Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 1

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

Xa Usoyika, Thembela KuYehova

Xa Usoyika, Thembela KuYehova

UMXHOLO WONYAKA KA-2024: “Ndithembela kuwe xa ndisoyika.”​—INDU. 56:3.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela esinokuya simthemba ngayo uYehova, size sihlale sizolile xa sisoyika.

1. Ziintoni ezisenokusenza soyike ngamanye amaxesha?

 SONKE sikhe soyike. Ewe kona, ukufunda iBhayibhile kusenze sayeka ukoyika ukufa, iidemon nento eza kwenzeka ebantwini kwixesha elizayo. Kodwa eli xesha siphila kulo ligcwele ‘zizinto ezoyikekayo,’ ezifana nemfazwe, abantu abophula umthetho nezifo. (Luka 21:11) Sisenokoyika nabantu abafana namagosa karhulumente asicinezelayo okanye abantu basekhaya abangafuniyo sikhonze uYehova ngendlela ayifunayo. Abanye banexhala lokuba abazukwazi ukunyamezela ingxaki abanayo ngoku okanye abasenokuba nayo kwixesha elizayo.

2. Khawusichazele imeko awayekuyo uDavide xa wayeseGati.

2 UDavide wayekhe oyike. Ngokomzekelo, xa uKumkani uSawule wayemleqa, efuna ukumbulala, wabalekela eGati, eyayiyidolophu yamaFilisti. Ukumkani waseGati, uAkishe weva ukuba uDavide ngulaa mphumi-mkhosi wayeculelwa kusithiwa ubulele “amashumi amawaka” amaFilisti. UDavide ‘woyika kakhulu.’ (1 Sam. 21:10-12) Wayenexhala lento eyayinokwenziwa nguAkishe kuye. Yintoni eyamnceda wanesibindi?

3. Ngokutsho kweNdumiso 56:1-3, 11, yintoni eyanceda uDavide wayeka ukoyika?

3 KwiNdumiso 56, uDavide uchaza indlela awayeziva ngayo xa wayeseGati. Kule ndumiso, ucacisa isizathu sokuba oyike, aphinde achaze nento eyamenza wayeka ukoyika. Xa wayesoyika, wathembela kuYehova. (Funda iNdumiso 56:1-3, 11.) Zange imdanise ke loo nto. UYehova wamnceda wenza into engaqhelekanga: Wazenza umntu oshiywa ziingqondo. UAkishe wazibonela nje indoda ephambeneyo nengeyongozi kuye, watsho wasinda ngolo hlobo ke uDavide.​—1 Samuweli 21:13–22:1.

4. Yintoni enokusenza siye sithembela kuYehova? Yenza umzekelo.

4 Nathi, xa sithembele kuYehova sinako ukuyeka ukoyika. Kodwa yintoni enokusenza siye sithembela kuYehova, ngokukodwa xa sisoyika? Nanku umzekelo. Xa usiva ukuba kukho isigulo onaso, usenokoyika. Kodwa lisenokwehla ixhala xa umthemba ugqirha wakho. Mhlawumbi unyange abantu abaninzi abebenesi sigulo unaso. Usenokukumamela kakuhle, aze akuqinisekise ukuba uyiqonda nyhani indlela oziva ngayo. Unokukucebisa ngonyango olubancedileyo abanye. Ngendlela efanayo, siya sithembela kuYehova xa sicinga ngezinto azenzileyo, azenzayo ngoku naseza kusenzela zona. Wenza loo nto noDavide. Njengoko siza kuthetha ngamanye amazwi awaphefumlelwa ukuba awabhale kwiNdumiso 56, cinga ngendlela onokuya uthembela ngayo kuYehova uze uyeke ukoyika.

ZIINTONI AZENZILEYO UYEHOVA?

5. Ukuze uDavide ayeke ukoyika, wacingisisa ngantoni? (INdumiso 56:12, 13)

5 Nangona ubomi bukaDavide babusengozini, wayesoloko ecinga ngezinto ezintle ezazenziwe nguYehova. (Funda iNdumiso 56:12, 13.) Ubomi bakhe bonke wayecinga ngale ndlela. Ngokomzekelo, wayedla ngokucingisisa ngezinto ezidalwe nguYehova, ezazimkhumbuza indlela anamandla ngayo nabathanda ngayo abantu. (INdu. 65:6-9) Wayecingisisa nangezinto uYehova awayezenzele abanye abantu. (INdu. 31:19; 37:25, 26) Kanti ezona zinto wayecingisisa kakhulu ngazo zezo yena wayezenzelwe nguYehova. Eselusana, wayemnceda futhi emkhusela. (INdu. 22:9, 10) Ngokuqinisekileyo ukucinga ngezi zinto kwamnceda waya ethembela kuYehova!

UDavide wathembela kakhulu kuYehova xa wayecinga ngezinto azenzileyo, awayezenza nawayeza kuzenza (Jonga isiqendu 5, 8, 12) d


6. Yintoni eza kusinceda sithembele kuYehova?

6 Xa usoyika, zibuze, ‘Ziintoni azenzileyo uYehova?’ Cinga ngezinto azidalileyo. Ngokomzekelo, xa ‘sibukele’ indlela uYehova azikhathalele ngayo iintaka neentyatyambo, ezingadalwanga ngokomfanekiso wakhe nezingakwaziyo ukumkhonza, siza kuya siqiniseka ukuba uza kusikhathalela nathi. (Mat. 6:25-32) Cinga nangezinto uYehova azenzele abantu abamkhonzayo. Usenokufunda ngomntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni owayenokholo olomeleleyo, okanye ufunde ngento eyenzeke komnye wabakhonzi bakaYehova bale mihla. a Kanti unokucingisisa nangendlela uYehova aye wakukhathalela ngayo. Wakutsalela njani kuye? (Yoh. 6:44) Uyiphendule njani imithandazo yakho? (1 Yoh. 5:14) Kukunceda njani qho ngosuku ukuzinikela koNyana wakhe amthandayo?​—Efe. 1:7; Heb. 4:14-16.

Siye simthembe kakhulu uYehova xa sicinga ngezinto azenzileyo, azenzayo naseza kuzenza (Jonga isiqendu 6, 9-10, 13-14) e


7. Into eyenzeka kumprofeti uDaniyeli yamnceda njani uVanessa wayeka ukoyika?

7 Kwakhe kwenzeka into eyoyikisayo komnye udade waseHaiti, uVanessa. b Enye indoda eyayihlala kwingingqi awayehlala kuyo yayimfowunela, imthumelela nemiyalezo yonke imihla, imnyanzela ukuba athandane nayo. UVanessa wayenza yacaca into yokuba akazukuyenza loo nto. Le ndoda yaba nomsindo kakhulu, yade yamgrogrisa. Uthi, “Ndandisoyika.” Wenza ntoni? Wenza yonke into awayenokukwazi ukuyenza ukuze azikhusele. Omnye umdala wamnceda wakwazi ukudibana nabasemagunyeni. Wacinga nangendlela uYehova awayebakhusela ngayo abakhonzi bakhe bakudala. Uthi, “Umntu wokuqala endacinga ngaye ngumprofeti uDaniyeli. Waphoswa emngxunyeni weengonyama ezazilambile, engenzanga nto. Kodwa uYehova zange amshiye. Ndavele ndayiphosela kuYehova yonke le ngxaki. Emva koko, ndayeka ukoyika.”​—Dan. 6:12-22.

ZIINTONI AZENZAYO NGOKU UYEHOVA?

8. Yintoni awayeqiniseke ngayo uDavide? (INdumiso 56:8)

8 Xa uDavide wayeseGati, ubomi bakhe babusengozini kodwa zange ahlale ecinga ngezinto ezimoyikisayo. Endaweni yaloo nto, wacinga ngezinto awayezenzelwa nguYehova ngelo xesha. UDavide wayebona ukuba uYehova uyamkhokela, uyamkhusela futhi uyayiqonda indlela aziva ngayo. (Funda iNdumiso 56:8.) Wayenabo nabahlobo ababemnceda nababemkhuthaza, uYonatan noMbingeleli Omkhulu uAhimeleki. (1 Sam. 20:41, 42; 21:6, 8, 9) Nangona uKumkani uSawule wayefuna ukumbulala, uDavide wakwazi ukumbaleka. Wayeqinisekile ukuba uYehova uyazi kakuhle ingxaki awayekuyo nendlela eyayimenza azive ngayo.

