Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

Sasinda Kumajoni Angabavukeli-mbuso

UAndrew Baun

Sasinda Kumajoni Angabavukeli-mbuso
  • WAZALWA Ngo-1961

  • WABHAPTIZWA Ngo-1988

  • INGXELO YOBOMI Ngexesha eyaqhambuka ngayo imfazwe ngo-1991, wayenguvulindlela othe ngxi ePendembu, kwiMpuma Koloni, eSierra Leone.

NGENYE imva kwemini abavukeli bangena kwidolophu yethu, badubul’ emoyeni ngemipu yabo kangangeeyure ezimbini. Abanye kwaba bavukeli babeseziidyongo, besindwa nayiloo mipu yabo. Babemdaka, beneenwele ezidlakadlaka, ibe babebonakala betye iziyobisi.

Ngosuku olulandelayo kwaqaliswa ukubulawa kwabantu. Abantu babesenzakaliswa okanye babulawe. Amabhinqa ayedlwengulwa. Kwakukubi. UMzalwan’ uAmara Babawo, intsapho yakhe nabantu abane abanomdla bazimela endlwini yam. Sasisoyika.

Kungekudala inkumanda yabavukeli-mbuso yafika yasiyalela ukuba, ngemini elandelayo masiye kuqeqeshelwa umkhosi. Sasizimisele ukungathath’ icala kwezopolitiko nangona ukwala kwakuthetha ukuba siza kufa. Sathandaza ngobo busuku.  Savuka ekuseni, safunda itekisi yosuku saza salinda abavukeli. Abazange bafike.

“Nifunda itekisi yosuku. Nifanele ukuba ningamaNgqina kaYehova”

Kamva inkumanda yabavukeli namadoda amane athimba indlu yam. Bathi masingayi ndawo. Ngenxa yoko saqhubeka sibamba iintlanganiso rhoqo ibe sasiqhuba netekisi yosuku. Amanye amajoni athi: “Nifunda itekisi yosuku. Nifanele ukuba ningamaNgqina kaYehova.” Ayengenamdla eBhayibhileni kodwa ayesihlonela.

Ngenye imini, inkumanda enkulu yeza kuhlola iqela lomkhosi elalihlala kwam. Yabulisa uMzalwan’ uBabawo yaza yamxhawula. Ithetha namajoni yathi: “Le ndoda sisikhulu sethu sonk’ apha. Ukuba kukhe kwawa nesuntswana nje lonwele kuyo okanye kwaba ihlala nabo, nisengxakini. Niyandiva?” Baphendula bathi: “Ewe mhlekazi!” Emva koko inkumanda yasinika ileta eyalela iRevolutionary United Front ukuba ingasenzakalisi ngenxa yokuba sasingenabungozi.

Kwiinyanga eziliqela kamva, abavukeli-mbuso balwa bodwa, ngenxa yoko sabalekela elumelwaneni eLiberia. Apho sahlutshwa lelinye iqela labavukeli-mbuso. Sathi kulo: “SingamaNgqina kaYehova.” Elinye ijoni lasibuza: “Uthini uYohane 3:16?” Xa sacengceleza loo vesi lasiyeka sahamba.

Kamva sadibana nenye inkumanda yabavukeli-mbuso eyayalela mna noMzalwan’ uBabawo ukuba sihambe nayo. Sasisoyika ukufa. Le nkumanda yasixelela ukuba yakha yafunda namaNgqina ngaphambi kwemfazwe. Yasipha imali yaza yathatha ileta eyayikuthi yayisa kubazalwana abakwibandla elikufutshane. Kungekudala emva koko, kwafika abazalwana ababini besiphathele izinto zoncedo baza basisa kwindawo ekhuselekileyo.