Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 7

INGOMA 51 Sizinikele KuThixo!

Ziintoni Esinokuzifunda KumaNaziri?

Ziintoni Esinokuzifunda KumaNaziri?

“Loo mntu ungcwele kuYehova yonke imihla engumNaziri.”NUM. 6:8.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngezinto esizifunda kumaNaziri ezinokusinceda sibe nesibindi size sikulungele ukuba nezinto esizincamayo ngenxa kaYehova.

1. Ukususela kumaxesha awadlulayo abakhonzi bakaYehova baye baziva njani?

 NGABA uyamthanda uYehova? Ngokuqinisekileyo uthi ewe. Nabanye abantu ke batsho. Ukususela kumaxesha awadlulayo abantu abaninzi baye baziva njengawe. (INdu. 104:33, 34) Abaninzi kubo baye banezinto abazincamayo ukuze bakhonze uYehova. Kwaba njalo kumaSirayeli ekwakusithiwa ngamaNaziri. Ayengoobani? Yintoni esinokuyifunda kuwo?

2. (a) Ayengoobani amaNaziri? (Numeri 6:1, 2) (b) Kwakutheni ukuze amanye amaSirayeli enze isifungo sokuba ngamaNaziri?

2 Igama elithi ‘umNaziri’ livela kwigama lesiHebhere elithetha “Umntu Okhethwe Kwabanye,” “Umntu Ozinikeleyo,” okanye “Umntu Obekelwe Bucala.” AmaNaziri ayengamaSirayeli akhutheleyo nawayencama izinto ukuze akhonze uYehova ngendlela ekhethekileyo. UMthetho owawubhalwe nguMoses wawuyivumela indoda okanye umfazi ukuba enze isifungo esikhethekileyo, sokuba ngumNaziri kaYehova kangangexesha elithile. a (Funda iNumeri 6:1, 2.) UmSirayeli owenze eso sifungo kwakufuneka athobele imiyalelo ekwakunganyanzelekanga ukuba amanye amaSirayeli ayithobele. Ngoko yintoni eyayisenza umSirayeli akhethe ukuba ngumNaziri? Mhlawumbi kwakungenxa yendlela amthanda kakhulu ngayo uYehova, nambulela ngayo ngenxa yezinto ezininzi ezintle amenzele zona.—Dut. 6:5; 16:17.

3. Namhlanje abantu bakaThixo bafana njani namaNaziri?

3 Ilungiselelo lokuba ngumNaziri laphela xa kwangena “umthetho kaKristu” endaweni yoMthetho KaMoses. (Gal. 6:2; Roma 10:4) Kodwa abakhonzi bakaYehova banamhlanje bayafana namaNaziri. Bafuna nyhani ukumkhonza ngentliziyo, ngomphefumlo, ngengqondo nangamandla abo onke. (Marko 12:30) Xa sizinikela kuYehova ngokuzithandela, senza isifungo sokuba siza kuyenza le nto. Ukuze siphile ngokuvumelana neso sifungo, kufuneka sithobele imithetho kaYehova, kubekho nezinto esizincamayo. Njengoko siza kuthetha ngezinto ezenziwa ngamaNaziri ukuze aphile ngokuvumelana nesifungo sawo, siza kufunda izinto ezibalulekileyo ezinokusinceda nathi siphile ngokuvumelana nesethu. bMat. 16:24.

