Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 6

INGOMA 10 Dumisa UYehova, UThixo Wethu!

‘Masidumise Igama LikaYehova’

‘Masidumise Igama LikaYehova’

“Mdumiseni, nina bakhonzi bakaYehova, dumisani igama likaYehova.”INDU. 113:1.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngezinto ezisenza sifune ukulidumisa igama elingcwele likaYehova.

1-2. Ngowuphi umzekelo osinceda siyiqonde indlela uYehova aziva ngayo ngenxa yokungcoliswa kwegama lakhe?

 UNGAZIVA njani ukuba umntu omthandayo angathetha into embi kakhulu ngawe? Uyazi wena ukuba ayiyonyani, kodwa abanye abantu bayayikholelwa. Iba mbi nakakhulu ke ngoku xa nabo bebubalisela abanye abantu obu buxoki, baze nabo bantu babukholelwe. Ukuba ungacinga ngendlela abaza kukujonga ngayo abantu neliza kungcola ngayo igama lakho, ungakhathazeka, andithi?—IMize. 22:1.

2 Lo mzekelo usenza siyiqonde indlela uYehova awaziva ngayo xa kwangcoliswa igama lakhe. Enye yeengelosi zakhe yaxoka ngaye kuEva, naye ke wabukholelwa obo buxoki. Obo buxoki benza uAdam noEva abamthobela uYehova. Ngenxa yaloo nto, bonke abantu banesono futhi bayafa. (Gen. 3:1-6; Roma 5:12) Zonke iingxaki ezisemhlabeni, ukufa, iimfazwe neentlungu zabakho ngenxa yobuxoki uSathana awaqalisa ukubusasaza e-Eden. Ngaba uYehova uyakhathazwa bobu buxoki nazizinto eziye zabakho ngenxa yabo? Ngokuqinisekileyo! Sekunjalo, uYehova akanamsindo. Uhlala ‘enguThixo owonwabileyo.’—1 Tim. 1:11.

3. Yintoni esivuyisayo?

3 Xa sithobela umyalelo othi: “Dumisani igama likaYehova,” sivuyiswa kukuba phakathi kwabantu abathethelela igama lakhe. (INdu. 113:1) Silidumisa ngokuthetha kakuhle ngaLowo ubizwa ngeli gama lingcwele. Ngaba nawe uza kulidumisa? Makhe sithethe ngezinto ezintathu ezibalulekileyo, ezinokusinceda silidumise ngokusuka entliziyweni igama likaThixo wethu.

UYAVUYA UYEHOVA XA SIDUMISA IGAMA LAKHE

4. Yintoni eyenza uYehova avuye xa simdumisa? Yenza umzekelo. (Jonga nomfanekiso.)

4 UTata wethu osezulwini uyavuya xa silidumisa igama lakhe. (INdu. 119:108) Kodwa ngaba uThixo uSomandla ufana nabantu abanesono, abafuna ukunconywa ukuze bazithembe? Tu ke ngoku. Singayizekelisa ngolu hlobo le nto: Intombazana encinci iziphosa kutata wayo, imange ize ithi, “Ndiyakuthanda tat’ am!” Imvuyisa kakhulu utata wayo le nto de ancume. Kutheni imvuyisa kangaka? Ngaba le nto imele isenze sicinge ukuba le yindoda edinga ukunconywa ngumntwana wayo ukuze izithembe? Tu ke ngoku. Kodwa kuba eyithanda intombazana yakhe, uvuyiswa kukubona indlela emthanda nemxabisa ngayo. Uyazi ukuba ezo mpawu ziza kuyinceda yonwabe xa indala. NoYehova uyafana nalo tata, uyavuya xa simdumisa.

