Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 9

Buxabise Ubomi Obuphiwe NguThixo

Buxabise Ubomi Obuphiwe NguThixo

“Ngenxa yakhe sinobomi, siyashukuma yaye sikho.IZE. 17:28.

INGOMA 141 Ummangaliso Wobomi

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. UYehova ubuxabise kangakanani ubomi bethu?

 MASITHI umhlobo wakho ukupha umzobo wakudala oxabiseke kakhulu. Kwezinye iindawo akusabonakali nokuba wawunjani umbala, uneentanda namabala angasukiyo. Ngoxa unjalo, ubiza iimiliyon ezininzi zeerandi. Ngokuqinisekileyo ubunokuwuxabisa uze uqiniseke ukuba ukhuselekile. Ngendlel’ efanayo, uYehova usiphe into exabisekileyo, ubomi. Uye wabonisa indlela abuxabisa ngayo ngokunikela ngoNyana wakhe ukuze asifele.—Yoh. 3:16.

2. Ama-2 Korinte 7:1 athi yintoni ayilindeleyo kuthi uYehova?

2 Ubomi busuka kuYehova. (INdu. 36:9) Nompostile uPawulos wayeyikholelwa loo nto, kuba wathi: “Ngenxa yakhe sinobomi, siyashukuma yaye sikho.” (IZe. 17:25, 28) Yiloo nto sinokuthi ubomi bethu sibuphiwe nguThixo. Kuba esithanda, usinika izinto esizidingayo ukuze sihlale siphila. (IZe. 14:15-17) Kodwa akenzi mimangaliso ukuze asigcine siphila. Ulindele ukuba senze yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze sihlale sisempilweni futhi simkhonza. (Funda ama-2 Korinte 7:1.) Kutheni simele siyikhusele impilo nobomi bethu? Sinokuzikhusela njani?

BUXABISE UBOMI OBUPHIWE NGUTHIXO

3. Yeyiphi enye into esenza sizame ukuhlala sisempilweni?

3 Enye into esenza sizame ukuhlala sisempilweni kukuba sifuna ukukhonza uYehova ngamandla ethu onke. (Marko 12:30) Sifuna ‘ukunikela ngemizimba yethu ibe yimibingelelo ephilayo, engcwele naza kuyamkela uThixo.’ Ngoko asizenzi izinto esaziyo ukuba ziza kusigulisa. (Roma 12:1) Ewe kona, nokuba singenza ntoni, asinakuthi soze sigule. Kodwa senza yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze sihlale sisempilweni, kuba sifuna ukubonisa uTata wethu osezulwini ukuba siyabuxabisa ubomi asiphe bona.

4. Yintoni awayefuna ukuyenza uKumkani uDavide?

4 UKumkani uDavide wasichaza isizathu sokuba abuxabise ubomi awayebuphiwe nguThixo, wathi: “Kuza kunceda ngantoni ukufa kwam, ukwehlela kwam emngxunyeni? Luza kukudumisa na uthuli? Luza kubaxelela na abantu ngokuthembeka kwakho?” (INdu. 30:9) Kungenzeka ukuba wayesele eza kusweleka xa wayebhala loo mazwi. Kodwa wayezimisele ukuhlala ephila ukuze adumise uYehova. Ngokuqinisekileyo sonke sizimisele ukwenza loo nto.

5. Yintoni esinokuyenza nokuba saluphele okanye sigula kangakanani?

5 Ukugula nokwaluphala kunokwenza singakwazi ukwenza izinto esasikwazi ukuzenza. Loo nto inokusikhathaza. Kodwa ayithethi kuthi masisonge izandla, singabi sayihoya impilo yethu. Ngoba? Kaloku nokuba singagula okanye sibe badala kangakanani, singakwazi ukumdumisa uYehova njengoKumkani uDavide. Kusithuthuzela nyhani ukwazi ukuba uThixo usixabisile nokuba siyagula okanye saluphele! (Mat. 10:29-31) Nokuba sinokusweleka, uza kukufuna nyhani ukusivusa. (Yobhi 14:14, 15) Yiloo nto sizama ukukhusela impilo nobomi bethu.

