Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 26

INGOMA 8 Sizimela NgoYehova

UYehova Makabe Liliwa Lakho

UYehova Makabe Liliwa Lakho

“Akukho liwa linjengoThixo wethu.”​—1 SAM. 2:2.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngesizathu sokuba kuthiwe uYehova liliwa, nangendlela esinokuzilinganisa ngayo iimpawu zakhe.

1. Ngokutsho kweNdumiso 18:46 uDavide wamfanisa nantoni uYehova?

 KWELI hlabathi siphila kulo sinokuthi singalindelanga sibe neengxaki ezinokubenza nzima okanye zibutshintshe ngokupheleleyo ubomi bethu. Siyibulela nyhani into yokwazi ukuba sinokubalekela kuYehova uThixo ukuze asincede. Kwinqaku elidlulileyo siye sakhunjuzwa ukuba uYehova nguThixo ophilayo, nokuba uhlala ekulungele ukusinceda. Xa sibona indlela asinceda ngayo, siye siqiniseke ukuba “uYehova uyaphila!” (Funda iNdumiso 18:46.) Emva kokuba uDavide ethethe loo mazwi, waphinda wathi uThixo ‘liLiwa lam.’ Yintoni eyayimenza afanise uYehova, uThixo ophilayo nento engaphiliyo, iliwa?

2. Yintoni esiza kuyifunda kwinto yokuba uDavide ebiza uYehova ngokuba ‘liLiwa lam’?

2 Kweli nqaku siza kuva ukuba kutheni kusithiwa uYehova liliwa, nokuba loo nto isifundisa ntoni ngaye. Siza kufunda nangezinto esinokuzenza ukuze nathi simjonge njengeliwa lethu. Ekugqibeleni siza kuthetha ngento esinokuyenza ukuze sibe neempawu ezifana nezikaYehova nezimenza afane neliwa.

KUTHENI KUSITHIWA UYEHOVA LILIWA?

3. Amaxesha amaninzi iBhayibhile ilisebenzisa xa kutheni igama elithi ‘iliwa’? (Jonga umfanekiso .)

3 Xa iBhayibhile ifanisa uYehova ‘neliwa,’ isinceda siqonde iimpawu anazo. Amaxesha amaninzi, eBhayibhileni xa abakhonzi bakaYehova bemdumisa ngeempawu zakhe ezimangalisayo, baye bathi uliLiwa. Umbhalo esiqala ukuva kuwo ukuba uYehova “liLiwa” yiDuteronomi 32:4. Xa wayethandaza, uHana wathi “akukho liwa linjengoThixo wethu.” (1 Sam. 2:2) Xa uHabhakuki wayethetha noYehova wathi “Liwa lam.” (Hab. 1:12) Umbhali weNdumiso 73 wathi “uThixo uliliwa lentliziyo yam.” (INdu. 73:26) NoYehova ngokwakhe wazibiza ngokuba liliwa. (Isa. 44:8) Makhe sithethe ngeempawu zikaYehova ezintathu ezimenza afane neliwa, nezinto esinokuzenza ukuze abe ‘liLiwa lethu.’ ​—Dut. 32:31.

Kubantu bakhe, uYehova ufana neLiwa abanokuzimela kulo (Jonga isiqendu 3)


4. Kutheni uYehova eyindawo yokubalekela? (INdumiso 94:22)

4 UYehova yindawo yokubalekela. Njengokuba umntu enokuzimela kwiliwa elikhulu xa kukho isaqhwithi, nathi sinokuzimela ngoYehova ngamaxesha anzima. (Funda iNdumiso 94:22.) Uyasikhusela kwizinto ezinokusenza siyeke ukuba ngabahlobo bakhe, asiqinisekise nokuba izinto ezibuhlungu ezisehlelayo ngoku azinakusenzakalisa ngonaphakade. Uthembisa nokuba ekugqibeleni uza kuphelisa nantoni na eyenza lungabikho uxolo, nesenza sizive singakhuselekanga.​—Hez. 34:​25, 26.

