Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

Ndafumana Into Ebhetele Kuneedayimani

UTamba Josiah

Ndafumana Into Ebhetele Kuneedayimani
  • WAZALWA Ngo-1948

  • WABHAPTIZWA Ngo-1972

  • INGXELO YOBOMI Wayephangela kwimigodi yedayimani ngaphambi kokungena enyanisweni. Ngoku ukwiKomiti yeSebe yaseSierra Leone.

NDANDIPHANGELA kwenye inkampani yemigodi yaseBritani eTongo Fields, ngo-1970, ummandla oneedayimani kumntla weKenema. Xa ndinexesha ndandizikhangelela idayimani. Xa ndiye ndayifumana, ndandinxiba kakuhle, ndihambe ndiyokuthengisa loo matye exabiso eKenema ndize ndizonwabele.

Ngo-1972 ndadibana namaNgqina kaYehova aza andifundela iBhayibhile. Emva kweenyanga ezintlanu, ndakufanelekela ukubhaptizwa. Ndandingenazo iintsuku emsebenzini, ngoko ndacela omnye endiphangela naye ukuba andibambele, ukuze ndiye kubhaptizwa kwindibano yesithili. Wathi angandibambela kuphela ukuba ndimnika umvuzo weveki yonke. Imali yayingeyonto xa ndiyithelekisa nokubhaptizwa kwam, ngoko kwaba lula ukuvuma. Ekubuyeni kwam, wathi mandiyigcine naloo mali, kuba ukukhonza uThixo yeyona nto ibalulekileyo. Kwiinyanga ezintandathu emva koko, ndawushiya loo msebenzi wawundihlawula imali eninzi ukuze ndiziqwebele ubuncwane ezulwini njengovulindlela  okhethekileyo.—Mat. 6:19, 20.

Kangangeminyaka eyi-18, ndandinguvulindlela okhethekileyo nomveleli wesiphaluka kwiindawo ezahlukeneyo. Ekuhambeni kwexesha, ndatshata uChristiana, inkosikazi ethembekileyo nendixhasayo. Sasikelelwa ngentombi egama linguLynette.

Ndandikade ndiphupha ngokufumana iidayimane zokwenene, kodwa ngoku ndifumene into engaphaya, inyaniso ngoYehova neentsikelelo zokumkhonza

Ebudeni bemfazwe eSierra Leone, mna nenkosikazi sasingoovulindlela eBo, ummandla ozele yimigodi yedayimani. Apho safumana iidayimani zokomoya—abafundi abangamaKristu okwenene. Kwiminyaka nje emine, ibandla lethu landa ngeepesenti ezingaphezu kwe-60. Ngoku iBo inamabandla amathathu akhulayo.

Ngo-2002, ndafumana isimemo sokuba kwiKomiti yeSebe yaseSierra Leone. Mna noChristiana sihlala kufuphi neBheteli. Ndivuka ndiye kusebenza eBheteli, ngoxa inkosikazi inguvulindlela okhethekileyo. ULynette naye useBheteli kwaye usebenza nabaguquleli besiKrio.

Ndandikade ndiphupha ngokufumana iidayimane zokwenene, kodwa ngoku ndifumene into engaphaya, inyaniso ngoYehova neentsikelelo zokumkhonza. Ndanceda nabantu abayi-18 ukuba babe ngamaKristu. UYehova uye wandisikelela kakhulu.