Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 25

INGOMA 7 UYehova Ungamandla Ethu

Khumbula Ukuba UYehova ‘NguThixo Ophilayo’

Khumbula Ukuba UYehova ‘NguThixo Ophilayo’

“UYehova uyaphila!”​—INDU. 18:46.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela esincedakala kakhulu ngayo xa sikhumbula ukuba uThixo esimkhonzayo ‘nguThixo ophilayo.’

1. Yintoni enceda abantu bakaYehova bangayeki ukumkhonza, ngoxa beneengxaki?

 XA IBHAYIBHILE ichaza le mihla siphila kuyo, ithi ‘ngamaxesha ekunzima ukuwanyamezela.’ (2 Tim. 3:1) Nathi sinazo iingxaki abanazo abanye abantu kweli hlabathi. Kodwa thina siphinda singafunwa size siphathwe kakubi ngenxa yokuba sikhonza uYehova. Yintoni esinceda singayeki ukumkhonza ngoxa sinezi ngxaki? Esona sizathu sibalulekileyo kukwazi ukuba uYehova ‘nguThixo ophilayo.’​—Yer. 10:10; 2 Tim. 1:12.

2. Kutheni iBhayibhile isithi uYehova nguThixo ophilayo?

2 UYehova nguMntu wokwenene, osoloko ekhangela amathuba okusinceda sikwazi ukunyamezela xa sineengxaki. (2 Kron. 16:9; INdu. 23:4) Ukukhumbula ukuba unguThixo ophilayo kunokusinceda sikwazi ukunyamezela nayiphi na ingxaki esinayo. Makhe sive ukuba kwamnceda njani uKumkani uDavide.

3. Wayethetha ukuthini uDavide xa wayesithi “uYehova uyaphila”?

3 UDavide wayemazi uYehova futhi ethembele ngaye. Xa iintshaba zakhe ekwakukho noKumkani uSawule kuzo, zazifuna ukumbulala, wathandaza, ecela uYehova ukuba amncede. (INdu. 18:6) Xa uThixo wawuphendulayo umthandazo wakhe waza wamsindisa, uDavide wathi: “UYehova uyaphila!” (INdu. 18:46) Xa wayethetha la mazwi, wayengavumi njee ukuba uThixo ukho. Enye incwadi ethetha ngeeNdumiso ithi uDavide wayebonisa indlela amthembe ngayo uYehova ukuba “unguThixo ophilayo, osoloko ebanceda abantu bakhe.” Wayibona kwizinto ezazisenzeka kuye into yokuba uThixo uyaphila, yaza loo nto yamenza wazimisela nakakhulu ukumkhonza nokumdumisa.​—INdu. 18:​28, 29, 49.

4. Kusinceda njani ukwazi ukuba uYehova nguThixo ophilayo?

4 Xa siqinisekile ukuba uYehova nguThixo ophilayo siza kutsho simkhonze sizimisele. Loo nto iza kusomeleza ukuze sinyamezele iingxaki esinazo size siqhubeke simsebenzela ngamandla ethu onke. Siza kuzimisela nokuhlala singabahlobo bakaYehova.

UTHIXO OPHILAYO UZA KUKOMELEZA

5. Yintoni enokusinceda singangcangcazeli xa siineengxaki? (AmaFilipi 4:13)

5 Xa sikhumbula ukuba uYehova uyaphila futhi uza kusoloko esinceda, siza kukwazi ukunyamezela nayiphi na ingxaki esinayo, nokuba incinci okanye inkulu kangakanani na. Kaloku zonke iingxaki esinazo azinakumxaka uThixo wethu kuba unguSomandla. Unokusinika amandla okunyamezela. (Funda amaFilipi 4:13.) Ngoko sinezizathu ezivakalayo zokungangcangcazeli xa sineengxaki. Xa sibona indlela uYehova asinceda ngayo kwiingxaki ezincinci, sitsho siqiniseke ukuba uza kusinceda nakwezinkulu.

