Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

Ukungabi Namandla Kwam Kuwenze Abonakala Amandla KaThixo

Ukungabi Namandla Kwam Kuwenze Abonakala Amandla KaThixo

XA MNA nenkosikazi yam safikayo eColombia ngo-1985, kwakugcwele ubundlobongela obungazange babonwa ngaphambili. Kwiidolophu urhulumente wayesilwa namashishini athengisa iziyobisi nawayenamandla, kanti ezintabeni wayesilwa namajoni angabavukeli. Ekuhambeni kwexesha saya kukhonza Medellín. Abafana balapho babezula ezitratweni bephethe imipu. Babethengisa iziyobisi, bebhatalwa imali ngabantu ukuze bangabonzakalisi, naxa umntu efuna ukubulala omnye wayeqesha bona. Akukho namnye kubo owayephila ixesha elide. Kwakungathi siphila komnye nje umhlaba.

Abantu ababini abaqhelekileyo baseFinland, elinye lawona mazwe asemntla, babebekwa yintoni eMzantsi Merika? Njengoko iminyaka ihamba, ziintoni endizifundileyo?

UKUKHULA KWAM EFINLAND

Ndazalwa ngo-1955. Ndingoyena umncinci kunoobhuti bam ababini. Ndakhulela kwidolophu ekuthiwa yiVantaa, engakunxweme olusemzantsi weFinland.

Kwiminyaka embalwa ngaphambi kokuba ndizalwe, umama wabhaptizwa, waliNgqina likaYehova. Kodwa utata wayengayithandi inyaniso, ngoko wayengamvumeli umama ukuba asifundise iBhayibhile okanye aye nathi kwiintlanganiso. Wayesithi utata akungabikho, umama asifundise iimfundiso ezilula zeBhayibhile.

Ndamela uYehova ndisena-7

Ndaqala ndisemncinci ukumela uYehova. Ngokomzekelo, xa ndandina-7 utitshalakazi wam waba nomsindo kuba ndandingavumi ukutya iipancakes ezenziwe ngegazi. Ngesinye isandla wandiminxa izidlele ukuze kuvuleke umlomo, ngesinye wayephethe ifolokhwe, ezama ukundifunza ngenkani. Ndayibetha yaphuncuka esandleni sakhe loo folokhwe.

Xa ndandina-12 utata wasweleka. Emva koko ndaye ndakwazi ukuya kwiintlanganiso. Abazalwana babenobubele kum yaza loo nto yandinceda ndaya ndimthanda uYehova. Ndaqalisa ukufunda iBhayibhile yonk’ imihla, ndakukhuthalela nokufunda iincwadi zethu ezithetha ngayo. Ngenxa yaloo nto, ndabhaptizwa ndina-14, nge-8 ka-Agasti 1969.

Ukugqiba kwam isikolo, ndaba nguvulindlela othe ngxi. Emva kweeveki ezimbalwa ndaya kukhonza ngakumbindi weFinland, ePielavesi, apho kwakudingeka abavakalisi abaninzi.

Ndayibona apho ke intombi eyayiza kuba yinkosikazi endiyithandayo, uSirkka. Eyona nto yandenza ndamthanda kakhulu kukuba wayethobekile, emthanda kakhulu noYehova. Wayengengomntu uthanda izinto okanye udumo. Sobabini sasifuna ukumsebenzela ngamandla ethu onke uYehova, singenangxaki nokuba ngowuphi umsebenzi wakhe esasicelwa ukuba siwenze. Nge-23 kaMatshi 1974 satshata. Endaweni yokuba siye kwihoneymoon, saya kukhonza eKarttula, apho babedingeka nakakhulu abavakalisi boBukumkani.

Indlu esasiyirenta eKarttula, eFinland

UYEHOVA WASINIKA INTO ESASIYIDINGA

Imoto esayishiyelwa ngumkhuluwa wam

UYehova wasibonisa sisand’ ukutshata ukuba xa uBukumkani bakhe buyeyona nto ibalulekileyo kuthi, uza kusinika izinto esizidingayo. (Mat. 6:33) Ngokomzekelo, eKarttula sasingenamoto. Ekuqaleni sasiye sihambe ngebhayisekile. Kodwa ebusika ingqele yayiye iqhaqhazelise amazinyo. Kwakufuneka imoto ukuze sikwazi ukushumayela kwintsimi eyayinkulu yebandla esasikulo. Kodwa sasingenayo imali.

