Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 5

“Uthando Analo UKristu Luyasinyanzela”

“Uthando Analo UKristu Luyasinyanzela”

“Uthando analo uKristu luyasinyanzela . . . ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela.”​—2 KOR. 5:14, 15.

INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. (a) Siye sizive njani xa sicinga ngobomi bukaYesu nezinto awazithethayo nawazenzayo xa wayelapha emhlabeni? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

 XA SISWELEKELWE ngumntu esimthandayo siye simkhumbule kakhulu. Ekuqaleni iintliziyo zethu zisenokuba lihlwili xa sicinga ngeentsuku zangaphambi kokuba asweleke, ngokukodwa xa eye watyiwa ziintlungu. Kodwa ekuhambeni kwexesha siye sivuye xa sicinga ngezinto asifundise zona, izinto azenzileyo, indlela asikhuthaze ngayo okanye indlela abesenza sincume ngayo.

2 Naxa sifunda ngendlela uYesu awafa kabuhlungu ngayo, iintliziyo zethu ziye zibe lihlwili. Siye sicingisise ngendlela ekubaluleke ngayo kuthi ukusifela kwakhe ngokukodwa ngexesha leSikhumbuzo. (1 Kor. 11:24, 25) Kodwa xa sicinga ngazo zonke izinto awazithethayo nawazenzayo xa wayelapha emhlabeni siye sivuye kakhulu. Sikhuthazwa nakukucinga ngezinto azenzayo ngoku naseza kusenzela zona kwixesha elizayo. Ukucingisisa ngezi zinto nangendlela asithanda ngayo kuza kusinceda sibonise indlela esimbulela ngayo, njengoko siza kubona kweli nqaku.

UMBULELO ESINAWO USENZA SIFUNE UKUHLALA SILANDELA UYESU

3. Ziintoni ezisenza sibe nombulelo ngokusifela kukaYesu?

3 Xa sicinga ngobomi nokufa kukaYesu siye sibe nombulelo. Xa wayelapha emhlabeni wafundisa abantu ngezinto ezintle ezaziza kwenziwa buBukumkani BukaThixo. Sizithanda kakhulu ezi zinto sizifundiswa yiBhayibhile. Sithi enkosi ngokusifela kukaYesu kuba kuye kwasivulela indlela yokuba ngabahlobo bakhe noYehova. Abantu abanokholo kuYesu banethemba lokuphila ngonaphakade nelokuphinda babone abantu ababathandayo abaswelekayo. (Yoh. 5:28, 29; Roma 6:23) Ezi ntsikelelo asizifumani kuba kukho into esiyenzileyo, kungekho nento esinokumbhatala ngayo uThixo noKristu ngento abasenzele yona. (Roma 5:8, 20, 21) Kodwa singakwazi ukubabonisa indlela esibabulela ngayo. Njani?

Ukucinga ngoMariya Magadala kukukhuthaza njani ukuba ubonise umbulelo? (Jonga isiqendu 4-5)

4. UMariya Magadala wayibonisa njani indlela awayembulela ngayo uYesu ngento awayemenzele yona? (Jonga umfanekiso.)

4 Cinga ngomfazi owayengumYuda, uMariya Magadala. Wayengcungcuthekiswa ziidemon eziyi-7. Mhlawumbi wayecinga ukuba akukho nto inokumnceda. Khawucinge indlela awambulela ngayo xa uYesu wazikhuphayo ezo demon! Wabonisa indlela ambulela ngayo ngokuba ngumlandeli wakhe, waza wasebenzisa ixesha, amandla nezinto awayenazo ukuze amncedise kumsebenzi wokushumayela. (Luka 8:1-3) Ngoxa uMariya wayeyibulela kakhulu into ayenzelwe nguYesu, kusenokwenzeka ukuba wayengayazi into awayeseza kumenzela yona. Wayeza kunikela ngobomi bakhe ngenxa yabantu “ukuze wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo aze azenze” afumane ubomi obungunaphakade. (Yoh. 3:16) Sekunjalo, uMariya wabonisa indlela ambulela ngayo uYesu ngokunyaniseka kuye. Xa uYesu wayesiva iintlungu ebethelelwe kwisibonda sokungcungcutheka, uMariya wayeme kufutshane naye kuba emkhathalele, efuna nokuthuthuzela abantu ababelapho. (Yoh. 19:25) Akusweleka uYesu, uMariya nabanye abafazi ababini baya engcwabeni lakhe bephethe iziqholo zokuthambisa umzimba wakhe. (Marko 16:1, 2) UYehova wamsikelela kakhulu uMariya kuba wayenyanisekile kuYesu. Wavuyiswa kukubona uYesu ovusiweyo waza wathetha naye. Abafundi abaninzi zange bayifumane loo nyhweba.—Yoh. 20:11-18.

