Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 6

IBhayibhile Isifundisa Ntoni NgoMbhali Wayo?

IBhayibhile Isifundisa Ntoni NgoMbhali Wayo?

“Wabhale encwadini onke la mazwi ndiwathetha kuwe. ​—YER. 30:2.

INGOMA 96 Incwadi KaThixo​—Ixabisekile

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Kutheni umbulela uYehova ngesipho esiyiBhayibhile?

 SIMBULELA kakhulu uYehova uThixo ngesipho esiyiBhayibhile! Kuyo usinika amacebiso anokusinceda siyazi into esinokuyenza xa sineengxaki. Usithembisa nangezinto ezimangalisayo aza kusenzela zona kwixesha elizayo. Eyona into ibalulekileyo kukuba, kuyo usichazela ngeempawu ezininzi anazo. Xa sicingisisa ngezi mpawu zakhe zintle, siye simthande kakhulu size sifune ukuba ngabahlobo bakhe.—INdu. 25:14.

2. Zeziphi iindlela uYehova azazise ngazo ebantwini?

2 UYehova ufuna abantu bamazi. Kudala wayezazisa abantwini ngamaphupha, imibono nkqu neengelosi. (Num. 12:6; IZe. 10:3, 4) Sasingasoze siwazi la maphupha, imibono nemiyalezo esuka kwiingelosi ukuba yayingabhalwanga. Yiloo nto uYehova wathuma abantu ukuba ‘bazibhale encwadini’ izinto afuna sizazi. (Yer. 30:2) Ngenxa yokuba “indlela yoThixo wokwenene igqibelele,” siqinisekile ukuba le ndlela athetha nathi ngayo yeyona iza kusinceda.—INdu. 18:30.

3. Yintoni uYehova awaqinisekayo ukuba iyenziwa ukuze iBhayibhile ibe isekhona nangoku? (Isaya 40:8)

3 Funda uIsaya 40:8. Kangangeminyaka, iLizwi LikaThixo belisoloko linika amadoda nabafazi abanokholo amacebiso anokubanceda. Yenzeke njani loo nto? Kaloku iZibhalo zabhalwa kudala, kwimisongo engasekhoyo ngoku, kodwa uYehova waqiniseka ukuba kukho abantu abazikhuphelayo ezo Zibhalo Zingcwele. Nangona babenesono, babezama ngamandla abo onke ukuzikhuphela zinjengokuba zinjalo. Ngokomzekelo, xa wayethetha ngeZibhalo ZesiHebhere, omnye umphengululi wathi: “Ayikho enye incwadi yakudala eyakhutshelwa ngokuchanileyo njengeBhayibhile.” Ngoko, ngoxa iBhayibhile yabhalwa kudala, kwizinto ezibolayo, ibhalwa ngabantu abanesono, sinokuqiniseka ukuba izinto esizifunda kuyo ngoku zisuka kuMbhali wayo, uYehova.

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 “Nasiphi na isipho esihle nesigqibeleleyo” sivela kuYehova. (Yak. 1:17) Esinye sezona zipho zihle asinike zona yiBhayibhile. Isipho esisinikwa ngumntu sibonisa indlela asazi ngayo nazazi ngayo izinto esizidingayo. Kunjalo ke nangoMntu osiphe iBhayibhile. Xa siyifunda, sitsho sazi izinto ezininzi ngoYehova. Sifunda indlela asazi kakuhle ngayo nendlela azazi ngayo izinto esizidingayo. Kweli nqaku siza kuthetha ngendlela iBhayibhile ebonisa ngayo ukuba uYehova unezi mpawu zintathu: ubulumko, ubulungisa nothando. Masiqale sithethe ngendlela ebonisa ngayo ukuba uThixo unobulumko.

IBHAYIBHILE IBONISA NJANI UKUBA UTHIXO UNOBULUMKO?

5. IBhayibhile ibonisa njani ukuba uThixo unobulumko?

5 UYehova uyazi ukuba siyawadinga amacebiso akhe obulumko. IBhayibhile asinike yona igcwele bubulumko bakhe. Amacebiso aseBhayibhileni ayabanceda abantu. Iyakwazi nokutshintsha ubomi babo. Xa wayebhala iincwadi zokuqala zeBhayibhile, uMoses wathi kubantu bakaThixo amaSirayeli: “La asingomazwi njee, kodwa athetha ubomi kuni.” (Dut. 32:47) Abantu ababethobela iZibhalo, izinto zaziza kubahambela kakuhle baze bonwabe. (INdu. 1:2, 3) Nangona labhalwa kudala iLizwi LikaThixo, lisenamandla okubenza bube bhetele ubomi babantu. Ngokomzekelo, ku-jw.org/xh, kumanqaku athi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu,” kuthethwa ngamabali obomi angaphezu kwayi-50 abonisa ukuba ngenxa yamandla enawo iBhayibhile iye ‘yabanceda abantu abayikholelwayo’ batshintsha ubomi babo.—1 Tes. 2:13.

