Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Icebiso Lezinto Onokuzifunda

Icebiso Lezinto Onokuzifunda

Sinokuzazi Njani Izinto Ezitshintshiweyo Kwindlela Ebesiziqonda Ngayo Izinto?

Kuyinyhweba nyhani ukuphila kweli xesha lethu apho uYehova asinceda siye siziqonda ngokucacileyo izinto eziseBhayibhileni. (Dan. 12:4) Sekunjalo, kusenokuba nzima ukuzazi izinto ezitshintshileyo kwindlela ebesiziqonda ngayo iinyaniso eziseBhayibhileni. Sinokuzifumana phi?

KwiWatch Tower Publications Index kukho indawo ethi “Beliefs Clarified.” Apho izinto ezitshintshiweyo zibhalwe ngokweminyaka ezitshintshwe ngayo. Ukuze ufumane imixholo, yiya kwiWatchtower Library okanye kwiWatchtower ONLINE LIBRARY, kwindawo yokukhangela ubhale “understanding clarified” (ungazishiyi iimpawu zocaphulo).

KwiSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova zibhalwe ngokwemixholo izinto ezitshintshiweyo. Yiya kwindawo ethi “AmaNgqina KaYehova,” uye kwethi “Iimbono Neenkolelo,” emva koko kwethi “Ukucaciswa Kwezinto Esizikholelwayo.”

Kufundisiso lwakho kutheni ungakhethi enye yezinto ekusand’ utshintshwa indlela ebesiziqonda ngayo, uze uphande ngendlela entsha esiyiqonda ngayo nezizathu ezikwiZibhalo ezisenze sayitshintsha?