5. Sinokubonisa njani ukuba siyambulela uYehova noYesu ngazo zonke izinto abasenzele zona?

5 Nathi sinokubonisa indlela esimbulela ngayo uYehova noYesu ngazo zonke izinto abasenzele zona ngokusebenzisa ixesha, amandla nemali yethu ekukhonzeni uYehova. Ngokomzekelo, sinokuncedisa xa kusakhiwa naxa kulungiswa izakhiwo zentlangano.

UKUTHANDA UYEHOVA NOYESU KUSENZA SITHANDE ABANTU

6. Yintoni ekwenza uthi ukusifela kukaYesu sisipho sakho?

6 Xa ucinga ngendlela uYehova noYesu abakuthande ngayo, utsho ufune ukubathanda nawe. (1 Yoh. 4:10, 19) Uye ubathande nakakhulu xa uyiqonda into yokuba uYesu wakufela. Umpostile uPawulos wayeyazi le nto kangangokuba xa wayebhalela amaKristu aseGalati wabonisa indlela awayebulela ngayo esithi: ‘UNyana kaThixo, owandithandayo waza wazinikela ngenxa yam.’ (Gal. 2:20) Ngenxa yokuba uYesu wakufela, uYehova uye wakusondeza kuye ukuze ube ngumhlobo wakhe. (Yoh. 6:44) Ayikuvuyisi into yokuba uYehova ebone into entle kuwe waza wakuhlawulela ngelona xabiso likhulu ukuze ube ngumhlobo wakhe? Ayikwenzi umthande nakakhulu uYehova noYesu? Ngoko nanku umbuzo omele uzibuze wona, ‘Olo thando luza kundinyanzela ukuba ndenze ntoni?’

Indlela esimthanda ngayo uThixo noKristu imele isenze sifune ukuxelela zonke iintlobo zabantu ngomyalezo woBukumkani (Jonga isiqendu 7)

7. Njengokuba sibona emfanekisweni, singayibonisa njani indlela esimthanda ngayo uYehova noYesu? (2 Korinte 5:14, 15; 6:1, 2)

7 Indlela esimthanda ngayo uThixo noKristu isenza sibathande abanye abantu. (Funda ama-2 Korinte 5:14, 15; 6:1, 2.) Enye indlela esiyibonisa ngayo loo nto kukukhuthalela ukushumayela. Sithetha naye wonke umntu esidibana naye, nokuba ngowoluphi uhlanga, unemali engakanani okanye ufunde kangakanani. Xa sisenza le nto senza into efunwa nguYehova kuba ufuna “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize ziyazi ngendlela echanileyo inyaniso.”—1 Tim. 2:4.

8. Yintoni esinokuyenza ebonisa ukuba siyabathanda abazalwana noodade?

8 Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyamthanda uThixo noKristu kukuthanda abazalwana noodade. (1 Yoh. 4:21) Sibonisa ukuba Sibakhathalele futhi siyabanceda xa beneengxaki. Siyabathuthuzela xa beswelekelwe ngumntu abamthandayo, siye kubabona xa begula size sizame ngamandla ethu onke ukubakhuthaza xa betyhafile. (2 Kor. 1:3-7; 1 Tes. 5:11, 14) Asiyeki ukubathandazela kuba siyazi ukuba “umthandazo welungisa unamandla, ibe ungabanceda nyhani abantu.”—Yak. 5:16.

9. Yeyiphi enye indlela onokubonisa ngayo ukuba uyabathanda abazalwana noodade?

9 Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyabathanda abazalwana noodade kukuzama ngamandla ethu onke ukuhlala nabo ngoxolo. Sizama ukuxolela njengoYehova. Ukuba uYehova wavuma ukuba uNyana wakhe afele izono zethu, ngaba thina asimele sibaxolele abazalwana noodade xa besonile? Asifuni ukufana nekhoboka elikhohlakeleyo ekuthethwa ngalo kumzekeliso kaYesu. Inkosi yalo yalicima ityala lemali eninzi elaliyityala yona, kodwa lona zange lilixolele elinye ikhoboka elalilityala imali encinci. (Mat. 18:23-35) Ukuba kukho umntu onengxaki naye ebandleni, ungaya kuye ukuze niyilungise ngaphambi kokuba kufike iSikhumbuzo? (Mat. 5:23, 24) Xa usenza loo nto, ubonisa ukuba umthanda nyhani uYehova noYesu.