6. Kutheni sinokuthi ayikho incwadi efana neBhayibhile?

6 Ayikho incwadi efana neLizwi LikaThixo. Ibangelwa yintoni loo nto? Kaloku uMbhali wayo uYehova uThixo unamandla, uphila ngonaphakade futhi akukho mntu unobulumko obulingana nobakhe. Ezinye iincwadi ezininzi ziqhubeka zifundwa nokuba ababhali bazo baswelekile, kodwa amacebiso akuzo aphelelwa lixesha. Yona imigaqo eseBhayibhileni ayikho njalo, ihlala ibanceda abantu nokuba baphila kweyiphi iminyaka. Xa siyifunda le ncwadi ingcwele size sicingisise ngezinto esizifunda kuyo, uMbhali wayo usebenzisa amandla omoya wakhe oyingcwele ukuze asincede sibone indlela esinokuzisebenzisa ngayo izinto esicebisa zona kubomi bethu. (INdu. 119:27; Mal. 3:16; Heb. 4:12) Ukufuna nyhani ukukunceda. Loo nto imele ikwenze ufune ukuyifunda qho!

Kumaxesha akudala ukuza kutsho ngoku, iBhayibhile ibamanyanise njani abantu bakaYehova? (Jonga isiqendu 7-8)

7. IBhayibhile yayibamanyanisa njani abantu bakaYehova?

7 Enye indlela ebalaseleyo iBhayibhile ebubonisa ngayo ubulumko bukaThixo kukumanyanisa abantu bakhe. Ukufika kwamaSirayeli kwiLizwe Lesithembiso, ahlala kwiindawo ezahlukeneyo. Amanye ayengabalobi, amanye efuyile kanti amanye ayengabalimi. AmaSirayeli ahlala kwezinye iindawo ayesenokuwalibala lula amanye angahlali nawo. Kodwa uYehova wenza kwakho amaxesha adibana ngawo ukuze eve xa kufundwa kuze kucaciswe iLizwi lakhe. (Dut. 31:10-13; Neh. 8:2, 8, 18) Khawucinge indlela amele ukuba wayeziva ngayo umSirayeli othembekileyo, xa efika eYerusalem aze abone amaSirayeli amaninzi asuka kwiindawo ezahlukeneyo! Le yayiyindlela uYehova awayebanceda ngayo abantu bakhe ukuba bahlale bemanyene. Ekuhambeni kwexesha, kwabakho ibandla lamaKristu, elalinamadoda nabafazi ababethetha iilwimi ezahlukeneyo. Abanye babehlonitshwa kakhulu, abanye ingabantu njee abaqhelekileyo. Kanti abanye babezizityebi, abanye bezisokolela. Kodwa kuba babethanda iZibhalo, babemkhonza bemanyene uThixo wokwenene. Abantu ababesiba ngamaKristu babenokuliqonda iLizwi LikaThixo ngokuncedwa ngabanye abakhonzi bakhe nangokuba kunye nabo qha.—IZe. 2:42; 8:30, 31.

8. IBhayibhile ibamanyanisa njani abantu bakaThixo?

8 UThixo wethu onobulumko uqhubeka efundisa futhi emanyanisa abantu bakhe ngeBhayibhile. Yiyo esixelela yonke inyani esimele siyazi ngoYehova. Siya qho kwiintlanganiso, iindibano zesiphaluka nezengingqi, ukuze sive xa kufundwa kuze kucaciswe iZibhalo. Ngoku iBhayibhile sisixhobo esibaluleke kakhulu ekwenzeni into efunwa nguYehova yokuba abakhonzi bakhe ‘bamkhonze bemanyene.’—Zef. 3:9.

9. Simele sibe ngabantu abanjani ukuze siyiqonde into ethethwa yiBhayibhile? (Luka 10:21)

9 Nantsi enye into ebonisa indlela anobulumko ngayo uYehova. Iivesi ezininzi eziseBhayibhileni wazibhala ngendlela yokuba ziqondwe ngabantu abathobekileyo qha. (Funda uLuka 10:21.) Emhlabeni wonke abantu bayayifunda iBhayibhile. Omnye umphengululi wathi iBhayibhile “yeyona ncwadi ifundwayo emhlabeni wonke futhi abantu abayifundayo abagqithisi njee usana kunina.” Kodwa ngabantu abathobekileyo qha abayiqonda kakuhle baze bayenze into eyithethayo.—2 Kor. 3:15, 16.

