Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

1923—Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo

1923—Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo

“SILINDELE ukuba unyaka ka-1923 ibe ngunyaka ovuyisayo,” yatsho njalo iMboniselo kaJanuwari 1, 1923. “Sinenyhweba yokuxelela abantu abacinezelekileyo ukuba izinto ziseza kuba bhetele.” Kunyaka ka-1923 indlela eziqhutywa ngayo iintlanganiso, iindibano nomsebenzi wokushumayela iye yatshintsha. Loo nto incede aBafundi BeBhayibhile baya bemanyana nakakhulu.

IINTLANGANISO ZINCEDE ABAZALWANA BAMANYANA KAKHULU

Ikhalenda enezibhalo neenamba zengoma

Kulo nyaka intlangano yatshintsha ezinye izinto ukuze incede aBafundi BeBhayibhile bamanyane kakhulu. IMboniselo yaqalisa ukukhupha amanqaku acacisa izibhalo ezazisetyenziswa kwiintlanganiso zaphakathi evekini, iNtlanganiso yoMthandazo, iNdumiso noBungqina. ABafundi BeBhayibhile baprinta ikhalenda eyayibonisa ukuba sesiphi isibhalo ekwakuza kuncokolwa ngaso kwiintlanganiso kuloo veki kunye nengoma ababeza kuyicula ngosuku kufundisiso lobuqu okanye kwisifundo sentsapho.

Kwezi ntlanganiso aBafundi BeBhayibhile babedla ngokuthetha “ngokungqina” ngomsebenzi wokushumayela, bathethe ngezinto ababembulela ngazo uYehova, kuculwe ingoma okanye kuthandazwe. UEva Barney owabhaptizwa ngo-1923 eneminyaka eyi-15 uthi: “Ukuba ufuna ukungqina wawuphakama uze uthethe into efana nethi, ‘Ndifuna ukubulela iNkosi ngazo zonke izinto ezintle endenzele zona.’” Abanye abazalwana babeyithanda kakhulu ke le nto. UDade Barney uqhubeka athi: “Kwakukho uMzalwan’ uGodwin owayesele ekhulile nowayenezinto ezininzi awayefuna ukuyibulela ngazo iNkosi. Kodwa xa inkosikazi yakhe ibona ukuba umzalwana oqhuba le ntlanganiso ufuna ade agqibe, yayidla ngokumtsala ngebhatyi aze ahlale phantsi.”

Kanye ngenyanga, ibandla ngalinye laliye libe nentlanganiso ekhethekileyo Yomthandazo Nokunqula UYehova. Xa ichaza le ntlanganiso, iMboniselo ka-Aprili 1, 1923 yathi: “Ubukhulu becala kule ntlanganiso kwakufuneka kuthethwe ngezinto ezenzeke kumsebenzi wokushumayela kuze kukhuthazwe abasebenzi. . . . Sikholelwa ukuba ezi ntlanganiso zikhuthazayo ziza kwenza abazalwana bamanyane kakhulu.”

UCharles Martin, umvakalisi webandla owayeneminyaka eyi-19 waseVancouver, eKhanada, wayekhuthazeka kakhulu kwezi ntlanganiso. Uthi: “Ndafunda kwezi ntlanganiso into endiza kuyithetha kumsebenzi wokushumayela. Amaxesha amaninzi abanye babedla ngokuthetha ngezinto ezenzeke xa bebekumsebenzi wendlu ngendlu. Le nto yandinceda ndayazi into endiza kuthetha ngayo nendlela endingayiphendula ngayo eminye imibuzo.”

BAMANYANISWA NGUMSEBENZI WOKUSHUMAYELA

IBulletin kaMeyi 1, 1923

“Iintsuku Zenkonzo” zazibakhuthaza abazalwana nodade. IMboniselo ka-Aprili 1, 1923 yathi: “Ukuze simanyane kumsebenzi esiwenzayo . . . , kukhethwe usuku lwangoLwesibini, nge-1 kaMeyi 1923, ukuba ibe lusuku lwenkonzo. Emva koko uLwesibini wokuqala enyangeni uza kuba lusuku lokushumayela . . . Bonke ebandleni babefanele babekho kulo msebenzi.”