YIBA NEZINTO OZINCAMAYO

4. INumeri 6:3, 4 ithi ziintoni ekwakufuneka azincame amaNaziri?

4 Funda iNumeri 6:3, 4. AmaNaziri ayengavumelekanga ukuba asele utywala, okanye atye iidiliya neerasintyisi. Abantu ababephila nawo babezitya ezi zinto, befanele ke phofu kuba kwakungekho nto irongo ngazo. Kaloku iBhayibhile ithi “iwayini evuyisa intliziyo yomntu” isisipho esivela kuThixo. (INdu. 104:14, 15) Sekunjalo, amaNaziri ayekulungele ukuzincama ezi zinto ngoxa zaziza kuwenza onwabe. c

Ukulungele ukuba nezinto ozincamayo njengamaNaziri? (Jonga isiqendu 4-6)


5. Ziintoni awakhetha ukuzincama uMadián noMarcela? Kwakutheni?

5 NjengamaNaziri, nathi siba nezinto esizincamayo ukuze simkhonze nangezinye iindlela uYehova. Khawuve into eyenziwa nguMadián nenkosikazi yakhe uMarcela. d Babephila kamnandi. UMadián wayesamkela imali eninzi emsebenzini, ngoko babehlala kwindlu entle. Kodwa babefuna ukumsebenzela ngaphezu kokuba besenza uYehova. Ukuze bakwazi ukuyenza loo nto, bagqiba ekubeni kubekho izinto abazitshintshayo ebomini babo. Bathi: “Saqala ngokungayisebenzisi kakhulu imali. Emva koko saya kuhlala kwindlu encinci, sathengisa nemoto.” Kwakungekho nto yayibanyanzela ukuba bazincame ezi zinto, kodwa bazincama kuba babefuna ukumsebenzela nangezinye iindlela uYehova. Ngoku bonwabile, abanasikrokro ngezigqibo abazenzileyo.

6. Kutheni amaKristu esiba nezinto azincamayo? (Jonga nomfanekiso.)

6 Namhlanje amaKristu ayakuvuyela ukuncama izinto zawo ukuze abe nexesha elininzi lokusebenzela uYehova. (1 Kor. 9:3-6) Ezi zinto bazincamayo aba bakhonzi bakaYehova azikho rongo, naye akalindelanga ukuba bazincame. Ngokomzekelo, abanye baye bancame imisebenzi abayithandayo okanye ukuba nemizi. Abaninzi baye bakhetha ukungakhawulezi batshate okanye babe nabantwana. Abanye baye bakhetha ukukhonza apho kufuneka abavakalisi boBukumkani abaninzi, ngoxa loo nto ibenza babe kude neentsapho nabahlobo. Abaninzi kuthi baye bancama ezi zinto kuba befuna ukumkhonza ngamandla abo onke uYehova. Qiniseka ukuba uYehova uxabisa nantoni na oyincamayo kuba ufuna ukumkhonza.—Heb. 6:10.

KULUNGELE UKWAHLUKA

7. Yintoni eyayisenokwenza kube nzima kumNaziri ukugcina isifungo sakhe? (Numeri 6:5) (Jonga nomfanekiso.)

7 Funda iNumeri 6:5. AmaNaziri ayesenza isifungo sokuba awazukuzicheba iinwele. Loo nto yayibonisa ukuba afuna ukumthobela kwizinto zonke uYehova. Ukuba umSirayeli wayesiba ngumNaziri kangangexesha elide, iinwele zakhe ezingachetywayo zazibonakala kwamanye amaSirayeli. Yayisenokungabi yingxaki ke leyo ukuba abantu aphila nabo babemhlonipha, bemkhuthaza nokuba ahlale engumNaziri. Okubuhlungu kukuba kwaSirayeli kwakukhe kwakho amaxesha apho ayengahlonitshwa okanye engakhuthazwa amaNaziri. Ngexesha lomprofeti uAmosi, amaSirayeli angabawexuki ‘aqhubeka eselisa amaNaziri iwayini,’ mhlawumbi efuna angasigcini isifungo sawo sokungayiseli. (Amosi 2:12) Ngamanye amaxesha umNaziri kwakufuneka abe nesibindi ukuze akwazi ukugcina isifungo sakhe aze ahluke kwamanye amaSirayeli.

