Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Okulungileyo Nokungalunganga: Umbuzo Esifanele Sizibuze Wona

Okulungileyo Nokungalunganga: Umbuzo Esifanele Sizibuze Wona

Ukuba ubufuna ukuya kwindawo ongazange waya kuyo ngaphambili ubunokwenza ntoni?

  1. 1. Ubunokuhamba ngendlela ocinga ukuba irayithi.

  2. 2. Ulandele abanye ocinga ukuba bayayazi indlela.

  3. 3. Ungajonga kwisixhobo esithembakeleyo esinjengeMaphu okanye ubuze kumhlobo omthembileyo noyaziyo indlela.

Ukuba sikhetha impendulo yokuqala okanye eyesibini, siza kufika endaweni kodwa hayi le sifuna ukuya kuyo. Ukuba sikhetha impendulo yesithathu ngokuqinisekileyo siza kufika apho besifuna ukuya khona.

Ubomi bunjengohambo​—olusisa kwindawo esiza konwaba kuyo. Ukuze sifike apho, kuxhomekeke kakhulu ekubeni siwafumana phi amacebiso okwenza izigqibo ezifanelekileyo.

Nangona izigqibo ezininzi esizenzayo zisenokungasichapazeli kakhulu kwixesha elizayo, kodwa ezinye izigqibo zisenokubutshintsha ubomi bethu. Ezi zigqibo zibonisa oko sikukholelwayo ngokulungileyo nokungalunganga. Ziza kuba negalelo elihle okanye elibi kuthi nakwabo sibathandayo kangangexesha elide. Ezi zigqibo zinento yokwenza:

  • Nesondo nomtshato

  • Ukunyaniseka, umsebenzi nemali

  • Nendlela yokukhulisa abantwana

  • Nendlela yokuphatha abanye abantu

Unokuqiniseka njani ukuba izigqibo ozenzayo kwezi zinto zingentla ziza kwenza wena nentsapho yakho nonwabe?

Umbuzo esifanele sonke sizibuze wona uthi: Yintoni enokundinceda ukuze ndenze izigqibo ezihle ngokuphathelele okulungileyo nokungalunganga?

Le Mboniselo icacisa ukuba kutheni iBhayibhile unokuyithemba njengento onokuyisebenzisa ukuze ukhethe phakathi kokulungileyo nokungalunganga.