Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 44

Lifundisise Kakuhle ILizwi LikaThixo

Lifundisise Kakuhle ILizwi LikaThixo

“Nibuqonde ngokupheleleyo ububanzi, ubude, ukuphakama nobunzulu.”​—EFE. 3:18.

INGOMA 95 Kuya Kukhanya Ngokukhanya

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. Yeyiphi eyona ndlela yokufunda iBhayibhile enokukunceda? Yenza umzekelo.

 MASITHI ufuna ukuthenga indlu. Yintoni obuza kufuna ukuyibona ngaphambi kokuba uyithenge? Yifoto nje eza kukubonisa ukuba injani ngaphambili? Ngokuqinisekileyo ubuza kufuna ukuzibonela, uyijikeleze, ungene kuwo onke amagumbi uze uyijongisise kakuhle yonke into ekuloo ndlu. Ubusenokude ufune ukubona neplani yayo ukuze wazi ukuba yayakhiwe njani. Ngokuqinisekileyo ubuza kufuna ukubona yonke into ekule ndlu iza kuba yeyakho.

2 Sinokwenza into efanayo naxa sifunda iBhayibhile. Omnye umphengululi weBhayibhile wathi iBhayibhile ifana “nesakhiwo esikhulu, eside nesakhiwe phezu kweziseko ezinzulu.” Ngoko singenza ntoni ukuze siyazi kakuhle yonke into ekuyo? Ukuba uyakhawuleza xa uyifunda, usenokwazi iinyaniso ezilula zodwa, kufane nokungathi ‘uqala phantsi ukufunda izinto ezingcwele zikaThixo.’ (Heb. 5:12) Ngoko njengokuba kufuneka ungene ngaphakathi endlini ukuze ubone yonke into ekuyo, kufuneka uyifundisise kakuhle kakhulu iBhayibhile ukuze uyiqonde kakuhle into eyithethayo. Eyona ndlela inokukunceda yokufunda iBhayibhile kukujonga ukuba zidibana njani izinto ezikuyo. Sukuphelela nje ekuqondeni ukuba zeziphi iinyaniso ozikholelwayo ezikuyo, zama ukuqonda nokuba kutheni uyikholelwa.

3. Umpostile uPawulos wawakhuthaza ukuba enze ntoni amaKristu? Kwakutheni? (Efese 3:14-19)

3 Ukuze siyiqonde kakuhle yonke into ethethwa liLizwi LikaThixo, simele sizifunde iinyaniso ezinzulu ezikulo. Umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba alifundisise iLizwi LikaThixo ukuze ‘abuqonde ngokupheleleyo ububanzi, ubude, ukuphakama nobunzulu’ benyaniso. Loo nto yayiza kuwanceda angagungqi, aze ‘abambelele nkqi’ kukholo lwawo. (Funda amaEfese 3:14-19.) Nathi simele senze loo nto. Makhe sibone ukuba sinokulifundisisa njani iLizwi LikaThixo ukuze siziqonde kakuhle izinto ezibalulekileyo ezikulo.

ZIFUNDISISE IINYANISO EZINZULU ZEBHAYIBHILE

4. Yintoni esinokuyenza ukuze sisondele kuYehova? Yenza imizekelo.

4 Thina maKristu asifuni ukuqonda iimfundiso ezilula zeBhayibhile zodwa. Umoya oyingcwele usinceda sifune ukufunda “kwanezinto ezinzulu zikaThixo.” (1 Kor. 2:9, 10) Unokuzenzela ucwangciso lokuphanda izinto ezinzulu eziseBhayibhileni, neziza kukwenza usondele kuYehova. Ngokomzekelo, unokuphanda ngendlela awalubonisa ngayo uthando kubakhonzi bakhe bakudala, nokuba loo nto ibonisa njani ukuba nawe uyakuthanda. Ungafunda ngendlela uYehova awayefuna amkhonze ngayo amaSirayeli uze uyithelekise nendlela afuna simkhonze ngayo ngoku. Usenokuphanda nzulu nangezinto ekwakuprofetwe ngazo, ezenzeka kuYesu xa wayelapha emhlabeni.

5. Ikhona into ongathanda ukuphanda ngayo?

5 Abanye abantu abakuthanda kakhulu ukuphanda, baye babuzwa ukuba ziintoni ezikwiLizwi likaThixo abafuna ukuzazi kakuhle. Ezinye izinto abaye bathetha ngazo zikwibhokisi ethi “ Izinto Ezinzulu Onokuphanda Ngazo.” Kungamnandi ukuphanda ngezi zinto kwincwadi ethi iSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova. Ukuphanda ngezinto ezinzulu eziseBhayibhileni kunokuluqinisa ukholo lwakho, kuze kukuncede “umazi uThixo.” (IMize. 2:4, 5) Ngoku makhe sithethe ngezinye iinyaniso ezinzulu eziseBhayibhileni esinokufundisisa ngazo.

