Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 8

“Hlalani Nisezingqondweni, Nilumke”

“Hlalani Nisezingqondweni, Nilumke”

Hlalani nisezingqondweni, nilumke!​—1 PET. 5:8.

INGOMA 144 Hlala Ujonge Emvuzweni!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Xa wayethetha nabafundi bakhe uYesu wathi siza kufika nini isiphelo seli hlabathi? Wabalumkisa wathini?

 KWIINTSUKU ezimbalwa ngaphambi kokuba uYesu afe, abafundi bakhe abane bathi kuye: “Siza kubona ngantoni xa . . . sekuza kupheliswa ihlabathi?” (Mat. 24:3) Inoba aba bafundi babefuna ukwazi ukuba baza kubona ngantoni xa sekuza kutshatyalaliswa iYerusalem netempile yayo. Kwimpendulo yakhe, uYesu zange athethe ngokutshatyalaliswa kweYerusalem qha, wathetha ‘nangokupheliswa kwehlabathi’ esiphila kulo namhlanje. Xa wayethetha ngexesha lokupheliswa kwalo wathi: “Akukho mntu uyaziyo loo mini okanye loo yure, ayaziwa ziingelosi ezisezulwini, ingaziwa nanguNyana, yaziwa nguTata kuphela.” Emva koko, walumkisa abafundi bakhe esithi ‘mabahlale bevule amehlo, bahlale bethe qwa.’—Marko 13:32-37.

2. Kutheni kwakubalulekile ukuba amaKristu awayephila ngexesha labapostile ahlale ethe qwa?

2 Ngexesha labapostile amaKristu angamaYuda kwakufuneka ahlale ethe qwa, kuba ukusinda kwawo kwakuxhomekeke kuloo nto. UYesu wabaxelela abalandeli bakhe ukuba babeza kubona ngantoni xa sekuza kutshatyalaliswa iYerusalem netempile yayo. Wathi: “Xa nibona iYerusalem irhangqwe ziintente zamajoni, ze nazi ukuba sele iza kutshatyalaliswa.” Xa kusenzeka loo nto, kwakuza kufuneka benze kanye le nto uYesu wayebaxelela yona, ‘babalekele ezintabeni.’ (Luka 21:20, 21) Abantu abasimamelayo esi silumkiso basinda xa amaRoma ayetshabalalisa iYerusalem.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Ngoku, eli hlabathi siphila kulo seliza kupheliswa. Ngoko nathi simele sihlale sisezingqondweni, sithe qwa. Kweli nqaku, siza kubona ukuba yintoni esinokuyenza ukuze sibe sezingqondweni xa sibona izinto ezenzeka kweli hlabathi, sizigade size silisebenzise kakuhle ixesha elishiyekileyo.

YIBA SEZINGQONDWENI XA UBONA IZINTO EZENZEKAYO

4. Kutheni simele sibe nomdla wokubona ukuba izinto ezenzeka ngoku ayizizo na ezo kwakuprofetwe ngazo eBhayibhileni?

4 Sinezizathu ezivakalayo zokufuna ukubona ukuba izinto ezenzekayo ngoku ayizizo na ezi kwakuprofetwe ngazo eBhayibhileni. Ngokomzekelo, uYesu wachaza izinto ezaziza kusibonisa ukuba eli hlabathi lilawulwa nguSathana lisondela ekupheleni. (Mat. 24:3-14) Umpostile uPetros wasikhuthaza ukuba sijonge indlela ezenzeka ngayo izinto ekwakuprofetwe ngazo, ukuze ukholo lwethu luhlale luqinile. (2 Pet. 1:19-21) Incwadi yokugqibela yeBhayibhile iqala ngala mazwi: “Isityhilelo esityhilwa nguYesu Kristu, asinikwe nguThixo, ukuba abonise amakhoboka akhe izinto ezimele zenzeke kungekudala.” (ISityhi. 1:1) Ngoko sinomdla kwizinto ezenzekayo emhlabeni ngoku, nokwazi indlela ezisenokubonisa ngayo ukuba kwenzeka into ekwakuprofetwe ngayo eBhayibhileni. Sisenokufuna nokuncokola ngazo nabanye abantu.

Xa sincokola ngeziprofeto zeBhayibhile, yintoni esimele singayenzi, iyintoni esimele siyenze? (Jonga isiqendu 5) b

5. Yintoni esimele singayenzi? Yintoni esimele siyenze? (Jonga imifanekiso.)

5 Xa sincokola ngesiprofeto esiseBhayibhileni, masikulumkele ukuzicingela ngokwethu ukuba siza kwenzeka njani. Ngoba? Kaloku asifuni kuthetha nantoni na enokulenza lingamanyani ibandla. Ngokomzekelo, sisenokuva iinkokheli zehlabathi zithetha ngendlela ezinokuyilungisa ngayo ingxaki ethile, nendlela ezinokwenza ngayo kubekho uxolo nokhuseleko emhlabeni. Endaweni yokuqikelela ukuba inoba kwenzeka into ekwakuprofetwe ngayo kuma-1 Tesalonika 5:3, simele siyazi into esand’ ukukhutshwa yintlangano kaYehova size sihambisane nayo. Xa sithetha izinto ezisuka kuyo, sinceda ibandla lihlale ‘licinga ngendlela efanayo.’—1 Kor. 1:10; 4:6.