6. Xa uDavide wayesengumfana, yintoni eyenzekayo neyamenza wamthemba kakhulu uYehova?

6 Cinga ngento eyenzeka kuDavide neyamenza wamthemba kakhulu uYehova. Xa wayesengumfana, esalusa iigusha zikatatakhe, kwafika ibhere, ngeny’ imini kwafika ingonyama, zombini zathatha igusha. UDavide waba nesibindi, wazileqa waza wasindisa iigusha zikatatakhe. Kodwa zange azingombe isifuba, esithi uyenze ngamandla akhe loo nto. Wayesazi ukuba uncedwe nguYehova. (1 Sam. 17:​34-37) UDavide zange ayilibale loo nto yenzekayo. Ukucingisisa ngayo kwamenza waqiniseka ukuba uThixo ophilayo wayeza kumomeleza nakwixesha elizayo.

7. Indlela uDavide awayezibona ngayo izinto yamnceda njani walwa noGoliyati?

7 Ekuhambeni kwexesha, mhlawumbi eseneminyaka engaphantsi kweyi-20, uDavide waya kwinkampu yomkhosi wamaSirayeli. Wafika amajoni esoyika, kuba isigantsontso sendoda engumFilisti, uGoliyati, ‘sasixhokonxa umkhosi wakwaSirayeli.’ (1 Sam. 17:​10, 11) Eyona nto yayiwoyikisa kukubona indlela eyayisisigantsontso ngayo le ndoda, nokuva izinto eyayizithetha. (1 Sam. 17:​24, 25) Kodwa uDavide zange ahoye ezo zinto. Kuye esi sigantsontso sasingaxhokonxi nje umkhosi wakwaSirayeli, kodwa ‘sasixhokonxa umkhosi woThixo ophilayo.’ (1 Sam. 17:26) Oyena mntu wayecinga ngaye uDavide nguYehova. Wayethembe ukuba uThixo owamncedayo xa wayesengumalusi wayeza kumnceda nangoku. Eqinisekile ukuba uThixo ungakwicala lakhe, walwa noGoliyati waza wamoyisa!​—1 Sam. 17:​45-51.

8. Yintoni enokusenza siqiniseke ukuba uYehova uza kusinceda xa sineengxaki? (Jonga nomfanekiso.)

8 Nathi sinokukwazi ukumelana neengxaki esinazo xa sikhumbula ukuba uThixo ophilayo uza kusinceda. (INdu. 118:6) Into enokusenza siqiniseke nyhani ngaloo nto kukucinga ngezinto azenzileyo. Funda amabali aseBhayibhileni aza kukukhumbuza indlela uYehova awabasindisa ngayo abakhonzi bakhe. (Isa. 37:​17, 33-37) Funda okanye ubukele izinto ezikujw.org/xh, ezibonisa indlela uYehova abancede ngayo abazalwana noodade bale mihla. Cinga nangamaxesha oncedwe ngawo nguYehova. Ukuba uYehova khange akwenzele into emangalisa njengokukusindisa kwingonyama okanye kwibhere, mayingakukhathazi loo nto. Ngoba? Kaloku zininzi izinto akwenzele zona. Uye wakutsala ukuze ube ngumhlobo wakhe. (Yoh. 6:44) Nangoku usesenyanisweni ngenxa yakhe. Kutheni ungamceli akuncede ukhumbule amaxesha apho waye waphendula imithandazo yakho, wakunceda kanye ngexesha owawumdinga ngalo, okanye wakunika amandla okunyamezela iingxaki? Xa ucinga ngezi zinto, uza kuqiniseka kakhulu ukuba uYehova uza kuhlala ekunceda.

Iingxaki esinazo zinento yokwenza nempikiswano ephakathi kukaYehova noSathana (Jonga isiqendu 8-9)


9. Yintoni esimele siyikhumbule xa sineengxaki? (IMize. 27:11)

9 Ukuba uYehova nguMntu ophilayo kuthi, siza kukwazi ukumelana neengxaki zethu. Njani? Kaloku siza kubona ukuba zinento yokwenza nempikiswano ekhoyo phakathi kukaYehova noSathana. USathana uthi xa kunzima siza kumshiya uYehova. (Yobhi 1:​10, 11; Funda iMizekeliso 27:11.) Kodwa ukuba sihlala sithembekile kuYehova naxa sineengxaki, sibonisa ukuba siyamthanda, nokuba uMtyholi ulixoki. Ngaba unengxaki yemali, urhulumente walapho uhlala khona akawafuni amaNgqina KaYehova, abantu oshumayela kubo abanamdla okanye unezinye iingxaki? Ukuba uthi ewe, khumbula ukuba ikunika ithuba lokuvuyisa intliziyo kaYehova. Khumbula nokuba uza kusoloko eqiniseka ukuba uyakwazi ukunyamezela iingxaki onazo. (1 Kor. 10:13) Uza kukunika amandla.