CINGISISA NGENJONGO KATHIXO

6. (a) Icebo lahluke ngantoni kwinjongo? (b) Kutheni kunokuthiwa uThixo unenjongo “kanaphakade” ngabantu nomhlaba? (Efese 3:11)

6 Cinga ngento ethethwa yiBhayibhile ngenjongo kaThixo. Kukho umahluko omkhulu phakathi kokuba necebo nokuba nenjongo. Ukuba necebo singathi yindlela okhetha ukuhamba ngayo ukuze ufike kwindawo oya kuyo. Kodwa xa kukho into eyivalileyo loo ndlela, usenokungafiki. Yona injongo sinokuthi yiloo ndawo uya kuyo. Uqinisekile ngale ndawo ufuna ukuya kuyo, kodwa zininzi iindlela onokuzisebenzisa ukuze ufike. Ukuba ivaliwe enye, usenokutshintsha uhambe ngenye. EBhayibhileni, uYehova uye wasichazela kancinci kancinci ‘injongo yakhe kanaphakade.’ (Efe. 3:11) Nokuba yeyiphi indlela akhetha ukuba yenzeke ngayo injongo yakhe, iyenzeka, kuba “wenze ukuba yonke into ihambelane nenjongo yakhe.” (IMize. 16:4) Imiphumo yezinto azenzayo uYehova soze itshintshe. Yintoni injongo kaYehova? Ziintoni azenzileyo ukuze aqiniseke ukuba iyenzeka?

7. Emva kokuba abantu bokuqala bengazange bathobele, uThixo wayitshintsha njani indlela eyayiza kwenzeka ngayo injongo yakhe? (Mateyu 25:34)

7 UThixo wabaxelela abantu bakhe ukuba yeyiphi injongo anayo ngabo. Babemele ‘baqhame, bande, bagcwalise umhlaba bawoyise, baze balawule zonke izidalwa eziphilayo’ emhlabeni. (Gen. 1:28) Xa uAdam noEva bakhetha ukungamthobeli uYehova, baza abantu banesono, loo nto zange iyiphelise injongo kaYehova. Watshintsha indlela eyayiza kwenzeka ngayo. Ngokukhawuleza walungiselela uBukumkani ezulwini, obabuza kwenza ukuba injongo awayenayo ngomhlaba nabantu yenzeke. (Funda uMateyu 25:34.) Ngexesha lakhe awayelibekile, wabonisa ukuba uyasithanda ngokuthumela uNyana wakhe olizibulo, ukuba azokufundisa abantu ngoBukumkani aze ancame ubomi bakhe ukuze abakhulule esonweni nasekufeni. Emva koko wamvusela ezulwini, ukuze abe nguKumkani woBukumkani BukaThixo. Kodwa zikhona nezinye izinto esinokuzifunda ngenjongo kaThixo.

Yiba nombono waxa bonke abakhonzi bakaYehova abasezulwini nabasemhlabeni bemkhonza bemanyene futhi bengagungqi! (Jonga isiqendu 8)

8. (a) Yeyiphi eyona nto ithetha ngayo iBhayibhile? (b) AmaEfese 1:8-11 abonisa ukuba yeyiphi eyona njongo kaYehova? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

8 Eyona nto ithetha ngayo iBhayibhile kukuba igama likaYehova liza kuthethelelwa xa kusenzeka injongo yakhe ngomhlaba, esebenzisa uBukumkani bakhe obulawulwa nguKristu. Akukho nto inokuyitshintsha injongo kaYehova. Usithembise ukuba zonke izinto athe ziza kwenzeka, ziza kwenzeka kanye ngendlela athe ziza kwenzeka ngayo. (Isa. 46:10, 11, imibhalo esemazantsi; Heb. 6:17, 18) Umhlaba uza kwenziwa ube yiparadesi, apho abantwana baka-Adam noEva abangamalungisa nabangenasono baza ‘kuphila ubomi obumnandi ngonaphakade.’ (INdu. 22:26) Kodwa ikhona nenye into uYehova aza kuyenza. Eyona njongo yakhe kukwenza bonke abakhonzi bakhe basezulwini nabasemhlabeni bamanyane. Emva koko bonke baza kumthobela bengagungqi uMlawuli wabo uYehova. (Funda amaEfese 1:8-11.) Zimangalisa nyhani izinto azenzayo ukuze kwenzeke injongo yakhe.