Njengokuba utata evuya xa umntwana wakhe ebonisa ukuba uyamthanda futhi uyamxabisa, uYehova uyavuya xa sidumisa igama lakhe (Jonga isiqendu 4)


5. Xa sidumisa igama likaThixo, bobuphi ubuxoki bukaSathana esibuvezayo?

5 Xa sidumisa uTata wethu osezulwini senza kucace ukuba into awayithethayo uSathana ngathi yayibubuxoki. Wathi akukho nomnye umntu oya kuze alithethelele igama likaThixo. Ngokutsho kwakhe, soze sihlale sithembekile kuThixo. Wathi sonke singayeka ukukhonza uThixo xa kubonakala ngathi loo nto iza kusinceda. (Yobhi 1:9-11; 2:4) Kodwa uYobhi wahlala ethembekile kuYehova, ebonisa ukuba uSathana ulixoki. Ngaba nawe uza kuhlala uthembekile kuThixo? Xa sithembekile kuTata wethu, siba nenyhweba yokumela igama lakhe nokumvuyisa.—IMize. 27:11.

6. Singamlinganisa njani uKumkani uDavide nabaLevi? (Nehemiya 9:5)

6 Abantu abathanda uYehova badumisa igama lakhe ngeentliziyo zabo zonke. UKumkani uDavide wathi: “Mandimdumise uYehova; mandilidumise ngentliziyo yam yonke igama lakhe elingcwele.” (INdu. 103:1) Wayesazi ukuba udumisa uYehova xa edumisa igama Lakhe. Xa sisiva igama likaYehova siye sicinge ngohlobo lomntu anguye, ngeempawu zakhe ezintle nangezinto ezimangalisayo azenzileyo. UDavide wayefuna ukulingcwalisa nokulidumisa igama likaTata wakhe. Loo nto wayefuna ukuyenza “ngentliziyo [yakhe] yonke.” NabaLevi babekhokela ekudumiseni igama likaYehova. Ngenxa yokuba babethobekile, bavuma ukuba babeswele amazwi afanelekileyo okulidumisa igama likaYehova elingcwele. (Funda uNehemiya 9:5.) Kodwa ngenxa yokuba babemdumisa ngokusuka entliziyweni, siqinisekile ukuba bamvuyisa uYehova.

7. Sinokumdumisa njani uYehova entsimini nangendlela esiphila ngayo?

7 Namhlanje sinokumvuyisa uYehova ngokuthetha ngaye ngendlela ebonisa ukuba siyamxabisa futhi siyamthanda. Eyona nto siyifunayo xa sishumayela kukunceda abantu basondele kuTata wethu osithandayo, uYehova, baze bambone ngendlela thina esimbona ngayo. (Yak. 4:8) Kuyasivuyisa ukubabonisa indlela iBhayibhile emchaza ngayo uYehova. Kaloku ibonisa ukuba unothando, ubulungisa, ubulumko, amandla nezinye iimpawu ezintle. Enye indlela esimdumisa nesimvuyisa ngayo kukuzama ngamandla ethu onke ukumlinganisa. (Efe. 5:1) Loo nto isenza sahluke kubantu beli hlabathi libi. Abanye basenokuyibona loo nto baze bazibuze ukuba kutheni singenzi izinto njengabo. (Mat. 5:14-16) Xa sikunye nabo sinokukwazi ukubachazela isizathu. Abanyanisekileyo kubo banokutsho bamthande uThixo. Uyavuya uYehova xa simdumisa ngezi ndlela.—1 Tim. 2:3, 4.

UYAVUYA UYESU XA SIDUMISA IGAMA LIKAYEHOVA

8. Kutheni sisithi uYesu ngoyena mntu sinokukufunda kuye ukudumisa igama likaYehova?

8 Akukho mntu ezulwini okanye emhlabeni owazi uYehova bhetele kunoYesu. (Mat. 11:27) UYesu uyamthanda uTata wakhe futhi ungoyena mntu sinokukufunda kuye ukudumisa igama likaYehova. (Yoh. 14:31) Ngobusuku obungaphambi kokuba afe, wathandaza kuTata wakhe, echaza eyona nto ibalulekileyo ayenzileyo emhlabeni, esithi: “Ndibafundisile ngegama lakho.” (Yoh. 17:26) Wayenza njani loo nto?