Singalindelanga, seza kubonwa ngumkhuluwa wam. Wasipha imoto yakhe, wabe sele eyibhatele neinshorensi. Into ekwakufuneka siyenze thina yayikukugalela nje ipetroli. Sasiyifumene imoto esasiyidinga.

UYehova wasibonisa ukuba ngumsebenzi wakhe ukusinika izinto esizidingayo. Into eyayifuneka kuthi yayikukwenza uBukumkani bakhe bube yeyona nto ibalulekileyo kuthi.

UKUYA KWISIKOLO SASEGILIYADI

Iklasi yethu yeSikolo Senkonzo Yobuvulindlela ngo-1978

Ngo-1978 xa sasikwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela, omnye wootitshala bethu, uRaimo Kuokkanen, a wasikhuthaza ukuba sifake isicelo sokuya kwiSikolo SaseGiliyadi. Ngoko ukuze sifaneleke, saye saqalisa ukufunda ukuthetha isiNgesi. Kodwa sathi singekasifaki isicelo, ngo-1980 sacelwa ukuba siyokukhonza kwiofisi yesebe yaseFinland. Ngelo xesha, xa ukhonza eBheteli wawungavumelekanga ukufaka isicelo sokuya eGiliyadi. Kodwa sasifuna ibe nguYehova osikhethela apho simele sikhonze khona. Ngoko savuma ukuya kwiofisi yesebe. Kodwa zange siyeke ukufunda ukuthetha isiNgesi, sisenzela xa kunokuvela ithuba lokufaka isicelo sokuya eGiliyadi.

Emva kweminyaka embalwa, iQumrhu Elilawulayo laye labavumela abo bakhonza eBheteli ukuba bafake isicelo sokuya eGiliyadi. Sakhawuleza sifaka isicelo, kodwa loo nto sasingayenzi kuba singonwabanga eBheteli. Sasonwabile nakhona! Eyona nto sasiyifuna yayikukukhonza apho sasidingeka kakhulu khona, ukuba siyafaneleka. Samkelwa eGiliyadi saza sakwiklasi ye-79, eyagqiba ngoSeptemba 1985. Sathunyelwa eColombia.

ISABELO SETHU SOKUQALA SINGABATHUNYWA BEVANGELI

Ukufika kwethu eColombia, saye sasebenza kwiofisi yesebe. Ndandiwenza ngamandla am onke umsebenzi endandiwunikiwe, kodwa emva konyaka ndabona ngathi kuza kufuneka ndenze omnye. Ndandiqala, ndabe ndigqibelisile ebomini bam ukucela ukutshintsha isabelo endisinikiweyo. Emva koko sathunyelwa kwidolophu yaseNeiva, ekummandla waseHuila, ukuba siyokuba ngabathunywa bevangeli.

Bendisoloko ndikuthanda ukushumayela. Ndingekatshati, xa ndandinguvulindlela eFinland, ndandidla ngokuqala ekuseni ukushumayela, ndiyeke ebusuku. Naxa sasisand’ ukutshata sinoSirkka, sasishumayela imini yonke. Xa sishumayela kwimihlaba eyayikude nalapho sasihlala khona, ngamany’ amaxesha sasidla ngokulala emotweni. Loo nto yayisinceda siqale kwangoko entsimini ngosuku olulandelayo.

Xa sasingabathunywa bevangeli, saphinda sayikhuthalela ngala ndlela sasiyikhuthalele ngayo intsimi. Ibandla lethu lakhula. Abazalwana noodade baseColombia babenembeko, bebathanda abantu, bezixabisa nezinto abazenzelwayo.

AMANDLA OMTHANDAZO

Ayengekho amaNgqina kwiidolophu ezazikufutshane nalapho sasishumayela khona, eNeiva. Ndandizibuza ukuba abantu balapho baza kuzifumana njani iindaba ezilungileyo. Kodwa ngenxa yeemfazwe zabavukeli, umntu owayengenguye owalapho wayengakhuselekanga. Ngoko ndandithandazela ukuba kwenye yezo dolophu kubekho nokuba linye iNgqina. Ndandicinga ukuba loo mntu kufuneka ahlale eNeiva ukuze afunde inyaniso. Ngoko ndaye ndathandazela nokuba, emva kokuba ebhaptiziwe loo mntu, lwaqina ukholo lwakhe, agoduke ayokushumayela kwidolophu yakowabo. Zange ndazi ukuba uYehova wayesele enendlela ebhetele awayeza kubanceda ngayo abantu bezo dolophu.