UmNaziri obambelele kwisifungo sakhe wayengoyiki ukwahluka kwabanye abantu (Jonga isiqendu 7)


8. Yintoni ekukhuthazileyo kwinto eyenziwa nguBenjamin?

8 Nathi uYehova unokusinceda sibe nesibindi sokwahluka kwabanye nokuba singabantu abaneentloni. Khawuve into eyenziwa liNgqina elineminyaka eyi-10 laseNorway, uBenjamin. Ngenxa yemfazwe yaseUkraine esikolweni kwabakho into eyenziwayo eyayibonisa ukuba kuxhaswa abantu balapho. Kwathiwa abantwana mabacule benxibe iimpahla ezinemibala yeflegi yaseUkraine. UBenjamin wazixelela ukuba ukuze kungabikho nto ayenzayo yena, uza kumela kude kwindawo eyayisenzelwa kuyo. Wabonwa ngomnye utitshalakazi waza wamkhwaza esithi: “Yiza sikulindile!” UBenjamin waba nesibindi, waya kuloo titshalakazi, waza wathi: “Mna andinalizwe ndilixhasayo, andizenzi nezinto zepolitiki. Phofu amaNgqina KaYehova amaninzi asetrongweni ngenxa yokuba engafuni ukulwa emfazweni.” Utitshalakazi wayiva le nto yayithethwa nguBenjamin waza wathi kulungile nokuba akukho nto ayenzayo. Kodwa abantwana afunda nabo bambuza ukuba kutheni engazukwenza nto yena. Woyika kakhulu kangangokuba waphantse wakhala; kodwa waphinda waqina, wabaxelela la nto ebeyixelele utitshalakazi. Emva koko waxelela abazali bakhe ukuba uncedwe nguYehova ukuze akwazi ukuthethelela ukholo lwakhe.

9. Yintoni esinokuyenza ukuze sivuyise intliziyo kaYehova?

9 Ngenxa yokuba sikhetha ukukhonza uYehova, abantu esiphila nabo bayayibona indlela esahluke ngayo kubo. Ukuze sikwazi ukuxelela abantu esisebenza okanye esifunda nabo ukuba singamaNgqina KaYehova, kufuneka sibe nesibindi. Njengokuba isiya isiba mbi indlela abacinga nabaziphethe ngayo abantu beli hlabathi, kusenokungabi lula kuthi ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile nokubaxelela iindaba ezilungileyo. (2 Tim. 1:8; 3:13) Nantsi into emasingayilibali: ‘Siyayivuyisa intliziyo kaYehova’ xa sisiba nesibindi sokwahluka kubantu abangamkhonziyo.—IMize. 27:11; Mal. 3:18.

UYEHOVA MAKABE NGOYENA UBALULEKILEYO KUWE

10. Yintoni eyayinokwenza kube nzima kumNaziri ukuthobela umyalelo okwiNumeri 6:6, 7?

10 Funda iNumeri 6:6, 7. AmaNaziri kwakungafuneki asondele kumntu oswelekileyo. Ekuqaleni sisenokucinga ukuba kwakungekho nto ingako ayincamayo umntu ngokwenza loo nto. Kodwa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kwakunokuba nzima kakhulu kumNaziri xa kusweleke umntu azalana naye. Ngaloo mihla kwakulindeleke ukuba xa kungcwatywa, abantu babe kufutshane nesidumbu. (Yoh. 19:39, 40; IZe. 9:36-40) Ngenxa yesifungo asenzileyo umNaziri wayengenakukwazi ukuyenza loo nto. Naxa esentlungwini yokuswelekelwa ngumntu azalana naye, umNaziri wayebonisa ukholo oluqinileyo ngokubambelela kwisifungo sakhe. Ngokuqinisekileyo uYehova wayebanceda aba bakhonzi bakhe bazinikeleyo bakwazi ukumelana nezi zinto.

11. Yintoni amele azimisele ukuyenza amaKristu xa esenza izigqibo ngezinto ezinento yokwenza neentsapho zawo? (Jonga nomfanekiso.)