5. Yintoni esinokuyenza ukuze uYehova abe yindawo esibalekela kuyo neLiwa lethu?

5 Enye into esinokuyenza ukuze uYehova abe yindawo yethu yokubalekela neLiwa kukuthandaza. Xa sithandaza, uYehova usinika “uxolo” lwakhe olukhusela iintliziyo neengqondo zethu. (Fil. 4:​6, 7) Khawuve into eyenzeka komnye umzalwana owayevalelwe etrongweni ngenxa yokholo lwakhe, uArtem. Apho wayesoloko ephekwa esophulwa ngemibuzo ngomnye umcuphi owayerhabaxa nowayezama ukumoyikisa. Wathi: “Ndandiye ndibe nexhala qho xa umphandi endibiza. . . . Ndandisoloko ndithandaza kuYehova. Ndandiye ndimcele andenze ndibe noxolo nobulumko. Zonke izinto awayezama ukuzenza umphandi zazingaphumelel. . . . UYehova wandinceda kakhulu, yaba ngathi ndime ngaphaya kodonga olomeleleyo.”

6. Kutheni sinokuhlala simthemba uYehova? (Isaya 26:​3, 4)

6 UYehova uthembekile. Njengeliwa elingenakugungqiswa, uYehova uza kuhlala enathi. Sinokumthemba kuba “uliLiwa likanaphakade.” (Funda uIsaya 26:​3, 4.) Uza kuhlala ekho ukuze azenze izinto asithembise zona, amamele imithandazo yethu, aze asincede. SinokuthNoembela ngoYehova kuba unyanisekile kwabo bamkhonzayo. (2 Sam. 22:26) Akasoze azilibale izinto esimenzela zona, futhi uza kuhlala esisikelela.​—Heb. 6:10; 11:6.

7. Kuza kwenzeka ntoni xa simthemba uYehova? (Jonga nomfanekiso.)

7 UYehova uba liLiwa lethu xa simthemba ngeentliziyo zethu zonke. Siyathemba ukuba xa simthobela nangamaxesha anzima, uza kusinceda. (Isa. 48:​17, 18) Qho sibona ukuba uye wasinceda, siza kuya simthemba. Loo nto iza kusinceda siqiniseke ukuba nguYehova kuphela onokusinceda sikwazi ukunyamezela iingxaki nokuba zinzima kangakanani. Indlela athembeke ngayo uYehova sidla ngokuyibona xa sivaleleke ekoneni, kungekho mntu unokukwazi ukusinceda. UVladimir uthi: “Xa ndandivalelwe, ubuhlobo bam noThixo bakhula kakhulu. Ndafunda ukumthemba kakhulu uYehova kuba ndandindodwa ibe kwakungekho nto ndinokuyenza ngengxaki endikuyo.”

Xa sithembela ngoYehova kuyo yonke into simenza iLiwa lethu (Jonga isiqendu 7)


8. (a) Kutheni sinokuthi uYehova akatshintshi? (b) Kusinceda njani ukumenza iLiwa lethu uThixo? (INdumiso 62:​6, 7)

8 UYehova akatshintshi. Njengeliwa elikhulu, uYehova akatshintshi futhi womelele. Akabutshintshi ubuntu bakhe nenjongo yakhe. (Mal. 3:6) Xa wayevukelwa e-Eden, uYehova zange ayitshintshe injongo anayo ngabantu. Umpostile uPawulos wathi uYehova “akakwazi kuziphika.” (2 Tim. 2:13) Nokuba sekutheni, soze enze into ephikisana neempawu anazo, injongo yakhe nemithetho yakhe. Ngenxa yokuba simthemba uThixo wethu ongatshintshiyo, sijonge kuye ukuba asisindise, aze asincede ngamaxesha anzima.​—Funda iNdumiso 62:​6, 7.

9. Ukucingisisa ngeempawu zikaYehova nangenjongo yakhe kunokusinceda njani?

9 UYehova uba liLiwa lethu xa sicingisisa ngeempawu anazo nangenjongo yakhe ngathi. Loo nto inokusinceda sihlale sizolile futhi sinyanisekile kuye ngoxa sinyamezele iingxaki. (INdu. 16:8) Kwenzeka loo nto komnye udade onguTatyana, owayelibanjwa elivalelwe ekhayeni lalo ngenxa yokholo lwakhe. Uthi: “Ndaziva ndindodwa. Ekuqaleni kwakunzima, ndandisoloko ndityhafile.” Wathi akucinga ngoYehova nenjongo yakhe ngabantu, waqonda ukuba kutheni kubalulekile ukuba ayinyamezele ingxaki awayekuyo. Loo nto yamnceda wazola waza wakwazi ukuhlala ethembekile. Uthi: “Ndacinga ngesizathu sokuba nditshutshiwe, loo nto yandinceda ndakhumbula ukuba kungenxa yokuba ndithanda uYehova ibe ndifuna ukumvuyisa. Loo nto yandinceda ndayeka ukucinga ngam.”

