Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 45

Yixabise Inyhweba Yokukhonza Kwitempile Enkulu KaYehova

Yixabise Inyhweba Yokukhonza Kwitempile Enkulu KaYehova

“Mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba.”​—ISITYHI. 14:7.

INGOMA 93 Sikelela Ukudibana Kwethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Ithini ingelosi? Imele isenze sizive njani loo nto?

 UKUBA ingelosi ibinokuthetha nawe, ubunokuyimamela? Namhlanje ikhona ke ingelosi ethetha nabantu bazo “zonke iintlanga, izizwe, iilwimi nezizwana.” Ithini? Ithi: “Moyikeni uThixo nize nimzukise . . . Mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba.” (ISityhi. 14:6, 7) NguYehova yedwa uThixo wokwenene omele akhonzwe ngabo bonke abantu. Simbulela nyhani ngokusivumela ukuba simkhonze kwitempile yakhe enkulu!

2. Yintoni itempile enkulu kaYehova? (Jonga nebhokisi ethi “ Ayizizo Ezi Zinto.”)

2 Yintoni kanye kanye le tempile inkulu kaYehova? Kuphi apho icaciswe kakuhle khona? Le tempile ayiyondlu. Lilungiselelo likaYehova lokuba simkhonze ngendlela ayifunayo, nasebenzise idini likaYesu ukuze libekho. Umpostile uPawulos walichaza kwileta awayibhalela amaKristu angamaHebhere awayehlala kwaYuda. b

3-4. Kwakutheni ukuze uPawulos abe nexhala ngamaKristu angamaHebhere awayehlala kwaYuda? Wawanceda njani?

3 Kwakutheni ukuze uPawulos awabhalele ileta amaKristu angamaHebhere awayehlala kwaYuda? Inoba zimbini izinto ezibalulekileyo ezamenza wayibhala. Okokuqala, wayefuna ukuwakhuthaza. Kaloku amaninzi kuwo akhula ehamba icawe yamaYuda, ngoko kusenokwenzeka ukuba abefundisi bamaYuda babehlekisa ngawo kuba eguquke angamaKristu. Kwakutheni? Kaloku yayingekho itempile akhonza kuyo amaKristu, ayengenazibingelelo zokubingelela kuYehova, engenabo nababingeleli. Le nto yayisenokuwatyhafisa, yenze nokholo lwawo lungaqini. (Heb. 2:1; 3:12, 14) Kusenokwenzeka ukuba amanye awo ayekhe acinge nangokubuyela kwicawe yamaYuda.

4 Okwesibini, uPawulos wathi la maKristu ayengazenzi iinzame zokuqonda iimfundiso ezintsha okanye ezinzulu, ‘nezikukutya okuqinileyo’ okukwiLizwi LikaThixo. (Heb. 5:11-14) Kuyabonakala ukuba amanye awo ayesabambelele kuMthetho owabhalwa nguMoses. Kodwa uPawulos wawacacisela ukuba iminikelo uMthetho owawusithi mayenziwe, yayingenakusisusa ngokupheleleyo isono. Ngenxa yaloo nto uMthetho ‘wawubekwe ecaleni.’ Emva koko wawafundisa izinto ezinzulu. Wawakhumbuza ‘ngethemba’ awayenalo ngenxa yedini likaYesu nelalinokuwanceda ‘asondele kuThixo.’​—Heb. 7:18, 19.