9. Ngowuphi umzekeliso owenziwa nguYesu ukuze abonise ukuba unjani kanye kanye uTata wakhe?

9 UYesu zange aphelele nje ekuxeleleni abantu ukuba igama likaThixo nguYehova. AmaYuda awayewafundisa ayelazi igama likaThixo. Kodwa uYesu ngoyena ‘wawazisayo’ ukuba unjani. (Yoh. 1:17, 18) Ngokomzekelo, iZibhalo zesiHebhere zithi uYehova unenceba futhi uyabavela abantu. (Eks. 34:5-7) UYesu wayenza yacaca kakhulu loo nto kumzekeliso awawenzayo katata nonyana wakhe owayelahlekile. IBhayibhile ithi lo tata wambona “esekude” unyana wakhe owayeguqukile, wabaleka waya kuye, wamanga waza wamxolela ngokusuka entliziyweni. Le nto isenza siyibone kakuhle indlela uYehova abavela ngayo abantu nanenceba ngayo. (Luka 15:11-32) UYesu wenza abantu babona ukuba unjani kanye kanye uTata wakhe.

10. (a) Sazi njani ukuba uYesu wayelisebenzisa igama likaTata wakhe nokuba wayefuna nabanye abantu balisebenzise? (Marko 5:19) (Jonga nomfanekiso.) (b) Yintoni uYesu afuna siyenze namhlanje?

10 Ngaba uYesu wayefuna nabanye abantu balisebenzise igama likaTata wakhe? Ngokuqinisekileyo. Kusenokwenzeka ukuba ngelo xesha abanye abefundisi babesithi kukungamhloniphi uThixo ukumbiza ngegama lakhe. Kodwa uYesu zange ayivumele loo nto ingekho Zibhalweni ukuba imyekise ukuzukisa igama likaTata wakhe. Khawucinge ngexesha awakhupha ngalo ideemon kwindoda yaseGerasa. Abantu boyika baza bamcenga ukuba ahambe, ngoko zange ahlale kuloo mmandla. (Marko 5:16, 17) Kodwa uYesu wayesafuna abantu baloo ndawo balazi igama likaYehova. Ngoko xa wayethuma le ndoda, zange athi mayixelele abantu ukuba uyiphilisile, wathi mayiyokubaxelela into eyenziwe nguYehova. (Funda uMarko 5:19.) a Nanamhlanje ufuna sincede abantu abasemhlabeni wonke balazi igama likaTata wakhe! (Mat. 24:14; 28:19, 20) UKumkani wethu uYesu uyavuya xa siyenza loo nto.

UYesu wathuma indoda eyayikade ineedemon ukuba iyokuxelela abantu indlela uYehova ayincede ngayo (Jonga isiqendu 10)


11. UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandazele ntoni? Kutheni ibalulekile nje loo nto? (Hezekile 36:23)

11 UYesu wayesazi ukuba uYehova ufuna igama lakhe lenziwe ngcwele, loo nto ithetha ukuba uYehova athethelelwe kubo bonke ubuxoki obuye bathethwa ngaye. Inkosi yethu, uYesu, yaqonda ukuba le yeyona nto imele ibaluleke kwindalo yonke. (Funda uHezekile 36:23.) Yiloo nto yafundisa abalandeli bayo ukuba bathandaze bathi: “Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” (Mat. 6:9) Kuzo zonke izidalwa ezilumkileyo akukho nesinye esakhe salingcwalisa ngaphezu kukaYesu igama likaYehova. Kodwa xa uYesu wabanjwayo, iintshaba zakhe zamtyhola, zisithi uye walidelela kakhulu igama likaTata wakhe! Ngokuqinisekileyo kuYesu ukuthetha kakubi ngegama likaTata wakhe yayisesona sono sakhe sasibi. Yayimkhathaza kakhulu into yokuba atyholwe ngale nto nokuba wayeza kugwetywa ngenxa yayo. Kusenokwenzeka ukuba kwiiyure ezazingaphambi kokuba abanjwe, le yeyona nto ‘yayimngcungcuthekisa.’—Luka 22:41-44.

