Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 5

INGOMA 27 Oonyana BakaThixo Baza Kutyhilwa

‘Soze Ndinilahle’!

‘Soze Ndinilahle’!

“UThixo uthe: ‘Soze ndinishiye, ndingasoze ndinilahle.’”HEB. 13:5b.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngezinto eziza kwenza abakhonzi bakaThixo abasemhlabeni baqiniseke ukuba xa bonke abathanjiswa benyukele ezulwini, uThixo soze abashiye.

1. Kunini apho bonke abathanjiswa beza kube besezulwini?

 KWIMINYAKA eyadlulayo abantu bakaYehova babezibuza, ‘Abokugqibela kubathanjiswa baza kunyukela nini ezulwini?’ Sasikade sicinga ukuba mhlawumbi abanye babo baza kukhe babe kwiParadesi esemhlabeni emva kweArmagedon. Kodwa kwiMboniselo kaJulayi 15, 2013 safunda ukuba ngaphambi kokuba kuqale iArmagedon bonke abathanjiswa abasesemhlabeni baza kuvuselwa ezulwini.—Mat. 24:31.

2. Yintoni abasenokuzibuza yona abanye? Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?

2 Abanye bethu basenokuzibuza: Yintoni eza kwenzeka ‘kwezinye izimvu’ zikaKristu, eziza kube zimkhonza zithembekile uYehova emhlabeni ngexesha “lentlungu engathethekiyo”? (Yoh. 10:16; Mat. 24:21) Kanti abanye basenokuba nexhala lokuba akukho mntu uza kubanceda xa abazalwana noodade abathanjisiweyo besezulwini. Makhe sithethe ngamabali amabini aseBhayibhileni asenokubenza bazive ngale ndlela. Emva koko siza kuthetha ngokuba kutheni bengamele babe nexhala.

YINTONI ENGAZUKWENZEKA?

3-4. Yintoni abasenokuzibuza yona abanye? Kutheni?

3 Abanye basenokuba nexhala lokuba ezinye izimvu zisenokuyeka ukukhonza uYehova xa zingasakhokelwa ngabathanjiswa abakwiQumrhu Elilawulayo. Mhlawumbi elo xhala linokwenziwa ngamanye amabali abawafunda eBhayibhileni. Makhe sithethe ngamabini. Elokuqala leloMbingeleli Omkhulu uYehoyada. Wayengumkhonzi kaThixo othembekileyo. Yena nenkosikazi yakhe uYehoshabhati bakhusela umfanyana onguYehowashe, baza bamnceda wangukumkani olungileyo nothembekileyo. Ngoxa ixhego elinguYehoyada lalisaphila, uYehowashe wayesenza izinto ezilungileyo. Kodwa wathi akusweleka uYehoyada, uYehowashe wenza izinto ezimbi. Wamamela iinkokheli ezazingalunganga, waza wamshiya uYehova.—2 Kron. 24:2, 15-19.

4 Elesibini lelamaKristu awayephila emva kokusweleka kwabapostile. Owokugqibela umpostile, uYohane, wanceda amanye amaKristu akwazi ukuhlala ethembekile kuYehova. (3 Yoh. 4) Ekunye nabanye abapostile, wasebenza ngamandla ekhusela amabandla kubantu ababefundisa ubuxoki. (1 Yoh. 2:18) Kodwa emva kokusweleka kwakhe, abaninzi emabandleni benza izinto ababezifundiswa ngabawexuki. Kwiminyaka eyalandelayo, ibandla lamaKristu lalisele lonakele kakhulu.

5. Yintoni angamele asenze siyicinge la mabali mabini?

5 Ngaba la mabali mabini abonisa ukuba kuza kwenzeka into efanayo kwezinye izimvu zikaKristu xa abathanjiswa besezulwini? Ngelo xesha, ngaba amaKristu athembekileyo asemhlabeni aza kuyeka ukwenza izinto azifundisiweyo, njengokuba wenzayo uYehowashe? Okanye ngaba aza kuwexuka njengamaKristu awayephila emva kokusweleka kwabapostile? Soze. Sinokuqiniseka ukuba xa abathanjiswa bengasekho emhlabeni, ezinye izimvu ziza kukhathalelwa zize ziqhubeke zikhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Yintoni enokusenza siqiniseke?