NaBafundi BeBhayibhile abasebancinci babewenza lo msebenzi. UHazel Burford, owayeneminyaka eyi-16 ngelo xesha uthi: “IBulletin yayineentshumayelo esasizinkqaya size sizisebenzise. a Ndandisebenza noTatomkhulu ngokuzimisela kuzo zonke izinto ekwakufuneka sizenze.” Kodwa uDade Burford wamangaliswa yindlela omnye umzalwana awaziva ngayo. Uthi: “Omnye umzalwana owayesele ekhulile wayengafuni tu ukuba ndithethe nabantu. Ngelo xesha abanye babengayiqondi into yokuba bonke aBafundi BeBhayibhile, nkqu ‘nabafana neentombi,’ babefanele badumise uMdali wethu Ozukileyo.” (INdu. 148:12, 13) Kodwa uDade Burford waqhubeka eshumayela. Wade waya kwiklasi yesibini yeSikolo SaseGiliyadi waza wangumshumayeli wevangeli ePanama. Emva kwexesha abazalwana bayitshintsha indlela ababekade bekujonga ngayo ukushumayela kwabantu abasebatsha.

IINDIBANO ZALUQINISA UMANYANO LWABAZALWANA

Iindibano zasekuhlaleni nezengingqi zazibamanyanisa abazalwana. Kwiindibano ezininzi kwakubakho neentsuku zokushumayela. Ngokomzekelo, kwindibano eyayiseWinnipeg, eKhanada, bonke abo babekho bamenywa ukuba baye kushumayela edolophini nge-31 kaMatshi. Abantu abaninzi babefunyanwa kwezi ntsuku zikhethekileyo zokushumayela, ibe imiphumo yayiba mihle kakhulu. Nge-5 ka-Agasti kuqikelelwa ukuba kwakukho abantu abamalunga ne-7 000 kwenye indibano eyayiseWinnipeg. Ngelo xesha yayiyeyona ndibano yakha yanabantu abaninzi eKhanada.

Eyona ndibano ibalulekileyo yabantu bakaYehova ngo-1923 yayinge-18-26 ka-Agasti, eLos Angeles, eCalifornia. Kwiiveki ezingaphambili iphephandaba lalinesimemo sale ndibano, ibe aBafundi BeBhayibhile bahambisa ezingaphezu kwe- 500 000. Babencamathisela amakhadi athetha ngale ndibano kwizithuthi zikawonke-wonke nasezimotweni.

Indibano yaBafundi BeBhayibhile eyayingo-1923 eLos Angeles

NgoMgqibelo, nge-25 ka-Agasti uMzalwan’ uRutherford wanikela intetho eyayinomxholo othi “Iigusha Neebhokwe.” Yayicacisa ukuba “iigusha” ngabantu abalungileyo abaza kuphila emhlabeni oyiparadesi. Wafunda nesigqibo esasibizwa ngokuba “Sisilumkiso.” Esi silumkiso sasigxeka uNqulo Lobuxoki, sikhuthaza nabo baneentliziyo ezinyanisekileyo ukuba baphume ‘kwiBhabhiloni Enkulu.’ (ISityhi. 18:2, 4) Emva koko aBafundi BeBhayibhile abakhutheleyo emhlabeni wonke bamanyana ukuze basasaze iimiliyon zeekopi ezinesi sigqibo.

“Ezi ntlanganiso zikhuthazayo ziza kwenza abazalwana bamanyane nangakumbi”

Ngosuku lokugqibela lwale ndibano, babengaphezu kwe-30 000 abantu ababemamele intetho kaMzalwan’ uRutherford eyayinomxholo othi “Zonke Iintlanga Ziya KwiArmagedon, Kodwa Izigidi Eziphilayo Ngoku Azisayi Kufa.” ABafundi BeBhayibhile baqasha iBala Lemidlalo elitsha laseLos Angeles kuba babelindele ukuba baninzi abantu abaza kuza. Abazalwana basebenzisa izandisi-lizwi zelo bala, ezaziyiteknoloji entsha ngelo xesha ukuze baqiniseke ukuba wonke umntu uyeva. Abantu abaninzi bayimamela kwirediyo le ndibano.

ULWANDO EMHLABENI WONKE

Ngo-1923 kwabakho ulwando olukhulu eAfrika, eYurophu, eIndiya naseMzantsi Merika. EIndiya, uA. J. Joseph wayenyamekela ukwenziwa kweencwadi ngesiHindi, isiTamil, isiTelugu, nesiUrdu, kwangaxeshanye enyamekela umfazi wakhe nabantwana abayi-6.

