Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 35

Ungayeki Ukuba Nomonde

Ungayeki Ukuba Nomonde

‘Nxibani umonde.’—KOL. 3:12.

INGOMA 114 “Masibe Nomonde”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Kutheni ubathanda abantu abanomonde?

 SONKE siyabathanda abantu abanomonde. Kutheni? Kaloku siyabahlonipha abantu abazolayo xa belinde into. Ukuba senza iimpazamo, siyavuya xa abanye benomonde. Siyambulela nomntu owasifundisa iBhayibhile kuba waba nomonde kuthi xa kwakunzima ukufunda, ukwamkela nokwenza izinto esizifunda eBhayibhileni. Kodwa oyena mntu simbulela kakhulu ngokuba nomonde kuthi, nguYehova uThixo.—Roma 2:4.

2. Zeziphi izinto ezinokwenza kube nzima ukuba sibe nomonde?

2 Nangona sibathanda abantu abanomonde, ngamanye amaxesha kusenokungabi lula ukuba thina sibe nawo. Ngokomzekelo, ukuba iimoto zixinene endleleni, kube kukho apho singxamele khona, kusenokuba nzima ukuhlala sizolile. Kusenokuba nzima ukuwubamba umsindo xa kukho abantu abasicaphukisayo. Kanti ngamany’ amaxesha kusenokuba nzima ukuhlala sililindile ihlabathi elitsha esilithenjiswe nguYehova. Uyafuna ukuba nomonde ongaphezu kwalo unawo? Kweli nqaku siza kuva ukuba ubonakala njani umntu onomonde, futhi kutheni kubalulekile ukuba nawo. Siza kubona nokuba yintoni enokusinceda sibe nomonde ongaphezu kwalo sinawo.

UBONAKALA NJANI UMNTU ONOMONDE?

3. Wenza ntoni umntu onomonde xa ecatshukiswa?

3 Makhe sithethe ngezinto ezine esinokubonakala ngazo ukuba sinomonde. Okokuqala, umntu onomonde akakhawulezi acaphuke. Uye azame ukuzola xa enestres, naxa ecatshukiswa uyazibamba, angaphindisi. Amazwi athi “ongakhawuleziyo ukucaphuka” aqala ukuvela eBhayibhileni xa uYehova ezichaza ukuba unguThixo “onenceba novelwano, ongakhawuleziyo ukucaphuka, ophuphuma luthando olungagungqiyo nenyaniso.”—Eks. 34:6.

4. Yintoni ayenzayo umntu onomonde xa kufuneka alinde?

4 Okwesibini, umntu onomonde uyazola xa elinde into. Xa ingade yenzeke into ayilindileyo akadikwa, kodwa uhlala ezolile. (Mat. 18:26, 27) Zininzi izinto ezifuna silinde ngomonde. Ngokomzekelo, simele sibe nomonde xa simamele umntu othethayo, singamphazamisi. (Yobhi 36:2) Naxa sinceda umntu esimfundelayo ukuba aziqonde izinto ezifundiswa yiBhayibhile okanye ayeke into embi ayenzayo, kufuneka sibe nomonde.

5. Yeyiphi enye into abonakala ngayo umntu onomonde?

5 Okwesithathu, umntu onomonde uyacinga ngaphambi kokuba enze. Ezinye izinto kuye kufuneke sizenze ngokukhawuleza. Sekunjalo, xa umntu onomonde enomsebenzi obalulekilyo ekufuneka awenze, uye angangxameli ukuwuqala okanye ukuwugqiba. Uzibekela ixesha elaneleyo lokuceba ngawo nelokuwenza.

6. Yintoni ayenzayo umntu onomonde xa enengxaki?

6 Okwesine, umntu onomonde uye azame ukuzinyamezela iingxaki anazo engakhalazi. Kule meko umonde unento yokwenza nokunyamezela. Kufanelekile kona ukuthetha nomhlobo umxelele indlela oziva ngayo ngengxaki okuyo. Kodwa umntu onomonde uza kucinga nangezinto ezintle ezenzeka ebomini bakhe aze azame ngamandla akhe onke ukuqhubeka ekhonza uYehova evuya. (Kol. 1:11) Ekubeni singamaKristu, kufuneka siwubonakalse ngazo zonke ezi ndlela umonde. Kutheni? Makhe sithethe ngezizathu ezimbalwa.   

KUTHENI KUBALULEKILE UKUBA NOMONDE?

Njengokuba umlimi esiba nomonde xa elinde izityalo, eqinisekile ukuba uza kuvuna ngexesha elifanelekileyo, nathi silinde sinomonde, siqinisekile ukuba ngexesha lakhe, uYehova uza kuzenza izinto asithembise zona (Jonga isiqendu 7)

7. Ngokutsho kukaYakobi 5:7, 8, kutheni kubalulekile ukuba nomonde? (Jonga nomfanekiso.)

7 Ukuze sifumane ubomi obungunaphakade simele sibe nomonde. Simele sifane nabakhonzi bakaThixo bakudala ababethembekile, sibe nomonde njengoko silinde ukuba uThixo ade azenze izinto asithembise zona. (Heb. 6:11, 12) IBhayibhile ifanisa imeko esikuyo neyomlimi. (Funda uYakobi 5:7, 8.) Umlimi usebenza nzima etyala futhi enkcenkceshela izityalo zakhe, kodwa akazi ukuba ziza kukhula nini kanye kanye. Ngoko uye abe nomonde, alinde, enethemba lokuba ekugqibeleni uza kuvuna. Nathi ke sihlala sixakeke yimisebenzi kaThixo ngoxa singayazi “imini eza ngayo iNkosi” yethu. (Mat. 24:42) Silinda sinomonde, siqinisekile ukuba ngexesha lakhe uYehova uza kuzenza zonke izinto asithembise zona. Ukuba asinamonde, sinokudinwa kukulinda size siqalise ukumshiya kancinci kancinci uYehova. Sinokuqalisa nokufuna izinto eziza kusonwabisa okomzuzwana. Kodwa ukuba sinomonde, sinokukwazi ukunyamezela de kube sekupheleni, sitsho sisinde.—Mika 7:7; Mat. 24:13.

8. Ukuba nomonde kusinceda njani sivane nabantu? (Kolose 3:12, 13)

8 Ukuba nomonde kusinceda sivane nabanye abantu. Kusinceda simamele kakuhle xa bethetha. (Yak. 1:19) Kwenza sihlalisane ngoxolo nabanye abantu. Kusinceda sicinge ngaphambi kokuba senze, singathethi kakubi nabanye xa sinestres. Xa sinomonde asizukukhawuleza sicaphuke xa umntu enze into esikhathazayo. Endaweni yokuba siphindise, siza ‘kuqhubeka sinyamezelana yaye sixolelana ngokusuka entliziyweni.’—Funda amaKolose 3:12, 13.

9. Xa sifuna ukwenza izigqibo kusinceda njani ukuba nomonde? (IMizekeliso 21:5)

9 Umonde unokusinceda senze nezigqibo ezifanelekileyo. Kunokuba sikhawuleze senze isigqibo, masizinike ixesha lokuzazi kakuhle izinto esifuna ukukhetha phakathi kwazo, size sikhethe eyona ibhetele. (Funda iMizekeliso 21:5.) Ngokomzekelo, ukuba sifuna umsebenzi, sisenokufuna ukuthatha ofike kuqala nokuba uza kusenza sisoloko siphoswa ziintlanganiso nayintsimi. Ukuba sinomonde, siza kuqala sicinge ukuba ukude kangakanani lo msebenzi, siza kusebenza iiyure ezingaphi nokuba siza kuba nalo na ixesha elaneleyo lokukhonza uYehova nelokuba kunye neentsapho zethu. Ukuba nomonde kunokusinceda singenzi isigqibo esirongo.

YINTONI ESINOKUYENZA UKUZE SIBE NAWO KAKHULU?

10. Yintoni anokuyenza umKristu ukuze abe nomonde aze ahlale enawo?

10 Thandazela ukuya usiba nomonde. Umonde luphawu lwesiqhamo somoya. (Gal. 5:22, 23) Ngoko sinokuwuthandazela, sicele uYehova asincede sibe nesiqhamo sawo. Ukuba kwenzeka into efuna sibonise ukuba sinawo na umonde, ‘sinokuqhubeka sicela’ uThixo asiphe umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede sibe nawo. (Luka 11:9, 13) Sinokumcela nokuba asincede sizibone ngendlela yakhe izinto. Emva kokuba sithandazile, yonke imihla simele senze konke okusemandleni ethu ukuze sibe nomonde. Ukuba siqhubeka sithandazela ukuba nomonde, size sisoloko sizama ukuba nawo, uYehova uza kusinceda sibe nawo kakhulu nokuba besikade singenawo.

11-12. Ziintoni azenzileyo uYehova ezibonisa ukuba unomonde?

11 Cingisisa ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ithetha ngabantu abaninzi ababenomonde. Xa sicingisisa ngamabali abo, sinokufunda iindlela zokubonisa umonde. Kodwa ngaphambi kokuba sithethe ngabanye babo bantu, makhe sithethe ngoyena mntu unomonde, uYehova.

12 Kwigadi yase-Eden uSathana wangcolisa igama likaYehova ngokwenza uEva acinge ukuba unguMlawuli obadlel’ indlala abantu nongabathandiyo. Endaweni yokuba uYehova amtshabalalise ngoko nangoko loo mhlebi, waba nomonde futhi wazibamba, esazi ukuba kuza kudlul’ ixesha ngaphambi kokuba abantu babone ukuba ungoyena Mlawuli ubodlula bonke. Ngoxa elindile, unyamezele indlela elirhuqwa eludakeni ngayo igama lakhe. Enye into, uye walinda enomonde ukuze abantu abaninzi babe nethuba lokufumana ubomi obungunaphakade. (2 Pet. 3:9, 15) Ngenxa yaloo nto, iimiliyon zabantu ziye zamazi. Ukuba sihlala sicinga indlela okusinceda ngayo ukuba nomonde kukaYehova, kuza kuba lula ukulinda ixesha aza kulitshabalalisa ngalo eli hlabathi.

Ukuba nomonde kuza kusinceda singakhawulezi sibe nomsindo xa sicatshukisiwe (Jonga isiqendu 13)

13. UYesu wabonisa njani ukuba ufana ngqo noTata wakhe ngokuba nomonde? (Jonga nomfanekiso.)

13 Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wabonisa ukuba ufana ngqo noTata wakhe ngokuba nomonde. Inoba kwakungasoloko kulula kuye ukuba nolu phawu, ngokukodwa kubabhali nabaFarisi ababezenza amalungisa. (Yoh. 8:25-27) Kodwa uYesu wayefana noTata wakhe, engakhawulezi acaphuke. Wayengaphindisi xa wayethukwa. (1 Pet. 2:23) Wayesiba nomonde xa enyamezele iingxaki, engakhalazi. Yiloo nto iBhayibhile isithi “cingisisani ngalowo uye wanyamezela amazwi enkohlakalo anjalo athethwa ngaboni.” (Heb. 12:2, 3) Nathi uYehova unokusinceda sinyamezele neziphi na iingxaki esinazo.

Xa silinganisa indlela awayenomonde ngayo uAbraham, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusisikelela ngoku, asisikelele nakakhulu kwihlabathi elitsha asithembise lona (Jonga isiqendu 14)

14. Sifunda ntoni kwindlela awayenomonde ngayo uAbraham? (Hebhere 6:15) (Jonga nomfanekiso.)

14 Siza kuthini xa kubonakala ngathi isiphelo seli hlabathi aside sifike? Mhlawumbi besicinga ukuba xa kungoku eli hlabathi lakube sekudala litshatyalalisiwe. Sisenokuba nexhala lokuba siza kude sisweleke ingekenzeki loo nto. Yintoni enokusinceda ukuze sihlale silinde ngomonde? Cinga ngebali lika-Abraham. Xa wayelixhego elalineminyaka eyi-75, engenabantwana, uYehova wamthembisa esithi: “Ndiza kukwenza ube luhlanga olukhulu.” (Gen. 12:1-4) Ngaba wade wayibona isenzeka loo nto? Zange ayibone isenzeka ngokupheleleyo. Emva kweminyaka eyi-25 ewele uMlambo umEfrate, kwenzeka ummangaliso wokuba abe nonyana onguIsake. Emva kweminyaka eyi-60 ezelwe uIsake, kwazalwa abazukulwana baka-Abraham ababini, uEsawu noYakobi. (Funda amaHebhere 6:15.) Kodwa zange ayibone inzala yakhe isiba luhlanga olukhulu, ifumana ilifa eliLizwe Lesithembiso. Sekunjalo, le ndoda yayithembekile yayivuyela ukuba ngumhlobo woMdali wayo. (Yak. 2:23) Emva kokuba evusiwe, uza kuvuya nyhani akuva ukuba ngenxa yokholo nomonde wakhe, zonke iintlanga zasikelelwa. (Gen. 22:18) Yintoni esiyifundayo? Kusenokwenzeka ukuba ezinye izinto esizithenjiswe nguYehova zingenzeki kwangoku. Kodwa ukuba sinomonde njengoAbraham, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusisikelela ngoku, aze asisikelele nakakhulu kwihlabathi elitsha asithembise lona.—Marko 10:29, 30.

15. Yintoni esinokuzimisela ukufundisisa ngayo?

15 IBhayibhile ithetha nangabanye abantu abaninzi ababenomonde. (Yak. 5:10) Kungakunceda ukuphanda ngabo. b Ngokomzekelo, uDavide wathanjiswa esemncinci ukuba ibe nguye olawula kwaSirayeli emva koSawule, kodwa kwafuneka alinde iminyaka ngaphambi kokuba abe ngukumkani. USimeyon noAna bamkhonza uYehova bethembekile ngoxa babelinde ukuba ade afike uMesiya owayethenjisiwe. (Luka 2:25, 36-38) Xa ufunda amabali anjengala, khangela iimpendulo zale mibuzo: Inoba wancedwa yintoni lo mntu ukuze abe nomonde? Kwamnceda njani ukuba nawo? Ndingamlinganisa njani? Kusenokukunceda nokufunda ngabantu abangazange babe nawo umonde. (1 Sam. 13:8-14) Usenokuzibuza: ‘Yintoni esenokuba yabenza ababi namonde? Ziintoni ezimbi ezenzeka kubo ngenxa yokungabi namonde?’

16. Kusinceda njani ukuba nomonde?

16 Cinga ngendlela oza kuncedakala ngayo xa unomonde. Xa sinomonde, siyonwaba futhi siyazola. Ngoko ukuba nomonde kunokuyenza bhetele impilo yethu engqondweni nasemzimbeni. Xa sinomonde ebantwini siyavana nabo, nebandla esikulo limanyana kakhulu. Xa kukho umntu okucaphukisayo uze ungakhawulezi ukuba nomsindo, loo nto isenokungade ihambele phambili. (INdu. 37:8, umbhalo osemazantsi; IMize. 14:29) Kodwa eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba, xa sinomonde silinganisa uTata wethu osezulwini, futhi sisondela kakhulu kuye.

17. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?

17 Umonde luphawu oluthandeka nyhani nolusincedayo. Ngoxa kusenokungasoloko kulula ukuba nawo, uYehova unokusinceda ukuze siqhubeke sizama ukuba nalo olu phawu. Njengoko sililinde ngomonde ihlabathi elitsha, sinokuqiniseka ukuba “ilihlo likaYehova lihlala libagadile abo bamoyikayo, abo bathembele kuthando lwakhe olungagungqiyo.” (INdu. 33:18) Akwaba sonke singazimisela ukuqhubeka sinxibe umonde.

INGOMA 41 Nceda Uve Umthandazo Wam

a Abantu abaninzi kweli hlabathi likaSathana abanamonde. Kodwa thina iBhayibhile ithi masiwunxibe. Eli nqaku liza kusibonisa ukuba kutheni kubalulekile ukuba nawo, futhi yintoni esinokuyenza ukuze sibe nawo kakhulu.

b Ukuze ufunde ngabanye abantu ababenomonde ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, yiya kwincwadi ethi Isikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova, kumxholo othi “Iimvakalelo, Iimpawu Nemikhwa,” uze uye kumxholwana othi “Umonde.”