5. Yintoni ekuthethwa ngayo kwincwadi yamaHebhere ekufuneka siyiqonde? Kutheni kufuneka siyiqonde?

5 UPawulos wawacacisela amaKristu angamaHebhere ukuba kutheni ibhetele indlela awayekhonza ngayo uYehova ngoku, kunendlela awayekhonza ngayo xa ayesekwicawe yamaYuda. Kaloku indlela awayekhonza ngayo kuloo cawe ‘yayisisithunzi sezinto ezizayo, kodwa umzimba weso sithunzi inguKristu.’ (Kol. 2:17) Isithunzi sento asikubonisi ncam ukuba yintoni kanye kanye. Ngoko nendlela awayekhonza ngayo amaYuda yayisisithunzi sendlela ebhetele uThixo awayeza kufuna ukukhonzwa ngayo. Simele siliqonde ilungiselelo lokuxolelwa izono zethu asenzele lona uYehova ukuze simkhonze ngendlela ayifunayo. Makhe sithelekise ‘isithunzi’ (indlela awayekhonza ngayo amaSirayeli) ‘nomzimba’ (indlela akhonza ngayo amaKristu), ekuthethwa ngawo kwincwadi yamaHebhere. Xa sisenza loo nto, siza kuyiqonda bhetele itempile kaYehova nokuba ibaluleke ngantoni kuthi.

INTENTE ENGCWELE

6. Yayisetyenziselwa ntoni intente engcwele?

6 Indlela awayekhonza ngayo amaSirayeli. Xa wayebhalela amaKristu angamaHebhere, uPawulos wathetha ngentente engcwele eyamiswa nguMoses ngo-1512 B.C.E. (Jonga itshathi ethi “Indlela Awayekhonza Ngayo AmaSirayeli​—Indlela Akhonza Ngayo AmaKristu.”) Intente engcwele yayiyintente amaSirayeli awayekwazi ukuyisa naphi na apho ayesiya khona. Ayisebenzisa iminyaka ephantse ibe yi-500 ngaphambi kokuba kwakhiwe itempile eYerusalem. (Eks. 25:8, 9; Num. 9:22) Le ‘ntente yokuhlangana’ yayiyindawo apho amaSirayeli ayedibana khona ukuze akhonze uThixo, enze nemibingelelo. (Eks. 29:43-46) Kodwa le ntente ingcwele yayimela nento ebhetele eyayiza kubakho ngexesha lamaKristu.

7. Yaqala nini ukubakho itempile enkulu kaYehova?

7 Indlela akhonza ngayo amaKristu. Intente engcwele ‘yayisisithunzi sezinto ezenziwa ezulwini,’ nesasimela itempile enkulu kaYehova. UPawulos wathi: “Le ntente ibonisa izinto ezenzekayo ngeli xesha.” (Heb. 8:5; 9:9) Ngoko yayisele ikho itempile enkulu kaYehova xa wayebhalela amaKristu angamaHebhere. Yabakho ngo-29 C.E. Ngaloo nyaka, uYesu wabhaptizwa, wathanjiswa ngomoya oyingcwele waza waqalisa nokuba ‘ngumbingeleli omkhulu kakhulu’ kwitempile enkulu kaYehova. c​—Heb. 4:14; IZe. 10:37, 38.

UMBINGELELI OMKHULU

8-9. AmaHebhere 7:23-27 abonisa ukuba yintoni umahluko phakathi kwababingeleli abakhulu bakwaSirayeli noYesu Kristu, onguMbingeleli Omkhulu kakhulu?

8 Indlela awayekhonza ngayo amaSirayeli. Umsebenzi wombingeleli omkhulu yayikukumela abantu kuThixo. UAron owayengumbingeleli omkhulu wokuqala kwaSirayeli, wamiselwa nguYehova xa kwakunikezelwa intente engcwele. Kodwa uPawulos wathi, “ekubeni ababingeleli babesifa baze bangakwazi ukuqhubeka bengababingeleli, kwakufuneka kubekwe abanye emva kwabo.” d (Funda amaHebhere 7:23-27.) Kuba babenesono, ababingeleli abakhulu kwakufuneka babingelelele nezabo izono. Le nto yayibenza bahluke kakhulu kuYesu Kristu, onguMbingeleli Omkhulu kakhulu.