10. Yintoni esinokuyenza ngoku ukuze uYehova abe liLiwa lethu?

10 Kungekudala siza kuba neengxaki eziza kufuna sithembele kakhulu ngoYehova kunangaphambili. Ngoku kufuneka siqinise ukholo lwethu lokuba uza kusinceda sinyamezele nantoni na eyenzekayo kuthi ukuze sihlale sithembekile kuye. Singayenza njani loo nto? Ngokufunda amabali eBhayibhile nangezinto eziye zenzeka kubazalwana noodade bale mihla. Cinga ngendlela uThixo aye wazibonisa ngayo iimpawu zakhe ezimenza afane neliwa ukuze ancede abakhonzi bakhe. Cingisisa nzulu ngezi zinto. Xa usenza loo nto uYehova unokuba liLiwa lakho.

YIBA NEEMPAWU EZIFANA NEZIKAYEHOVA

11. Kutheni sifuna ukuba neempawu ezifana nezikaYehova nezimenza afane neliwa? (Jonga ibhokisi ethi “ Into Enokwenziwa Ngabazalwana Abasebatsha.”)

11 Sesizivile iimpawu zikaYehova ezimenza afane neLiwa. Ngoku makhe sithethe ngento esinokuyenza ukuze nathi sibe nezi mpawu. Ngokuya sizama ngamandla ethu onke ukulinganisa uYehova, siza kukwazi ukomeleza abazalwana noodade. Ngokomzekelo, uYesu wathiya uSimon igama elithi Kefas (eliguqulelwe ngokuthi “Petros”). Elo gama lithetha “iLitye.” (Yoh. 1:42) Le nto ithetha ukuthi wayeza kuwathuthuzela amaKristu aze aqinise ukholo lwawo. Kuthiwa abadala ‘banjengomthunzi weliwakazi.’ Loo nto ibonisa indlela abalikhusela ngayo ibandla. (Isa. 32:2) Nebandla liyancedakala xa bonke abazalwana noodade abakulo beneempawu ezifana nezikaYehova.​—Efe. 5:1.

12. Unokuba yiyo njani kubazalwana noodade indawo yokubalekela?

12 Yiba yindawo yokubalekela. Ngamanye amaxesha kusenokufuneka sivulele abazalwana amakhaya ethu xa kukho iintlekele zemvelo, izidubedube okanye iimfazwe. Njengoko kusiya kusiba kubi kule ‘mihla yokugqibela,’ siza kuba namathuba amaninzi okuncedana. (2 Tim. 3:1) Sinokubathuthuzela abazalwana noodade size sibonise indlela esibathanda ngayo. Enye indlela esinokuyenza ngayo le nto kukubenza bazive besekhaya xa bekwiHolo YoBukumkani. Abantu abaninzi babaphatha kabuhlungu abanye. Le nto inokwenza abazalwana noodade babe nestres kakhulu, bazive bengathandwa. Ngoko xa bekwiintlanganiso, sifuna ukuzama ngamandla ethu onke ukubenza bazive bethandwa, behlaziyekile futhi bekhuselekile.

13. Abadala banokuba yiyo njani indawo yokubalekela? (Jonga nomfanekiso.)

13 Abadala banokuba yindawo yokubalekela kubazalwana noodade abaneengxaki. Xa kukho intlekele okanye imeko engxamisekileyo yezonyango, abadala bakhawuleza balungiselele ukuba kuncedwe abazalwana noodade. Enye into abayenzayo kukubakhuthaza besebenzisa iBhayibhile. Kulula ngabazalwana noodade ukuya kumdala abamaziyo ukuba uza kuthetha kakuhle nabo, abe novelwano aze abamamele kakuhle. Ezo mpawu zenza abanye bazive bethandwa, kuze kube lula ngabo ukusebenzisa isiluleko esiphuma eBhayibhileni abasinikwa nguloo mdala.​—1 Tes. 2:​7, 8, 11.

Xa abazalwana noodade beneengxaki, abadala bayindawo yokubalekela (Jonga isiqendu 13) a


14. Ziintoni esinokuzenza ezibonisa ukuba sinokuthenjwa?

14 Yiba ngumntu onokuthenjwa. Sifuna abanye basithembe, ngokukodwa xa kunzima. (IMize. 17:17) Yintoni esinokuyenza ukuze abantu basithembe? Sinokuzama ukuhlala sibonisa iimpawu zifana nezikaThixo ezinjengokuzenza izinto esizithembisileyo, nokuzama ngamandla ethu onke ukubamba ixesha. (Mat. 5:37) Naxa kukho abazalwana okanye oodade abadinga uncedo, sinokubanceda. Enye into, siyaqiniseka ukuba imisebenzi esiyinikwe ebandleni siyenza siyigqibe ngokwemiyalelo esiyinikiweyo.

15. Abadala abanokuthenjwa balinceda njani ibandla?

15 Abadala abanokuthenjwa bayalinceda ibandla. Balinceda njani? Xa abazalwana noodade besazi ukuba banokufowunela abadala nanini na bedinga uncedo, njengomveleli weqela labo lentsimi, akukho nto ibenza babe nexhala kakhulu. Abavakalisi baziva bekhathalelwe kakhulu xa besazi ukuba abadala bahlala bekulungele ukubanceda. Xa abadala bengathethi izinto ezicingwa ngabo, kodwa besebenzisa iBhayibhile neempapasho zekhoboka elithembekileyo xa beluleka, abazalwana noodade batsho babathembe. Baba nezizathu ezivakalayo zokumthemba umdala ozigcinayo izinto eziyimfihlo, nozenzayo izinto athe uza kuzenza.

16. Sincedakala njani thina nabanye xa singatshintshi?

16 Sukutshintsha. Abanye banokufunda kuthi ukuba siyayimela into elungileyo, futhi sisebenzisa imigaqo yeBhayibhile xa sisenza izigqibo. Xa sifunda iLizwi LikaThixo, lusiya luqina nokholo lwethu, siza kubambelela enyanisweni. Siza kuzibona iimfundiso zobuxoki nezinto eziphikisana nendlela acinga ngayo uYehova, futhi azizukusilahlekisa. (Efe. 4:14; Yak. 1:​6-8) Ngenxa yokuba sinokholo kuYehova nakwizinto asithembise zona, siyazola xa sisiva iindaba ezimbi. (INdu. 112:​7, 8) Siyakwazi nokunceda abantu abasezingxakini.​—1 Tes. 3:​2, 3.

17. Yintoni enceda abadala balomeleze ibandla?

17 Abadala bamele bangabaxi xa besenza izinto, babe nengqondo ephilileyo, babe nocwangco futhi babe bhetyebhetye. La madoda omeleza ibandla ‘ngokuqiniseka ukuba abambelela nkqi kwilizwi elithembekileyo.’ (Tito 1:9; 1 Tim. 3:​1-3) Xa abavakalisi bebona indlela azenza ngayo izinto nalusa ngayo, batsho bafundisise, bangaphoswa ziintlanganiso nayintsimi. Xa abazalwana noodade besehlelwa zizinto ezibenza babe nexhala, abadala banokubakhuthaza ukuba bahlale becinga ngoYehova nangezinto asithembise zona.

18. Kutheni sifuna ukumdumisa nokuya simthanda uYehova? (Jonga nebhokisi ethi “ Izinto Onokuzenza Ukuze Uye Umthanda UYehova.”)

18 Emva kokuba sifunde ngeempawu zikaYehova ezimangalisayo, sinokuthetha into eyathethwa nguKumkani uDavide esithi: “Makadunyiswe uYehova, iLiwa lam.” (INdu. 144:1) Soze asiphoxe uYehova xa sithembele ngaye. Kubo bonke ubomi bakho, naxa sowaluphele, uza kukwazi ukuthi: “UliLiwa lam,” uqinisekile ukuba uza kusoloko ekunceda ukwazi ukuya umthanda.​—INdu. 92:​14, 15.

INGOMA 150 Funa UYehova Ukuze Usinde

a INGCACISO YOMFANEKISO: EHolweni YoBukumkani, udade akoyiki ukuya kubadala.