12. Yeyiphi eyona ndlela izodlula zonke uYesu awalingcwalisa ngayo igama likaTata wakhe?

12 Ukuze angcwalise igama likaTata wakhe, uYesu wanyamezela ukuphathwa kakubi, ukuthukwa nokutyholwa ngezinto awayengazenzanga. Wayesazi ukuba umthobele kuyo yonke into uTata wakhe, akukho nto anokuba neentloni ngayo. (Heb. 12:2) Wayesazi nokuba, kwelo xesha lalinzima wayehlaselwa nguSathana. (Luka 22:2-4; 23:33, 34) Eyona nto yayifunwa nguSathana yayikukuba uYesu ayeke ukuthembeka kuYehova, kodwa ayizange yenzeke loo nto. UYesu wenza kwacaca ukuba uSathana lixoki elikhohlakeleyo, nokuba bakhona abakhonzi bakaYehova abahlala bethembekile kuye naxa bekwezona ngxaki zinzima.

13. Unokwenza ntoni ukuze uvuyise uKumkani wakho olawulayo?

13 Uyafuna ukumvuyisa uKumkani wakho olawulayo? Hlala ulidumisa igama likaYehova, uncede abanye bazi ukuba unjani kanye kanye uThixo wethu. Xa usenza loo nto ulinganisa uYesu. (1 Pet. 2:21) Njengaye uyamvuyisa uYehova, ubonisa nokuba utshaba Lwakhe uSathana, lixoki elingenazintloni!

XA SIDUMISA IGAMA LIKAYEHOVA SINCEDA ABANTU BASINDE

14-15. Zeziphi izinto ezivuyisayo eziye zenzeke xa sifundisa abantu ngoYehova?

14 Sinceda abantu basinde xa sidumisa igama likaYehova. Njani? Kaloku uSathana ‘uzimfamekisile iingqondo zabantu abangakholwayo.’ (2 Kor. 4:4) Loo nto ibenze babukholelwa ubuxoki abakhe. Obunye bobo buxoki bobu: Akukho kwaThixo, uThixo ukude kakhulu kuthi futhi akasikhathalelanga, uThixo ukhohlakele futhi ubangcungcuthekisa ngonaphakade abantu abenza izinto ezimbi. Eyona nto ayifunayo ngobu buxoki kukungcolisa igama likaYehova nokwenza abantu bangafuni ukusondela kuye. Kodwa xa sishumayela, ziwela phantsi ezo nzame zakhe. Sidumisa igama elingcwele likaThixo wethu ngokufundisa abantu inyani ngaye. Inceda ngantoni loo nto?

15 Zinamandla kakhulu iinyaniso ezikwiLizwi LikaThixo. Xa sifundisa abantu ngoYehova nangokuba unjani kanye kanye, kuye kwenzeke izinto ezivuyisayo. Amehlo abo amfanyekiswe nguSathana aye aqalise ukuvuleka, batsho bambone ngendlela esimbona ngayo uTata wethu esimthandayo. Ayabamangalisa amandla akhe angenakulinganiswa nanto. (Isa. 40:26) Ngenxa yokuba enobulungisa ngendlela egqibeleleyo baye bamthembe. (Dut. 32:4) Ininzi into abayifundayo kubulumko bakhe obukhulu. (Isa. 55:9; Roma 11:33) Bathuthuzelwa nakukwazi ukuba uluthando. (1 Yoh. 4:8) Njengoko besondela kuYehova baya beqiniseka ngethemba lokuphila ngonaphakade bengabantwana bakhe. Kuyinyhweba nyhani ukunceda abantu basondele kuTata wabo! Xa sisenza loo nto, uYehova uza kuthi “sisebenza” naye.—1 Kor. 3:5, 9.

