Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 19

INGOMA 22 UBukumkani Bumiselwe​—Mabuze!

Yintoni Esiyaziyo Ngendlela UYehova Aza Kugweba Ngayo?

Yintoni Esiyaziyo Ngendlela UYehova Aza Kugweba Ngayo?

“UYehova . . . akafuni kutshabalale nabani na.”​—2 PET. 3:9.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Sinokuqiniseka ukuba xa uYehova egweba abantu kwixesha elizayo, uza kwenza into elungileyo.

1. Kutheni sisithi siphila kumaxesha avuyisayo?

 SIPHILA kumaxesha avuyisayo. Yonke imihla sibona kusenzeka izinto ekuprofetwe ngazo eBhayibhileni. Ngokomzekelo, sibona ‘ukumkani wasemntla nokumkani wasemzantsi’ belwela ukulawula ihlabathi. (Dan. 11:40) Sibona umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo usenziwa emhlabeni wonke, neemiliyoni zabantu zikhetha ukukhonza uYehova. (Isa. 60:22; Mat. 24:14) Sifumana nokutya okuninzi okuqinis’ ukholo “ngexesha elifanelekileyo.”​—Mat. 24:​45-47.

2. Yintoni esinokuqiniseka ngayo? Yintoni esimele siyiqonde?

2 UYehova uqhubeka esinceda siziqonde kakuhle izinto ezibalulekileyo eseziza kwenzeka. (IMize. 4:18; Dan. 2:28) Sinokuqiniseka ukuba xa kuqala ixesha elinzima lentlungu engathethekiyo, siza kube siyazi yonke into ekufuneka siyazi ukuze sikwazi ukunyamezela, nokuze sihlale simanyene. Into esimele siyiqonde yile, zikhona izinto esingazaziyo eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Kweli nqaku siza kuqala sithethe ngokuba kutheni kuye kwafuneka siyitshintshe into ebesikade siyithetha ngezinye zezi zinto. Emva koko, siza kuthetha ngezinye izinto esizaziyo eziza kwenzeka kwixesha elizayo, nangento eza kwenziwa nguTata wethu osezulwini.

ZIINTONI ESINGAZAZIYO?

3. Besikade sisithi liza kuphela nini ixesha lokuba abantu bakholwe kuYehova baze basinde? Bekutheni ukuze sitsho?

3 Besikade sisithi lakuqala ixesha lentlungu engathethekiyo akukho mntu uza kufumana ithuba lokuba nokholo kuYehova aze asinde ngeArmagedon. Into ebisenza sitsho kukuba sasicinga ukuba izinto ezazisenzeka ngexesha loMkhukula, zazimela izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Ngokomzekelo, besikade sicinga ukuba kanye njengokuba kungazange kubekho mntu ukwaziyo ukungena kumkhombe emva kokuba uYehova eluvalile ucango, akukho mntu uza kukwazi ukuba nokholo kuYehova aze asinde emva kokuba iqalile intlungu engathethekiyo.​—Mat. 24:​37-39.

4. Ngaba simele sithi zonke izinto ezazisenzeka ngoMkhukula ziza kwenzeka nakwixesha elizayo?

4 Ngaba simele sithi izinto ezazisenzeka ngoMkhukula zazimela izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo? Hayi. Kutheni singamele sitsho? Kuba iBhayibhile ayitsho. a Yinyaniso kona ukuba uYesu wafanisa ‘imihla kaNowa’ nexesha lobukho bakhe. Kodwa zange athi zonke izinto ezazisenzeka ngexesha likaNowa, njengaxa uYehova waluvalayo ucango lomkhombe, ziza kuphinda zenzeke kwixesha elizayo. Loo nto ayithethi kuthi akukho nto sinokuyifunda kwibali likaNowa noMkhukula.

5. (a) Yintoni awayenzayo uNowa ngaphambi koMkhukula? (Hebhere 11:7; 1 Petros 3:20) (b) Kumsebenzi wokushumayela esiwenzayo, yintoni esifana ngayo noNowa?