ZIPHEPHE IZINTO EZINOKUKWENZAKALISA

6. Yintoni ayilindeleyo kuthi uYehova xa siza kutya naxa siza kusela?

6 Nangona iBhayibhile ingeyoncwadi esixelela indlela emasiyihoye ngayo impilo yethu okanye emasitye ngayo, isixelela indlela uYehova acinga ngayo ngezi zinto. Ngokomzekelo, isixelela ukuba ‘siziphephe izinto ezinokwenzakalisa imizimba’ yethu. (INtshu. 11:10) Ithi masingatyi okanye sisele kakhulu kuba ezo zinto ziyingozi empilweni yethu. (IMize. 23:20) UYehova ulindele ukuba sizibambe xa sikhetha into emasiyitye okanye emasiyisele, size sigqibe ukuba siza kuyitya okanye siyisele kangakanani.—1 Kor. 6:12; 9:25.

7. IMizekeliso 2:11 isinceda njani senze izigqibo ezifanelekileyo ngempilo yethu?

7 Xa sisebenzisa ingqondo, izigqibo esizenzayo ziza kubonisa ukuba siyabuxabisa ubomi esibuphiwe nguThixo. (INdu. 119:99, 100; funda iMizekeliso 2:11.) Ngokomzekelo, kufuneka sicinge kakuhle ngento emasiyitye. Ukuba kukho ukutya esikuthandayo esaziyo ukuba kuyasigulisa, siza kusebenzisa ingqondo size singakutyi. Enye indlela esibonisa ngayo ukuba siyayisebenzisa ingqondo kukulala iiyure ezaneleyo, ukujima qho, ukuhlala siklini nokuklina iindawo esihlala kuzo.

ZILUMKELE IINGOZI

8. IBhayibhile ibonisa ukuba kubaluleke kangakanani kuYehova ukulumkela iingozi?

8 UMthetho uYehova awawunika amaSirayeli wawunemiyalelo eyayiza kuwanceda aphephe iingozi emakhaya naxa esebenza. (Eks. 21:28, 29; Dut. 22:8) Umntu obulele ngempazamo wayesohlwaywa kabuhlungu. (Dut. 19:4, 5) UMthetho wawusithi nomntu oye wonzakalisa umntwana ongekazalwa ngempazamo wayemele ohlwaywe. (Eks. 21:22, 23) IZibhalo zenza kucace ukuba uYehova ufuna sizilumkele iingozi.

Kwezi meko singabonisa njani ukuba siyabuhlonipha ubomi? (Jonga isiqendu 9)

9. Ziintoni esimele sizenze ukuze siphephe iingozi?

9 Sibonisa indlela esibuxabisa ngayo ubomi esibuphiwe nguThixo ngokuzama ukukhuseleka emakhayeni ethu nasemsebenzini. Ngokomzekelo, izinto ezibukhali, ezinetyhefu namayeza sizilahla kwindawo ezingenakwenzakalisa mntu kuyo. Siyaqiniseka nokuba zikwindawo abangenakufika kuyo abantwana. Izinto ezinjengomlilo, amanzi abilayo nezixhobo eziyingozi asizishiyi njee. Asiqhubi xa sisele amayeza awozelisayo, sisele utywala okanye siphethwe bubuthongo. Asicofi nefowuni xa siqhuba.

