Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abazalwana Ababini Abatsha BeQumrhu Elilawulayo

Abazalwana Ababini Abatsha BeQumrhu Elilawulayo

NGOLWESITHATHU, nge-18 kaJanuwari, 2023, kwenziwa isaziso esikhethekileyo ku-jw.org, esasichaza ukuba umzalwana uGage Fleegle noJeffrey Winder baye bamiselwa ukuba babe kwiQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Bobabini aba bazalwana bamkhonze ngokuthembeka uYehova iminyaka emininzi.

UGage Fleegle nenkosikazi yakhe uNadia

Umzalwan’ uFleegle wakhulela kwintshona yePennsylvania, eMerika, ekhuliswa ngabazali abamoyikayo uThixo. Xa wayesemtsha, intsapho yakhe yafudukela kwilali encinci apho kwakufuneka abavakalisi abaninzi. Kungadlulanga xesha lide, waye wabhaptizwa nge-20 kaNovemba, 1988.

Abazali bakaMzwalwan’ uFleegle babesoloko bemkhuthaza ukuba abe kwinkonzo yexesha elizeleyo. Babesoloko besamkela abaveleli beziphaluka nabazalwana noodade baseBheteli ekhayeni labo. UMzalwan’ uFleegle wayesoloko eyibona indlela aba bazalwana noodade abonwabe ngayo. Zange kudlule xesha lide emva kokuba ebhaptiziwe, waba nguvulindlela othe ngxi nge-1 kaSeptemba, 1989. Emva kweminyaka emibini wenza la nto wayezimisele ukuyenza xa wayena-12, waya kukhonza eBheteli. Ngo-Oktobha 1991 waqalisa ukukhonza kwiBheteli yaseBrooklyn.

Xa wayeseBheteli, uMzalwan’ uFleegle wasebenza iminyaka eyi-8 kwindawo enomatshini wokudibanisa iincwadi, emva koko kwathiwa makayokusebenza kwiSebe leNkonzo. Kwiminyaka embalwa, wakhonza kwibandla lesiRashiya. Ngo-2006 watshata noNadia owaya kukhonza naye eBheteli, baye bakhonza kunye kwintsimi yesiPhuthukezi, yaye kwiminyaka engaphezu kweyi-10 bakhonza kwintsimi yesiSpanish. Emva kweminyaka emininzi esebenza kwiSebe leNkonzo, uMzalwan’ uFleegle kwathiwa makaye kusebenza kwiOfisi yeKomiti Yokufundisa emva koko wasebenza kwiOfisi yeKomiti yeNkonzo. NgoMatshi 2022 wamiselwa ukuba ancedise kwiKomiti yeNkonzo yeQumrhu Elilawulayo.

UJeffrey Winder nenkosikazi yakhe uAngela

UMzalwana uWinder wakhulela eMurrieta, eCalifornia, eMerika. Abazali bakhe bamkhulisela enyanisweni, waza nge-29 kaMatshi, 1986 wabhaptizwa. Kwinyanga elandelayo waba nguvulindlela ongumncedani. Wakonwabela kakhulu ukuba nguvulindlela kangangokuba wafuna ukuqhubeka. Emva kweenyanga enguvulindlela ongumncedani waye wanguvulindlela othe ngxi nge-1 kaOktobha, 1986.

Xa wayesemtsha uMzalwan’ uWinder watyelela oobhuti bakhe ababini ababeseBheteli ngelo xesha. Ukuya kubona oobhuti bakhe eBheteli, kwamenza wafuna ukuya kukhonza eBheteli xa emdala. NgoMeyi 1990, waye wamenywa ukuba ayokukhonza kwiBheteli eseWallkill.

EBheteli uMzalwan’ uWinder wasebenza kumasebe ahlukeneyo, amanye awo iliSebe lokuKlina, iFama neOfisi yaseBheteli. Ngo-1997 watshata noAngela. Ukususela ngoko baye bakhonza kunye eBheteli. Ngo-2014 bathunyelwa eWarwick, apho uMzalwan’ uWinder wayesebenza kwisakhiwo sekomkhulu lehlabathi. Ngo-2016 baya kwiZiko leMfundo leWatchtower, ePatterson, apho uMzalwan’ uWinder wasebenza kwiSebe leAudio Video. Emva kwiminyaka eyi-4 baphinda bathunyelwa eWarwick apho uMzalwan’ uWinder wasebenza kwiOfisi yeKomiti yabaSebenzi. NgoMatshi 2022 waye wamiselwa ukuba ancedise kwiKomiti yabaSebenzi yeQumrhu Elilawulayo.

Sithandazela ukuba uYehova azisikelele ‘ezi zipho zingabantu’ njengoko ziqhubeka zibusebenzela nzima uBukumkani.—Efe. 4:8.