5 UNowa wathi akuva umyalezo kaYehova olumkisayo, wabonisa ukuba unokholo ngokwakha umkhombe. (Funda amaHebhere 11:7; 1 Petros 3:20.) Ngendlela efanayo, abantu abeva iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo bamele bazenze izinto abazifundayo. (IZe. 3:​17-20) UPetros wathi ‘uNowa ngumshumayeli wobulungisa.’ (2 Pet. 2:5) Kodwa njengokuba sesivile kwinqaku elidlulileyo, asazi nokuba uNowa walungiselela ukuba kubekho iphulo lokushumayela emhlabeni wonke ngaphambi koMkhukula. Ekubeni thina sikwelo phulo, sikhuthele kumsebenzi wokushumayela. Kodwa nokuba singazama kangakanani, soze sikwazi ukushumayela kuye wonke umntu ngaphambi kokuba kufike isiphelo. Kutheni sisitsho?

6-7. Kutheni sinokuthi asinakukwazi ukushumayela kubo bonke abantu ngaphambi kokuba kufike isiphelo?

6 Cinga ngento eyathethwa nguYesu ngendlela owawuza kuba mkhulu ngayo umsebenzi wethu wokushumayela. Wathi iindaba ezilungileyo zaziza kushunyayelwa “emhlabeni wonke, ziviwe zizo zonke iintlanga.” (Mat. 24:14) Namhlanje esi siprofeto senzeka ngendlela esingazange senzeka ngayo ngaphambili. Umyalezo woBukumkani ufumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-1 000. Ngenxa yewebhsayithi yethu u-jw.org, uviwa phantse nguye wonke umntu osemhlabeni.

7 Kodwa uYesu wathi uza kubuya ngaphambi kokuba abafundi bakhe ‘bawugqibe umsebenzi wabo kwizixeko zakwaSirayeli’ okanye bashumayele kubo bonke abantu. (Mat. 10:23; 25:​31-33) Into eyayithethwa nguYesu iza kwenzeka nakweli xesha lethu. Iimiliyoni zabantu zihlala kwiindawo esingakwaziyo ukushumayela sikhululekile kuzo. Enye into, qho ngomzuzu kuzalwa abantwana abaninzi. Sizama ngamandla ethu onke ukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu bazo ‘zonke iintlanga, izizwe neelwimi.’ (ISityhi. 14:6) Kodwa inyaniso kukuba asizukwazi ukushumayela kuye wonke umntu osemhlabeni ngaphambi kokuba kufike isiphelo.

8. Ngowuphi umbuzo esisenokuzibuza wona ngendlela uYehova aza kubagweba ngayo abantu kwixesha elizayo? (Jonga nemifanekiso.)

8 Ngoko umbuzo ngulo: Kuza kwenzeka ntoni kubantu abangakhange balifumane ithuba lokuva iindaba ezilungileyo ngaphambi kwexesha lentlungu engathethekiyo? UYehova noNyana wakhe amnike umsebenzi wokugweba baza kubagweba njani? (Yoh. 5:​19, 22, 27; IZe. 17:31) Umbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku uthi uYehova ‘akafuni kutshabalale nabani na, kodwa ufuna wonke umntu aguquke.’ (2 Pet. 3:9; 1 Tim. 2:4) Ngoxa siyazi loo nto, simele siqonde ukuba uYehova akakasixeleli ukuba uza kubagweba njani abantu abangakhange balifumane ithuba lokuva iindaba ezilungileyo. Phofu akanyanzelekanga ukuba asixelele into ayenzileyo naseza kuyenza.

UYehova uza kubagweba njani abantu ekusenokwenzeka ukuba khange balifumane ithuba lokuva iindaba ezilungileyo ngaphambi kokuba kuqale intlungu engathethekiyo? (Jonga isiqendu 8) c


9. Yintoni uYehova asixelele yona eBhayibhileni?

9 KwiLizwi lakhe, uYehova usixelele ezinye izinto aza kuzenza. Ngokomzekelo, usixelele ukuba uza kubavusa abantu ‘abangengomalungisa’ abangakhange balifumane ithuba lokuva iindaba ezilungileyo baze baguquke. (IZe. 24:15; Luka 23:​42, 43) Loo nto iphakamisa eminye imibuzo ebalulekileyo.

