Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 3

UYehova Ukunceda Uphumelele

UYehova Ukunceda Uphumelele

‘UYehova wayekunye noYosefu, yonke into awayeyenza, uYehova wayeyenza iphumelele.’—GEN. 39:2, 3.

INGOMA 30 Thixo wam, Tata Wam, Mhlobo Wam

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. (a) Kutheni ingasothusi into yokuba sineengxaki? (b) Siza kufunda ntoni kweli nqaku?

 EKUBENI singabantu bakaYehova, akusothusi ukuba neengxaki. Siyaqonda ukuba “Simele sinyamezele iintlungu ezininzi ngaphambi kokuba singene kuBukumkani BukaThixo,” njengokuba iBhayibhile isitsho. (IZe. 14:22) Siyazi nokuba ezinye iingxaki esinazo azizukuphela kude kufike ihlabathi elitsha, apho ‘kungazukubakho kufa, kungazukubakho kuzila nakukhala nantlungu.’—ISityhi. 21:4.

2 UYehova akasikhuseli ngokupheleleyo kwiingxaki, kodwa usinceda sikwazi ukuzinyamezela. Khawucinge ngento eyathethwa ngumpostile uPawulos kumaKristu awayehlala eRoma. Waqala wathetha ngeengxaki awayenazo yena naloo maKristu. Emva koko wathi: “Lowo wasithandayo usenza sizoyise zonke ezi zinto.” (Roma 8:35-37) Le nto ithetha ukuba uYehova angasenza siphumelele ngoku ingekapheli ingxaki yethu. Makhe sibone ukuba wayenza njani loo nto kuYosefu, unokuyenza njani kuwe.

XA IZINTO ZITSHINTSHA UNGALINDELANGA

3. Batshintsha njani ngokukhawuleza ubomi bukaYosefu?

3 UYakobi wayengayifihli into yokuba umthanda kakhulu uYosefu. (Gen. 37:3, 4) Ngenxa yaloo nto, abakhuluwa bakaYosefu baba nomona. Xa babona iqela loosomashishini bamaMidiyan bamthengisa kubo. Abo somashishini bahamba naye indlela ende besiya eYiputa, baza xa befika apho baphinda bamthengisa, bemthengisela uPotifare owayenguphathi woonogada bakaFaro. Ngokukhawuleza, ubomi bukaYosefu batshintsha. Wazigqibela engunyana othandwa kakhulu ngutata wakhe, wazibona sele elikhoboka lomYiputa.—Gen. 39:1.

4. Yeyiphi ingxaki esisenokuba nayo efana nekaYosefu?

4 Enye iBhayibhile ithi, ‘Izinto ezimbi zenzeka kumntu wonke.’ (INtshu. 9:11) Ngamanye amaxesha, iingxaki esiye sibe nazo “ziqhelekile ebantwini”—Le nto ithetha ukuba bonke abantu baye babe nazo. (1 Kor. 10:13) Kanti ezinye iingxaki sisenokuba nazo kuba singabalandeli bakaYesu. Ngokomzekelo, kusenokuhlekiswa ngathi, sichaswe okanye sitshutshiswe ngenxa yokholo lwethu. (2 Tim. 3:12) Nokuba zinjani iingxaki onazo, uYehova angakwazi ukukwenza uphumelele. Wayenza njani loo nto kuYosefu?

UYehova wamnceda uYosefu waphumelela naxa wathengiswa eYiputa ukuba abe likhoboka likaPotifare (Jonga isiqendu 5)

5. Xa uPotifare wayebona indlela aphumelela ngayo uYosefu, wacinga ntoni? (Genesis 39:2-6)

5 Funda iGenesis 39:2-6. UPotifare waqaphela ukuba uYosefu wayengumfana olichule kwizinto ezininzi futhi wayekhuthele. Wayesazi nokuba kutheni enjalo. Wabona ukuba ‘uYehova wayesenza yonke into awayeyenza uYosefu iphumelele.’ b Ekuhambeni kwexesha, lo mYiputa wamenza isicaka sakhe asithembileyo. Wammisela nokuba aphathe yonke indlu yakhe. Kwenzeka ntoni emva koko? Zatsho zamhambela kakuhle izinto uPotifare.

