Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Icebiso Lezinto Onokuzifunda

Icebiso Lezinto Onokuzifunda

Indlela Yokusebenzisa Indawo Ethi “What’s New” Nethi “Funda Into Entsha”

Indawo ethi “What’s New” kuJW Library nethi “Funda Into Entsha” kujw.org/xh zibonisa amanqaku neevidiyo ezintsha ezikhoyo. Unokuzisebenzisa njani ukuze wazi izinto ezisand’ ukufakwa?

UJW Library

  • Xa kukho inqaku elitsha elifakiweyo kumanqaku eWebhsayithi, kufuneka uhlaziye umxholo elimele lingene kuwo. Xa ku-“What’s New” kukho indawo ethi article series, unokudawunlowuda inqaku elisand’ ukufakwa. Emva koko unokufunda inqaku elitsha elisekuqaleni.

  • Usenokungakwazi ukuyifunda yonke into ende njengemagazini ngexesha elinye. Ukuze ukwazi ukukhumbula into ongagqibanga ukuyifunda, yifake kwindawo ethi Favorites, uyikhuphe xa uyigqibile.

UJW.ORG

Ezinye izinto ezifana neendaba nezinye izaziso zifumaneka kujw.org/xh qha. Hlala uyijonga indawo ethi “Funda Into Entsha” ekule webhsayithi ukuze ufumane amanqaku asand’ ukufakwa.