10. Yeyiphi eminye imibuzo ephakamayo?

10 Ngaba bonke abantu abasweleke ngexesha lentlungu engathethekiyo abazukuvuswa? IZibhalo zenza kucace ukuba abantu abaye abamfuna uYehova, abaye batshatyalaliswa nguye nemikhosi yakhe ngeArmagedon, abazukuvuswa. (2 Tes. 1:​6-10) Kodwa kuza kwenzeka ntoni kubantu abaye babulawa kukugula, ukwaluphala, iingozi okanye ngabanye abantu? (INtshu. 9:11; Zek. 14:13) Ngaba abanye babo baza kuba phakathi kwabantu abangengomalungisa abaza kuvuswa kwihlabathi elitsha? Asazi.

ZIINTONI ESIZAZIYO?

11. Ixhomekeke entwenini indlela abaza kugwetywa ngayo abantu ngeArmagedon?

11 Ezinye izinto ezininzi eziza kwenzeka kwixesha elizayo siyazazi. Ngokomzekelo, siyazi ukuba indlela abaza kugwetywa ngayo abantu ngeArmagedon ixhomekeke kwindlela abaye babaphatha ngayo abazalwana bakaKristu. (Mat. 25:40) Abo baza kugwetywa njengezimvu, ngabo baye baxhasa abathanjiswa noKristu. Enye into esiyaziyo kukuba emva kokuba iqalile intlungu engathethekiyo, abanye abazalwana bakaKristu baza kube besesemhlabeni. Baza kuya ezulwini ngaphambi nje kokuba kuqale iArmagedon. Ngoxa besesemhlabeni, kusenokwenzeka ukuba abantu abanyanisekileyo balifumane ithuba lokuncedisana nabo kumsebenzi abawenzayo. (Mat. 25:​31, 32; ISityhi. 12:17) Kutheni zibalulekile nje ezi zinto?

12-13. Yintoni abanokuyenza abanye abantu emva kokuba bebone “iBhabhiloni Enkulu” itshatyalaliswa? (Jonga nemifanekiso.)

12 Nasemva kokuba intlungu engathethekiyo iqalile, kusenokwenzeka ukuba abantu ababona kutshatyalaliswa “iBhabhiloni Enkulu” baza kukhumbula ukuba amaNgqina KaYehova kudala eyithetha le nto. Ngaba abanye babo basenokuba nokholo kuYehova?​—ISityhi. 17:5; Hez. 33:33.

13 Le nto iyafana nento eyenzeka eYiputa ngomhla kaMoses. Khumbula kaloku, xa amaSirayeli ayefuduka, ahamba ‘neqela elikhulu elixubeneyo labantu.’ Kungenzeka ukuba abanye baba nokholo kuYehova xa babona iZibetho Ezilishumi awayebalumkise ngazo uMoses zisenzeka. (Eks. 12:38) Ukuba kunokwenzeka into efanayo nasemva kokuba kutshatyalaliswe iBhabhiloni Enkulu, kubekho abantu abafumana ithuba lokukhonza uYehova ngaphambi nje kokuba kufike isiphelo, ngaba siza kuphoxeka? Asizukuphoxeka. Sifuna ukulinganisa uTata wethu osezulwini, “uThixo onenceba novelwano, ongakhawuleziyo ukucaphuka, ophuphuma luthando olungagungqiyo nenyaniso.” b​—Eks. 34:6.

Abanye abantu abaza kubona xa “iBhabhiloni Enkulu” itshatyalaliswa baza kukhumbula ukuba kudala amaNgqina KaYehova ethetha ngale nto (Jonga isiqendu 12-13) d


14-15. Kutheni ukuphila komntu kwixesha elizayo kungaxhomekekanga ekubeni usweleke nini okanye uhlala phi? (INdumiso 33:​4, 5)

14 Sikhe sive umntu esithi, “Kungabhetele ukuba umntu wasekhaya angasweleka ngaphambi kokuba kuqale intlungu engathethekiyo ukuze libekhona ithemba lokuba angaphinda avuswe.” Ngokuqinisekileyo umntu uyithetha kuba emthanda loo mntu. Kodwa ukuphila komntu kwixesha elizayo akuxhomekekanga ekubeni usweleke nini. NguYehova uMgwebi, usoloko esenza izigqibo ezilungileyo nezifanelekileyo. (Funda iNdumiso 33:​4, 5.) Sinokuqiniseka ukuba “uMgwebi womhlaba wonke” uza kwenza into elungileyo.​—Gen. 18:25.

15 Kusengqiqweni nokucinga ukuba ukuphila komntu kwixesha elizayo akuxhomekekanga kwindawo ahlala kuyo. Asinakucinga ukuba uYehova uza kusuka athi abantu abaninzi abaphila kwiindawo ekungazange kwashunyayelwa kuzo ‘baziibhokwe.’ (Mat. 25:46) UMgwebi olilungisa womhlaba wonke ubakhathalele ngaphezu kokuba sinjalo aba bantu. Asazi ukuba ziintoni aza kuzenza uYehova ngexesha lentlungu engathethekiyo. Mhlawumbi abanye baba bantu baza kulifumana ithuba lokufunda ngoYehova, babe nokholo kuye, baze babe ngakwicala lakhe xa engcwalisa igama lakhe phambi kwazo zonke iintlanga.​—Hez. 38:16.

Emva kokuba intlungu engathethekiyo iqalile, . . . ngaba abanye baza kuba nokholo kuYehova xa bebona ezi zinto zisenzeka?

16. Yintoni esiyaziyo ngoYehova? (Jonga nomfanekiso.)

16 Njengokuba sifunda iBhayibhile, siyayazi indlela uYehova abaxabise ngayo abantu. Uye wanikela ngobomi boNyana wakhe ukuze sonke sifumane ithuba lokuphila ngonaphakade. (Yoh. 3:16) Siyibonile indlela uYehova asithanda ngayo. (Isa. 49:15) Usazi sonke ngamagama. Usazi kakuhle kangangokuba ukuba siye sasweleka, unokuphinda asidale sibe ngaba bantu sasisweleke singabo. (Mat. 10:​29-31) Sinesizathu esivakalayo esisenza siqiniseke ukuba uTata wethu osezulwini osithandayo uza kubagweba ngendlela ebafaneleyo bonke abantu, kuba ulumkile, unobulungisa futhi unenceba.​—Yak. 2:13.

Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kubagweba ngendlela ebafaneleyo bonke abantu kuba ulumkile, unobulungisa futhi unenceba (Jonga isiqendu 16)


17. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

17 Olu tshintsho lwenza umsebenzi wethu wokushumayela ungxamiseke kakhulu kunakuqala. Kutheni sisitsho? Yintoni esenza sihlale sikukhuthalele ukushumayela? Iimpendulo zale mibuzo siza kuzifumana kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 76 Uziva Njani Na?

a Ukuze usazi isizathu sokuba kwenziwe olu tshintsho, jonga inqaku elithi “Kukholekile Kuwe Ukwenza Ngaloo Ndlela,” kwiMboniselo kaMatshi 15, 2015 iphe. 7-11.

b Emva kokuba kutshatyalaliswe iBhabhiloni Enkulu, xa uGogi wakwaMagogi ehlasela abantu bakaYehova, kuza kufuneka babonise ukuba bamthanda kangakanani uYehova.

c INGCACISO YEMIFANEKISO: Imifanekiso emithathu ebonisa izizathu zokuba abanye abantu abasemhlabeni basenokungaziva iindaba ezilungileyo: (1) Ibhinqa elihlala apho icawa ephambili isenza singakwazi ukushumayela, (2) indoda nomfazi wayo abahlala apho kungekho mthethweni futhi kuyingozi ukushumayela (3) indoda ehlala emagqagaleni apho kunzima nyhani ukuya khona.

d INGCACISO YOMFANEKISO: Ibhinqa elayekayo ukukhonza uYehova likhumbula izinto elalizifundile ngokutshatyalaliswa ‘kweBhabhiloni Enkulu.’ Ligqiba ekubeni libuyele kuYehova nakubazali balo abangamaNgqina. Xa kusenzeka ezi zinto, sifuna ukuba nenceba novelwano njengoTata wethu osezulwini, size sivuye xa kukho umoni oguqukileyo.