6. Inoba wayecinga ntoni uYosefu?

6 Khawuzifake ezihlangwini zikaYosefu. Yeyiphi eyona nto wayeyifuna? Ngaba wayefuna uPotifare abone indlela awayezimisele ngayo aze amenzele ububele? Kusenokwenzeka ukuba wayefuna ukukhululwa agoduke. Nangona wayefumana amaqithiqithi kwindlu kaPotifare, wayelikhoboka lendoda eyayingamkhonzi uYehova. UYehova zange enze uPotifare amkhulule uYosefu. Imeko kaYosefu yayiseza kuba mbi kakhulu.

XA KUSIYA KUSIBA KUBI

7. Kutheni sisithi imeko kaYosefu yaya isiba mbi? (Genesis 39:14, 15)

7 KwiGenesis 39, sifunda ukuba umfazi kaPotifare wamncwasa uYosefu waza wamana ezama ukumenza ukuba alale naye. Qho esenza le nto, uYosefu wayengavumi. Wade wacaphuka kakhulu waza wamtyhola esithi ebefuna ukumdlwengula. (Funda iGenesis 39:14, 15.) Wathi akuyiva le nto uPotifare, wamphosa ejele apho wavalelwa iminyaka. (Gen. 39:19, 20) Yayinjani le jele? Igama lesiHebhere elasetyenziswa nguYosefu elithi ‘ijele’ lisenokuthetha ‘iqula’ okanye ‘umngxuma.’ Le nto ibonisa ukuba le jele yayiyindawo emnyama enganiki themba. (Gen. 40:15, umbhalo osemazantsi.) IBhayibhile ibonisa nokuba kwadlula ixesha iinyawo zakhe zibotshwe ngamakhamandela, nentamo yakhe ifakwe kwiintsimbi. (INdu. 105:17, 18) Izinto zazisiya zisiba mbi kuYosefu. Wazigqibela elikhoboka elithenjwayo, wazibhaqa sel’ elibanjwa elingabalulekanga nganto.

8. Yintoni esimele siqiniseke ngayo nokuba ingxaki esinayo iya isiba nzima?

8 Ngaba wakhe waba nengxaki, eyayisiya isiba mbi ngoxa uthandaza? Yinto enokwenzeka leyo. UYehova akazinqandi ukuba zingenzeki kuthi iingxaki zeli hlabathi lilawulwa nguSathana. (1 Yoh. 5:19) Sekunjalo, qiniseka ngale nto: UYehova uyazi kakuhle ingxaki onayo futhi ukukhathalele. (Mat. 10:29-31; 1 Pet. 5:6, 7) Nantsi enye into akuthembisa yona: ‘Soze ndikushiye, ndingasoze ndikulahle.’ (Heb. 13:5) Angakunceda unyamezele nokuba imeko okuyo ibonakala inganiki themba. Makhe sibone ukuba yenzeka njani le nto kuYosefu.

UYehova wayekunye noYosefu naxa wayesejele, ngenxa yaloo nto waba ngumphathi wawo onke amanye amabanjwa (Jonga isiqendu 9)

9. Yintoni ebonisa ukuba uYehova wayekunye noYosefu xa wayesejele? (Genesis 39:21-23)

9 Funda iGenesis 39:21-23. Nakwelo xesha linzima wayevalelwe ngalo uYosefu, uYehova wamenza waphumelela. Njani? Ekuhambeni kwexesha, igosa eliyintloko lasejele lenza into eyenziwa nguPotifare, lamthemba laza lamhlonipha uYosefu. Zange kube kudala, eli gosa lammisela ukuba abe ngumphathi wamanye amabanjwa. IBhayibhile ide ithi: “Igosa eliyintloko lasejele lalingazikhathazi ngayo nantoni na eyayiphethwe nguYosefu.” Ngoku uYosefu wayenomsebenzi owawumgcina exakekile. Yayingalindelekanga ke le! Yayinokwenzeka njani into yokuba ibanjwa, elalityholwa ngokuzama ukudlwengula umfazi wegosa lasebukhosini, lifumane isikhundla esiphezulu kangaka? Asikho esinye isizathu ngaphandle kweso sichazwe kwiGenesis 39:23 ethi: “UYehova wayekunye noYosefu ibe uYehova wayesenza yonke into awayeyenza iphumelele.”

10. Chaza isizathu esasinokwenza uYosefu acinge ukuba yayingeyiyo yonke into awayephumelela kuyo.

10 Khawuphinde uzame ukuzifaka ezihlangwini zikaYosefu. Emva kokutyholwa ngento angayenzanga waza wavalelwa, ucinga ukuba wayeyibona iphumelela yonke into awayeyenza? Yeyiphi eyona nto wayeyifuna? Ngaba wayefuna ukuthandwa ligosa eliyintloko lasejele? Kusenokwenzeka ukuba wayefuna licinywe ityala lakhe aze akhululwe ejele. Wade wacela elinye ibanjwa elaliza kukhululwa ukuba limthethele noFaro, ukuze amkhulule kuloo ndawo yayimenza angonwabi. (Gen. 40:14) Kodwa elo banjwa zange likhawuleze liyenze loo nto. Ngenxa yaloo nto, kwadlula eminye iminyaka emibini uYosefu esesejele. (Gen. 40:23; 41:1, 14) Sekunjalo, uYehova waqhubeka emenza aphumelele. Wayenza njani loo nto?

11. UYehova wamenza wakwazi ukwenza ntoni uYosefu? Le nto yanceda njani ukuze kwenzeke into uYehova awayeyifuna?

11 Xa uYosefu wayesetrongweni, uYehova wenza ukumkani waseYiputa ukuba aphuphe amaphupha amabini awayemkhathaza. Lo kumkani wayefuna nyhani ukwazi ukuba ayethetha ukuthini. Xa wevayo ukuba uYosefu uyakwazi ukutolika amaphupha, wathi makabizwe. Lo mfana wawatolika encedwa nguYehova waza uFaro wayithanda nento awamcebisa ukuba ayenze. Wathi akubona ukuba uYosefu uncedwa nguYehova, wammisela ukuba ajongane nayo yonke into edibene nokutya eYiputa. (Gen. 41:38, 41-44) Ekuhambeni kwexesha, kwabakho indlala enkulu eYiputa. Kodwa zange ibe lapho qha. Yabakho nakwilizwe eyayihlala kulo intsapho yakuloYosefu, kwaKanan. Wayeza kutsho akwazi ukusindisa intsapho yakowabo, awayeza kuphuma kuyo uMesiya.

12. Zeziphi iindlela uYehova awamenza waphumelela ngazo uYosefu?

12 Khawucinge ngezinto ezingaqhalekanga ezenzeka kubomi bukaYosefu. Ngubani owenza uPotifare waqaphela uYosefu owayelikhoboka njee? Ngubani owenza igosa eliyintloko lasejele lathanda uYosefu, ibanjwa elalingabalulekanga nganto? Ngubani owenza uFaro waphupha amaphupha awayemkhathaza waza wenza uYosefu wakwazi ukuwatolika? Ngubani owenza uFaro amisele uYosefu ukuba ajongane nayo yonke into edibene nokutya eYiputa? (Gen. 45:5) Kucacile ukuba nguYehova owayeyenza iphumelele yonke into eyayisenziwa nguYosefu. Ekugqibeleni, uYehova wayitshintsha inkohlakalo eyenziwa ngabantakwabo Yosefu ukuze kwenzeke into awayeyifuna.

UYEHOVA UZA KUKWENZA UPHUMELELE

13. Ngaba uYehova ungenelela kuzo zonke iingxaki esiba nazo? Cacisa.

13 Yintoni esiyifundayo kwibali likaYosefu? Ngaba uYehova ungenelela kuzo zonke iingxaki esiba nazo? Ngaba kwezo angenelela kuzo ungenelela kuba efuna izinto ezimbi ezenzeka kuthi, ekugqibeleni ibe zizinto ezivuyisayo? Hayi, iBhayibhile ayifundisi loo nto. (INtshu. 8:9; 9:11) Kodwa nantsi ke into esiyaziyo: Xa sinengxaki, uYehova uyayibona futhi uyasiva xa sikhalela kuye. (INdu. 34:15; 55:22; Isa. 59:1) Akapheleli apho, usinceda sikwazi ukuyinyamezela loo ngxaki. Uyenza njani loo nto?

14. UYehova usinceda njani xa sineengxaki?

14 Enye yeendlela asinceda ngazo uYehova kukusithuthuzela nokusikhuthaza. Loo nto usoloko eyenza kanye ngexesha esiyidinga ngayo. (2 Kor. 1:3, 4) Kwenzeka loo nto komnye umzalwana waseTurkmenistan, uEziz, owagwetywa iminyaka emibini etrongweni ngenxa yokholo lwakhe. Uthi: “Ekuseni ngemini elaliza kuxoxwa ngayo ityala lam omnye umzalwana wandibonisa uIsaya 30:15 othi: ‘Niza komelela ukuba nihlala nizolile yaye nindithemba.’ Le vesi yayisoloko indinceda ukuba ndihlale ndizolile futhi ndimthembe kwinto yonke uYehova. Lonke ela xesha ndandivalelwe ngalo etrongweni, ndandincedwa kukucingisisa ngayo.” Likhona ixesha uYehova awakuthuthuzela ngalo wakukhuthaza xa kanye wawudinga loo nto?

15-16. Ufunda ntoni kwinto eyenzeka kuTori?

15 Sidla ngokuyibona indlela asincede ngayo uYehova emva kokuba iphelile ingxaki ebesinayo. Udade onguTori wayibona apha kuye le nto. Unyana wakhe uMason waphathwa ngumhlaza iminyaka eyi-6 wade wasweleka. Unokuyiqonda indlela awayekhathazeke ngayo uTori. Uthi, “Njengomama, andiqondi ukuba ikhona into engabuhlungu ukogqitha leyo.” Uphinda athi, “Ndiqinisekile ukuba nabanye abazali bayavumelana nam xa ndisithi kubhetele kugule wena kunokubukela umntwana wakho etyiwa ziintlungu.”

16 Yayibuhlungu nyhani into yokuba uTori abukele unyana wakhe etyiwa ziintlungu. Kodwa ekuhambeni kwexesha wacinga ngeendlela uYehova awamnceda ngazo wakwazi ukunyamezela. Uthi: “Xa ndicinga ngelo xesha nditsho ndiyibone indlela uYehova awayendinceda ngayo. Ngokomzekelo, naxa ngamanye amaxesha iintlungu awayenazo zazisenza kube nzima ukubona abantu abaze kuye, abazalwana noodade babehamba ngeemoto zabo iiyure ezimbini besiya esibhedlele. Kwigumbi lokulinda kwakusoloko kukho abantu abaze kundithuthuzela. Babesinceda nangezinto esasizidinga. Naxa kwakunzima kakhulu, sasisoloko sinazo izinto esizidingayo.” UYehova wanika uTori noMason izinto ababezidinga ukuze bakwazi ukunyamezela.—Jonga ibhokisi ethi “ UYehova Wasinika Kanye Ezi Zinto Sasizidinga.”

UNGAZILIBALI IZINTO OZENZELWE NGUYEHOVA

17-18. Yintoni enokusinceda siyibone indlela uYehova asinceda ngayo xa sinengxaki size simbulele? (INdumiso 40:5)

17 Funda iNdumiso 40:5. Eyona nto ayifuna umntu onyuka intaba kukufika phezulu. Kodwa uza kumana esima apha endleleni ukuze abuke izinto ezintle azibonayo. Nawe, ziphe ixesha lokucinga ngeendlela uYehova akunceda ngazo uphumelele nangona ingekapheli ingxaki onayo. Ekupheleni kosuku ngalunye zibuze: ‘Ziintoni uYehova andenzele zona namhlanje? Nangona ingekapheli ingxaki endinayo, uYehova undinceda njani ndinyamezele?’ Khawukhangele nokuba yinto enye uYehova akwenzele yona ukuze akuncede.

18 Kusenokwenzeka ukuba kukho ingxaki othandazela ukuba iphele. (Fil. 4:6) Ayikho mbi loo nto, kodwa simele singazilibali nezinto uYehova asenzela zona. Kaloku uthembisa ukuba uza kusomeleza aze asincede sinyamezele. Ngoko hlala umbulela uYehova ngokuba ekuxhasa. Uza kutsho uyibone indlela akunceda ngayo uphumelele naxa unengxaki, njengoko wamncedayo noYosefu.—Gen. 41:51, 52.

INGOMA 32 Mela UYehova!

a Xa sineengxaki ezenza ubomi bube nzima, kusenokubonakala ngathi yonke into esiyenzayo ‘ayiphumeleli.’ Sisenokucinga ukuba loo nto ibinokwenzeka xa iphela loo ngxaki qha. Kodwa izinto ezenzeka kuYosefu zisifundisa into ebalulekileyo yokuba, uYehova unokusenza siphumelele ngoku ingekapheli loo ngxaki. Eli nqaku, liza kusixelela ukuba unokuyenza njani loo nto.

b IBhayibhile iyichaza kwiivesi ezimbalwa indlela ezaqalisa ukumhambela kakuhle ngayo izinto uYosefu, kodwa kusenokwenzeka ukuba loo nto yathatha iminyaka emininzi.