Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Icebiso Lokusebenzisa Ujw.Org

Icebiso Lokusebenzisa Ujw.Org

Amanqaku Akwiphepha Lokuqala

Abazalwana noodade abaninzi bafumanise ukuba amanqaku aboniswe kwiphepha lokuqala kujw.org aluncedo entsimini. Kulula ukuwathumela ngesixhobo se-elektroniki futhi adla ngokucacisa indlela ezenzeka ngayo ngoku izinto ekuprofetwe ngazo eBhayibhileni. Omnye umzalwana wathi la manqaku “ayile nto ifunekayo kwindlela esishumayela ngayo.”

Kodwa qho kusoloko kuvela inqaku elitsha, ngoko unokuwafumana njani amanqaku angasabonakaliyo kwiphepha lokuqala?

  • Kwiphepha lokuqala kujw.org, cofa indawo ethi “Funda Amanye Amanqaku.” Iza kukusa kwindawo ethi “Amanqaku Abekade Ekwiphepha Lokuqala,” apho uza kufumana amanqaku ebekade ekwiphepha lokuqala.

  • Kujw.org, cofa indawo ethi “iLibrary®,” uye kwethi “Amanqaku Ahlukahlukeneyo,” uze uye kwethi “Imixholo Engakumbi.” Apho uza kufumana namanye amanqaku amaninzi abekade ekhona kwiphepha lokuqala.