CINGISISA NGEKAMVA LAKHO

9. Xa sifunda iBhayibhile sizibona zisekude kangakanani izinto eziza kwenzeka?

9 Cinga ngesiprofeto esenziwa nguYehova kwigadi yase-Eden nesibhalwe kwiGenesis 3:15. b Sithetha ngezinto ezaziza kwenzeka ukuze kwenzeke injongo yakhe. Kodwa kwakuza kudlula amawaka eminyaka ngaphambi kokuba zenzeke. Enye yezo zinto yayikukuba kwinzala ka-Abraham kwakuza kuphuma uKristu. (Gen. 22:15-18) Ngo-33 C.E. uYesu wonzakaliswa esithendeni, njengokuba kwakuprofetiwe. (IZe. 3:13-15) Into yokugqibela ekwaprofetwa ngayo, ukutyunyuzwa kwentloko kaSathana, iza kwenzeka kwiminyaka engaphezu kweyi-1 000 ezayo. (ISityhi. 20:7-10) IBhayibhile ichaza nezinye izinto eziza kwenzeka xa ixesha lokulwa kwehlabathi likaSathana nentlangano kaYehova lifikelela esiphelweni.

10. (a) Zeziphi izinto eziza kwenzeka kungekudala? (b) Sinokuzilungisa njani iingqondo neentliziyo zethu? (Jonga umbhalo osemazantsi.)

10 Khawucinge ngezi zinto zothusayo iBhayibhile ethi ziza kwenzeka. Okokuqala, iintlanga ziza kuthi “siseluxolweni yaye sikhuselekile!” (1 Tes. 5:2, 3) ‘Ngequbuliso’ kuza kuqalisa intlungu engathethekiyo xa iintlanga zihlasela zonke iicawe zobuxoki. (ISityhi. 17:16) Emva koko kusenokubonakala into engaqhelekanga, “uNyana womntu esiza esemafini, enamandla nozuko olukhulu.” (Mat. 24:30) UYesu uza kugweba abantu, ahlule abo banjengeegusha kwabo banjengeebhokhwe. (Mat. 25:31-33, 46) Kodwa noSathana akazukube esonge izandla. Ngenxa yokuba ebacaphukela abantu bakaYehova, uza kwenza iqela leentlanga iBhayibhile elibiza ngokuba nguGogi welizwe lakwaMagogi lihlasele abantu abakhonza uYehova ngendlela ayifunayo. (Hez. 38:2, 10, 11) Ngelo xesha, abathanjiswa abaza kube besesemhlabeni baza kuqokelelelwa ezulwini, ukuze baye kuba kunye noKristu nomkhosi wasezulwini, xa besilwa imfazwe eza kuphelela kuyo intlungu engathethekiyo, iArmagedon. c (Mat. 24:31; ISityhi. 16:14, 16) Emva koko, emhlabeni wonke kuza kuqalisa uLawulo LukaKristu Lweminyaka Eliwaka.​—ISityhi. 20:6.

Uza kuziva usondele kangakanani kuYehova emva kokufunda ngaye kangangeebhiliyoni zeminyaka? (Jonga isiqendu 11)

11. Ithemba lokuphila ngonaphakade lithetha ntoni kuwe? (Jonga nomfanekiso.)

11 Ngoku khawucinge ngezinto eziza kwenzeka emva kweminyaka eyi-1 000. IBhayibhile ithi uMdali wethu ‘ude wabeka ukuphila ngonaphakade ezintliziyweni zethu.’ (INtshu. 3:11) Khawucinge ukuba loo nto ithetha ukuthini ngawe nobuhlobo bakho noYehova. Kwiphepha 319, incwadi ethi Sondela KuYehova ithetha le nto ivuyisayo: “Emva kokuphila kangangamakhulukhulu, amawakawaka, izigidi, kwanamawaka ezigidi zeminyaka, siya kwazi okuninzi ngakumbi ngoYehova uThixo kunokuba sisazi ngoku. Kodwa siya kuvakalelwa kukuba kusekho izinto ezimangalisayo ezininzi ngokungathethekiyo ekusafuneka sizifundile. . . . Ubomi obungunaphakade buya kuchulumancisa ngendlela engathethekiyo​—yaye ukusondela ngakumbi kuYehova kuya kusoloko kuyeyona nxalenye yabo inomvuzo.” Okwangoku, zeziphi ezinye izinto esinokufunda ngazo njengoko siqhubeka sifundisisa iLizwi LikaThixo?