Kungabanga xesha lide emva koko, ndafundela omnye umfana, onguFernando González iBhayibhile. Wayehlala eAlgeciras, enye yeedolophu ezazingenamaNgqina. Wayehamba iikhilomitha ezingaphezu kweziyi-50 esiya emsebenzini eNeiva. Qho xa siza kufunda wayelungiselela kakuhle. Zange kumthathe xesha lide nokuya kuzo zonke iintlanganiso. Kwiveki yokuqala ndimfundela, wayedla ngokuqokelela abantu bakula dolophu yakowabo, abafundise izinto azifundileyo eBhayibhileni.

Ndim noFernando ngo-1993

UFernando wabhaptizwa ngoJanuwari 1990, emva kweenyanga eziyi-6 ndimfundela. Emva koko, waba nguvulindlela othe ngxi. Ngenxa yokuba kwakukho iNgqina elinye eAlgeciras, iofisi yesebe yatsho yakwazi ukuthumela oovulindlela abakhethekileyo. NgoFebruwari 1992, kwaye kwamiselwa ibandla.

Ngaba uFernando washumayela kwidolophu yakowabo yodwa? Zange! Emva kokuba etshatile, yena nenkosikazi yakhe bafudukela kwenye idolophu eyayingenamaNgqina, iSan Vicente del Caguán. Apho baye banceda ekubeni kubekho ibandla. Ngo-2002, uFernando waba ngumveleli wesiphaluka. Yena nenkosikazi yakhe, uOlga, basenza loo msebenzi nanamhlanje.

Le nto yandifundisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba xa sithandaza, sithethe noYehova ngezinto ezinento yokwenza nezabelo zethu. UYehova uye azenze izinto esingakwaziyo ukuzenza. Kaloku umsebenzi esiwenzayo ayingowethu, ngowakhe.​—Mat. 9:38.

UYEHOVA USENZA SIBE “NOMNQWENO NAMANDLA”

Ngo-1990, saba kumsebenzi wesiphaluka. Isiphaluka sethu sokuqala sasikwidolophu elikomkhulu, iBogotá. Sasiziva sibancinci ukuba singakwazi ukwenza lo msebenzi. Kaloku mna nenkosikazi yam singabantu njee abafana nabanye, asinaziphiwo zikhethekileyo. Sasingakuqhelanga ukuhlala kwidolophu ephithizelayo. Kodwa yenzeka into esiyithenjiswa nguYehova, echazwe kumaFilipi 2:​13, athi: “NguThixo osebenzayo kuni, anenze nibe nomnqweno namandla okwenza izinto azithandayo.”

Ekuhambeni kwexesha, sathunyelwa kwisiphaluka esikummandla waseMedellín, idolophu ebendithethe ngayo ekuqaleni. Abantu balapho babewuqhele kakhulu umlo, kangangokuba wawungasabothusi. Ngenye imini ndathi ndisaqhuba isifundo komnye umzi, kwakho abantu abadubulanayo ngaphandle. Ndandifuna ukucambalala phantsi, kodwa lo mntu ndandimfundela waqhubeka efunda isiqendu, ngokungathi akwenzeki nto. Akugqiba ukusifunda, wacela ukuphuma phandle. Wakhawuleza wabuya ehamba nabantwana abancinci ababini. Engothukanga nokothuka, wathi: “Ndiyaxolisa, bendisayolanda oonyana bam.”

Ngamanye amaxesha sasiye sibe sengozini. Ngenye imini, xa sasishumayela kwindlu ngendlu inkosikazi yam yeza ibaleka, ibonakala ukuba yoyika kakhulu. Yathi kukho umntu obeyidubula. Yandothusa kakhulu ke loo nto. Ekuhambeni kwexesha, safumanisa ukuba kwakungadutyulwa uSirkka; kwakudutyulwa enye indoda eyayidlula ngakuye.

Ekuhambeni kwexesha, sayeka ukoyikiswa kukubona abantu abalwayo. Kwasikhuthaza ukubona indlela awayengoyiki ngayo amaNgqina alapho, nawo awayekhe adibane nezinto ezifana nale nezoyikisa kakhulu kunayo. Sazixelela ukuba xa uYehova ekwazile ukuwanceda, uza kusinceda nathi. Sasisoloko sisenza izinto esasizicetyiswa ngabadala, sizikhusela size enye nenye siyiyekele kuYehova.