6. Yintoni esiyifundayo ku-2 Petros 3:11-13?

6 Funda u-2 Petros 3:11-13. Umpostile uPetros usinceda sicingisise ngesizathu sokuba sihlolisise iziprofeto eziseBhayibhileni. Uthi ‘masihlale sicinga ngobukho bemini kaYehova.’ Kutheni kufuneka siyenze loo nto? Asiyenzi kuba sifuna ukwazi ‘imini neyure’ uYehova aza kuyizisa ngayo iArmagedon, kodwa eli xesha lishiyekileyo sifuna ukulisebenzisa kakuhle ukuze ‘siziphathe ngendlela engcwele, senze nezinto ezibonisa ukuba sizinikele kuThixo.’ (Mat. 24:36; Luka 12:40) Ngamany’ amazwi, sifuna ukuziphatha kakuhle size siqiniseke ukuba yonke into esiyenzela uYehova, siyenza kuba simthanda. Ukuze sihlale sinjalo, simele sizigade.

KUTHETHA UKUTHINI UKUZIGADA?

7. Singabonisa njani ukuba sizigadile? (Luka 21:34)

7 UYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba bangagadi nje izinto ezenzeka emhlabeni, kodwa nabo bazigade. Le nto yenziwa yacaca kwisilumkiso esikuLuka 21:34. (Sifunde.) Khawuve ukuba uYesu wathini: ‘Zigadeni.’ Umntu ozigadileyo ulumkele nantoni na enokumenza ayeke ukuba ngumhlobo kaYehova aze azame ukudlalela kude nayo. Loo nto imenza ahlale ethandwa nguThixo.—IMize. 22:3; Yude 20, 21.

8. Umpostile uPawulos wawalumkisa wathini amaKristu?

8 Umpostile uPawulos waxelela amaKristu ukuba azigade. Ngokomzekelo, wathi kwawase-Efese: “Hlalani nizigadile ukuba ningenzi izinto njengabantu abangezozilumko, kodwa nizenze njengezilumko.” (Efe. 5:15, 16) USathana usoloko ezama ukusahlukanisa noYehova. Ngoko iBhayibhile ithi ‘masihlale sijonga ukuba kuyintoni na ukuthanda kukaYehova,’ ukuze sikwazi ukuzikhusela kuzo zonke iindlela uSathana asihlasela ngazo.—Efe. 5:17.

9. Yintoni esinokuyenza ukuze sikwazi ukuba kuyintoni ukuthanda kukaYehova?

9 IBhayibhile ayisixeleli yonke into enokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakaYehova. Kufuneka sisoloko sisenza izigqibo ngezinto ezingachazwanga ngokucacileyo kuyo. Ukuze senze izigqibo ezifanelekileyo, kufuneka sijonge ukuba kuyintoni na “ukuthanda kukaYehova.” Ukuze sikwazi ukuyenza loo nto, kufuneka silifunde qho iLizwi LikaThixo size sicingisise ngalo. Xa sikuqonda ukuba kuyintoni ukuthanda kukaYehova size ‘sicinge njengoKristu,’ siza kutsho senze izinto “njengezilumko,” nokuba akukho mithetho isixelela ukuba masenze ntoni. (1 Kor. 2:14-16) Ezinye izinto ezinokusiyekisa ukuba ngabahlobo bakaYehova kulula ukuzibona; kanti ezinye azibonakali lula.

10. Zeziphi ezinye izinto eziyingozi esimele sizilumkele?

10 Ezinye izinto eziyingozi esimele sizilumkele kukuncwasa, ukunxila, ukuba ngamadlakudla, ukuthetha amazwi ahlabayo, ukubukela abantu abalwayo, iphonografi nezinto ezifana nezo. (INdu. 101:3) Utshaba lwethu, uMtyholi, lusoloko lukhangela amathuba okusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakaYehova. (1 Pet. 5:8) Ukuba asilumkanga, lunokutyala ezintliziyweni nasezingqondweni zethu imbewu yomona, ukunganyaniseki, ukubawa, inzondo nekratshi. (Gal. 5:19-21) Ekuqaleni, ezi isenokuba zizinto njee ezingenamsebenzi. Kodwa ukuba asikhawulezi sizisiphule neengcambu, ziza kukhula njengesityalo esinetyhefu size sibe sengxakini.—Yak. 1:14, 15.

