Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Kutheni eBhayibhileni kukho izinto eziphinda-phindiweyo?

ABABHALI beBhayibhile ngamanye amaxesha babedla ngokuphinda-phinda amazwi njengokuba enjalo. Ukuze wazi ukuba kwakutheni, khawujonge ezi zizathu zithathu zilandelayo:

Ixesha eyabhalwa ngalo loo ncwadi. Ngexesha lamaSirayeli, abantu abaninzi babengenazo ikopi zoMthetho. UMthetho babedla ngokuwuva xa bewufundelwa bedibene kwintente engcwele. (Dut. 31:10-12) Inoba babephazamiseka kuba babesima ixesha elide bemamele, kukho nabantu abaninzi. (Neh. 8:2, 3, 7) Xa kunjalo, ukumane kuphinda-phindwa izibhalo kwakuza kubenza bazikhumbule lula baze bakwazi ukuzisebenzisa. Babeza kuncedakala nakakhulu xa kukho amazwi aphinda-phindwayo ukuze bangayilibali imithetho kaThixo nezigwebo zakhe.—Lev. 18:4-22; Dut. 5:1.

Indlela ekwakubhalwa ngayo. EBhayibhileni kukho iincwadi ezimbalwa ezineengoma, njengeeNdumiso, iNgoma yazo iiNgoma, neZililo. Ngamanye amaxesha, ezi ngoma zaziba namazwi aphinda-phindwayo. Loo nto yayiwenza ucace umxholo wazo baze nabantu abazimameleyo bazibambe. Ngokomzekelo, khawujonge amazwi akwiNdumiso 115:9-11, athi: “Owu Sirayeli, thembela ngoYehova—uluncedo lwakho nekhaka lakho. Owu ndlu ka-Aron, thembela ngoYehova—uluncedo lwakho nekhaka lakho. Nina enoyika uYehova, thembelani ngoYehova—uluncedo lwenu nekhaka lenu.” Ukuphinda-phinda la mazwi kwakuza kunceda abantu abaculayo bangazilibali ezi zinto zibaluleke kangaka.

Isizathu sokuba ibhalwe. Ngamanye amaxesha, ababhali beBhayibhile babeziphinda-phinda izinto ezibalulekileyo. Ngokomzekelo, xa uYehova wayeyalela amaSirayeli ukuba angalityi igazi, waxelela uMoses ukuba amane esiphinda-phinda isizathu. UThixo wayefuna abantu bayiqonde kakuhle into yokuba ubomi bayo nantoni na ephilayo ligazi layo. Loo nto ithetha ukuba igazi limela ubomi. (Lev. 17:11, 14) Ekuhambeni kwexesha, xa abapostile nabadala baseYerusalem babechaza izinto abantu abamele baziphephe ukuze bangamkhathazi uThixo, bathetha ngendlela ekubaluleke ngayo ukuba baliphephe igazi.—IZe. 15:20, 29.

Nangona iBhayibhile imane iwaphinda-phinda amanye amazwi, loo nto ayithethi ukuba uYehova ufuna siyenze isiqhelo into yokumane siphinda-phinda amazwi aseBhayibhileni. Ngokomzekelo, uYesu wathi: “Uze ungaphinda-phindani nento enye xa uthandaza.” (Mat. 6:7) Emva koko waye wasichazela nezinto ezifanelekileyo esinokuzithandazela ezikukuthanda kukaThixo. (Mat. 6:9-13) Siyabona ke ukuba nangona singamele siphinda-phindane namazwi afanayo xa sithandaza, singakwazi ukuthandaza ngezinto ezifanayo.Mat. 7:7-11.

Kukho izizathu ezibalulekileyo ezenza ukuba iBhayibhile iwaphinda-phinde amanye amazwi. Le yenye yeendlela ezininzi uMyaleli Ozukileyo wethu asifundisa ngazo izinto eziza kusinceda.—Isa. 48:17, 18.