10. Yeyiphi enye indlela iBhayibhile ebubonisa ngayo ubulumko bukaYehova?

10 Ikhona nenye indlela iBhayibhile ebubonisa ngayo ubulumko bukaYehova. UYehova akapheleli njee ekusifundiseni iBhayibhile xa sidibene, kodwa naxa umntu eyedwa uyamfundisa aze amthuthuzele ngayo. Wonke umntu ofunda iBhayibhile uye abone indlela uYehova amkhathalele ngayo. (Isa. 30:21) Xa unengxaki, kukangaphi ufunda iBhayibhile uze ufumane ivesi engathi yayibhalelwe wena? IBhayibhile ibhalelwe ukuba iqondwe ziimiliyon zabantu, ngoko kwenzeka njani ukuba ibe neevesi eziza kuba ngathi zibhalelwe ukunceda wena kule nto uyidingayo? Kaloku uMbhali weBhayibhile ngoyena ulumke ngaphezu kwakhe wonke omnye umntu.—2 Tim. 3:16, 17.

IBONISA NJANI UKUBA UTHIXO UNOBULUNGISA?

11. UThixo wabonisa njani ukuba akakhethi buso xa kwakubhalwa iBhayibhile?

11 Ubulungisa lolunye uphawu analo uYehova. (Dut. 32:4) Umntu onobulungisa akakhethi, ngoko uYehova akakhethi buso. (IZe. 10:34, 35; Roma 2:11) Ukungakhethi kwakhe sikubona kwinto yokuba iBhayibhile yabhalwa ngeelwimi ezazithethwa ngabantu abaninzi ngelo xesha. Ezininzi kwiincwadi zayo zokuqala eziyi-39 zibhalwe ngesiHebhere, esasisaziwa ngabantu bakaThixo ngelo xesha. Kodwa ngexesha labapostile abantu abaninzi babethetha isiGrike. Ngoko kwiincwadi zokugqibela eziyi-27 zeBhayibhile, ezininzi zabhalwa ngaso. UYehova zange athi iLizwi lakhe malibhalwe ngolwimi olunye qha. Abantu abasemhlabeni abaphantse babe yi-8 bhiliyon bathetha iilwimi ezininzi. Abantu abaninzi kangaka bangafunda njani ngoYehova?

12. Yeyiphi enye indlela eye yenzeka ngayo into ekuDaniyeli 12:4 kule mihla yesiphelo?

12 Esebenzisa umprofeti uDaniyeli, uYehova wathembisa ukuba ngexesha lesiphelo, “ulwazi lokwenyaniso” oluseBhayibhileni ‘lwaluza kuba luninzi.’ Baninzi abantu ababeza kuluqonda. (Funda uDaniyeli 12:4.) Enye indlela oluye lwaluninzi ngayo olo lwazi kukuguqulelwa, ukupapashwa nokusasazwa kweBhayibhile neencwadi ezithetha ngayo. IBhayibhile yeyona ncwadi iguqulelwe ngeelwimi ezininzi neyona isasazwe kakhulu emhlabeni wonke. Ngamanye amaxesha, iinguqulelo ezenziwe zezinye iinkampani ziba duru kakhulu. Ngoku abantu bakaYehova sebeguqulele iBhayibhile epheleleyo okanye inxalenye yayo ngeelwimi ezingaphezu kwe-240. Nabani na unokuzifumanela ikopi engakhuphanga nesenti. Loo nto yenza abantu bazo zonke iintlanga bafunde ‘iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani’ ngaphambi kokuba kufike isiphelo. (Mat. 24:14) UThixo wethu onobulungisa ufuna ukunika abantu abaninzi kangangoko ixesha lokumazi ngokufunda iLizwi Lakhe. Loo nto uyenziswa kukuba esithanda kakhulu sonke.

IBONISA NJANI UKUBA UTHIXO UNOTHANDO?

13. Kutheni sisithi iBhayibhile ibonisa ukuba uYehova unothando? (Yohane 21:25)

13 IBhayibhile ibonisa ukuba olona phawu lubalaseleyo loMbhali wayo luthando. (1 Yoh. 4:8) Khawucinge ngezinto azibhalileyo kuyo nangazibhalanga. Ubhale nje izinto eziza kusinceda sibe ngabahlobo bakhe, sonwabe ngoku size sifumane ubomi obungunaphakade. Kuba esithanda, akasibhalelanga yonk’ into le, nengazukusinceda simkhonze.—Funda uYohane 21:25.