16. Kuye kwenzeke ntoni emntwini emva kokuba evile ukuba uThixo unegama? Yenza imizekelo.

16 Xa siqala ukudibana nabantu, sisenokubafundisa into elula nje yokuba igama likaThixo nguYehova. Iyodwa nje loo nto, inokubutshintsha ubomi bomntu onyanisekileyo. Ngokomzekelo, elinye ibhinqa eliselitsha, elinguAaliyah, b lakhuliselwa kwicawe eyayingayifundisi iBhayibhile. Kodwa lalingayithandi ncam icawe yalo, liziva lingasondelanga nakuThixo. Yatshintsha loo nto lakufunda iBhayibhile namaNgqina, labona ukuba uThixo ngumhlobo walo. Lothuka lakuva ukuba igama likaThixo lisusiwe kwiiBhayibhile ezininzi, endaweni yalo kwafakwa izibizo nje ezifana nesithi ‘Nkosi.’ Ukwazi igama likaYehova kwabutshintsha ubomi buka-Aaliyah. Wathi: “Oyena Mhlobo ndimthandayo unegama!” Imncede ngantoni loo nto? Uthi: “Kundivuyisa kakhulu ukwazi igama likaYehova. Ngoku ndixole ngaphakathi.” Enye indoda eyayiyimvumi, uSteve, yakhulela kwindawo eyayisabambelele kwindlela awayekhonza ngayo amaYuda. Ngenxa yokunganyaniseki kwabantu abathi bayakhonza, yayingafuni nto iyidibanisa necawe. Kodwa emva kokusweleka kukamama wakhe, uSteve wavuma ukubakho xa elinye iNgqina laliqhubela omnye umntu isifundo seBhayibhile. Kwamvuyisa kakhulu ukwazi igama likaThixo. Uthi: “Ndandingazi ukuba uThixo unegama.” Uphinda athi: “Ndandiqala ukuyiqonda into yokuba uThixo nguMntu wokwenene. Ndatsho ndabona ukuba ndifumene umhlobo.”

17. Kutheni uzimisele ukuhlala ulidumisa igama likaYehova? (Jonga nomfanekiso.)

17 Xa ushumayela naxa ufundisa, ngaba uyathetha ngegama elingcwele likaYehova? Uyabanceda abantu babone ukuba unjani kanye kanye uThixo wethu? Xa usenza loo nto, udumisa igama likaThixo. Sinqwenela ukuba uhlale ulidumisa igama likaYehova elingcwele ngokunceda abantu bamazi ukuba ungumntu onjani kanye kanye. Xa usenza loo nto, uza kunceda abantu basinde. Uza kube uvumela uKumkani wakho, uKristu Yesu, akukhokele. Eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba, uza kube uvuyisa uTata wakho okuthandayo, uYehova. Akwaba ‘ungalidumisa ngonaphakade kanaphakade igama lakhe’!—INdu. 145:2.

Sidumisa igama likaYehova ngokufundisa abantu ngalo nangokubabonisa ukuba unjani kanye kanye (Jonga isiqendu 17)

KUTHENI UKUDUMISA IGAMA LIKATHIXO . . .

  • kumvuyisa uYehova?

  • kumvuyisa uYesu?

  • kunceda abantu basinde?

INGOMA 2 UYehova Ligama Lakho

a Sinezizathu ezivakalayo zokukholelwa ukuba, xa uMarko wayebhala into eyathethwa nguYesu kule vesi, walisebenzisa igama likaYehova. Yiloo nto liye labuyiselwa kwindawo yalo kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele.

b Amanye amagama atshintshiwe.