9 Indlela akhonza ngayo amaKristu. UMbingeleli Omkhulu, uYesu Kristu, ‘usebenza kwintente yokwenene, emiswe nguYehova, hayi umntu.’ (Heb. 8:1, 2) UPawulos wathi “ekubeni [uYesu] ephila ngonaphakade, akukho mbingeleli uya kuze angene endaweni yakhe.” Waphinda wathi uYesu ‘akanachaphaza, akafani naboni’ futhi ‘akabingeleli yonke imihla, esenzela izono zakhe,’ njengokuba babesenza ababingeleli abakhulu bakwaSirayeli. Indlela awayekhonza ngayo amaSirayeli yayifuna kubekho izibingelelo kuze kwenziwe nemibingelelo. Makhe siyithelekise nendlela akhonza ngayo amaKristu.

IZIBINGELELO NEMIBINGELELO

10. Imibingelelo eyayisenziwa kwisibingelelo sekopolo yayimela ntoni?

10 Indlela awayekhonza ngayo amaSirayeli. Ngakwindawo ekwakungenwa kuyo xa kusiyiwa kwintente engcwele kwakukho isibingelelo sekopolo, ekwakutshiswa kuso izilwanyana ekwakubingelelwa ngazo kuYehova. (Eks. 27:1, 2; 40:29) Kodwa loo mibingelelo yayingazenzi zixolelwe ngokupheleleyo izono zabantu. (Heb. 10:1-4) Imibingelelo yezilwanyana eyayisenziwa kwintente engcwele yayimela umbingelelo omnye, owawuza kuzenza zixolelwe ngokupheleleyo izono zabantu.

11. Sesiphi isibingelelo uYesu awanikela ngobomi bakhe kuso? (Hebhere 10:5-7, 10)

11 Indlela akhonza ngayo amaKristu. UYesu wayesazi ukuba uYehova umthume emhlabeni ukuba anikele ngobomi bakhe ukuze ahlawulele abantu. (Mat. 20:28) Ngoko xa uYesu wayebhaptizwa, wazinikela ukuze enze into uYehova awayeyifuna. (Yoh. 6:38; Gal. 1:4) UYesu zange azinikele kwisibingelelo esenziwe ngumntu, kodwa wazinikela kwesasimela ‘ukuthanda’ kukaThixo. Ukuthanda kukaThixo yayikukuba uNyana wakhe owayengenasono abingelele ngobomi bakhe. Ubomi bukaYesu kwanikelwa ngabo “kwaba kanye” ukuze zixolelwe ngokupheleleyo izono zabo bonke abantu abanokholo kuye. (Funda amaHebhere 10:5-7, 10.) Ngoku siza kuthetha ngento eyayimelwa zizinto ezazingaphakathi kwintente engcwele.

INGCWELE NEYONA NGCWELE

12. Ngoobani ababevumelekile ukuba bangene kwiNgcwele nakwEyona Ngcwele?

12 Indlela awayekhonza ngayo amaSirayeli. Intente engcwele neetempile ezaye zakhiwa eYerusalem zazifana kakhulu ngaphakathi. Zazinamagumbi amabini awahlulwe ngekhethini ehonjisiweyo, nawayebizwa ngokuba “yiNdawo Engcwele” ‘neYona Ngcwele.’ (Heb. 9:2-5; Eks. 26:31-33) Kwingcwele kwakukho isiphatho sezibane, isibingelelo sesiqhumiso netafile yezonka zokubonisa. ‘Ngababingeleli abathanjisiweyo’ bodwa ababevumelekile ukungena kwiNgcwele ukuze benze imisebenzi yabo. (Num. 3:3, 7, 10) KweYona Ngcwele kwakukho ityeya yesivumelwano eyayenziwe ngegolide, neyayimela ubukho bukaYehova. (Eks. 25:21, 22) Ngumbingeleli omkhulu yedwa owayevumelekile ukungena kweYona Ngcwele, ngoSuku Lokuhlawulela olwalubakho kanye ngonyaka. (Lev. 16:2, 17) Qho ngonyaka, wayengena negazi lezilwanyana, ahlawulele izono zakhe nezawo onke amaSirayeli. Ekuhambeni kwexesha, uYehova wasebenzisa umoya wakhe ukuze enze kucace ukuba zazimela ntoni izinto ezazingaphakathi kwintente engcwele.​—Heb. 9:6-8. e