UTHIXO UZA KUHLALA EKHONZWA NGENDLELA AYIFUNAYO

6. Ngawaphi amaxesha amathathu esiza kuthetha ngawo?

6 Kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo uza kukhonzwa ngendlela ayifunayo naxa kunzima kumaxesha azayo? Kungenxa yezinto esizifunda eBhayibhileni ezithetha ngeli xesha siphila kulo. Eli xesha lahluke kakhulu kwixesha lamaSirayeli nakwelasemva kokusweleka kwabapostile. Ngoku makhe sithethe ngala maxesha mathathu: Ixesha lamaSirayeli, ixesha lasemva kokusweleka kwabapostile, nala maxesha siphila kuwo abizwa ngokuba “ngamaxesha okubuyiselwa kwazo zonke izinto.”—IZe. 3:21.

7. Kwakutheni ukuze amaSirayeli athembekileyo angatyhafi xa amanye nookumkani bawo babesenza izinto ezimbi?

7 Ixesha lamaSirayeli. Ngaphambi nje kokuba asweleke, uMoses wathi kumaSirayeli: “Ndazi kakuhle ukuba xa ndifile niza kwenza izinto ezimbi nize nimke kwizinto endiniyalele zona.” (Dut. 31:29) Waphinda wawalumkisa esithi xa engathobeli ayeza kuthinjwa. (Dut. 28:35, 36) Yenzeka ke loo nto? Ewe. Kangangamakhulu eminyaka ookumkani abaninzi benza izinto ezimbi, balahlekisa nabantu bakaThixo. Ngenxa yale nto uYehova wawohlwaya amaSirayeli, waza akavuma ukuba aphinde alawulwe ngookumkani abangamaSirayeli. (Hez. 21:25-27) Kodwa amaSirayeli athembekileyo akhuthazwa kukubona ukuba izinto ezithethwe nguThixo ziyenzeka, aza aqhubeka emkhonza.—Isa. 55:10, 11.

8. Ngaba imele isothuse into yokuba amaKristu awayephila emva kokusweleka kwabapostile ayekayo ukukhonza uThixo ngendlela ayifunayo? Cacisa.

8 Ixesha lasemva kokusweleka kwabapostile. Ngaba imele isothuse into yokuba amaKristu awayephila emva kokusweleka kwabapostile ayekayo ukukhonza uThixo ngendlela ayifunayo? Tu ke ngoku. UYesu waprofeta esithi abantu abaninzi babeza kuwexuka. (Mat. 7:21-23; 13:24-30, 36-43) Umpostile uPawulos, uPetros noYohane bayingqina into yokuba ngexesha labo ayesele eqalile ukuwexuka amanye amaKristu, njengokuba wayetshilo uYesu. (2 Tes. 2:3, 7; 2 Pet. 2:1; 1 Yoh. 2:18) Kwathi kwakusweleka owokugqibela umpostile, amaKristu awexukileyo aqalisa ukungena kwiBhabhiloni Enkulu, eyingqokelela yazo zonke iicawe zobuxoki. Yenzeka into eyayithethwe nguYesu.

