Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

Wayelijoni Ngoku Nguvulindlela Othe Ngxi

Wayelijoni Ngoku Nguvulindlela Othe Ngxi

NDANDINEMINYAKA eyi-16 xa amavukela-mbuso andinyanzela ukuba ndibe kumkhosi wawo. Andinika iziyobisi notywala, ngenxa yoko amaxesha amaninzi ndandisilwa ndingekho zingqondweni. Zininzi iimfazwe ebendikuzo kwaye ndandisenza izinto ezihlasimlis’ umzimba. Ndizisola kakhulu ngezo zinto.

Ngenye imini, elinye iNgqina elisele likhulile lalishumayela enkampini yethu. Abantu abaninzi babetyhwatyhwa ngenxa yokuba singabavukeli kodwa lona eli Ngqina lalifuna ukusinceda sibe ngabahlobo bakaThixo. Landimemela ezintlanganisweni, ndavuma. Andisayikhumbuli into eyayithethwa apho, qha into endingakwaziyo ukuyilibala yindlela endamkelwa ngayo ngobubele.

Xa imfazwe yaqalis’ ukuba shushu, ndandingasawaboni amaNgqina. Ndonzakala kakhulu emfazweni, ndathunyelwa enkampini ukuze ndifumane uncedo. Ngaphambi kokuba imfazwe iphele, ndaqhwesha ndaya kwenye indawo karhulumente eyenzelwe ukunceda amajoni awuyekileyo umsebenzi wawo abuyele ebantwini.

Ndandifuna nyhani ukuncedwa nguThixo. Ndaya kwiCawa yoMoya, kodwa amarhamente ayo athi kukho uSathana okhoyo apha phakathi kwabo. Ndaqala ngoko ukukhangela amaNgqina kaYehova. Ndawafumana, ndaqalis’ ukufunda nokuya kwiintlanganiso. Xa ndabachazela zonk’ izinto endandizenza, abazalwana bandibonisa la mazwi athuthuzelayo kaYesu: “Kubantu abasempilweni akufuneki gqirha, kodwa kwabagulayo uyafuneka. . . . Ndize kubiza, kungekhona amalungisa, kodwa aboni.”—Mat. 9:12, 13.

Ndawathanda ke loo mazwi! Imela yam ndayinika lo mzalwana wayendifundela iBhayibhile, ndisithi: “Bendiyigcinele  ukuzikhusela. Kodwa ngoku ndiyazi ukuba uYehova noYesu bayandithanda, andisayidingi.”

Abazalwana bandifundisa ukulesa nokubhala. Ekuhambeni kwexesha ndabhaptizwa ndaza ndanguvulindlela othe ngxi. Namhlanje xa ndishumayela kwabanye ababevukela, bathi bathanda le nto ndiye ndabutshintsha ubom’ bam. Ndade ndafundela nelinye igosa lomkhosi endandikuwo.

Ndiselijoni, ndaba nguyise wamakhwenkwe amathathu. Emva kokufunda inyaniso, ndafuna ukuwanceda akhonze uThixo. Ndavuya kakhulu xa amabini kuwo aba nomdla! Omnye koonyana bam ungumvakalisi ongabhaptizwanga, kanti omdala nguvulindlela ongumncedani.