UTHIXO OPHILAYO UZA KUKUSIKELELA

10. Uza kubenzela ntoni uThixo ophilayo abo bamkhonzayo?

10 UYehova uyabasikelela abantu abamkhonzayo. (Heb. 11:6) Usenza sibe noxolo size sonwabe ngoku, futhi uza kusinika ubomi obungunaphakade kwixesha elizayo. Sinokuthembela ngoYehova ngeentliziyo zethu zonke, siqinisekile ukuba uyafuna ukusisikelela futhi unamandla okuyenza loo nto. Loo nto inokusenza sihlale sixakeke kukumkhonza, njengokuba babenjalo abakhonzi bakhe bakudala. Wenza loo nto ke noTimoti owayephila ngexesha labapostile.​—Heb. 6:​10-12.

11. Kwakutheni ukuze uTimoti asebenze nzima ebandleni? (1 Timoti 4:10)

11 Funda u-1 Timoti 4:10. UTimoti wayethembele ngoThixo ophilayo. Loo nto yamenza wasebenza nzima ngenxa kaYehova nabantu. Ziintoni awazenzayo? Umpostile uPawulos wamkhuthaza ukuba asebenzele ukufundisa bhetele entsimini nasebandleni. Kwakufuneka abe ngumzekelo kubantwana nakubantu abadala abasebandleni. Wanikwa neminye imisebenzi eyayinzima, njengokululeka abantu. Xa esenza loo nto kwakufuneka angqale kodwa abe nothando. (1 Tim. 4:​11-16; 2 Tim. 4:​1-5) UTimoti wayenokuqiniseka ukuba naxa umsebenzi wakhe wawukhe ungabonwa okanye ungaxatyiswa ngabany’ abantu, uYehova wayeza kumsikelela.​—Roma 2:​6, 7.

12. Yintoni enokunceda abadala bahlale bewukhuthalele umsebenzi wabo? (Jonga nomfanekiso.)

12 Nabadala bale mihla banokuqiniseka ukuba uYehova uyawubona futhi uyawuxabisa umsebenzi omhle abawenzayo. Ngaphezu kokuba bengabalusi, befundisa futhi beshumayela, abadala abaninzi bayancedisa xa kusakhiwa izakhiwo zentlangano naxa kwehle intlekele. Abanye bakumaQela Atyelela Abagulayo okanye kwiiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele. Aba badala bayazi ukuba ibandla ayilolamntu, lelikaYehova. Ngenxa yaloo nto, bayazimisela xa besenza imisebenzi yabo, beqinisekile ukuba uThixo uza kubasikelela.​—Kol. 3:​23, 24.

Xa uyikhuthalele imisebenzi yebandla uThixo ophilayo uza kukusikelela (Jonga isiqendu 12-13)


13. Uziva njani uYehova ngeenzame esizenzayo ukuze simkhonze?

13 Asinakuba ngabadala sonke. Kodwa sonke ikhona into esinokumnika yona uYehova. Uvuya nyhani uThixo wethu xa simkhonza ngamandla ethu onke. Uyayibona indlela esinikela ngayo kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke, nokuba sinikela kancinci kangakanani. Uyavuya xa sisebenza nzima ukuze siyeke ukuba neentloni, siphakamise izandla ukuze siphendule kwiintlanganiso. Uyavuya naxa sibaxolela abantu abasikhathazayo. Nokuba awukwazi ukumsebenzela ngendlela obufuna ngayo uYehova, qiniseka ukuba uxabisa loo nto ukwazi ukumenzela yona. Ukuthandela kanye loo nto uyenzayo, futhi uza kukusikelela.​—Luka 21:​1-4.