9. Ixesha esiphila kulo lahluke njani kwelamaSirayeli nakwelasemva kokusweleka kwabapostile?

9 ‘Amaxesha okubuyiselwa kwazo zonke izinto.’ Ixesha lethu lohlukile kwelamaSirayeli nakwixesha lasemva kokusweleka kwabapostile, apho kwawexuka abantu abaninzi. Libizwa njani eli xesha siphila kulo? Sidla ngokulibiza ngokuba ‘yimihla yokugqibela’ yeli hlabathi libi. (2 Tim. 3:1) Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba xa kwakuqala imihla yokugqibela, kwaqala nelinye ixesha eliza kuphela xa uBukumkani BukaMesiya buphelisa isono ebantwini, buze benze umhlaba ube yiparadesi. Elo libizwa ngokuba “ngamaxesha okubuyiselwa kwazo zonke izinto.” (IZe. 3:21) Lona laqala ngo-1914. Yintoni eyabuyiselwayo ngelo xesha? Kaloku uYesu waba nguKumkani ezulwini. Ngoko uYehova waphinda wanoKumkani owayeza kummela, indlalifa kaKumkani uDavide owayethembekile. Kodwa uYehova zange abuyisele obo Bukumkani kuphela. Kungabanga xesha lide emva koko, uThixo waphinda wakhonzwa ngendlela ayifunayo. (Isa. 2:2-4; Hez. 11:17-20) Ngaba iya kuze itshintshe ke loo nto?

10. (a) Kwaprofetwa kwathiwani eBhayibhileni ngokukhonzwa kukaYehova ngendlela ayifunayo namhlanje? (Isaya 54:17) (b) Ezi ziprofeto zisenza siqiniseke ngantoni?

10 Funda uIsaya 54:17. Khawucinge ngesi siprofeto: “Akukho nasinye isixhobo esenzelwe ukulwa nawe esiza kuphumelela”! La mazwi aphefumlelweyo ayenzeka namhlanje. Kwenzeka nala mazwi athuthuzelayo: “Bonke oonyana bakho baza kufundiswa nguYehova, kwaye oonyana bakho baza kuba noxolo oluninzi. Uza kumiselwa ngokuqinileyo ngobulungisa. . . . Akukho nto iza kukoyikisa, awuzukuba nasizathu sakunkwantya, kuba akukho nto yoyikekayo iza kuza kuwe.” (Isa. 54:13, 14) Nkqu ‘nothixo weli hlabathi,’ uSathana, akanawo amandla okuwuphelisa umsebenzi wokufundisa owenziwa ngabantu bakaYehova ngoku. (2 Kor. 4:4) UYehova uye waphinda wakhonzwa ngendlela ayifunayo, futhi kuza kuba njalo ngonaphakade. Asikho isixhobo esenzelwe ukulwa nathi esiza kuphumelela.

YINTONI EZA KWENZEKA?

11. Yintoni esenza siqiniseke ukuba isihlwele esikhulu asizukushiywa sodwa xa abathanjiswa besezulwini?

11 Yintoni eza kwenzeka xa abathanjiswa besezulwini? Sukulibala kaloku ukuba uYesu nguMalusi wethu. Nguye intloko yebandla lamaKristu. Wathi: “Inye iNkokheli yenu, nguKristu.” (Mat. 23:10) UKumkani wethu olawulayo akasoze ohlulwe kukwenza umsebenzi wakhe. Abalandeli bakaKristu abasemhlabeni abamele boyike kuba nguye obakhokelayo. Inyaniso kukuba asiyazi yonke into eza kwenziwa nguKristu xa ekhokela abantu bakhe kwixesha elizayo. Ngoko makhe sithethe ngamabali aseBhayibhileni anokusenza sizole.

12. UYehova wabakhathalela njani abantu bakhe (a) emva kokusweleka kukaMoses? (b) emva kokuba uEliya eye kwenza omnye umsebenzi kwaYuda? (Jonga nomfanekiso.)

