Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

“Uza Kufa Kungekapheli Nonyaka”

UZachaeus Martyn

“Uza Kufa Kungekapheli Nonyaka”
  • WAZALWA Ngo-1880

  • WABHAPTIZWA Ngo-1942

  • INGXELO YOBOMI Waqala ubuvulindlela eneminyaka eyi-72.

ZANGE kubekho mntu ufundela uZachaeus iBhayibhile. Kodwa emva kokuba ezifundele incwadi ethi Usindiso nethi UHadi LukaThixo, waqonda ukuba uyifumene inyaniso.

Ngentseni yenye iCawa ngo-1941, uZachaeus waya kwiintlanganiso zamaNgqina okwesihlandlo sokuqala, ezazikwiikhilomitha ezisibhozo ukusuka apho wayehlala khona. Engalazi ixesha lokuqalisa kweentlanganiso, wafika kusasele iiyure eziliqela ngaphambi kokuba ziqalise. Walinda abazalwana. Emva kokuya ezintlanganisweni iiCawa ezintathu kwiHolo yoBukumkani, waxelela icawa awayeyihamba yamaTshetshi ukuba makakhutshwe ezincwadini zayo.

Omnye umhlobo awayekhonza naye wamgculela esithi, “Madala, ukuba uhamba iikhilomitha zibe sibhozo, unyuk’ usihla intaba usiya kula holo yaba bantu, uza kufa kungekapheli nonyaka.” Lo mfo wambukela uZachaeus enyuka aze ehle intaba kabini ngeveki. Kwadlula iminyaka yamihlanu, wafa lo mfo! Kwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu emva koko, uZachaeus wayesengumqaba-qaba.

UZachaeus wamkhonza uYehova ngokuthembeka wade wasweleka eneminyaka eyi-97.