11. Yeyiphi ingozi engakhawuleziyo ukubonakala esimele siyilumkele? Kutheni simele siyilumkele?

11 Enye ingozi engakhawuleziyo ukubonakala kukuba nabahlobo abangalunganga. Khawucinge ngale nto. Usebenza nomntu ongeloNgqina. Ufuna athethe kakuhle ngamaNgqina, ngoko unobubele futhi uyamnceda. Ngamanye amaxesha, ude uvume nokutya ilantshi naye. Ekuhambeni kwexesha, niyenza qho loo nto. Lo mntu uman’ encokola ngezinto ezingcolileyo, kodwa uye uzame ukungazihoyi. Uya uziqhela, de ungaboni nto irongo kuzo. Ngeny’ imini ucela nikhe niyokufumana into eselwayo, nawe uvume. Ekugqibeleni, uzibona sowucinga njengaye. Xa sekunjalo, ucinga ukuba kuza kukuthatha ixesha elingakanani ukwenza izinto azenzayo? Singabantu abanobubele nabahloniphayo, kodwa masingalibali ukuba siza kufana nabantu esisoloko sikunye nabo. (1 Kor. 15:33) Ukuba siyayenza into uYesu awathi masiyenze, sizigade, asizukuzibhaqa sesivana nabantu abangaphili ngemithetho kaYehova. (2 Kor. 6:15) Siza kuyibona ingozi size siyibaleke.

LISEBENZISE KAKUHLE IXESHA LAKHO

12. Yintoni ekwakufuneka bayenze abafundi bakaYesu ngoxa babelinde ukutshatyalaliswa kweYerusalem netempile yayo?

12 UYesu wayefuna abafundi bakhe baxakeke ngoxa belinde ukutshatyalaliswa kweYerusalem netempile yayo. Wabayalela ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo ‘eYerusalem, kulo lonke elakwaYuda naseSamariya, de bayokufika nakwezona ndawo zikude emhlabeni.’ (IZe. 1:6-8) Yayingumsebenzi omkhulu nyhani lowo! Balisebenzisa kakuhle ixesha labo ngenxa yokuba bazinikela kulo msebenzi.

13. Kutheni kufuneka silisebenzise kakuhle ixesha esinalo? (Kolose 4:5)

13 Funda amaKolose 4:5. Ukuze sizigade, kufuneka sicingisise ngendlela esilisebenzisa ngayo ixesha lethu. ‘Iziganeko ezingalindelekanga’ zinokwehlela nabani na. (INtshu. 9:11) Sisenokusweleka singalindelanga.

Sinokulisebenzisa kakuhle njani ixesha esinalo? (Jonga isiqendu 14-15)

14-15. Singabonisa njani ukuba silisebenzisa kakuhle ixesha esinalo? (Hebhere 6:11, 12) (Jonga umfanekiso.)

14 Sinokulisebenzisa kakuhle ixesha lethu ngokwenza izinto ezifunwa nguYehova nangokuqinisa ubuhlobo bethu naye. (Yoh. 14:21) Kufuneka ‘siqine singagungqi, sihlale sinento eninzi yokwenza emsebenzini weNkosi.’ (1 Kor. 15:58) Xa kufika isiphelo, nokuba sesobomi bethu okanye seseli hlabathi, akukho nto siza kuzisola ngayo.—Mat. 24:13; Roma 14:8.

15 UYesu usabakhokela nangoku abafundi bakhe kumsebenzi wokushumayela ngoBukumkani BukaThixo owenziwa emhlabeni wonke. Uyenzile into awayeyithembisile. Kwiintlanganiso nakwiincwadi zethu usifundisa iindlela zokushumayela iindaba ezilungileyo. Usinika yonke into esiyidingayo ukuze siwenze lo msebenzi. (Mat. 28:18-20) Into esimele siyenze thina kukukhuthala kumsebenzi wokushumayela nokufundisa, nokuhlala sisezingqondweni njengoko silinde uYehova ade alitshabalalise eli hlabathi. Xa sisebenzisa icebiso elikumaHebhere 6:11, 12, siza kubambelela kwithemba esinalo “kude kube sekupheleni.”—Wafunde.

16. Yintoni esizimisele ukuyenza?

16 UYehova sele elubekile usuku neyure aza kulitshabalalisa ngayo eli hlabathi. Xa lufika, akukho nto iza kumnqanda angazenzi izinto aprofete ngazo kwiLizwi lakhe. Ngamany’ amaxesha kusenokubonakala ngathi aside sifike isiphelo seli hlabathi. Kodwa imini kaYehova ‘ayizukufika emva kwexesha!’ (Hab. 2:3) Ngoko masizimisele ‘ukuhlala sijonge kuYehova. Simlinde ngomonde uThixo osisindisayo.’—Mika 7:7.

INGOMA 139 Zibone Ukwihlabathi Elitsha

a Kweli nqaku, siza kubona ukuba sinokuhlala njani sisezingqondweni xa sijonge izinto ezenzeka emhlabeni. Enye into, siza kubona ukuba sinokuzigada njani, futhi yintoni esinokuyenza ukuze silisebenzise kakuhle ixesha esinalo.

b INGCACISO YOMFANEKISO: (Phezulu) Indoda nomfazi wayo babukele iindaba. Emva kwentlanganiso baxelela abanye ngento abacinga ukuba ithethwa ziindaba abebezibukele. (Ezantsi) Indoda nomfazi wayo babukele ingxelo YeQumrhu Elilawulayo ukuze bahambisane nendlela eziqondwa ngayo iziprofeto zeBhayibhile. Banika abanye iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ezisuka kwikhoboka elithembekileyo.