12 UMoses wasweleka ngaphambi kokuba amaSirayeli angene kwiLizwe Lesithembiso. Kwenzeka ntoni kubantu bakaThixo? Ngaba uYehova wayeka ukubanceda? Zange ayeke. Xa babeqhubeka bethembekile, uYehova wayebanika izinto ababezidinga. Ngaphambi kokuba uMoses asweleke, uYehova wathi makawunike uYoshuwa umsebenzi wokukhokela abantu. UMoses wayemqeqeshe kangangeminyaka emininzi uYoshuwa. (Eks. 33:11; Dut. 34:9) Kwakukho namadoda amaninzi afanelekayo awayekhokela, iintloko zamawaka, ezamakhulu, ezamashumi amahlanu nezamashumi. (Dut. 1:15) Abantu bakaThixo babehoyiwe. Kwenzeka into efanayo nangexesha likaEliya. Wayesele eneminyaka emininzi enceda amaSirayeli ukuba akhonze uYehova ngendlela ayifunayo. Kodwa ekuhambeni kwexesha uYehova wamthuma ukuba aye kwenza omnye umsebenzi kwaYuda. (2 Kum. 2:1; 2 Kron. 21:12) Ngaba abantu ababephantsi kwezizwe ezilishumi zakwaSirayeli bashiywa bodwa? Hayi. UEliya wayemqeqeshe kangangeminyaka emininzi uElisha. Kwakukho ‘noonyana babaprofeti’ ababeqeqeshiwe. (2 Kum. 2:7) Maninzi amadoda athembekileyo awayeza kunceda ekukhokeleni abantu bakaThixo. UYehova zange ayeke ukuyenza into awayezimisele ukuyenza, nokukhathalela abakhonzi bakhe abathembekileyo.

UMoses (ngasekhohlo) noEliya (ngasekunene) baqeqesha abantu ababeza kubakhokela kakuhle abantu bakaThixo emva kwabo (Jonga isiqendu 12)


13. KumaHebhere 13:5b uYehova usithembisa ntoni? (Jonga nomfanekiso.)

13 Unala mabali engqondweni, ucinga ukuba kuza kwenzeka ntoni xa bonke abathanjiswa besezulwini? Masingaziqhekezi iintloko ngalo mbuzo. Kaloku iBhayibhile isiqinisekisa ngale nto: UYehova akasoze abashiye abakhonzi bakhe abasemhlabeni. (Funda amaHebhere 13:5b.) Iqela elincinci labathanjiswa elikhokelayo namhlanje liyafana noMoses noEliya, liyayiqonda indlela ekubaluleke ngayo ukuqeqesha abanye. Sekuyiminyaka abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo beqeqesha abazalwana abanethemba lokuphila emhlabeni ukuba bakhokele. Ngokomzekelo, baye balungiselela izikolo zokuqeqesha abadala, abaveleli abahambahambayo, abazalwana abakwiiKomiti ZamaSebe, abazalwana abavelela imisebenzi yaseBheteli nabanye. IQumrhu Elilawulayo liye laqeqesha abazalwana abancedisa kwiikomiti ezahlukahlukeneyo zalo. Sithetha nje mkhulu umsebenzi abawenzayo aba bazalwana entlanganweni. Bakulungele ngandlela zonke ukuqhubeka nomsebenzi wokuhoya izimvu zikaKristu.

IQumrhu Elilawulayo liye lasebenza nzima ukuze liqeqeshe abazalwana abalincedisayo, lilungiselele nokuba kubekho izikolo zokuqeqesha abadala, abaveleli abahambahambayo, abazalwana abakwiiKomiti ZamaSebe, abazalwana abavelela imisebenzi yaseBheteli nabathunywa bevangeli abasemhlabeni wonke (Jonga isiqendu 13)


14. Yeyiphi eyona nto ibalulekileyo esithetha ngayo kweli nqaku?

14 Eyona nto ibalulekileyo esithetha ngayo kweli nqaku yile: Xa iqela lokugqibela labathanjiswa lisiya ezulwini ngasekupheleni kwentlungu engathethekiyo, uYehova uza kuqhubeka ekhonzwa ngendlela ayifunayo apha emhlabeni, kuba abakhonzi bakhe baza kube bekhokelwa nguYesu Kristu. Ewe kona, ngelo xesha siza kube sihlaselwa liqela leentlanga elikhohlakeleyo elibizwa ngokuba nguGogi wakwamaGogi. (Hez. 38:18-20) Kodwa loo nto ayizukwenza abantu bakaYehova bayeke ukumkhonza. Siqinisekile ukuba uza kubakhusela. Kaloku embonweni umpostile uYohane wabona “isihlwele esikhulu” sezinye izimvu zikaKristu. Waxelelwa ukuba esi sihlwele sikhulu ‘siphuma kwixesha lentlungu engathethekiyo.’ (ISityhi. 7:9, 14) Ngoko asithandabuzi nakancinci ukuba uYehova uza kubasindisa abantu bakhe.