XA KUSEHLA INTLEKELE

10. Yintoni esinokuyenza ngaphambi kokuba kwenzeke izinto eziyingozi naxa zisenzeka?

10 Ngamany’ amaxesha kubakho izinto eziyingozi esingenakukwazi ukuzinqanda ukuba zingenzeki. Ezi zizinto ezifana neentlekele, izifo ezigqugqisayo nezidubedube. Xa kusenzeka ezi zinto, sinokuhlala sikhuselekile size sisinde ngokuthobela urhulumente xa esithi masiyishiye indawo esihlala kuyo naxa esinika eminye imiyalelo. (Roma 13:1, 5-7) Ezinye izinto eziyingozi zisenokubonwa ziseza, ngoko simele sithobele urhulumente xa esixelela izinto emasizenze ukuze sizilungele. Ngokomzekelo, kunokusinceda ukuqiniseka ukuba sinamanzi, ukutya okungonakaliyo nezinto zoncedo lokuqala.

11. Xa kukho isifo esosulelayo yintoni esimele siyenze?

11 Yintoni esimele siyenze xa kukho isifo esosulelayo kwindawo esihlala kuyo? Simele sithobele imithetho karhulumente enjengokuhlamba izandla qho, ukungasondelelani, ukunxiba imask, nokuba umntu ofunyenwe seso sifo ahlale yedwa. Xa sikukhuthalele ukwenza ezi zinto, sibonisa ukuba siyabuxabisa ubomi esibuphiwe nguThixo.

12. Umgaqo okwiMizekeliso 14:15 usinceda njani siyazi into emasiyikholelwe xa kukho intlekele?

12 Xa kukho intlekele, sisenokuva izinto ezingeyonyani ezithethwa ngabahlobo bethu, abamelwane nkqu nasezindabeni. Kunokuba sikholelwe “yonke into,” simele simamele izinto ezinokuthenjwa ezithethwa ngurhulumente noogqirha. (Funda iMizekeliso 14:15.) IQumrhu Elilawulayo neeofisi zamasebe zenza yonke into ezinokuyenza ukuze zifumane inyani ngaphambi kokuba ziyalele amabandla ngendlela yokuqhuba iintlanganiso nokushumayela. (Heb. 13:17) Xa siyithobela loo miyalelo, siza kuzikhusela, sikhusele nabanye abantu. Kunokude kuthethwe kakuhle ngamaNgqina KaYehova.—1 Pet. 2:12.

LUNGISELELA UKUBA UNGALITOFELI IGAZI

13. Yintoni esiyenzayo ebonisa indlela esibuxabisa ngayo ubomi esibuphiwe nguYehova?

13 Abantu abaninzi bayazi ukuba amaNgqina KaYehova akholelwa ukuba igazi lingcwele. Sithobela umthetho kaYehova xa singavumi ukutofela igazi nokuba kukho imeko engxamisekileyo yezonyango. (IZe. 15:28, 29) Kodwa loo nto ayithethi kuthi siyakufuna ukufa. Kaloku, siyabuxabisa ubomi esibuphiwe nguThixo. Sifuna uncedo loogqirha abaza kukwazi ukusinyanga ngaphandle kokusitofela igazi.

14. Yintoni esinokuyenza ukuze kungabikho mfuneko yokuba sityandwe okanye sinyangwe kusetyenziswa igazi?

14 Ukuba siyayihoya impilo yethu ngokwenza izinto ezicetyiswe kweli nqaku, kusenokungafuneki sityandwe okanye sinyangwe kusetyenziswa igazi. Ukuba sihlala sisempilweni, siza kukhawuleza siphile naxa kuye kwafuneka sityandwe. Asenokungabikho kangako amathuba okuba siye kutyandwa xa siqiniseka ukuba akukho zinto ziyingozi emakhayeni ethu nakwiindawo esisebenza kuzo, naxa sithobela imithetho yendlela.

Kuba sibuxabisa ubomi esibuphiwe nguYehova, sigcwalisa amakhadi egazi, size siqiniseke ukuba sisoloko sihamba nawo (Jonga isiqendu 15) d

15. (a) Kutheni kubalulekile ukuba sisoloko sihamba namakhadi egazi asebenzayo? (b) Njengokuba sekubonisiwe kwividiyo, singazenza njani izigqibo xa siza kunyangwa ngezinto ezidibene negazi?