13. INgcwele nEyona Ngcwele yentente yokuhlangana zimela ntoni?

13 Indlela akhonza ngayo amaKristu. Bambalwa abalandeli bakaKristu abathanjiswe ngomoya oyingcwele nabangabahlobo bakaYehova ngendlela ekhethekileyo. Aba bayi-144 000 baza kuba ngababingeleli noYesu ezulwini. (ISityhi. 1:6; 14:1) INgcwele yentente yokuhlangana imela into yokuba bathanjiswe ngomoya ukuba babe ngoonyana bakaThixo, ngoxa besesemhlabeni. (Roma 8:15-17) EYona ngcwele yentente yokuhlangana imela izulu, apho uYehova ahlala khona. “Ikhethini” eyayisahlula iNgcwele kwEyona Ngcwele imela umzimba kaYesu. Kaloku ngoxa wayesenomzimba onenyama negazi wayengazukukwazi ukuya ezulwini, ukuze abe nguMbingeleli Omkhulu kakhulu kwitempile enkulu kaYehova. Kodwa xa wanikela ngomzimba wakhe ngenxa yabantu, wavula indlela yokuba onke amaKristu athanjisiweyo akwazi ukuya ezulwini. Ukuze akwazi ukuya, kuza kufuneka ukuba nawo ayincame imizimba yawo enenyama negazi. (Heb. 10:19, 20; 1 Kor. 15:50) Emva kokuba uYesu evusiwe, wangena kwEyona Ngcwele yetempile enkulu kaYehova, apho aza kuba kunye naye onke amaKristu athanjisiweyo.

14. Ngokutsho kwamaHebhere 9:12, 24-26, kutheni libhetele kakhulu ilungiselelo lokukhonza uYehova kwitempile yakhe enkulu?

14 Ngoku siyayibona indlela elibhetele kakhulu ngayo ilungiselelo likaYehova lokuba simkhonze ngendlela ayifunayo, nalenze labakho ngenxa yedini likaYesu nangenxa yokuba engumbingeleli. Kaloku xa umbingeleli omkhulu wakwaSirayeli esiya kwEyona Ngcwele eyenziwe ngabantu, wayengena negazi lezilwanyana ekubingelelwe ngazo. Kodwa yena uYesu wangena kwindawo engcwele kunazo zonke, “ezulwini ngokwalo,” ukuze abonakale phambi koYehova. Apho wanikela ngexabiso lobomi bakhe obufezekileyo ngenxa yethu “ukuze asuse isono ngokubingelela ngesiqu sakhe.” (Funda amaHebhere 9:12, 24-26.) Idini likaYesu lizenza zixolelwe ngokupheleleyo izono zabantu. Ngoku siza kubona ukuba sonke singakwazi ukukhonza uYehova kwitempile yakhe enkulu, nokuba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni.

IIYADI

15. Ngoobani ababesebenza eyadini yentente engcwele?

15 Indlela awayekhonza ngayo amaSirayeli. Intente engcwele yayineyadi enkulu ebiyiweyo, ababeyenza kuyo ababingeleli imisebenzi yabo. Kuloo yadi kwakukho isibingelelo esikhulu sekopolo sokutshisa umnikelo, nesitya samanzi ababehlamba kuwo ababingeleli ngaphambi kokuba benze umsebenzi wabo ongcwele. (Eks. 30:17-20; 40:6-8) Ekuhambeni kwexesha, iitempile ezazisakhiwa zazisiba nayo neyadi yangaphandle, apho abantu ababengengobabingeleli babesima khona xa bekhonza uThixo.

16. Ngoobani abakhonza kwiiyadi zetempile enkulu kaYehova?

16 Indlela akhonza ngayo amaKristu. Ngaphambi kokuba babe ngababingeleli noYesu ezulwini, abathanjiswa abasesemhlabeni bakhonza kwiyadi yangaphakathi yetempile enkulu kaYehova bethembekile. Isitya esikhulu samanzi sikhumbuza bona nawo onke amaKristu ngento ebalulekileyo yokuba, indlela aziphethe ngayo namkhonza ngayo uThixo imele ihlale icocekile. Sikhonza phi ke “isihlwele esikhulu,” esibancedisa ngokuthembeka abazalwana bakaKristu abathanjisiweyo? Umpostile uYohane wasibona “simi phambi kwetrone,” ‘sisenza umsebenzi ongcwele kaThixo imini nobusuku.’ Loo nto siyenza apha emhlabeni, kwiyadi yangaphandle yetempile enkulu kaYehova. (ISityhi. 7:9, 13-15) Siyixabisa nyhani inyhweba esinayo yokukhonza uYehova kwitempile yakhe enkulu!

INYHWEBA ESINAYO YOKUKHONZA UYEHOVA

17. Ziintoni esinokubingelela ngazo kuYehova?

17 Onke amaKristu anenyhweba yokubingelela kuYehova ngokusebenzisa ixesha, amandla nezinto anazo ukuze amkhonze. Sinokwenza into umpostile uPawulos awayixelela amaKristu angamaHebhere, ‘sisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wokumdumisa, oko kukuthi amazwi aphuma emilonyeni yethu, ashumayela ngegama lakhe.’ (Heb. 13:15) Sinokubonisa uYehova ukuba siyambulela ngenyhweba esinayo yokumkhonza, ngokumsebenzela ngamandla ethu onke.

18. AmaHebhere 10:22-25 abonisa ukuba yintoni esimele singayeki ukuyenza, iyintoni esimele singayilibali?

18 Funda amaHebhere 10:22-25. Xa wayesele eza kuyigqiba ileta awayibhalela amaKristu angamaHebhere, uPawulos wathetha ngezinto esimele singayeki ukuzenza xa sikhonza uYehova. Ezo zinto kukuthandaza kuye, ukushumayela ngethemba esinalo, ukuya kwiintlanganiso nokukhuthazana, ‘ingakumbi njengoko sibona ukuba imini kaYehova iyasondela.’ Ngasekupheleni kwencwadi yeSityhilelo, ingelosi kaYehova ithi: “Khonza uThixo!” (ISityhi. 19:10; 22:9) Ukubonisa indlela ebaluleke ngayo loo nto, iyitsho kude kube kabini. Masingaze sizilibale izinto ezinzulu esizifundileyo ngetempile enkulu kaYehova, nenyhweba esinayo yokukhonza lo Thixo wethu omkhulu!

INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho

a Enye yezinto ezinzulu esifunda ngazo kwiLizwi likaThixo yitempile enkulu kaYehova. Yintoni le tempile? Eli nqaku lisixelela ngezinto ezithethwa yincwadi yamaHebhere ngayo. Sinqwenela ukuba likuncede uyixabise inyhweba onayo yokukhonza uYehova.

b Ukuze ubone izinto ekuthethwa ngazo kwincwadi yamaHebhere, bukela ividiyo ethi Intshayelelo YamaHebhere kujw.org/xh.

c KwiZibhalo ZamaKristu ZesiGrike, yincwadi yamaHebhere yodwa ethi uYesu nguMbingeleli Omkhulu.

d Enye incwadi ithi kusenokwenzeka ukuba babeyi-84 ababingeleli abakhulu kwaSirayeli xa kwakutshatyalaliswa itempile yaseYerusalem ngo-70 C.E.

e Ukuze wazi ukuba zazimela ntoni izinto ezazisenziwa ngumbingeleli omkhulu ngoSuku Lokuhlawulela, bukela ividiyo yesiNgesi ethi The Tent kujw.org.

g Jonga ibhokisi ethi “Indlela Umoya Owayityhila Ngayo Intsingiselo Yetempile YokomoyakwiMboniselo kaJulayi 15, 2010, iphe. 22.