Ngamanye amaxesha, sasikhe soyikiswe nazizinto ezingenamsebenzi. Ngenye imini, ndeva ngathi kukho amabhinqa amabini ashawutanayo ngaphandle komzi esasikuwo. Ndandingenamdla wokuyibukela loo nto yayisenzeka, kodwa umnikazi waloo mzi wathi masiyokuhlala everandeni. Kwathi kanti lonke elo xesha kushawutana izikhwenene ezibini, ezilinganisa abamelwane.

SAFUMANA IMISEBENZI EMITSHA NEENGXAKI ZAYO

Ngo-1997, ndafumana isabelo sokuya kufundisa kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. b Ndandikuthanda ukuya kwizikolo zentlangano, kodwa zange ndicinge nokucinga ukuba ndingafumana inyhweba yokufundisa kwesinye sazo.

Ethubeni, ndaba ngumveleli wesithili. Emva kokuba liphelisiwe ilungiselelo lokuba kubekho abaveleli bezithili, ndaphinda ndangumveleli wesiphaluka. Ngoko kuphele iminyaka engaphezu kweyi-30 ndifundisa kwizikolo zentlangano, ndinguye nomveleli wesiphaluka. Ndiye ndasikelelwa kakhulu xa bendisenza le misebenzi. Sekunjalo, bekukhe kube nzima. Makhe ndinixelele ukuba ndithetha ukuthini.

Ndingumntu ozithembileyo noyimelayo into. Le nto indincede ndakwazi ukumelana nezinto ezinzima. Kodwa bendikhe ndizibaxe noko izinto xa ndilungisa iingxaki zamabandla. Ngamanye amaxesha, bendiye ndingabacengi abazalwana noodade xa ndibakhuthaza ukuba babe nothando, baze babacingele abanye. Ungothuka ke xa ndikuxelela ukuba, kungaloo maxesha kanye apho ndandiye ndibone ukuba nam andinazo ezo mpawu.​—Roma 7:​21-23.

Ngamanye amaxesha, zaziye zindityhafise kakhulu izinto endingazenzi kakuhle. (Roma 7:24) Ngeny’ imini ndade ndathandaza, ndixelela uYehova ukuba kubhetele ndiyeke ukuba ngumthunywa wevangeli, ndibuyele eFinland. Ngaloo ngokuhlwa, ndaya kwiintlanganiso. Apho ndakhuthazwa ukuba ndizame ukulungisa iimpazamo zam, ndingasishiyi sona isabelo. Andikayilibali nanamhlanje indlela uYehova awawuphendula ngokucace ngayo umthandazo wam. Ndiyibulela kakhulu nendlela aye wanobubele ngayo xa ebendinceda ndikwazi ukulungisa izinto ebendingazenzi kakuhle.

UKUQINISEKA NGENTO EZA KWENZEKA KWIXESHA ELIZAYO

SinoSirkka simbulela kakhulu uYehova ngokusivumela sibe kwinkonzo yexesha elizeleyo phantse ubomi bethu bonke. Mna ndimbulela kakhulu nangokundinika inkosikazi eye yandithanda yaza yathembeka yonke le minyaka.

Sendiza kuba neminyaka eyi-70, ngoko ndiza kuyeka ukuba ngumveleli wesiphaluka nokufundisa kwisikolo sentlangano. Kodwa loo nto ayindikhathazi. Kutheni ndisitsho? Kaloku ndiqinisekile ukuba eyona nto imvuyisayo uYehova, kuxa simkhonza kuba simthanda futhi simbulela ngeentliziyo zethu zonke. (Mika 6:8; Marko 12:​32-34) Ukuze uvuyise uYehova akunyanzekelanga ukuba wenze umsebenzi oza kukwenza ubonwe ngabantu.

Xa ndicinga ngemisebenzi yentlangano endiyenzileyo, ndiyabona ukuba khange ndiyifumane kuba ndibhetele kunabanye okanye ndinesiphiwo esikhethekileyo. Kodwa ndiyifumene ngenxa yobubele bukaThixo. Uye wandinika le misebenzi, ngoxa bendizenza iimpazamo. Ndiyazi ukuba bendingasoze ndikwazi ukuyenza ukuba bendingancedwa nguYehova. Yiloo nto ndisithi ukungabi namandla kwam kuwenze acaca amandla kaThixo.​—2 Kor. 12:9.

a Ibali lobomi likaRaimo Kuokkanen, elinomxholo othi: “Sasizimisele Ukukhonza UYehova,” likwiMboniselo ka-Aprili 1 2006.

b Endaweni yesi sikolo kuye kwabakho iSikolo Sabavangeli BoBukumkani.