Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 8

INGOMA 123 Masithobele Ukhokelo LukaThixo

Qhubeka Umvumela UYehova Akukhokele

Qhubeka Umvumela UYehova Akukhokele

“Mna, Yehova, ndinguThixo wakho . . . Lowo ukukhokelela endleleni ofanele uhambe ngayo.”ISA. 48:17.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Eli nqaku liza kusinceda sibone indlela uYehova abakhokela ngayo abantu bakhe namhlanje nendlela okusinceda ngayo ukumvumela asikhokele.

1. Kutheni sikudinga ukukhokelwa nguYehova? Yenza umzekelo.

 KHAWUBE nombono wakho ulahleke ehlathini. Kwelo hlathi kukho izilwanyana zasendle, izityalo nezinambuzane eziyingozi, kukho nemingxuma onokutshona kuyo. Ungavuya kakhulu xa kunokubakho umntu oza kukukhokela, ozazi kakuhle iingozi ezikwelo hlathi noza kukunceda uziphephe! Eli hlabathi lifana nqwa nelo hlathi. Ligcwele ziingozi ezinokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakaThixo. Kodwa sinoyena Mntu unokusikhokela kakuhle, uYehova. Usinceda siziphephe ezi zinto ziyingozi aze asikhokele de siyokufumana ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha.

2. Usikhokela njani uYehova?

2 Usikhokela njani uYehova? Eyona nto ayisebenzisa kakhulu liLizwi lakhe, iBhayibhile. Kodwa uyabasebenzisa nabameli bakhe abangabantu. Ngokomzekelo, usebenzisa ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ukuze asinike izinto eziqinisa ukholo, neziza kusinceda senze izigqibo ezifanelekileyo. (Mat. 24:45) UYehova unawo namanye amadoda afanelekayo, nawasebenzisayo ukuze asikhokele. Ngokomzekelo, abaveleli beziphaluka nabadala bayasikhuthaza baze basinike nemiyalelo enokusinceda simelane namaxesha anzima. Simbulela nyhani uYehova ngokusikhokela kakuhle kule mihla yokugqibela kunzima ukuphila kuyo! Le ndlela asikhokela ngayo isinceda sihlale singabahlobo bakhe ukuze sonwabe ngoku nangonaphakade.

3. Yintoni esiza kuyifunda kweli nqaku?

3 Sekunjalo, ngamanye amaxesha kusenokuba nzima ukuvumela uYehova asikhokele, ngokukodwa xa sixelelwa ngamadoda anesono into esimele siyenze. Kutheni sisitsho? Kaloku sisenokungayithandi into athi masiyenze la madoda. Okanye sisenokucinga ukuba ayizukusebenza le nto asixelela yona, ngoko imele ukuba ayisuki kuYehova. Lelo xesha kanye ke ekufuneka siqiniseke ngalo ukuba nguYehova okhokela abantu bakhe, nokuba ukumvumela asikhokele kuza kusinceda. Ukuze siqiniseke kakhulu ngale nto, kweli nqaku siza kufunda ngendlela uYehova awayebakhokela ngayo abantu bakhe ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ngendlela asikhokela ngayo ngoku nangendlela okusinceda ngayo ukumvumela asikhokele.

UYehova ebesoloko esebenzisa abantu ukuze akhokele abantu bakhe (Jonga isiqendu 3)


UYEHOVA WAYEWAKHOKELA NJANI AMASIRAYELI?

4-5. Yintoni eyenziwa nguYehova ebonisa ukuba wayesebenzisa uMoses ukuze akhokele amaSirayeli? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

4 UYehova wakhetha uMoses ukuba akhokele amaSirayeli xa ayephuma eYiputa. Wenza kwacaca ukuba ayekhokelwa nguye esebenzisa uMoses. Ngokomzekelo, wayewakhokela ngomqulu welifu emini, ebusuku ngowomlilo. (Eks. 13:21) UMoses walandela umqulu owakhokelela yena namaSirayeli kuLwandle Olubomvu. Abantu babona ngathi bavaleleke phakathi kolwandle nomkhosi wamaYiputa owawubaleqa baza boyika kakhulu. Babecinga ukuba uMoses wenze impazamo ngokubasa kuLwandle Olubomvu. Kodwa wayengaphazamanga. Kaloku uYehova wabasa ngabom apho esebenzisa uMoses. (Eks. 14:2) Emva koko wabasindisa ngeyona ndlela imangalisayo.—Eks. 14:26-28.

UMoses wayencedwa ngumqulu welifu ukuze akhokele abantu bakaThixo entlango (Jonga isiqendu 4-5)


5 Kangangeminyaka eyi-40 emva koko, xa uMoses wayekhokela abantu bakaThixo entlango, wayeqhubeka elandela umqulu welifu. a UYehova wayekhe wawubeka entla kwentente kaMoses, apho wawunokubonwa ngawo onke amaSirayeli. (Eks. 33:7, 9, 10) UYehova wathetha noMoses ekumqulu welifu waza yena uMoses waxelela abantu izinto ababeziyalelwa nguYehova. (INdu. 99:7) Loo nto yawenza avuleka amehlo amaSirayeli, atsho abona ukuba ayekhokelwa nguYehova, esebenzisa uMoses.

UMoses noYoshuwa owakhokela emva kwakhe (Jonga isiqendu 5, 7)


6. Ngaba amaSirayeli avuma ukukhokelwa nguYehova? Cacisa. (Numeri 14:2, 10, 11)

6 Okubuhlungu kukuba amaSirayeli amaninzi zange abuhoye ubungqina obabucacile, obabubonisa ukuba uYehova wayesebenzisa uMoses ukuze awakhokele. (Funda iNumeri 14:2, 10, 11.) Ayesoloko engayamkeli loo nto. Ngoko uYehova zange awavumele ukuba angene kwiLizwe Lesithembiso.—Num. 14:30.

7. Ngoobani abavumayo ukukhokelwa nguYehova? (Numeri 14:24) (Jonga nomfanekiso.)

7 Amanye amaSirayeli avuma ukukhokelwa nguYehova. Ngokomzekelo, uYehova wathi: “UKalebhi . . . waqhubeka endilandela ngentliziyo yakhe yonke.” (Funda iNumeri 14:24.) UThixo wamsikelela uKalebhi, wade wavuma ukuba akhethe indawo awayefuna ukuhlala kuyo kwiLizwe Lesithembiso. (Yosh. 14:12-14) NamaSirayeli awayeza kungena kwiLizwe Lesithembiso amvumela uYehova wawakhokela. Emva koMoses amaSirayeli akhokelwa nguYoshuwa. “Amhlonipha kakhulu yonke imihla yobomi bakhe.” (Yosh. 4:14) Ngenxa yaloo nto, uYehova wawasikelela ngokuwanika ilizwe awayewathembise lona.—Yosh. 21:43, 44.

8. UYehova wayebakhokela njani abantu bakhe ngemihla yookumkani? (Jonga nomfanekiso.)

8 Kwiminyaka eyalandelayo, uYehova wamisela abagwebi ukuba bakhokele abantu bakhe. Emva koko, xa kwakulawula ookumkani kwaSirayeli, uYehova wakhetha abaprofeti ukuba bakhokele abantu bakhe. Ookumkani ababethembekile babezenza izinto ababezicetyiswa ngabaprofeti. Ngokomzekelo, uKumkani uDavide wavuma ukulungiswa ngumprofeti uNatan. (2 Sam. 12:7, 13; 1 Kron. 17:3, 4) UKumkani uYehoshafati wavuma ukukhokelwa ngumprofeti uYahaziyeli waza wakhuthaza nabantu bakwaYuda ukuba ‘bakholwe kubaprofeti bakaThixo.’ (2 Kron. 20:14, 15, 20) Xa kwakunzima kuye, uKumkani uHezekiya wacela uncedo kumprofeti uIsaya. (Isa. 37:1-6) Qho xa ookumkani babevuma ukukhokelwa nguYehova, wayebasikelela aze akhusele namaSirayeli. (2 Kron. 20:29, 30; 32:22) Bonke abantu babemele babone ukuba uYehova usebenzisa abaprofeti ukuze ekhokele abantu bakhe. Kodwa uninzi lookumkani namaSirayeli aluzange lubamamele abaprofeti bakaYehova.—Yer. 35:12-15.

UKumkani uHezekiya nomprofeti uIsaya (Jonga isiqendu 8)


UYEHOVA WAYEWAKHOKELA NJANI AMAKRISTU OKUQALA?

9. UYehova wasebenzisa bani ukuze akhokele amaKristu okuqala? (Jonga nomfanekiso.)

9 NgePentekoste ka-33 C.E., uYehova wamisela ibandla lamaKristu. Wayewakhokela njani? Wamisela uYesu ukuba abe yintloko yebandla. (Efe. 5:23) Kodwa uYesu wayengayi ngokwakhe kubafundi aze abaxelele into amabayenze, wayebakhokela esebenzisa abapostile nabadala baseYerusalem. (IZe. 15:1, 2) Kwamiselwa nabadala ababeza kukhokela amabandla.—1 Tes. 5:12; Tito 1:5.

Abapostile nabadala baseYerusalem (Jonga isiqendu 9)


10. (a) Ngaba amaKristu okuqala ayamkela indlela awayekhokelwa ngayo nguYehova? (IZenzo 15:30, 31) (b) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kwakutheni ukuze abanye bangavumi ukumamela abantu ababesetyenziswa nguYehova? (Jonga ibhokisi ethi “ Kutheni Abanye Bengabamkelanga Ubungqina Obucacileyo?”)

10 Ngaba amaKristu okuqala ayamkela indlela awayekhokelwa ngayo? Amaninzi kuwo yayiwavuyisa imiyalelo awayeyifumana futhi ayeyithobela engaqhutywa mntu. Phofu, ‘ayevuya kuba ayekhuthazwa.’ (Funda iZenzo 15:30, 31.) Kula maxesha ethu, uYehova ebebakhokela njani abantu bakhe?

 

UYEHOVA USIKHOKELA NJANI NAMHLANJE?

11. UYehova ubasebenzise njani abazalwana abakhokelayo kule mihla?

11 UYehova usabakhokela nanamhlanje abantu bakhe. Usebenzisa iLizwi lakhe noNyana wakhe oyintloko yebandla. Ikhona into ebonisa ukuba nakule mihla yethu, uYehova uye waqhubeka esebenzisa abantu? Ikhona. Ngokomzekelo, khawucinge ngento eyenzeka emva kuka-1870. UCharles Taze Russell nabahlobo bakhe baqalisa ukuyiqonda into yokuba u-1914 wayeza kuba ngunyaka obalulekileyo kuBukumkani BukaThixo. (Dan. 4:25, 26) Ziziprofeto zeBhayibhile ezabenza bafikelela kweso sigqibo. Ngaba babencedwa nguYehova xa babephanda? Kucacile ukuba babekhokelwa nguye. Izinto ezazisenzeka ngo-1914 zazibonisa ukuba uBukumkani BukaThixo sebuqalisile ukulawula. Kwaqalisa Imfazwe Yehlabathi I, emva kwayo yazizifo ezingubhubhani, iinyikima nendlala. (Luka 21:10, 11) Ngokuqinisekileyo uYehova wayesebenzisa loo madoda anyanisekileyo ukuze ancede abantu bakhe.

12-13. Ukuze kuncedwe abantu abaninzi bafunde ngoYehova, ziintoni ezaye zenziwa ngeMfazwe Yehlabathi II?

12 Khawucinge nangento eyenzeka ngeMfazwe Yehlabathi II. Abazalwana ababekhokela nababekwikomkhulu lehlabathi baphanda ngento ethethwa siSityhilelo 17:8. Bafumanisa ukuba loo mfazwe yayingazukukhokelela kwiArmagedon. Ngoko babesazi ukuba kwakuza kukhe kubekho uxolo emva kwayo, atsho amaNgqina KaYehova akwazi ukushumayela kubantu abaninzi. Intlangano kaYehova yamisela iKholeji YeBhayibhile YeWatchtower YaseGiliyadi, b eyayiza kuqeqesha abathunywa bevangeli ukuze bashumayele baze bafundise kumazwe asemhlabeni wonke. Ngelo xesha, le nto yayibonakala ngathi ayizukusebenza. Kwathunyelwa abavangeli emazweni kungekapheli naloo mfazwe. Enye into elayenzayo ikhoboka elithembekileyo kukulungiselela iZifundo Zobulungiseleli Zobuthixo, c ukuze kuqeqeshwe bonke abavakalisi emabandleni, batsho bakwazi ukushumayela nokufundisa kakuhle. Zonke ezi zinto zazisenzelwa ukunceda abantu bakaThixo bawulungele umsebenzi owawuseza kwenziwa.

13 Xa sicinga ngaloo minyaka yayinzima, siyabona ukuba uYehova wayebakhokela abantu bakhe. Ukususela ngeMfazwe Yehlabathi II, abantu bakaYehova baye bashumayela ngokukhululekileyo kumazwe amaninzi. Abantu abaninzi baye bamazi uYehova. Sithetha nje, abakhonzi bakhe bashumayela emhlabeni wonke.

14. Kutheni sinokuyithemba imiyalelo esuka kwintlangano kaYehova nakubadala abamiselweyo? (ISityhilelo 2:1) (Jonga nomfanekiso.)

14 Nanamhlanje abazalwana abakwiQumrhu Elilawulayo bahlala bemcela uKristu ukuba abakhokele. Bafuna kubonakale ukuba imiyalelo abayinika abazalwana noodade ivela kuYehova noYesu. Basebenzisa abaveleli beziphaluka nabadala ukuba bayidlulisele emabandleni. d Abadala abathanjisiweyo nabo bonke abadala abasemabandleni ‘basesandleni sasekunene’ sikaKristu. (Funda iSityhilelo 2:1.) Ewe kona, bonke aba badala banesono, bayazenza iimpazamo. UMoses, uYoshuwa nabapostile, nabo babekhe baphazame. (Num. 20:12; Yosh. 9:14, 15; Roma 3:23) Sekunjalo, uKristu ulikhokela kakuhle ikhoboka elithembekileyo nabadala abamiselweyo. Uza kuqhubeka ebakhokela “yonke imihla de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.” (Mat. 28:20) Ngoko sinezizathu ezivakalayo zokuyithemba indlela asikhokela ngayo, esebenzisa abazalwana abamiselweyo.

IQumrhu Elilawulayo lale mihla (Jonga isiqendu 14)


KUYASINCEDA UKUVUMELA UYEHOVA ASIKHOKELE

15-16. Ufunda ntoni kubantu abavumele uYehova ukuba abakhokele?

15 Xa sihlala simvumela uYehova ukuba asikhokele, loo nto iye isincede kwangoku. Ngokomzekelo, uAndy nenkosikazi yakhe, uRobyn, bayenza into ecetyiswa likhoboka elithembekileyo yokuphila ngezinto ezimbalwa. (Heb. 13:5) Loo nto ibenze bakwazi ukuncedisa kumsebenzi wokwakha izakhiwo zentlangano. URobyn uthi: “Besiye sifumane iindawo zokuhlala ezincinci kakhulu. Amaxesha amaninzi, beziye zingabi nalo nekhitshi. Nangona ndandikuthanda nyhani ukufota, kwafuneka ndizithengise iikhamera ezininzi endandinazo nezinye izinto zam zokufota. Ndakhala xa ndandizithengisa. Kodwa njengomfazi ka-Abraham, uSara, ndazixelela ukuba andizukujika kule nto ndandizimisele ukuyenza.” (Heb. 11:15) Ngaba uAndy noRobyn bayazisola ngezigqibo abazenzileyo? URobyn uthi: “Sonwabe kakhulu kuba siyazi ukuba simkhonza ngamandla ethu onke uYehova. Xa sisenza imisebenzi yentlangano, sitsho sibone indlela ekuza kuba mnandi ngayo kwihlabathi elitsha.” UAndy uyavumelana noRobyn. Uthi: “Kusivuyisa nyhani ukunikela ngalo lonke ixesha namandla esinawo kuYehova.”

16 Yeyiphi enye indlela esincedakala ngayo xa sihlala sivuma ukukhokelwa nguYehova? Emva kokuba egqibile ukufunda esikolweni samabanga aphakamileyo, uMarcia wayefuna nyhani ukuyenza into awayeyicetyisiwe yokuba nguvulindlela. (Mat. 6:33; Roma 12:11) Uthi: “Ndafumana ibhasari yokufunda iminyaka eyi-4 eyunivesithi. Kodwa mna ndandifuna ukusebenzela uYehova. Ngoko endaweni yokuba ndiye eyunivesithi, ndafundela umsebenzi owawuza kundinika imali eyaneleyo neyayiza kundinceda xa ndinguvulindlela. Esi yayisesinye sezona zigqibo zifanelekileyo endakhe ndazenza. Ngoku ndinguvulindlela owonwabileyo, nomsebenzi wam uyandivumela ukuba ndimane ndincedisa eBheteli ndize ndisebenzele uYehova nangezinye iindlela ezindivuyisayo.”

17. Zeziphi ezinye iindlela esincedakala ngazo xa sihlala sivumela uYehova asikhokele? (Isaya 48:17, 18)

17 Ngamanye amaxesha intlangano kaYehova isinika amacebiso asinceda singayithandi imali, singazenzi nezinto angazifuniyo uYehova. Nakwezi zinto, kuyasinceda ukuvumela uYehova asikhokele. Asityiwa sisazela, siyaziphepha neengxaki ezininzi. (1 Tim. 6:9, 10) Loo nto inokusenza simkhonze ngeentliziyo zethu zonke uYehova size sivuye kakhulu, sibe nalo noxolo.—Funda uIsaya 48:17, 18.

18. Kutheni uzimisele ukuhlala umvumela uYehova akukhokele?

18 Siqinisekile ukuba uYehova uza kuqhubeka esebenzisa abantu xa esikhokela ngentlungu engathethekiyo nakwimiNyaka Eliwaka Yokulawula KukaKristu. (INdu. 45:16) Ngaba siza kuhlala sizenza izinto athi masizenze, nokuba asizithandi ezinye zazo? Loo nto iza kuxhomekeka ekubeni siyamthobela na ngoku. Ngoko masihlale sivumela uYehova ukuba asikhokele, sizenze nezinto esizixelelwa ngamadoda awakhethileyo ukuba asigade. (Isa. 32:1, 2; Heb. 13:17) Masingayeki ukumthemba uYehova, ongoyena Mntu usikhokela kakuhle, kuba uza kusinceda siziphephe iingozi ezinokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakhe aze asikhokele de siyokufumana ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha.

KHAWUTSHO

  • UYehova wayewakhokela njani amaSirayeli?

  • UYehova wayewakhokela njani amaKristu okuqala?

  • Kusinceda njani namhlanje ukuvumela uYehova asikhokele?

INGOMA 48 Hamba NoYehova Yonke Imihla

a UYehova wakhetha nengelosi “eyayihamba phambi kweqela lamaSirayeli,” iwakhokelela kwiLizwe Lesithembiso. Kuyabonakala ukuba loo ngelosi yayinguMikayeli, indlela awayebizwa ngayo uYesu ngaphambi kokuba aze emhlabeni.—Eks. 14:19; 32:34.

b Ngoku ibizwa ngokuba siSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi.

c Ekuhambeni kwexesha zabizwa ngokuba siSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Ngoku siyifundiswa kwiintlanganiso zaphakathi evekini indlela yokushumayela nokufundisa.

d Jonga ibhokisi ethi “Umsebenzi WeQumrhu ElilawulayokwiMboniselo kaFebruwari 2021, iphe. 18.