11 Kuthi maKristu sibaluleke kakhulu isifungo esasenza kuYehova xa sasizinikela kuye. Loo nto ibonakala kwizigqibo nezinto esizenzayo kwizinto ezinento yokwenza neentsapho zethu. Sisebenza ngamandla ukuze sihoye iintsapho zethu, njengokuba iZibhalo zisitsho, kodwa loo nto ayithethi kuthi siza kwenza izinto ezingafunwayo nguYehova kuba sifuna ukuvuyisa zona. (Mat. 10:35-37; 1 Tim. 5:8) Ngamanye amaxesha kusenokufuneka singavani nabantu esizalana nabo kuba sifuna ukuvuyisa uYehova.

Ngaba ukulungele ukuzenza zibe zezona zibalulekileyo kuwe izinto ezithandwa nguYehova nangamaxesha anzima? (Jonga isiqendu 11) e


12. Xa inkosikazi yakhe yayifuna ayeke ukufunda iBhayibhile, yintoni awayenzayo uAlexandru? Yintoni angazange ayenze?

12 Cinga ngento eyenzeka kuAlexandru nenkosikazi yakhe uDorina. Emva konyaka befunda iBhayibhile, uDorina wagqiba ekubeni ayeke, wafuna ukuyekisa noAlexandru. Kodwa ezolile, uAlexandru wamxelela ngobuchule ukuba yena akazukuyeka ukufunda iBhayibhile. Zange ayithande ke loo nto uDorina, ngoko wazama ukumyekisa ngenkani. UAlexandru uthi wazama ukusiqonda isizathu sokuba abe nje, kodwa kwakungekho lula. Ngamanye amaxesha xa uDorina emgxeka futhi emphendula krwada, wayeye afune ukuyeka ukufunda iBhayibhile. Sekunjalo, uAlexandru zange ayeke ukwenza uYehova abe ngoyena mntu ubalulekileyo ebomini bakhe, ngoxa wayembonisa nomfazi wakhe indlela amthanda namhlonipha ngayo. Ngenxa yendlela awayezenza kakuhle ngayo izinto uAlexandru, ekugqibeleni inkosikazi yakhe yaphinda yafunda iBhayibhile yaza yabhaptizwa.—Jonga ividiyo ethi UAlexandru NoDorina Văcar: “Uthando Lunomonde Yaye Lunobubele” kumanqaku akujw.org/xh athi “Inyaniso Iguqula Ubomi.”

13. Sinokubonisa njani ukuba siyamthanda uYehova neentsapho zethu?

13 NguYehova owalenzayo ilungiselelo leentsapho, futhi ufuna zonwabe. (Efe. 3:14, 15) Ukuba sikufuna nyhani ukonwaba, kufuneka senze izinto uYehova azifunayo. Qiniseka ukuba uYehova uyayixabisa into yokuba kubekho izinto ozincamayo ngenxa yokuba ufuna ukumkhonza, ngoxa ungayekanga ukuyikhathalela intsapho yakho, ukuyibonisa ukuba uyayithanda nokuyihlonipha.—Roma 12:10.

KHUTHAZA ABANYE BABE NJENGAMANAZIRI

14. Ngabaphi abona bantu simele sibakhuthaze?

14 Bonke abantu abakhonza uYehova namhlanje kufuneka kubekho izinto abakulungeleyo ukuzincama kuba bemthanda. Ngamanye amaxesha ayibi lula loo nto. Sinokuncedana njani ke ukuze sikwazi ukuba nezinto esizincama ngenxa kaYehova? Ngokuthetha izinto ezikhuthazayo. (Yobhi 16:5) Ebandleni lakho ngaba bakhona abantu abazama ukuphila ngezinto ezimbalwa ukuze bakwazi ukumsebenzela ngaphezu kokuba besenza uYehova? Bakhona abantwana obaziyo abanesibindi sokwahluka kwabanye abantwana esikolweni, nangona kungekho lula? Ngaba akhona amaKristu okanye abantu abafundelwa iBhayibhile, ekunokuba nzima ukuba bahlale bethembekile kuYehova kuba iintsapho zabo zingafuni bamkhonze? Masizimisele ukwenza konke esinokukwazi ukukwenza ukuze sibakhuthaze aba bantu, sibaxelele nendlela esibathanda ngayo ngenxa yesibindi abanaso nangenxa yezinto abazenzela uYehova.—Filem. 4, 5, 7.

15. Amanye amaKristu abancede njani abo bakwinkonzo yexesha elizeleyo?

15 Ngamanye amaxesha sinokuwanceda namaKristu akwinkonzo yexesha elizeleyo ngezinto azidingayo. (IMize. 19:17; Heb. 13:16) Le yinto awayefuna nyhani ukuyenza omnye udade okhulileyo waseSri Lanka. Imali yakhe yenkam-nkam yanyuka, waza wafuna ukunceda oodade ababini ababenengxaki yemali ukuze bahlale bengoovulindlela. Ngoko wazixelela ukuba qho ngenyanga uza kubanika imali yokubhatala iindleko zefowuni ababeyisebenzisa. Intle nyhani le nto yayisenziwa ngulo dade!

16. Yintoni esinokuyifunda kwilungiselelo lamaNaziri?

16 Ngokuqinisekileyo ininzi into esinokuyifunda kumaNaziri. Isifungo awasenzayo siphinda sisifundise nenye into ngoTata wethu osezulwini, uYehova. Uyasithemba ukuba sikufuna nyhani ukumvuyisa, nokuba sikulungele ukuba nezinto esizincamayo ukuze siphile ngokuvumelana nesifungo esasenzayo xa sasizinikela kuye. Ubonisa indlela asihlonipha ngayo ngokusivumela ukuba sizikhethele indlela yokumbonisa ukuba siyamthanda. (IMize. 23:15, 16; Marko 10:28-30; 1 Yoh. 4:19) Ilungiselelo lamaNaziri libonisa ukuba uYehova uyazibona izinto esizincamayo ukuze simkhonze, futhi uyayixabisa loo nto. Ngoko akwaba singazimisela ukuqhubeka sikhonza uYehova, sizinikele kuye ngamandla ethu onke.

KHAWUTSHO

  • Ziintoni ezenziwa ngamaNaziri ezazibonisa ukuzincama kwawo nokuba nesibindi?

  • Sinokukhuthazana njani ukuze sifane namaNaziri?

  • Ilungiselelo lamaNaziri libonisa njani ukuba uYehova uyabathemba abakhonzi bakhe?

INGOMA 124 Namathela KuYehova

a Nangona abanye abantu ababengamaNaziri bakhethwa nguYehova, kusenokwenzeka ukuba amaninzi yayingamaSirayeli awayezikhethele ukuba ngamaNaziri kangangexesha elithile.—Jonga ibhokisi ethi “ AmaNaziri Awakhethwa NguYehova.”

b Ngamanye amaxesha, iincwadi zethu ziye zafanisa amaNaziri nabantu abakwinkonzo yexesha elizeleyo. Kodwa kweli nqaku siza kubona ukuba yintoni enokwenziwa ngabo bonke abakhonzi bakaThixo ukuze bafane namaNaziri.

c Ngokuqhelekileyo, kubonakala ngathi yayingekho eminye imisebenzi ekwakufuneka yenziwe ngamaNaziri eyayinento yokwenza nesifungo asenzileyo.

d Jonga inqaku elithi “Senza Isigqibo Sokuphila Ngezinto Ezimbalwa” elikumanqaku athi “Amava amaNgqina KaYehova” kujw.org/xh.

e INGCACISO YOMFANEKISO: UmNaziri omi phezu kophahla ubukele umngcwabo womntu wakowabo. Isifungo asenzileyo asimvumeli ukuba asondele.