10-11. Abadala bangabonisa njani ukuba bayamthanda uYehova noYesu? (1 Petros 5:1, 2)

10 Abadala bangabonisa njani ukuba bayamthanda uYehova noYesu? Indlela ebalulekileyo abanokuyibonisa ngayo loo nto kukukhathalela izimvu zikaYesu. (Funda u-1 Petros 5:1, 2.) UYesu wayenza yacaca le nto kumpostile uPetros. Emva kokuba ephike uYesu kathathu, uPetros wayefuna nyhani ukubonisa ukuba uyamthanda. Emva kokuba uYesu evusiwe, wabuza uPetros wathi: “Simon nyana kaYohane, uyandithanda na?” Ngokuqinisekileyo uPetros wayenokwenza nantoni na ukuze abonise iNkosi yakhe ukuba uyayithanda. UYesu wathi kuye: “Yalusa amatakane am.” (Yoh. 21:15-17) Ubomi bakhe bonke uPetros wabonisa ukuba uyamthanda uYesu ngokukhathalela izimvu zakhe.

11 Badala, ngexesha leSikhumbuzo ninokubonisa njani ukuba into eyathethwa nguYesu kuPetros ibalulekile nakuni? Ninokubonisa indlela enimthanda ngayo uYehova noYesu ngokuzipha ixesha lokukhuthaza abazalwana noodade nelokunceda abavakalisi abapholileyo ukuba babuyele kuYehova. (Hez. 34:11, 12) Ninokuzama nokukhuthaza abantu abafundelwayo nabanye eniqalayo ukubabona abeze eSikhumbuzweni, nenze yonke into eninokukwazi ukuyenza ukuze bazive besekhaya.

UKUTHANDA UKRISTU KUSENZA SIBE NESIBINDI

12. Kutheni ukucinga ngento eyathethwa nguYesu ngobusuku bangaphambi kokuba afe kusenza sibe nesibindi? (Yohane 16:32, 33)

12 Ngobusuku bangaphambi kokuba afe, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Niza kutshutshiswa ehlabathini, kodwa ze nomelele! Mna ndiloyisile ihlabathi.” (Funda uYohane 16:32, 33.) Wancedwa yintoni ukuze abe nesibindi xa iintshaba zakhe zazizama ukumoyikisa waza wahlala ethembekile de wafa? Wayethembele ngoYehova. Ekubeni wayesazi ukuba nabalandeli bakhe babeza kuba neengxaki ezifana nezakhe, wacela uYehova ukuba abagade. (Yoh. 17:11) Kutheni le nto isenza sibe nesibindi? Kaloku uYehova unamandla ngaphezu kwazo zonke iintshaba esinazo. (1 Yoh. 4:4) Akukho nto angayiboniyo. Siqinisekile ukuba xa sithembele ngaye siza kuyeka ukoyika size sibe nesibindi.

13. Yintoni awayenzayo uYosefu waseArimathiya eyabonisa ukuba wayenesibindi?

13 Cinga ngoYosefu waseArimathiya. Wayehlonitshwa kakhulu ngamaYuda. Wayengomnye wamadoda enkundla ephakamileyo yamaYuda, iSanhedrin. Kodwa xa uYesu wayelapha emhlabeni, uYosefu wayengenaso isibindi. UYohane wathi ‘wayengumfundi kaYesu, kodwa eyifihla loo nto kuba esoyika amaYuda.’ (Yoh. 19:38) UYosefu wayenomdla kumyalezo woBukumkani, kodwa wayeyifihla ebantwini into yokuba wayenokholo kuYesu. Ngokuqinisekileyo wayesoyika ukuba xa babenokuyazi loo nto, babeza kuyeka ukumhlonipha. Nokuba sasiyintoni isizathu, iBhayibhile ithi emva kokufa kukaYesu uYosefu “waba nesibindi sokuya kuPilato waza wacela umzimba kaYesu.” (Marko 15:42, 43) Wayengasayifihli into yokuba ungumfundi kaYesu.

14. Yintoni omele uyenze xa usoyika abantu?

14 Ngaba nawe woyika abantu njengoYosefu? Esikolweni okanye emsebenzini, ngaba ukhe ube neentloni zokuzichaza ukuba uliNgqina LikaYehova? Ngaba awude ube ngumvakalisi okanye ubhaptizwe kuba unexhala lokuba baza kuthini abantu? Sukulivumela elo xhala likwenze uyeke ukwenza into oyaziyo ukuba ilungile. Thandaza ngokusuk’ entliziyweni. Cela uYehova akwenze ube nesibindi sokwenza izinto azithandayo. Xa ubona indlela ayiphendula ngayo imithandazo yakho, uza kuya usomelela uze ube nesibindi.—Isa. 41:10, 13.

