Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICEBISO LEZINTO ONOKUZIFUNDA

Fumana Ubuncwane ObuseBhayibhileni Onokubusebenzisa

Fumana Ubuncwane ObuseBhayibhileni Onokubusebenzisa

Xa sifunda iBhayibhile, sinokukhangela ubuncwane obuseBhayibhileni ngokuphanda. Kodwa singenza njani ukuze isincede nyhani le nto?

Ziphandisisise izinto eziseBhayibhileni. Ngokomzekelo, zama ukuqonda ukuba yabhalwa ngubani le nto uyifundayo? Wayibhala nini? Wayeyibhalela bani? Kwakusenzeka ntoni? Kwakwenzeke ntoni ngaphambi kokuba ayibhale? Kwenzeka ntoni emva kokuba eyibhalile?

Cinga ngezinto onokuzifunda ngokuzibuza imibuzo enjengethi: ‘Babeziva njani aba bantu ndifunda ngabo? Babeneempawu ezinjani? Kutheni kufuneka ndizilinganise okanye ndiziphephe ezo mpawu?’

Zenze izinto ozifundayo, mhlawumbi entsimini okanye kwindlela obaphatha ngayo abanye abantu. Xa usenza le nto, uza kuba nobulumko obuvela kuThixo kuba neBhayibhile ithi: “Nabani na osisilumko uza kuziqaphela ezi zinto.”—INdu. 107:43.

  • Icebiso: Kwiintlanganiso zaphakathi evekini kukho indawo ethi Ubutyebi Obuphuma Elizwini LikaThixo. Jonga indlela le ndawo esinceda ngayo sicinge ngendlela esinokuzenza ngayo izinto esizifundayo. Kudla ngokubakho nemibuzo esinokuzibuza yona, izinto esinokucingisisa ngazo nemifanekiso esinokuyijonga.