Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 12

Unokufunda Nezinye Izinto NgoYehova Kwindalo

Unokufunda Nezinye Izinto NgoYehova Kwindalo

“Iimpawu zakhe ezingenakubonwa ngabantu, . . . zenziwa zabonakala ukususela ekudaleni kwakhe umhlaba ukuya phambili, kuba zibonakala kwizinto azidalileyo.”​—ROMA 1:20.

INGOMA 6 Amazulu Azukisa UThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yeyiphi enye into eyenza uYobhi wamqonda kakuhle uYehova?

 KUZO zonke iincoko awakhe wanazo uYobhi ebomini bakhe, ayikho eyodlula eyaxa wayencokola noYehova uThixo. Kuloo ncoko uYehova waxelela uYobhi ukuba ajonge indlela ezimangalisa ngayo izinto azidalileyo. Le nto yayiza kumnceda abone indlela uYehova alumke ngayo aze aqiniseke ukuba angakwazi ukubanika zonke izinto abazidingayo abantu abamkhonzayo. Ngokomzekelo, uYehova wamkhumbuza ukuba njengokuba ekhathalele izilwanyana, akanakohlulwa kukumkhathalela. (Yobhi 38:39-41; 39:1, 5, 13-16) Ukufunda kwindalo kwamnceda wafunda into eninzi ngeempawu anazo uThixo wakhe.

2. Kutheni kukhe kungabi lula ukubukela indalo?

2 Nathi ininzi into esinokuyifunda ngoThixo wethu xa sibukela izinto azidalieyo. Kodwa ngamanye amaxesha akubi lula ukuyenza loo nto. Zisenokuba mbalwa kakhulu esizibonayo xa sihlala kwiidolophu ezinkulu. Ukuba sihlala emaphandleni, kusenokwenzeka ukuba asinalo ixesha lokuzibukela. Ngoku makhe sijonge ukuba kuza kukunceda njani ukuzipha ixesha nokuzama ukubukela indalo. Siza kubona ukuba uYehova noYesu bafundise njani ngendalo nokuba sinokwenza ntoni ukuze sifunde izinto ezininzi kuyo.

KUTHENI SIFANELE SIYIBUKELE INDALO?

UYehova wayefuna uAdam onwabe xa ebukele indalo, athiye nezilwanyana (Jonga isiqendu 3)

3. Yintoni ebonisa ukuba uYehova wayefuna uAdam onwabe xa ejonge indalo?

3 UYehova wayefuna uAdam onwabe xa ejonge indalo. Emva kokuba emdalile wambeka kwiparadesi entle waza wamnika umsebenzi wokuba ayilime aze ayandise. (Gen. 2:8, 9, 15) Khawube nombono wendlela awavuya ngayo xa ebona imbewu ikhula neentyatyambo zidubula. Kwakuyinyhweba nyhani kuye ukukhathalela igadi yase-Eden. UYehova waphinda wathi makathiye izilwanyana. (Gen. 2:19, 20) Wayenokuzithiya ngokwakhe, kodwa loo msebenzi wawunika uAdam. Ngokuqinisekileyo ngaphambi kokuba azithiye wayezijonga ukuba zinjani, aqwalasele nezinto ezithanda ukuzenza. Inoba wawumvuyisa nyhani lo msebenzi. Ngokuqinisekileyo wamnceda wayiqonda indlela uYehova alumke ngayo, indlela ezenz’ umdla nezintle ngayo izinto azidalileyo.

4. (a) Kutheni sifanele sibukele indalo? (b) Zeziphi izinto ezidaliweyo ozithanda kakhulu?

4 Esinye isizathu sokuba sifanele sifunde ngendalo kukuba uYehova ufuna loo nto. Uthi: “Khanijonge ezulwini nize nibone.” Emva koko abuze: “Ngubani umdali wezi zinto?” Impendulo izicacele. (Isa. 40:26) Zininzi izinto esizifunda ngoYehova kwizinto azidalileyo ezisezulwini, ezisemhlabeni neziselwandle. (INdu. 104:24, 25) Khawucinge nangendlela asenze ngayo. Usenze sakuthanda ukubukela izinto ezintle azidalileyo. Usenze sakwazi ukubona, ukuva, ukubamba, ukungcamla nokuva amavumba. Ezi zinto zisenza sivuyele izinto ezahlukahlukeneyo azidalileyo.

5. AmaRoma 1:20 athi ziintoni esizifunda kwindalo kaYehova?

5 IBhayibhile isixelela esinye isizathu esibalulekileyo sokuba sifanele sibukele indalo. Kaloku indalo isifundisa ngeempawu zikaThixo. (Funda amaRoma 1:20.) Ngokomzekelo, khawucinge ngendlela emangalisayo eyenziwe ngayo. Ayibonisi ukuba uThixo ulumkile? Cinga nangeentlobo ezahlukahlukeneyo zokutya okusenza sonwabe. Ezi zinto ziyenza icace indlela abathanda ngayo abantu. Xa sibona iimpawu zikaYehova kwizinto azidalileyo, sitsho simazi bhetele size sibe ngabahlobo bakhe. Ngoku makhe sibone ukuba uYehova uyisebenzise njani indalo ukuze asifundise izinto ezibalulekileyo.

UTHIXO UFUNA SIFUNDE NGAYE KWINDALO

6. Yintoni esinokuyifunda xa sibukele iintaka ezifudukayo?

6 UYehova uzibekele ixesha zonke izinto eziza kwenzeka. Qho ngonyaka, ekupheleni kukaFebruwari ukuya kutsho phakathi kuMeyi, amaSirayeli ayedla ngokubona iingwamza zifuduka zisiya kumantla elizwe. UThixo wathi kumaSirayeli: “Kwanengwamza esibhakabhakeni iyalazi ixesha layo lokufuduka.” (Yer. 8:7) Njengokuba uYehova ezibekele ixesha lokufuduka ezi ntaka, ulibekile naza kugweba ngalo. Nanamhlanje, iintaka ezifudukayo zisenza sibone ukuba sinokumthemba uYehova ukuba “ngexesha” alibekileyo uza kulitshabalalisa eli hlabathi libi.—Hab. 2:3.

7. Yintoni esiyifundayo kwindlela intaka ebhabha ngayo? (Isaya 40:31)

7 UYehova ubanika amandla abakhonzi bakhe. Esebenzisa uIsaya, wathembisa abakhonzi bakhe ukuba uza kubanika amandla okuba ‘bandande ngamaphiko oku kweenkozi” xa betyhafile. (Funda uIsaya 40:31.) AmaSirayeli ayedla ngokubona iinkozi zibhabhela esibhakabhakeni zinyuswa ngumoya. Ngenxa yalo moya kwakungadingeki ziwaphaphazelise kakhulu amaphiko azo. Ngoko njengokuba uYehova enika ezi ntaka amandla okubhabha, unokubanika nabakhonzi bakhe amandla abawadingayo. Qho xa ubona intaka enkulu ibhabhela esibhakabhakeni ithe naa amaphiko ayo, khumbula ukuba uYehova angakunika amandla okumelana neengxaki onazo.

8. Indalo kaThixo yamfundisa ntoni uYobhi? Thina, inokusifundisa ntoni?

8 Sifanele simthembe uYehova. Wanceda uYobhi wamthemba kakhulu kunakuqala. (Yobhi 32:2; 40:6-8) Xa wayencokola noYobhi, wathetha ngezinto ezininzi azidalileyo. Ezinye zazo ziinkwenkwezi, amafu nemibane. Wathetha nangezilwanyana ezinjengenkunzi yenkomo yasendle nehashe. (Yobhi 38:32-35; 39:9, 19, 20) Zonke ezi zinto zazibonisa ukuba akangoThixo onamandla amangalisayo nje qha, kodwa unalo nothanda futhi ulumke kakhulu. Ngenxa yale ncoko uYobhi watsho wamthemba kakhulu kunakuqala uYehova. (Yobhi 42:1-6) Nathi xa sifunda ngendalo sitsho sikhumbule ukuba akakho umntu olumke nonamandla njengoYehova, nokuba angakwazi ukuziphelisa iingxaki esinazo, futhi uza kuyenza loo nto. Le nto inokusinceda simthembe kakhulu.