15 Ngenxa yokuba sibuxabisa ubomi esibuphiwe nguThixo, sigcwalisa amakhadi egazi size sihlale sihamba nawo. b Kula makhadi sichaza iindlela esifuna ukunyangwa ngazo nesingafuniyo ukunyangwa ngazo. Ngaba izinto ozibhale kwelakho zisasebenza? Ukuba ufuna ukugcwalisa ikhadi legazi okanye ukulungisa izinto ozibhale kulo, sukulibazisa. Xa sizibhale phantsi iindlela esifuna ukunyangwa ngazo akuzukufuneka siqale sichithe ixesha sicacisela oogqirha indlela esifuna nesingafuni ukunyangwa ngayo. Enye into okuza kubanceda kuyo kukuba bangasiniki amayeza aza kuba yingozi kuthi. c

16. Yintoni esinokuyenza xa singaqinisekanga ngendlela esimele siligcwalise ngayo ikhadi legazi?

16 Nokuba sisebatsha okanye sisempilweni, zona iingozi nezigulo azikhethi. (INtshu. 9:11) Ngoko siya kuba silumkile xa sigcwalisa amakhadi egazi. Ukuba awuqinisekanga ngendlela omawuligcwalise ngayo, cela abadala bebandla lakho bakuncede. Baye bazame ukuqhelana nendlela elimele ligcwaliswe ngayo, kodwa abazukuxelela ukuba umele ukhethe ukunyangwa njani, umele uzikhethele. (Gal. 6:4, 5) Banokukunceda uziqonde izinto ekufuneka ukhethe phakathi kwazo uze uzibhale ngendlela ecacileyo.

YIBA BHETYEBHETYE

17. Singabonisa njani ukuba sibhetyebhetye kwizinto ezidibene nempilo?

17 Izigqibo ezininzi esizenzayo ngempilo yethu nangendlela esifuna ukunyangwa ngayo, zixhomekeka kwinto esiyifunde eBhayibhileni. (IZe. 24:16; 1 Tim. 3:9) Xa sizenza naxa sincokola nabanye ngazo, simele sikhumbule umgaqo okumaFilipi 4:5 othi: “Bonke abantu mababone ukuba nibhetyebhetye.” Xa sibhetyebhetye asizikhathazi kakhulu ngempilo yethu, singabanyanzeli nabanye ukuba bacinge njengathi. Siyabathanda futhi siyabahlonipha abazalwana noodadewethu nokuba izigqibo zabo azifani nezethu.—Roma 14:10-12.

18. Singabonisa njani ukuba siyambulela uYehova ngokusipha ubomi?

18 Indlela esibonisa ngayo ukuba siyambulela uYehova osiphe ubomi kukubukhusela nokumkhonza ngamandla ethu onke. (ISityhi. 4:11) Siseza kugula, sehlelwe naziintlekele. Kodwa le asiyondlela uMdali wethu awayefuna siphile ngayo. Sekukufutshane ukuba asenze siphile ngonaphakade, kungabikho zintlungu nakufa. (ISityhi. 21:4) Okwangoku, masikuvuyele ukuphila nokukhonza uTata wethu osezulwini osithandayo, uYehova.

INGOMA 140 Ubomi Obungenasiphelo!

a Eli nqaku liza kusinceda sibuxabise kakhulu ubomi esibuphiwe nguThixo. Siza kubona ukuba ziintoni esinokuzenza ukuze sihlale sisempilweni, sikhuseleke xa kukho intlekele size sinciphise namathuba okwenzakala. Siza kuthetha nangezinto esinokuzenza ukuze silungiselele ukunyangwa ngokukhawuleza xa ubomi bethu bunokuba sengozini.

b Eli khadi likwabizwa ngokuba yiDPA (Durable Power of Attorney).

d INGCACISO YEMIFANEKISO: Umzalwana osemtsha ugcwalisa ikhadi legazi aze aqiniseke ukuba uhamba nalo.