14. Yeyiphi enye indlela izinto eziseBhayibhileni ezibonisa ngayo ukuba uThixo unothando?

14 Enye indlela uYehova abonise ngayo ukuba unothando kukuthetha nathi ngendlela esihloniphayo. EBhayibhileni akasinikanga imithetho engapheliyo, esixelela yonke into emasiyenze nemasingayenzi. Kodwa usebenzisa amabali obomi, iziprofeto ezenza umdla namacebiso esinokuwasebenzisa ukuze asincede senze izigqibo ezifanelekileyo. Ngenxa yale nto, iLizwi LikaThixo lisenza simthande size simthobele ngokusuka entliziyweni.

Kutheni simele sicingisise ngendlela uYehova awayebaphethe ngayo abakhonzi bakhe bakudala? (Jonga isiqendu 15)

15. (a) UYehova ubonise njani ukuba ubakhathalele abantu abafunda iLizwi Lakhe? (b) Emfanekisweni intombazana, umzalwana osemtsha nodade okhulileyo, bacingisisa ngoobani ekuthethwa ngabo eBhayibhileni? (Gen. 39:1, 10-12; 2 Kum. 5:1-3; Luka 2:25-38)

15 IBhayibhile ibonisa ukuba uYehova usikhathalele nyhani. Njani? KwiLizwi lakhe kukho amabali achaza indlela ababeziva ngayo abantu ekuthethwa ngabo kuwo. Siyayiqonda indlela ababeziva ngayo kuba ‘babengabantu njengathi.’ (Yak. 5:17) Eyona nto ibalulekileyo kukuba xa sijonga indlela awabaphatha ngayo uYehova, sitsho sibone ukuba nyhani ‘unovelwano nenceba.’—Yak. 5:11.

16. Into ethethwa yiBhayibhile ngabantu ababenze iimpazamo isifundisa ntoni ngoYehova? (Isaya 55:7)

16 Ikhona nenye indlela iBhayibhile ebonisa ngayo ukuba uYehova uyasithanda. IZibhalo ziyasiqinisekisa ukuba uThixo akazukusilahla xa sisenza iimpazamo. AmaSirayeli ayemona ngokuphindaphindiweyo uYehova, kodwa ayesithi akuguquka, awaxolele. (Funda uIsaya 55:7.) NamaKristu exesha labapostile ayeyibona indlela uThixo awathanda ngayo. Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba akhuthaze amanye amaKristu ukuba ‘axolele aze athuthuzele’ indoda eyayenze isono esinzulu yaza yaguquka. (2 Kor. 2:6, 7; 1 Kor. 5:1-5) Iyamangalisa into yokuba uYehova engazange abalahle abakhonzi bakhe kuba nje benze iimpazamo! Kodwa kuba ebathanda, wabanceda, wabalungisa waza wabamkela ukuba baphinde babe ngabahlobo bakhe. Uthembisa ukubenzela into efanayo nabantu abamonayo baze baguquke.—Yak. 4:8-10.

SIXABISE “ISIPHO ESIHLE” ESILILIZWI LIKATHIXO

17. Yintoni eyenza isipho sikaThixo esiyiBhayibhile singafani nezinye iincwadi?

17 UYehova usiphe into entle. Yintoni eyenza iLizwi lakhe lingafani nezinye iincwadi? Njengokuba sesifundile, iBhayibhile ibonisa indlela uThixo anobulumko, ubulungisa nothando ngayo. Ibonisa nokuba ufuna simazi size sibe ngabahlobo bakhe.

18. Sinokumbonisa njani uYehova ukuba siyambulela ‘ngesipho esihle’ esiyiBhayibhile?

18 Asifuni ukusijonga njengesingabalulekanga “isipho esihle” esiliLizwi LikaThixo. (Yak. 1:17) Ngoko masingayeki ukubonisa uYehova ukuba siyambulela ngaso. Loo nto sinokuyenza ngokungagqithis’ usana kunina xa sifunda iZibhalo Ezingcwele, size sicingisise ngazo. Xa sisenza loo nto sinokuqiniseka ukuba uMbhali wazo Omkhulu uza kuzisikelela iinzame zethu, ‘sitsho simazi uThixo.’—IMize. 2:5.

INGOMA 98 IZibhalo—Ziphefumlelwe NguThixo

a IBhayibhile isinceda sibe ngabahlobo bakaYehova. Isifundisa ntoni le ncwadi ingcwele ngobulumko, ubulungisa nothando analo uThixo? Izinto esizifundayo zinokusinceda silithande kakhulu iLizwi LikaThixo, sibone nokuba lisisipho esivela kuTata wethu osezulwini.