziphinde Zibekhona Izigulo Eziphazamisa Iimvakalelo

UThixo usebenzisa iBhayibhile ukuze acebise aze athuthuzele abo banezigulo zengqondo.

Kodwa uThixo akaphelelanga apho. Uthembise ukuba neyona ngcambu ebangela izigulo eziphazamisa iimvakalelo zabo uza kuyiphelisa ingaphindi ibekhona.

Xa uThixo esizalisekisa eso sithembiso, azizophinda zibekhona izinto ezibuhlungu nezisikhathazayo ibe nezinto ezibuhlungu ezakhe zenzeka kuthi ‘ngaphambili azizukukhunjulwa, zingazukuphinda zithi qatha entliziyweni.’—Isaya 65:17.

AmaNgqina kaYehova angakuvuyela ukukunceda ukuze ufunde ukuba uThixo uza kusizalisekisa nini ibe njani esi sithembiso sithuthuzelayo.