JONGA PHEZULU EMAZULWINI

12. Sinokwenza ntoni ukuze sibone izinto eziphezulu ezulwini? Yenza umzekelo.

12 ILizwi LikaThixo lisinceda siqonde ukuba kunjani ukuba kunye noYehova “kwiindawo eziphezulu.” (Isa. 33:5) IBhayibhile ithetha izinto ezimangalisayo ngoYehova nangenxalenye esezulwini yentlangano yakhe. (Isa. 6:1-4; Dan. 7:9, 10; ISityhi. 4:1-6) Ngokomzekelo, sinokufunda ngezinto ezimangalisayo ezabonwa nguHezekile xa ‘amazulu avulekayo, wabona imibono kaThixo.’​—Hez. 1:1.

13. Yintoni oyithandayo ngomsebenzi owenziwa nguYesu ezulwini, ochazwe kumaHebhere 4:14-16?

13 Cinga ngomsebenzi owenziwa nguYesu ezulwini, onguKumkani wethu noMbingeleli Omkhulu ovelana nathi. Ngenxa yakhe siyakwazi ukuthandaza, sitsho sisondele “kwitrone kaThixo osenzela ububele,” simcele ukuba asenzele inceba aze asincede “ngexesha elifanelekileyo.” (Funda amaHebhere 4:14-16.) Yonke imihla, simele sihlale sicinga ngezinto esizenzelwe nguYehova noYesu ezulwini, nabasaqhubeka besenzela zona. Indlela abasithanda ngayo imele isenze sibathande kakhulu nathi size sikhuthale kwindlela esimkhonza ngayo uYehova.​—2 Kor. 5:14, 15.

Cinga ngendlela ekuza kukuvuyisa ngayo kwihlabathi elitsha ukwazi ukuba uncede abantu bangamaNgqina kaYehova nabalandeli bakaYesu! (Jonga isiqendu 14)

14. Yeyiphi enye yezona zinto sinokuzenza ukuze sibonise ukuba siyambulela uYehova noYesu? (Jonga nemifanekiso.)

14 Enye yezona ndlela sinokumbulela ngazo uThixo wethu noNyana wakhe, kukuzama ukunceda abantu babe ngamaNgqina KaYehova nabalandeli bakaYesu. (Mat. 28:19, 20) Le yindlela awababulela ngayo nompostile uPawulos. Wayesazi ukuba uYehova uthanda ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize ziyazi ngendlela echanileyo inyaniso.” (1 Tim. 2:3, 4) Wasebenza nzima entsimini enceda abantu abaninzi kangangoko anako, ‘ezama ngazo zonke iindlela ukusindisa abanye babo.’​—1 Kor. 9:22, 23.

KUTHANDE UKUFUNDISISA ILIZWI LIKATHIXO

15. INdumiso 1:2 ithi yintoni eza kusenza sonwabe?

15 Umdumisi wathi umntu owonwabileyo nophumelelayo ‘ngothanda umthetho kaYehova, nowetyisa umthetho wakhe imini nobusuku.’ (INdu. 1:1-3; umbhalo osemazantsi.) Xa wayethetha ngezi vesi, omnye umguquleli weBhayibhile wathi: “Umntu umele ayifune imiyalelo kaThixo kangangokuba ade ayikhangele, ayifundisise aze achithe ixesha elide ecinga ngayo. Usuku oluye lwadlula umntu engakhange ayifunde iBhayibhile lufana nolumke namanzi.” Unokukuvuyela ukufunda iBhayibhile xa unomdla kwizinto ezininzi ezibalulekileyo ethetha ngazo uze ujonge indlela ezidibana ngayo. Kuba mnandi nyhani xa ulifundisisa kakuhle iLizwi LikaThixo!

16. Siza kufunda ngantoni kwinqaku elilandelayo?

16 Singakwazi ukuziqonda iinyaniso uYehova asifundisa zona kwiLizwi lakhe. Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngenye yeenyaniso ezinzulu, itempile enkulu kaYehova, awayethetha ngayo uPawulos kwileta awayibhalela amaKristu angamaHebhere. Sinqwenela ukuba ukonwabele kakhulu ukufundisisa ngale tempile.

INGOMA 94 Siyalixabisa ILizwi LikaThixo

a Ukufundisisa iBhayibhile kunokusivuyisa ubomi bethu bonke, kuyasinceda kuze kusisondeze kuTata wethu wasezulwini. Eli nqaku, liza kusixelela ngezinto esinokuzenza ukuze silifundisise kakuhle iLizwi LikaThixo.

b Jonga inqaku elithi “Isiprofeto Sakudala Esibalulekileyo KuwekwiMboniselo kaJulayi 2022.

c Ukuze ufunde ngendlela onokuzilungiselela ngayo izinto ezothusayo eseziza kwenzeka, funda iphepha 230 lencwadi ethi UBukumkani BukaThixo Buyalawula!