15-16. Ngokutsho kweSityhilelo 17:14 abathanjiswa bakaKristu baza kwenza ntoni ngeArmagedon? Kutheni isivuyisa nje loo nto?

15 Kodwa kusenokwenzeka ukuba abanye basazibuza: ‘Kuza kwenzeka ntoni ke kubathanjiswa? Baza kufika benze ntoni ezulwini?’ IBhayibhile ayijikelezi xa iphendula lo mbuzo. Ibonisa ukuba oorhulumente balo mhlaba “baza kulwa neMvana.” Kodwa abazukuphumelela. Ithi: “IMvana iza kuboyisa.” Iza kuncediswa ngoobani? Le vesi iyawuphendula nalo umbuzo. Ithi ngabo “babiziweyo nabakhethiweyo, nabathembekileyo.” (Funda iSityhilelo 17:14.) Ngoobani abo? Ngabathanjiswa abavusiweyo. Xa abokugqibela kubathanjiswa sele benyukele ezulwini ngasekupheleni kwexesha lentlungu engathethekiyo, omnye wemisebenzi abaza kuqala bayenze kukulwa. Imangalisa nyhani ke loo nto! Kaloku amanye amaKristu athanjisiweyo ayedla ngokulwa nabantu ngaphambi kokuba abe ngamaNgqina KaYehova, kanti amanye ayengamajoni. Kodwa athi akuba ngamaKristu, afunda ukuhlalisana ngoxolo nabanye abantu. (Gal. 5:22; 2 Tes. 3:16) Aye ayeka ukuxhasa iimfazwe. Kodwa emva kokuba evuselwe ezulwini, aza kulwa imfazwe yokugqibela neentshaba zikaThixo ekunye noKristu neengelosi zakhe ezingcwele.

16 Khawuyicinge le nto. Abanye abathanjiswa abasesemhlabeni sebebadala, abasenawo namandla. Kodwa xa bevuselwa ezulwini baza kuba zizidalwa zomoya ezingafiyo nezinamandla, eziza kuncedisa uKumkani wazo Oligorha, uYesu Kristu, emfazweni. Emva kwemfazwe yeArmagedon baza kuncedisa uKristu ekwenzeni abantu bangabi nasono. Siqinisekile ukuba ngelo xesha baza kubanceda kakhulu abazalwana noodade ababathandayo abasemhlabeni, kunaxa babengabantu abanesono.

17. Sazi njani ukuba bonke abakhonzi bakaThixo baza kukhuseleka ngeArmagedon?

17 Ngaba ungomnye wezinye izimvu? Ngoko yintoni ekuza kufuneka uyenze xa kuqala imfazwe ebalulekileyo yeArmagedon? Ilula: Thembela kuYehova, wenze izinto athi zenze. Isenokuba zeziphi ezinye zezo zinto? IBhayibhile ithi: ‘Ngenani kumagumbi enu afihlakeleyo, nivale iingcango. Zimelani okomzuzwana de udlule umsindo wam.’ (Isa. 26:20) Ngelo xesha bonke abakhonzi bakaThixo abathembekileyo, abasezulwini nabasemhlabeni, baza kube bekhuselekile. Njengompostile uPawulos, siqinisekile ukuba “oorhulumente, izinto ezikhoyo ngoku nezo ziseza kubakho . . . azinako ukwenza uThixo angasithandi.” (Roma 8:38, 39) Mayingaze iphume le nto engqondweni yakho: UYehova uyakuthanda, akasoze akushiye!

XA BONKE ABATHANJISWA SEBESEZULWINI,

  • yintoni engazukwenzeka?

  • kutheni simele siqiniseke ukuba uThixo uza kuhlala ekhonzwa ngendlela ayifunayo?

  • kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova uza kubahoya abantu bakhe?

INGOMA 8 Sizimela NgoYehova