9. Yintoni omele uyikhumbule xa kukho ingxaki ekoyikisayo?

9 Xa unengxaki ekoyikisayo, khumbula ukuba uYehova uyayibona futhi uyayazi nendlela ekwenza uzive ngayo. Ngokomzekelo, xa amaSirayeli ayeseYiputa, uYehova wayeyibona indlela awayephethwe kakubi ngayo. Kodwa zange aphelele apho, ‘wayeyibona nentlungu yawo.’ (Eks. 3:7) Kwingoma yakhe, uDavide wathi uYehova wayibona ‘inkxwaleko nentlungu yakhe engathethekiyo.’ (INdu. 31:7) Naxa abantu bakaThixo babesiba sentlungwini ngenxa yezigqibo zobudenge ababezenzile, “wayehlala ekhathazekile.” (Isa. 63:9) Xa usoyika, uYehova uyayiqonda indlela oziva ngayo. Uyafuna nokukunceda uzole.

10. Kutheni uqinisekile ukuba uYehova ukukhathalele futhi uza kukunceda kuyo nayiphi na ingxaki onayo?

10 Xa unengxaki ekoyikisayo, usenokuzibuza ukuba ukunceda njani uYehova. Ngoko mcele akwenze uyibone indlela akunceda ngayo. (2 Kum. 6:15-17) Emva koko, zibuze: ‘Ngaba kukho impendulo okanye intetho eye yandikhuthaza kwiintlanganiso? Ngaba kukho impapasho, ividiyo okanye ingoma yeBroadcasting eye yandikhuthaza? Ukhona umntu oye wandikhuthaza ngento ebesincokola ngayo okanye ngesibhalo?’ Kusenokuba lula ukuyilibala indlela esikhuthazwa ngayo ngabazalwana noodade nazizinto esizifunda kwiLizwi likaThixo. Kanti zonke ezi zinto zizipho ezimangalisayo ezivela kuYehova. (Isa. 65:13; Marko 10:29, 30) Zibonisa ukuba ukukhathalele. (Isa. 49:14-16) Zibonisa nokuba unokuthembela kuye.

11. Yintoni eyanceda uAida wayeka ukoyika?

11 UAida, ohlala eSenegal, wayibona indlela uYehova awamnceda ngayo xa wayenengxaki. Ekubeni inguye omdala kowabo, abazali bakhe babelindele ukuba afumane imali eyayiza kumnceda akwazi ukufumana izinto azidingayo, nezidingwa ngabo. Kodwa uAida wafuna ukuba nguvulindlela, waphila ngezinto ezimbalwa yaza loo nto yamenza waba nemali encinci kakhulu. Le nto yabacaphukisa abantu bakowabo, begxeka nale nto ayenzileyo. Uthi: “Ndandisoyika ukuba ndandingazukwazi ukunceda abazali bam, nokuba ndandingazukufunwa ngumntu wonke. Ndandimbek’ ityala noYehova ngokuvumela izinto zide zibe mbi kangaka.” Wamamela intetho eyayinikelwa kwiintlanganiso. Uthi: “Isithethi sasikhumbuza ukuba uYehova uwazi onke amanxeba esinawo ezintliziyweni zethu. Izinto endandizicetyiswa ngabadala nangabanye abantu zandenza ndaya ndiqiniseka ukuba uYehova uyandithanda. Ngoko zange ndithandabuze ukuba xa ndithandaza uza kundinceda. Ndatsho ndazola xa ndibona ephendula imithandazo yam.” Ekuhambeni kwexesha, uAida wafumana umsebenzi owawuza kumnceda ahlale enguvulindlela aze akwazi ukunceda abazali bakhe nabanye abantu. Uthi: “Ndiye ndafunda ukuthembela kuYehova ngentliziyo yam yonke. Ngoku emva kokuba ndithandazile ndidla ngokuyeka ukoyika.”