HLALA UNGUMHLOBO KATHIXO OPHILAYO

14. Ukuba ngabahlobo bakaYehova kuza kusinceda njani sihlale sithembekile kuye? (Jonga nomfanekiso.)

14 Ukuba uYehova nguMntu wokwenene kuthi, kuza kuba lula ukuhlala sithembekile kuye. Kwaba njalo nakuYosefu. Zange avume tu ukuziphatha kakubi ngesondo. Kuye uThixo wayenguMntu wokwenene, futhi wayengafuni kumkhathaza. (Gen. 39:9) Ukuze uYehova abe nguMntu wokwenene kuthi, kufuneka siziphe ixesha lokuthandaza nelokufunda iLizwi lakhe. Loo nto iza kusenza siye simthanda. Ukuba simthanda njengoYosefu uYehova, asizukufuna ukwenza nantoni na eza kumkhathaza.​—Yak. 4:8.

Ukuba ngumhlobo kaThixo ophilayo kuza kukunceda uhlale uthembekile (Jonga isiqendu 14-15)


15. Yintoni esinokuyifunda kwinto eyenzeka ngamaSirayeli xa ayesentlango? (Hebhere 3:12)

15 Kunokuba lula ukushiya uYehova kubantu abalibalayo ukuba unguThixo ophilayo. Khawucinge ngento eyenzeka kumaSirayeli xa ayesentlango. Ayesazi ukuba uYehova ukho, kodwa aqalisa ukuthandabuza ukuba uza kuwanika izinto azidingayo. Ade abuza lo mbuzo: “Ukho na okanye akekho uYehova phakathi kwethu?” (Eks. 17:​2, 7) Ngenxa yaloo nto, zange amthobele uThixo. Ngokuqinisekileyo asifuni ukungamthobeli uYehova njengawo.​—Funda amaHebhere 3:12.

16. Yintoni enokusenza sithandabuze ukuba uThixo uza kusinceda?

16 Eli hlabathi lenza kube nzima ukuhlala singabahlobo bakaYehova. Abantu abaninzi bathi uThixo akekho. Abantu abangayihoyanga imithetho kaThixo badla ngokubonakala ngathi bayaphumelela. Xa sibona loo nto, sisenokungade sikholelwe kona ukuba uThixo akakho, kodwa siqalise ukuthandabuza ukuba uza kusinceda. Yakhe yenzeka le nto nakumbhali weNdumiso 73. Wayebona abantu abangayithobeliyo imithetho kaThixo bephila kamnandi. Loo nto yamenza wazibuza ukuba kunceda ngantoni ukukhonza uThixo.​—INdu. 73:​11-13.

17. Yintoni eza kusinceda sihlale singabahlobo bakaYehova?

17 Wade wancedwa yintoni umdumisi ukuze atshintshe indlela awayecinga ngayo? Wacinga ngento eyayiza kwenzeka kubantu abamlibalayo uYehova. (INdu. 73:​18, 19, 27) Enye into awayecinga ngayo ziindlela okwakumnceda ngazo ukukhonza uThixo. (INdu. 73:24) Nathi sinokucinga ngeendlela uYehova aye wasisikelela ngazo. Cinga nangokuba ngebunjani ubomi bakho ngoku ukuba ubungamkhonzi uYehova. Ukwenza loo nto kuza kusinceda sihlale sithembekile kuThixo, size sithethe into efanayo neyathethwa ngumdumisi, owathi: “Ke mna, kundilungele ukusondela kuThixo.”​—INdu. 73:28.

18. Kutheni singamele siyoyike into eza kwenzeka kwixesha elizayo?

18 Ngenxa yokuba ‘singamakhoboka oThixo ophilayo nowokwenene,’ sinokumelana nayo nayiphi na ingxaki esidibana nayo kule mihla yokugqibela. (1 Tes. 1:9) UThixo wethu unguMntu wokwenene, obancedayo abantu abamkhonzayo. Wayebanceda abantu ababemkhonza kudala, usenjalo nakuthi namhlanje. Kungekudala, siza kujongana nentlungu engathethekiyo. Kodwa uYehova uza kuba nathi. (Isa. 41:10) Ngoko sonke ‘masibe nesibindi size sithi: “UYehova ungumncedi wam; andizukoyika.”’​—Heb. 13:​5, 6.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu