Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 43

‘Uza Kukomeleza’

‘Uza Kukomeleza’

“[UYehova] Uza kuniqinisa, anomeleze, aze anenze nizinze.”​—1 PET. 5:10.

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Kudala uThixo wayebomeleza njani abakhonzi bakhe?

 XA LITHETHA ngamadoda awayenokholo, iLizwi LikaThixo lidla ngokuthi ayomelele. Kodwa nawayomelele kakhulu kuwo ayekhe aphelelwe ngamandla. Ngokomzekelo, ngamanye amaxesha uKumkani uDavide wayeziva ‘omelele okwentaba,’ kodwa ngamanye wayekhe ‘oyike.’ (INdu. 30:7) Nangona uSamson wayesiba namandla angaqhelekanga xa umoya kaThixo usebenza kuye, wayeqonda ukuba ngaphandle kwawo wayeza kuba “buthathaka njengabo bonke abanye abantu.” (ABagwe. 14:5, 6; 16:17) La madoda athembekileyo ayesomelezwa kukuba uYehova wayewanika amandla.

2. Kwakutheni ukuze umpostile uPawulos athi xa engenamandla kuxa kanye wayesiba namandla? (2 Korinte 12:9, 10)

2 Umpostile uPawulos wayeqonda ukuba naye wayewadinga amandla avela kuYehova. (Funda ama-2 Korinte 12:9, 10.) Njengabaninzi kuthi uPawulos wayegula. (Gal. 4:13, 14) Kwakukhe kube nzima nokwenza into elungileyo. (Roma 7:18, 19) Kanti ngamanye amaxesha wayekhe oyike izinto ezinokwenzeka kuye. (2 Kor. 1:8, 9) Kodwa xa engenamandla kuxa kanye wayesiba namandla. Yayisenzeka njani loo nto? UYehova wayemnika amandla awayewadinga ukuze akwazi ukunyamezela iingxaki awayenazo.

3. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

3 UYehova uthembisa ukuba nathi uza kusomeleza. (1 Pet. 5:10) Kodwa akazukusuka nje asomeleze sibe thina sisonge izandla. Ngokomzekelo, i-injini inokuyipha amandla okuhamba imoto, kodwa ukuze ihambe umqhubi umele anyathele amafutha. Ngendlela efanayo, uYehova ukulungele ukusipha amandla esiwadingayo, kodwa kukho izinto ekufuneka sizenze ukuze loo mandla asincede. Ziintoni asilungiselele zona ukuze somelele? Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sifumane amandla akhe? Ukufunda ngendlela awamomeleza ngayo umprofeti uYona, umama kaYesu uMariya nompostile uPawulos kuza kusinceda sifumane iimpendulo zale mibuzo. Siza kubona nokuba iindlela awabomeleza ngazo aba bakhonzi bakhe bathathu ziyafana neendlela abomeleza ngazo abakhonzi bakhe namhlanje.

UKUTHANDAZA NOKUFUNDA KUZA KUKOMELEZA

4. Yintoni esimele siyenze ukuze sifumane amandla avela kuYehova?

4 Enye indlela esinokuwafumana ngayo amandla kuYehova kukuthandaza. Unokusiphendula ngokusinika ‘amandla angaqhelekanga.’ (2 Kor. 4:7) Enye into enokusomeleza kukufunda iLizwi lakhe size sicingisise ngezinto esizifundayo. (INdu. 86:11) Umyalezo wakhe esiwufumana eBhayibhileni ‘unamandla.’ (Heb. 4:12) Xa sithandaza size sifunde iLizwi LikaYehova siza kufumana amandla esiwadingayo ukuze sinyamezele, sihlale sivuya size siwenze kakuhle umsebenzi onzima esinawo. Makhe sive indlela uYehova awamomeleza ngayo umprofeti uYona.

5. Kwakutheni ukuze umprofeti uYona adinge ukuba nesibindi?

5 Umprofeti uYona kwakufuneka abe nesibindi. Wayesoyika ukuya kwenza umsebenzi owawubonakala unzima awayewunikwe nguYehova. Ngenxa yaloo nto waphantse wasweleka kwisaqhwithi esikhulu, waza wabubeka engozini nobomi babantu awayekhwele nabo enqanaweni. Bamphosa elwandle, wazibona sele ekwindawo emnyama, isisu sentlanzi enkulu. Inoba wayeziva njani? Ngaba wayecinga ukuba uza kufa? Ngaba wayezibuza ukuba uYehova umlahlile na? Inoba wayesoyika kakhulu.

Njengomprofeti uYona yintoni enokusomeleza xa sinengxaki? (Jonga isiqendu 6-9)

6. Ngokutsho kukaYona 2:1, 2, 7, uYona wawafumana njani amandla xa wayesesiswini sentlanzi?

6 Wenza ntoni uYona ukuze abe nesibindi xa wayesesiswini sentlanzi enkulu? Wathandaza. (Funda uYona 2:1, 2, 7.) Nangona engazange ayenze into uYehova awayemthuma yona, waguquka, waza waqiniseka ukuba uYehova uza kuwumamela umthandazo wakhe. Wacingisisa nangeZibhalo. Siyazi njani loo nto? Amazwi amaninzi akumthandazo wakhe okuYona isahluko 2 ayafana nalawo akwiiNdumiso. (Ngokomzekelo, thelekisa uYona 2:2, 5 neNdumiso 69:1; 86:7.) Kuyacaca ukuba uYona wayezazi kakuhle ezi vesi. Ukucinga ngazo xa wayesengxakini kwamenza waqiniseka ukuba uYehova wayeza kumnceda. Emva kwexesha intlanzi yamkhuphela emhlabeni owomileyo ephila, waza wazimisela ukuwenza umsebenzi awayewuthunywe nguYehova.​—Yona 2:10–3:4.

7-8. Uncedwe yintoni uZhiming ukuze omelele xa ebeneengxaki?

7 Into esiyifunda kuYona inokusinceda xa sineengxaki. Ngokomzekelo, omnye umzalwana waseTaiwan, uZhiming, b ugula kakhulu. Nabantu bakowabo bamphethe kakubi kakhulu kuba ekhonza uYehova. Into emenza abe nesibindi kukuthandaza nokufunda. Uthi: “Ngamany’ amaxesha xa kuvela iingxaki ndiye ndibe nexhala kakhulu de ndingakwazi nokufundisisa.” Kodwa uye athembele ngoYehova. Uphinda athi, “Ndiye ndithandaze, emva koko ndifake ii-earphones ndize ndimamele iingoma zoBukumkani. Ngamanye amaxesha ndiye ndiziculele phantsi de ndizole. Emva koko ndifunde.”

8 Ukufundisisa kuncede uZhiming wakwazi ukunyamezela xa kunzima. Ngokomzekelo, emva kokuba enziwe utyando, inesi yathi iiseli ezibomvu zegazi lakhe zimbalwa kakhulu, ngoko kuza kufuneka atofelwe igazi. Ngobusuku obungaphambi kokuba atyandwe, wafunda ngodade owenziwa utyando olufanayo nolwaluza kwenziwa kuye. Iiseli ezibomvu zegazi lakhe zazimbalwa kunezegazi likaZhiming; kodwa waphila nangona engazange avume atofele igazi. Ibali lalo dade lamkhuthaza ukuba ahlale ethembekile.

9.Ukuba ingxaki onayo ikwenza ube nexhala kakhulu, yintoni onokuyenza? (Jonga nemifanekiso.)

9 Xa unengxaki, ngaba uye uzive unexhala kakhulu de ungakwazi nokuthandaza? Okanye ngaba uye udinwe kakhulu de ungakwazi nokufunda? Ungaze ulibale ukuba uYehova uyiqonda kakuhle imeko okuyo. Ngoko nokuba umthandazo wakho mfutshane futhi awucikozi, qiniseka ukuba uza kukunika kanye le nto uyidingayo. (Efe. 3:20) Xa kunzima ukufunda kuba ugula, udiniwe okanye unexhala kakhulu, zama ukumamela iBhayibhile okanye enye yeencwadi ezirekhodiweyo ezisifundisa ngayo. Usenokumamela enye yeengoma zethu okanye ubukele ividiyo ku-jw.org/xh. Xa uthandaza, uze ukhangele iimpendulo zaloo mithandazo kwizinto eziqinisa ukholo asilungiselele zona uYehova, uyamvumela ukuba akomeleze.

ABAZALWANA NOODADE BAZA KUKOMELEZA

10. Abazalwana noodade basomeleza njani?

10 UYehova unokusomeleza esebenzisa abazalwana noodade. Xa sinengxaki okanye kunzima ukwenza umsebenzi esiwunikiweyo entlanganweni, ‘banokusithuthuzela.’ (Kol. 4:10, 11) Sibadinga kakhulu abahlobo “ngamaxesha anzima.” (IMize. 17:17) Xa sityhafile, abazalwana noodade banokusinika izinto esizidingayo, basithuthuzele baze basikhuthaze ukuze singayeki ukuhlala sithembekile kuYehova. Khawuve indlela abamomeleza ngayo abanye abantu uMariya, umama kaYesu.

11. Kwakutheni ukuze uMariya adinge ukomelezwa?

11 UMariya wayedinga ukomelezwa. Khawucinge indlela anoba waziva ngayo emva kokuba ingelosi uGabriyeli imnike umsebenzi onzima. Wayeza kukhulelwa engatshatanga. Zange wakhulisa mntwana, kodwa kwakuza kufuneka akhulise inkwenkwe eyayiza kuba nguMesiya. Ekubeni engazange walala nandoda, wayeza kuthini kuYosefu owayemngejile?​—Luka 1:26-33.

12. Ngokutsho kukaLuka 1:39-45, uMariya wawafumana njani amandla awayewadinga?

12 UMariya wakhuthazwa njani ukuze enze lo msebenzi ungaqhelekanga nonzima? Wacela uncedo kwabanye. Ngokomzekelo, wacela uGabriyeli ukuba amxelele indlela eyayiza kwenzeka ngayo le nto. (Luka 1:34) Emva koko wakhawuleza waya “kummandla weentaba” kwisixeko sakwaYuda eyokubona uElizabhete azalana naye. Yamnceda nyhani loo nto. UElizabhete wamncoma uMariya, futhi waphefumlelwa nguYehova ukuba amxelele ngesiprofeto esikhuthazayo esithetha ngalo nyana aza kumzala. (Funda uLuka 1:39-45.) UMariya wathi uYehova ‘uyenze yonke le nto ngengalo yakhe enamandla.’ (Luka 1:46-51) UYehova wamomeleza uMariya esebenzisa uGabriyeli noElizabhete.

13. Kwenzeka ntoni komnye udade waseBolivia xa wacela uncedo kubazalwana noodade?

13 NjengoMariya nawe unokomelezwa ngabazalwana noodade. Omnye udade waseBolivia, uDasuri, wayeyidinga loo nto. Xa utata wakhe kwathiwa unesifo esinganyangekiyo waza walaliswa esibhedlele, wazixelela ukuba uza kusoloko esecaleni kwakhe. (1 Tim. 5:4) Yayingasoloko ilula ke loo nto. Uthi, “Amaxesha amaninzi ndandikhe ndicinge ukuba andisakwazi ukuyenza le nto.” Ngaba walucela uncedo? Ekuqaleni zange. Uthi, “Ndandingafuni ukusokolisa abazalwana. Ndandisithi, ‘UYehova uza kundinceda.’ Kodwa ndabona ukuba xa ndingaceli abanye abantu ndizama ukuzilungisa ndodwa iingxaki zam.” (IMize. 18:1) UDasuri wagqiba ekubeni abhalele abahlobo bakhe abambalwa abaxelele ingxaki anayo. Uthi, “Andinawo amazwi okuyichaza indlela abandomeleza ngayo abazalwana noodade. Beza nokutya esibhedlele, bandifundela neZibhalo ezithuthuzelayo. Kumnandi nyhani ukwazi ukuba asikho sodwa. Sonke siyintsapho enkulu kaYehova. Abazalwana noodade bafuna ukusinceda ngezinto esizidingayo, balile nathi xa sisentlungwini, baze basikhuthaze ukuze singayeki ukukhonza uYehova.”

14. Kutheni sifanele silwamkele uncedo lwabadala?

14 Enye indlela uYehova asomeleza ngayo kukusebenzisa abadala. Usiphe bona ukuze basomeleze baze basikhuthaze. (Isa. 32:1, 2) Ngoko xa kukho into ekukhathazayo, xelela abadala. Lwamkele uncedo lwabo. UYehova unokubasebenzisa ukuze bakomeleze.

ITHEMBA ONALO LINOKUKOMELEZA

15. Leliphi ithemba analo onke amaKristu?

15 Ithemba esilifumana eBhayibhileni linokusenza somelele. (Roma 4:3, 18-20) Onke amaKristu anethemba elingenakulinganiswa nanto lokuphila ubomi obungunaphakade; amanye kulo mhlaba uza kube wenziwe iparadesi, kanti amanye kuBukumkani basezulwini. Eli themba lisenza sibe namandla okunyamezela iingxaki, awokushumayela iindaba ezilungileyo nawokwenza imisebenzi eyahlukeneyo ebandleni. (1 Tes. 1:3) Lamomeleza nompostile uPawulos.

16. Kwakutheni ukuze umpostile uPawulos adinge ukomelezwa?

16 UPawulos wayekudinga ukomelezwa. Kwileta awayibhalela ibandla laseKorinte wazifanisa nesitya sodongwe esophukayo. ‘Wayecinezelwe, ebhidekile, etshutshiswa, ephoswa naphantsi.’ Nobomi bakhe babusengozini. (2 Kor. 4:8-10) La mazwi wawabhala kuhambo lwakhe lwesithathu engumthunywa wevangeli. Kusenokwenzeka ukuba ngelo xesha wayengazi ukuba useza kuba nezinye iingxaki. Wayeseza kuhlaselwa, abanjwe, ophukelwe yinqanawa, avalelwe nasetrongweni.

17. Ngokutsho kwama-2 Korinte 4:16-18, yintoni eyanika uPawulos amandla okunyamezela iingxaki awayenazo?

17 Ukuhlala ecinga ngethemba awayenalo, kwamnika amandla okunyamezela uPawulos. (Funda ama-2 Korinte 4:16-18.) Waxelela amaKristu aseKorinte ukuba wayengazukutyhafiswa ngumzimba wakhe ‘owawusiya usonakala.’ Wayekhangele phambili kubomi aza kubuphila kwixesha elizayo. Kuye ithemba lokuphila ubomi obungunaphakade ezulwini ‘lalingenakulinganiswa nanto.’ Ngoko wayekulungele ukunyamezela naziphi na iingxaki ukuze alifumane. Ngenxa yokuba wayesoloko ecinga ngeli themba, wayengathi “wenziwa mtsha yonke imihla.”

18. Ithemba liye lamomeleza njani uTihomir nentsapho yakhe?

18 Omnye umzalwana waseBulgaria, uTihomir, womelezwa lithemba analo. Kwiminyaka embalwa edlulileyo umninawa wakhe uZdravko uye wasweleka kwingozi yemoto. Kuye kwadlula ixesha ebuhlungu kakhulu. Ukuze bakwazi ukumelana naloo ntlungu, yena nentsapho yakhe baye bacinga ukuba kuza kuba njani xa kuvuswa abantu. Uthi: “Ngokomzekelo, siye sithethe ngokuba siza kudibana phi noZdravko, siza kumphekela ntoni, ngoobani esiza kubamema kwipati yokuqala esiza kumenzela yona xa evusiwe, nokuba zeziphi izinto ezenzeke kwimihla yokugqibela esiza kumbalisela zona.” UTihomir uthi ukucinga ngethemba enalo intsapho yakhe kuyayomeleza, ukuze ikwazi ukunyamezela nokuhlala ilinde ixesha laxa uYehova eza kuvusa umninawa wakhe.

Ucinga ukuba buza kuba njani ubomi bakho kwihlabathi elitsha? (Jonga isiqendu 19) c

19. Ziintoni onokuzenza ukuze womeleze ithemba onalo? (Jonga nomfanekiso.)

19 Unokulomeleza njani ithemba onalo? Ngokomzekelo, ukuba unethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni, funda ngendlela iBhayibhile eyichaza ngayo iParadesi uze ucingisise ngaloo nto uyifundileyo. (Isa. 25:8; 32:16-18) Cinga ngendlela esiza kuphila ngayo kwihlabathi elitsha. Yiba nombono wakho ulapho. Ngoobani obabonayo? Zizandi zantoni ozivayo? Wena uziva njani? Ukuze ube nombono wokuba kuza kuba njani eParadesi, jonga imifanekiso ekwiincwadi zethu, ubukele iividiyo zomculo ezinjengethi Kwihlabathi Elitsha, Seyikufuphi Nyhani, okanye ethi Liyeza Ixesha. Ukuba sihlala sicinga ngethemba lehlabathi elitsha, iingxaki esinazo ziza kuba yinto “egqithayo nencinci.” (2 Kor. 4:17) Izinto asithembise zona uYehova ziza kusenza somelele.

20. Xa sityhafile sinokuwafumana njani amandla?

20 Nokuba sityhafile, “uThixo uza kusinika amandla.” (INdu. 108:13) UYehova sele ekunikile izinto ozidingayo ukuze akomeleze. Ngoko xa ufuna ukuncedwa ukuze uwenze kakuhle umsebenzi owunikiweyo entlanganweni, unyamezele iingxaki onazo uze uhlale uvuya, thandaza uze ufundisise. Vuma ukukhuthazwa ngabazalwana noodade. Ithemba onalo malihlale lithe thaa engqondweni yakho. Xa uzenza ezi zinto, uThixo uza ‘kukomeleza ngawo onke amandla akhe azukileyo ukuze unyamezele ngokupheleleyo ngomonde yaye uvuya.’​—Kol. 1:11.

INGOMA 33 Lahlela Umthwalo Wakho KuYehova

a Eli nqaku liza kunceda abantu abacinga ukuba abanakukwazi ukunyamezela ingxaki abanayo okanye umsebenzi abawunikwe entlanganweni unzima kakhulu kubo. Siza kufunda nokuba uYehova unokusomeleza njani, nokuba yintoni esinokuyenza ukuze asincede.

b Amanye amagama atshintshiwe.

c INGCACISO YOMFANEKISO: Udade ongevayo ucinga ngamathemba aseBhayibhileni aze adlale ividiyo yomculo emnceda abe nombono wobomi aza kubuphila kwihlabathi elitsha.