UWilliam R. Brown nentsapho yakhe

ESierra Leone uAlfred Joseph noLeonard Blackman ababengaBafundi BeBhayibhile babhalela ikomkhulu elaliseBrooklyn, eNew York, becela ukuncediswa. Isicelo sabo saphendulwa nge-14 ka-Aprili, 1923. UAlfred uthi, “Ngobusuku bangomnye uMgqibelo ndafowunelwa ndingalindelanga.” Weva ilizwi elithethela phezulu lisithi, “Nguwe obebhalele iWatch Tower Society ucela abashumayeli?” UAlfred wathi, “Ewe, bathumele mna.” Eli lizwi yayilelikaWilliam R. Brown. Wayefike ngaloo mini evela kwiCaribbean nomfazi wakhe uAntonia, namantombazana abo, uLouise noLucy. Kwakungazukufuneka abazalwana balinde ixesha elide ukuze bababone.

UAlfred waqhubeka wathi: “Ngosuku olulandelayo mna noLeonard sasiqhuba isifundo seBhayibhile seveki xa kwavela indoda ende emnyango. YayinguMzalwan’ uBrown. Wayekhuthele kakhulu kangangokuba wayefuna ukunikela intetho ngosuku nje olulandelayo.” Kungekapheli nenyanga, uMzalwan’ uBrown wayesele ehambise zonke iincwadi awayeze nazo. Kungekudala wafumana ezinye iincwadi eziyi-5 000. Kungadlulanga xesha lingako kwakusele kufuneka ezinye iincwadi. UMzalwan’ uBrown wayengaziwa njengomntu othengisa iincwadi. Kuyo yonke iminyaka awayekhuthele ngayo emsebenzini kaYehova wayesoloko esebenzisa iZibhalo kwiintetho zakhe. Wade wabizwa ngokuba nguBible Brown.

IBheteli yaseMagdeburg kwiminyaka yoo-1920

Isebe eliseBarmen, eJamani, laligcwele kakhulu kangangokuba abazalwana bacinga ukuphuma. Babeve nokuba kungekudala umkhosi waseFransi wawuza kuyihlasela le ndawo. ABafundi BeBhayibhile babona isakhiwo eMagdeburg esasibonakala siza kuwulungela umsebenzi wabo wokuprinta. Nge-19 kaJuni aBafundi BeBhayibhile bagqiba ukupakisha izinto zabo zokuprinta kunye nezinye izinto baza bathuthela kwiBheteli eseMagdeburg. Kusuke emva kokuba ikomkhulu lixelelwe ukuba sekugqityiwe ukuthutha, amaphephandaba achaza ukuba umkhosi waseFransi uyithimbile idolophu yaseBarmen. Abazalwana baqiniseka ukuba ukuthutha kwabo kwakuyintsikelelo kaYehova nendlela abakhusela ngayo.

UGeorge Young noSarah Ferguson (ekunene) nodadeboSarah

EBrazil, uGeorge Young owayeqhelene nokuhambahamba wamisela isebe elitsha waza waqalisa ukupapasha iMboniselo ngesiPhuthukezi. Kwiinyanga nje ezimbalwa wayesele ehambise iincwadi ezingaphezu kwe-7 000. USarah Ferguson wavuya kakhulu ukufika kwalo mzalwana eBrazil. Wayesoloko efunda iMboniselo ukususela ngo-1899, kodwa akazange ade azinikele kuYehova aze abhaptizwe. Kwiinyanga ezimbalwa emva koko, uDade Ferguson nabantwana bakhe abane benza isigqibo esibalulekileyo sokubhaptizwa.

“UKUKHONZA UTHIXO NGOKUZIMISELA NANGOVUYO”

Xa kuphela unyaka iMboniselo kaDisemba 15, 1923 yachaza indlela utshintsho olwalukho kwintlanganiso, indlela yokushumayela neendibano eyaluchaphazela ngayo umanyano lwaBafundi BeBhayibhile. Yathi: “Ngokucacileyo ibandla . . . linokholo oluqinileyo . . . Masiwulungele umsebenzi omkhulu kulo nyaka uzayo, size siqhubeke sikhuthele futhi sivuya emsebenzini kaThixo.”

Unyaka ka-1924 wawuvuyisa kakhulu kuBafundi BeBhayibhile. Abazalwana eBheteli babesebenza kangangeenyanga kumhlaba oseStaten Island, owawukufutshane kakhulu kwikomkhulu eliseBrooklyn. Izakhiwo ezazisakhiwa kweso siza sitsha zagqitywa ekuqaleni kuka-1924, ibe zanceda ekumanyaniseni abazalwana nasekusasazweni kweendaba ezilungileyo ngeendlela esingazange sazibona ngaphambili.

Abazalwana ababesakha eStaten Island

a Ngoku ibizwa ngokuba yiNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela.