Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

Babefuna Ukuyibona

Babefuna Ukuyibona

ABAZALWANA baseFreetown badlala ividiyo ethi, The New World Society in Action ngo-1956. Bathi:

“Saqasha eyona holo inkulu eFreetown saza sasaza izimemo eziyi-1 000. Sasizibuza ukuba bangaphi abantu abaza kuza. Kwimizuzu engamashumi amathathu ngaphambi kokuba ividiyo iqale, babeyi-25 kuphela abantu ababesele befikile. Ngaphezu kwemizuzu eyi-15 eyalandelayo, babesele beyi-100 abantu abakhoyo. Kungekudala zonke izihlalo eziyi-500 zazisele zinabantu. Abanye abayi-100 bathi abanangxaki baza kuma. Abanye abayi-500 bema phandle bengakwazi ukungena. Ngaba babeza kulinda iphinde idlalwe le vidiyo? Bathi: ‘Akho ngxaki.’ Balinda nakuba kwakusina!”

Ukutyhubela iminyaka, abantu abangaphezu kwe-80 000 eSierra Leone baye bayibukela le vidiyo kuquka nezinye.