ZIINTONI AZA KUZENZA UYEHOVA?

12. INdumiso 56:9 ithi yintoni uDavide awayeqiniseke ngayo?

12 Funda iNdumiso 56:9. Le vesi ibonisa nenye into eyanceda uDavide wayeka ukoyika. Ngoxa ubomi bakhe babusengozini, wacingisisa ngezinto uYehova awayeseza kumenzela zona. Wayesazi ukuba ngexesha elifanelekileyo uYehova wayeza kumsindisa. Kaloku uYehova wayechazile ukuba nguye owayeza kuba ngukumkani olandelayo kwaSirayeli. (1 Sam. 16:1, 13) KuDavide, nantoni na uYehova ayithembisayo kwakufana nokungathi seyenzekile.

13. Yintoni esiqiniseke ngayo?

13 Wena, yintoni uYehova athembise ukuba uza kukwenzela yona? Asilindelanga ukuba asikhusele kuzo zonke iingxaki esinazo. c Sekunjalo, neziphi na ngxaki osenokuba nazo kweli hlabathi, uYehova uza kuziphelisa kwihlabathi elitsha elizayo. (Isa. 25:7-9) Siqinisekile ukuba uMdali wethu unawo amandla okuvusa abantu abaswelekileyo, awokusiphilisa nawokutshabalalisa bonke abantu abangasifuniyo kuba simkhonza.​—1 Yoh. 4:4.

14. Yintoni esinokucingisisa ngayo?

14 Xa usoyika, cinga ngezinto uYehova aza kuzenza kwixesha elizayo. Khawube nombono wendlela oza kuziva ngayo xa uSathana engasekho, bengekho abantu abangalunganga, kukho abalungileyo bodwa, naxa isono sisiya siphela. Umboniso owawukwindibano yengingqi yango-2014 wayiveza indlela esinokucingisisa ngayo ngethemba esinalo. Kuwo, utata wayencokola nentsapho yakhe ngendlela u-2 Timoti 3:1-5 awayeza kubhalwa ngayo, ukuba wayethetha ngezinto eziza kwenzeka eParadesi: “Ke kwazi oku, ukuba kwihlabathi elitsha, kuza kuba mnandi. Abantu baya kuthandana, bathande izinto zobuthixo, bathozame, bathobeke, badumise uThixo, bathobele abazali, babe nombulelo, banyaniseke, bathande iintsapho zabo, bathande imvisiswano, basoloko bethetha kakuhle ngabanye, bazeyise, babe nobulali, bathande ukulunga, bathembeke, bayekelele, bathobeke engqondweni, bathande uThixo kunokuba bathande iziyolo, ngenxa yokuba bemthanda ngokungazenzisiyo uThixo, sondela kubantu abanjalo.” Ngaba ukhe uncokole nabantu bakowenu okanye namanye amaKristu ngendlela ekuza kuphilwa ngayo kwihlabathi elitsha?

15. Nangona uTanja wayesoyika, yintoni eyamncedayo wahlala ethembekile?

15 Into eyanceda omnye udade waseMntla weMacedonia, uTanja, wayeka ukoyika, kukucingisisa ngezinto ezimnandi eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Abazali bakhe babengafuni tu ukuba afundelwe iBhayibhile. Uthi: “Zenzeka ezinye izinto endandisoyika ukuba ziza kwenzeka. Qho xa ndibuya kwiintlanganiso umama wayendibetha. Yena notata babesithi bangandibulala ukuba ndinokuba liNgqina.” Ekugqibeleni uTanja wagxothwa kowabo. Wenza ntoni? Uthi: “Ndacinga ngendlela endiza konwaba ngayo ngonaphakade xa ndiye ndahlala ndithembekile kuYehova. Ndacinga nangendlela uYehova aza kundisikelela ngayo kwihlabathi elitsha, ngenxa yayo nantoni na endiyincamayo ngoku nangokuba zonke izinto ezimbi ziza kube zilibalekile.” UTanja wahlala ethembekile kuYehova. UYehova wamnceda wafumana indawo yokuhlala. Sithetha nje, utshate nomzalwana othembekileyo kuYehova. Bobabini bakwinkonzo yexesha elizeleyo.

YIYA UTHEMBELA KUYEHOVA

16. Yintoni eza kusinceda sihlale sinesibindi xa kusenzeka izinto ekwaprofetwa ngazo kuLuka 21:26-28?

16 Ngexesha lentlungu engathethekiyo abantu abaninzi baza “kuphelelwa ngamandla ngenxa yokoyika.” Kodwa bona abantu bakaThixo baza kuma nkqo, babe nesibindi. (Funda uLuka 21:26-28.) Yintoni eza kusenza singoyiki? Kaloku siza kube sesikwazi ukuthembela kuYehova. UTanja, ekuthethwe ngaye kwisiqendu esidlulileyo uthi izinto eziye zamehlela zimncede wakwazi ukumelana neemeko ezinzima. Uthi: “Ndiye ndafunda ukuba uYehova unokusinceda sinyamezele nantoni na, aze asisikelele. Ngamanye amaxesha, kusenokubonakala ngathi abantu banamandla okwenza nantoni na abayifunayo, kodwa uYehova unamandla ngaphezu kwabo. Iingxaki esinazo zisenokuba nzima, kodwa ekugqibeleni ziza kuphela.”

17. Uza kusinceda njani umxholo wonyaka ka-2024? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

17 Kule mihla, zininzi izinto ezoyikisayo. Kodwa njengoDavide, singakwazi ukungakuvumeli ukoyika kulawule ubomi bethu. Umxholo wonyaka ka-2024 ngumthandazo kaDavide othi, “Ndithembela kuwe xa ndisoyika.” (INdu. 56:3) Xa ethetha ngale vesi, omnye umphengululi weBhayibhile uthi uDavide “akahlali ecinga ngezinto ezimoyikisayo okanye ngeengxaki anazo, kodwa uthembele kuLowo uza kumsindisa.” Kwezi nyanga zizayo, cinga ngalo mxholo wonyaka, ngokukodwa xa kukho izinto ezikoyikisayo. Ziphe ixesha lokucinga ngezinto uYehova azenzileyo, azenzayo ngoku naseza kuzenza. Xa usenza loo nto, nawe unokufana noDavide, uthi: “Ndithembele kuThixo; andoyiki.”​—INdu. 56:4.

Ngexesha lentlekele, udade ucinga ngomxholo wonyaka (Jonga isiqendu 17)

XA USOYIKA, KUNGAKUNCEDA NJANI UKUCINGA . . .

  • ngezinto azenzileyo uYehova?

  • ngezinto azenzayo ngoku uYehova?

  • ngezinto aza kuzenza uYehova?

INGOMA 33 Lahlela Umthwalo Wakho KuYehova

a Ukuze ufumane izinto eziqinisa ukholo, yiya kujw.org/xh, ubhale “xelisa ukholo lwabo” okanye “amava” kwindawo ethi “Khangela” kuJW Library, cofa kwindawo ethi “Amanqaku EWebhsayithi,” uye kwindawo ethi “Xelisa Ukholo Lwabo” okanye ethi “Amabali Obomi AmaNgqina KaYehova.”

b Amanye amagama atshintshiwe.

d INGCACISO YOMFANEKISO: UDavide wacinga ngamandla awawanikwa nguYehova ukuze abulale ibhere, indlela awayemnceda ngayo esebenzisa uAhimeleki nangokuba wayeza kumenza ukumkani.

e INGCACISO YOMFANEKISO: Umzalwana osetrongweni ngenxa yokholo lwakhe ucinga ngendlela uYehova awamnceda ngayo wayeka ukutshaya, amkhuthaza ngayo ngeeleta ezisuka kubantu abamthandayo, nangokuba uza kumenza aphile ngonaphakade eParadesi.