UYESU WAFUNDISA NGOTATA WAKHE ESEBENZISA INDALO

9-10. Ilanga nemvula zisixelela ntoni ngoYehova?

9 UYesu wayeyazi kakhulu indalo. Wayesebenza noTata wakhe xa wayedala, ‘engumsebenzi onobuchule.’ (IMize. 8:30) Xa wayelapha emhlabeni, wafundisa abafundi bakhe ngoTata wakhe esebenzisa indalo. Makhe sithethe ngezinto ezimbalwa awabafundisa zona.

10 UYehova ubathanda bonke abantu. KwiNtshumayelo Yasentabeni, uYesu waxelela abafundi bakhe ngezinto ezimbini abangazihoyanga kangako abantu: ilanga nemvula. Zombini ezi zinto zisinceda siphile. UYehova wayenokwenza bangazifumani abantu abangamkhonziyo. Kodwa wonke umntu uyazifumana kuba uYehova uthanda bonke abantu. (Mat. 5:43-45) Ngalo mzekelo uYesu wayefundisa abalandeli bakhe ukuba uYehova ufuna sithande wonke umntu. Nanini na sibona ilanga eliqaqambileyo nemvula ehlaziyayo, sinokucinga ukuba uYehova ubathanda bonke abantu. Loo nto inokusenza silinganise indlela abathanda ngayo, nathi singakhethi xa sishumayela kubo.

11. Ukujonga iintaka kusikhuthaza njani?

11 UYehova uyasinika izinto esizidingayo ukuze sihlale siphila. KwiNtshumayelo YaseNtabeni uYesu waphinda wathi: “Bukelani iintaka; azityali mbewu, azivuni ibe aziqokeleli kutya koovimba, kodwa zondliwa nguTata wenu osemazulwini.” Kusenokwenzeka ukuba abantu ababemmamele babezibona ezi ntaka xa wayesithi: “Anibalulekanga ngaphezu kwazo na nina?” (Mat. 6:26) Ngale ndlela uYesu wayefuna siqiniseke ukuba uYehova uza kusinika izinto esizidingayo! (Mat. 6:31, 32) Le nto siyifunda kwindalo isabakhuthaza nangoku abakhonzi bakaThixo abathembekileyo. Udade osemtsha waseSpeyin onguvulindlela wayetyhafiswa kukungafumani indawo efanelekileyo yokuhlala. Wakhuthazwa kukubona iintaka zisitya imbewu namaqunube. Uthi, “Ezo ntaka zandikhumbuza ukuba uYehova uzihoyile, ngoko nam uza kundihoya.” Zange kudlule xesha lide emva koko, wayifumana indawo yokuhlala.

12. Iintaka ezincinci ekuthethwa ngazo kuMateyu 10:29-31 zisifundisa ntoni ngoYehova?

12 Mntu ngamnye ubalulekile kuYehova. Ngaphambi kokuba athume abapostile bakhe ukuba baye kushumayela, uYesu wabanceda ukuba bangaboyiki abantu ababengazukufuna ukubamamela. (Funda uMateyu 10:29-31.) Loo nto wayenza ngokuthetha ngezona ntaka zincinci ezaziqhelekile kwaSirayeli. Ezo ntaka zazingabalulekanga nganto ngexesha likaYesu. Kodwa wathi kubafundi bakhe: “Akukho nenye ewayo, uTata wenu engayazi loo nto.” Waphinda wathi: “Nixabiseke ngaphezulu lee kunezo ntaka.” Ngale ndlela wayebenza baqiniseke abafundi bakhe ukuba mntu ngamnye kubo ubalulekile kuYehova, ngoko kwakungekho sizathu sokuba boyike ukuphathwa kakubi. Ngokuqinisekileyo babeza kuyikhumbula into abayixelelwa nguYesu xa bebona ezi ntaka zincinci kwiidolophu nakwiilali ababeshumayela kuzo. Qho xa ubona intaka encinci cinga indlela obaluleke ngayo kuYehova kuba nawe ‘uxabiseke ngaphezulu lee kunezo ntaka.’ Xa esecaleni kwakho akukho sizathu sokuba woyike ukuphathwa kakubi.—INdu. 118:6.

INDALO INOKUSIFUNDISA NJANI EZINYE IZINTO NGOTHIXO?

13. Yintoni eza kusinceda sikwazi ukufunda kwindalo?

13 Zikhona nezinye izinto ezininzi esinokuzifunda ngoYehova kwindalo. Inokwenzeka njani loo nto? Okokuqala, kufuneka siziphe ixesha lokuyibukela. Emva koko simele sicinge ngento esifundisa yona ngoYehova. Ngamanye amaxesha kusenokungabi lula ukwenza ezi zinto. Omnye udade waseCameroon, uGéraldine uthi, “Ndakhulela edolophini, ngoku ndiyabona ukuba kufuneka ndenze iinzame ukuze ndikwazi ukuyibukela indalo.” Yena uAlfonso ongumdala uthi, “Ndiye ndabona ukuba kufuneka ndizibekele ixesha lokuba ndodwa, ndibukele indalo kaYehova ndize ndicingisise ngento endifundisa yona ngaye.”

Xa ejonge indalo, uDavide wayecingisisa ngento emfundisa yona ngoYehova (Jonga isiqendu 14)

14. Yintoni awayifundayo uDavide xa wayecingisisa ngendalo kaThixo?

14 UDavide wacingisisa kakhulu ngendalo kaThixo. Wathi kuYehova: “Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho, inyanga neenkwenkwezi ozenzileyo, Uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo?” (INdu. 8:3, 4) Xa eqwalasele isibhakabhaka ebusuku wayengavuyeli nje ukubukela iinkwenkwezi, wayecingisisa nangento ezimfundisa yona ngoYehova. Zazimfundisa indlela amkhulu ngayo. Ngamanye amaxesha wayekhe acinge ngendlela umzimba wakhe owenziwa ngayo esibelekweni sikamama wakhe. Wayesithi xa ecinga ngendlela emangalisa ngayo indlela enziwe ngayo, ambulele kakhulu uYehova ngobulumko anabo.—INdu. 139:14-17.

15. Khawusichazele ngeempawu zikaYehova ozibone kwizinto azidalileyo. (INdumiso 148:7-10)

15 NjengoDavide, akunyanzelekanga ukuba siye kude ukuze sibone izinto ezidaliweyo ezinokusenza sicingisise ngoYehova. Xa unokujonga kufutshane nawe, unokubona izinto ezininzi azidalileyo ezinokukufundisa ngeempawu ezininzi anazo. Ngokomzekelo, xa kushushu, cinga ngamandla ilanga elinawo. (Yer. 31:35) Cinga ngobulumko anabo xa ubona intaka isakha indlwana yayo. Cinga ngendlela afuna sonwabe ngayo xa ubona injana izama ukuluma umsila wayo. Mbulele ngendlela akuthanda ngayo xa ubona umama edlalisa usana lwakhe. Zininzi izinto ezinokusifundisa ngoYehova kuba yonke indalo yakhe, enkulu nencinci, ekufutshane nekude, iyamdumisa.—Funda iNdumiso 148:7-10.

16. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

16 UThixo wethu ulumkile, unothando, unamandla futhi zonke izinto azenzayo zintle. Ukuba sibukela indalo yakhe sinokuzibona ezi mpawu nezinye. Sonke simele sihlale sizipha ixesha lokubukela indalo size sicinge izinto esifundisa zona ngoYehova. Xa sisenza loo nto siza kuya simthanda uMdali wethu. (Yak. 4:8) Kwinqaku elilandelayo siza kubona ukuba abazali bangayisebenzisa njani indalo ukuze bancede abantwana babo babe ngabahlobo bakaYehova.

INGOMA 5 Imisebenzi KaThixo Emangalisayo

a Indalo kaYehova iyamangalisa. Ubona indlela emangalisa ngayo xa ucinga ngamandla elinawo ilanga naxa ujonge amagqabi eentyatyambo athambileyo. Sinokubona kwizinto azidalileyo ukuba unguThixo onjani. Kweli nqaku siza kubona ukuba kutheni sifanele siziphe ixesha lokubukela indalo nokuba loo nto ingasinceda njani sibe ngabahlobo bakaThixo.