UVUYO LUSENZA SINGAYEKI UKUKHONZA UYEHOVA

15. Emva kokuba uYesu ebonakele kubafundi bakhe, yintoni abayenzayo ngenxa yendlela ababevuya ngayo? (Luka 24:52, 53)

15 Abafundi bakaYesu bakhathazeka nyhani ukufa kwakhe. Khawuzifake ezihlangwini zabo. Babefelwe ngumhlobo ababemthanda, yaza loo nto yabenza baphelelwa nalithemba. (Luka 24:17-21) Kodwa xa wabonakala kubo, wazinika ixesha lokubanceda baqonde indlela ezenzeke ngayo kuye izinto ezaziprofetiwe. Wabanika nomsebenzi obalulekileyo ekwakufuneka bawenze. (Luka 24:26, 27, 45-48) Emva kweentsuku eziyi-40 wanyukela ezulwini. Ngelo xesha abafundi bakhe babevuya kakhulu, beyekile ukukhathazeka. Ukwazi ukuba iNkosi yabo iyaphila futhi yayiza kubancedisa kumsebenzi eyayibanike wona kwabenza bavuya kakhulu. Loo nto yabenza abayeka ukumdumisa uYehova.—Funda uLuka 24:52, 53; IZe. 5:42.

16. Singabalinganisa njani abafundi bakaYesu?

16 Sinokubalinganisa njani abafundi bakaYesu? Ngokumkhonza unyaka wonke uYehova, singayenzi loo nto ngexesha leSikhumbuzo qha. Le nto ifuna ukuba uBukumkani BukaThixo bube yeyona nto ibalulekileyo kuthi. Ngokomzekelo, abaninzi kuye kwafuneka batshintshe amaxesha abasebenza ngawo ukuze bashumayele, baye kwiintlanganiso baze balwenze qho unqulo lwentsapho. Abanye baye bagqiba ekubeni bangabi nazo izinto abanye abantu abacinga ukuba ziyafuneka ukuze basetyenziswe ebandleni okanye baye kukhonza kwiindawo ezidinga abavakalisi boBukumkani. Ngoxa kufuneka sinyamezele ukuze singayeki ukukhonza uYehova, usithembisa ukuba uza kusisikelela kakhulu xa uBukumkani buyeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu.—IMize. 10:22; Mat. 6:32, 33.

Ngexesha leSikhumbuzo, ziphe ixesha lokucingisisa ngento uYehova noYesu abakwenzele yona (Jonga isiqendu 17)

17. Yintoni ozimisele ukuyenza ngexesha leSikhumbuzo? (Jonga umfanekiso)

17 Sisijonge ngamehlo abomvu iSikhumbuzo esiza kuba ngoLwesibini, nge-4 ka-Aprili. Kodwa sukulinda lide lifike elo xesha ukuze ucinge ngobomi nokufa kukaYesu nangothando esiluboniswe nguye noYehova. Hlala ucinga ngezi zinto ngexesha leSikhumbuzo. Ngokomzekelo, zibekele ixesha lokufunda nokucingisisa ngezinto ekuthethwa ngazo kwindawo ethi “Iveki Yokugqibela KaYesu Emhlabeni,” kwiSihlomelo B12 kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha. Njengokuba ufunda ngoYesu, khangela iivesi zeBhayibhile eziza kukwenza uye usiba nombulelo, uthando, isibindi novuyo. Emva koko, zama ukucinga ngeendlela onokuwubonisa ngazo umbulelo onawo. Qiniseka ukuba uYesu uza kuzixabisa zonke izinto ozenzayo ngexesha leSikhumbuzo.—ISityhi. 2:19.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

a Ngexesha leSikhumbuzo sikhuthazwa ukuba sicingisise ngendlela uYesu noTata wakhe abasithande ngayo nangobomi nokufa kukaYesu. Xa sisenza loo nto siza kutsho senze izinto ezibonisa indlela esibabulela ngayo. Eli nqaku liza kuthetha ngezinto esinokuzenza ukuze sibonise indlela esimthanda ngayo uYehova noYesu, nendlela esikubulela ngayo ukusifela kwakhe. Siza kufunda nangento eza kusenza sibathande abazalwana noodade, sibe nesibindi size sikhonze uYehova sivuya.